2010–2019
Cingisisa NgeeNtsikelelo
Okthoba 2012


Cingisisa NgeeNtsikelelo

UBawo wethu waseZulwini uyazazi iintsikelelo zethu kwaye uyakusinceda xa simbiza sicela Kuye uncedo.

Bazalwane noodade abathandekayo, lekomfa icacisa iminyaka eyi-49 ukusukela ekusekweni kwam, ngoOkhthobha  4, 1963, njengelungu leQumrhu LabaLishumi Elinesibini. Iminyaka engamashumi amane anesithoba lixesha elide. Ngeendlela ezininzi, kodwa, ixesha libonakala lincinane ukusukela kwelaxesha Ndandime epulpitini kwiThebinekile, kwaye Ndanika intetho yam yokuqala kwikomfa yajikelele.

Okuninzi kutshintshile ukusukela ngoOkhthobha  4, 1963. Siphila kwixesha elikhethekileyo kwimbali yehlabathi. Sisikelelwe ngokuninzi. Kwaye ngamanye amaxesha kunzima ukubona iingxaki nokukhululeka okusingqongileyo kwaye singathyafi. Ndifumanise ukuba, kunokuba sibe siqwalasela okubi, sinokukhe sithi xha sibuye umva kwaye sicingisise ngeentsikelelo ezisebomini bethu, kunye nezingathi zincinci, esingaziboniyo ngamanye amaxesha, singafumana ulonwabo olukhulu kakhulu.

Ekukhumbuleni kwam le minyaka igqithileyo iyi49, Ndiye ndafumanisa izinto ezithile. Okunye kukuba amava angabalekileyo ngenxa yobuninzi bawo ayingawo lawo endingaqonda ukuba yimimangaliso. Ngenyaniso, ngexesha lokwenzeka kwawo, ayedla ngokubonakala ingathi yimimangaliso kwaye aqhelekile nokuqheleka. Kodwa kwakhona, xa ndibukisisa kakuhle, la mava abutyebisa kwaye asikelela iimpilo – ingakumbi eyam impilo ngaphantsi kwazo zonke. Ndikucebisa ukuba nawe wenze le nkqubo – ukuba, ujongisise ubomi bakho kwaye ukhangele iintsikelelo, ezinkulu nezincinci, ozamkeleyo.

Okuye kwabethelelwa ngomonde ngexesha ndizikhumbuza ibe lulwazi lwam lokuba imithandazo iyaviwa kwaye iyaphendulwa. Siyiqhelile laa nyaniso ifumaneka ku 2 Nifayi kwincwadi kaMormoni: Abantu bakho, ukuze babenoyolo.” 1 Ndiyangqina ukuba uyolo oluninzi luza xa siqaphela ukuba siyakwazi ukuthetha noBawo wethu waseZulwini ngomthandazo kwaye loo mithandazo iyakuviwa kwaye iphendulwe – mhlawumbi hayi ukuba njanikwaye xa silindele ukuba iyakuphendulwa, kodwa yona iya kuphendulwa kwaye nguBawo waseZulwini owaziyo kwaye osithandayo ngokugqibeleleyo kwaye osinqwenelela ulonwabo lwethu. Akasithembisanga na, “Thobekani; kwaye INkosi uThixo uyakunikhokela ngesandla, kwaye aninike iimpendulo kwimithandazo yenu”? 2

Kule mizuzu imbalwa endiyinikiweyo, Ndingathanda ukwabelana nani nje icuntsu lamava Endibenayo ndisemithandazweni yaviwa kwaye yaphendulwa kwaye eye, xa ndiyifundisisa, izise iintsikelelo ebomini bam nasebomini babanye. Ijenali yam yangemihla ngemihla, egciniweyo ngayo yonke le minyaka, indincedile yandinika izinto ezicacileyo engendingakwazanga ukuzikhumbula ndizibale.

Ekuqaleni kuka1965, Ndandinikwe umsebenzi wokuba ndiye kwiikomfa zengingqi ezizintloko kwaye ndibambe ezinye iintlanganiso kuMzantsi wePasifiki. Yayilundwendwelo lwam lokuqala olu lwakwamanye amazwe ehlabathi, kwaye yayilixesha elingasoze lilibaleke. Okuninzi komoya ngendalo kwenzeka ngelixesha lalo msebenzi ndandiwunikiwe njengoba ndandidibana neenkokheli, namalungu, kwaye nabefundisi.

Ngempela veki yangomgqibelo nangeCawa, Februwari 20 nange21, sasiseBrisbane, eAustraliya, siyokubamba khona iinkonzo zeenkomfa zengingqi eyintloko yaseBrisbane. Ngeloxesha lwezoo ntlanganiso zangoMgqibelo, Ndaziswa kumongameli wengingqi ovela kwenye indawo ekufutshane apho. Kwathi xa Ndixhawula isandla sakhe, Ndaba nomvakalelo womoya onamandla wokuba kufuneka Ndithethe naye kwaye ndimnike iingcebiso, kengoko Ndamcela ukuba ahambe nam xa sisiya kwinkonzo yakusasa ngeCawa kusuku olulandelayo ukuze oku kuphumezwe.

KwiCawa elandelayo, saba nethuba lokundwendwela sobabini. Sancokola ngoxanduva lwakhe oluninzi njengomongameli wengingqi. Xa sasincokola, Ndava kunyanzelekile ukuba ndimnike iingcebiso ngomsebenzi wabafundisi beminyaka emini epheleleyo kwaye nokuba yena namalungu abo bangabanceda njani aba befundisi basengingqini yakhe. Emva koko Ndaye ndafumanisa ukuba le ndoda yayithandaza ukuba ifumane ingcebiso yoku. Kuye undwendwelo lwethu yayibubungqina obukhethekileyo bokuba imithandazo yakhe yaviwa kwaye yaphendulwa. Oku kwakungathi yintlanganiso eqhelekileyo kodwa mna Ndiqinisekile ukuba yayikhokelwe nguMoya kwaye yenza umahluko phaya kula ngingqi yobomi bakhe kwaye nasemsebenzini wakhe, ebomini bamalungu wakhe kwaye nasempumelelweni yabafundisi beminyaka emibini epheleleyo.

Bazalwane noodade, iinjingo zeeNkosi ziphumezwa xa simamela inkokhelo yoMoya. Ngoko Ndiyakholwa ukuba xa ngamandla silandela senza esiphenjelelwa nesikunikwayo ngeemvakalelo zomoya ezizayo kuthi, kungona INkozi iyakusithemba ngosinika imisebenzi Yakhe.

Ndifundile ukuba, njengokuba nditshilo kwimiyalezo edlulileyo, ungaze udumdelise impembelelo. Ngeinye isihlandlo kwiminyaka emininzi edlulileyo, Ndandiqubha kwijim endala yokuzilolonga e Deseret Gym e Salt lake xa Ndava umoya undithuma ngamandla ukuba Ndindwendwele umhlobo wam olungileyo owayelahlekelwe kukusebenza kwamalungu wakhe angezantsi ngenxa yobubi kunye noqhaqho olwalandelayo. Ngoko nangoko Ndayishiya ipool yokuqubha, ndanxiba, kwaye ngoko nangoko ndayokuyityelela le ndonda ilungileyo.

Ekufikeni kwam egumbini lakhe, Ndayifumana ingenamntu. Ekubuzeni kwam Ndava ukuba ndingamfuna kwindawo yokuqubha yalapho esibhedlele, indawo eyayisetyenziselwa impilo yomzimba. Kwabanjalo ngenene. Waziqhuba ngesitulo sakhe wayofika apho kwaye yayinguye yedwa okwelo gumbi. Wayekwelinye icala lendawo yokuqubha, kufutshane elisekugqibeleni elinzulu. Ndambiza, wayewaqhuba isitulo sakhe wazondibulisa. Saba nondwendwelo olumnandi, kwaye Ndamkhapha ndayomfikisa egumbini lakhe lasesibhedlele, apho ndamnika intsikelelo khona.

Esidaleni ndaye ndafunda kwitshomi yam ukuba wayebuhlungu elahlekelwe lithemba ngalaa mini ecingisisa ngokuzibulala. Wayethandazele ukuba afumane ukukhululeka kodwa waze wava ingathi imithandazo yakhe ayiphendulwanga. Waya apho kwindawo yokuqubha nengcinga yokuba le yayizakuba yindlela yokuphelisa ukudakumba kwakhe-ngokuziqhubela kwisiphelo esinzulu samanzi endawo yokuqubha. Ndafika kakuhle ngomzuzu wesithonga, ndiphendula Endikwaziyo ukuba kwakuvela phezulu.

Itshomi yakwazi ukuphila iminyaka emininzi engaphezulu elandelayo egcwele lulonwabo nombulelo. Ndonwabe kakhulu ukuba Ndaba sisixhobo ezandleni zeNkosi ngalaa mini yayisinda kakhulu kwindawo yokuqubha.

Kwesinye isiganeko, uDade Monson kunye Nam siqhuba sigoduka sivela uyokundwendwela abahlobo, Ndava impembelelo endicinezelayo ukuba diye edolophini – kwaye siqhube imigama emininzi – siyokundwendwela umhlolokazi owayemdala owakhe wahlala kwiwadi yethu. Igama lakhe yayingu Zella Thomas. Ngeloo xesha, wayengumhlali kwindawo yokukhathalela abantu. Ngaloo mini ngexesha lase mva kwelanga samfumana ediniwe kakhulu eqobeke amandla kodwa elele ngoxolo ebhedini yakhe.

UZella kwakusekudala eyimfama, kodwa wawaqonda msinyane amazwi wethu. Wabuza ukubangaba ndingamnika na intsikelelo, esitsho nokuba wayelungele ukusweleka ukuba iNkosi imfuna ebuyele ekhayeni. Kwakukho umoya onenzolo omnandi kwelo gumbi, kwaye sonke sasiyazi ukuba ixesha lakhe lokuhlala emhlabeni lizokuba lifutshane. UZella wandithatha ngesandla kwaye wandichazela ukuba wayethandaze kakhulu ukuba Ndiyokumbona kwaye Ndimnike intsikelelo. Ndamxelela ukuba sasifikile ngenxa yempembelelo yeNkosi eyayicace gca evela kuBawo waseZulwini. Ndamphuza ebunzi, Ndisazi ukuba umhlawumbi andizokuphinda ndimbone kobu bomi basemhlabeni. Kwabanjalo nyani, ngokuba wasweleka ngemini elandelayo. Ukuba Ndakwazi ukumnika intuthuzelo noxolo uZella wethu othandekayo kwaba yintsikelelo kuye nakum.

Ithuba lokuba yintsikelelo ebomini bomnye liza lingalindelekanga. Ngobunye ubusuku bangoMgqibelo obabubanda kakhulu ebusika buka 1983–84, uDade Monson kunye Nam saqhuba umgama omde sisiya entabeni eMidway, Yutah, apho sinekhaya khona. Inqanaba lobushushu ngobo busuku lalingaphantsi kuka 24(-31°C), kwaye saye sahamba sabuyela eSalt Lake. Sasesiqhube umganyana oya kwindlela ephezulu yokuqhubela phambi kokuba imoto yethu iyeke ukusebenza. Sasixakene nento singenacebo. Andiqhelanga, ukuba, ndigodole yingqele njengangoba busuku.

Ngokuthandabuza saqala sahamba sibhekise kwidolophu ekufutshane, iimoto zazisidlula zingxola ecaleni kwethu. Ekugqibeleni imoto enye yama, kwaye umfana wacela ukusinceda. Ekugqibeleni safumanisa ukuba amafutha emoto ayekwi tanki yegas aye anquma ngenxa yengqele,oku kwenza ukuba kube nzima ukuba siyiqhube imoto. Lo mfana unobubele wasigodusa wasisa ekhayeni lethu eMidway. Ndazama ukumbhatala imali ayisebenzisileyo ekusincedeni kwakhe, kodwa ngesimilo wala. Wasixelela ukuba uyiBoy Skawuti kwaye ebefuna ukunceda. Ndazazisa kuye, ze wasichazela ukuba uyavuya kakhulu ngethuba alifumeneyo lokuba abe luncedo. Sazigqibela ukuba wayeneminyaka yomfundisi oneminyaka emibini, Ndambuza ukuba unazo na iinjongo zokuya ebufundisini. Waphendula ukuba wayengaqinisekanga ukuba ufuna ukwenza ntoni.

Ngentsasa yomvulo olandelayo, Ndabhalela loo mfana incwadi ndimbulela ngobubele bakhe. Kuloo ncwadi Ndamkhuthaza ukuba aye ebufundisini beminyaka emibini epheleleyo. Ndafaka apho kunye nenye yeencwadi zam kwaye ndakrwela izahluko ezinge nkonzo yobufundisi.

Kanga ngeveki emva koko umama waloo mfana wandiphonela wandixelela ukuba unyana wabo waye ngumfana okhethekileyo kodwa ngenxa yeempembelelo ezithile ebomini bakhe, umnqweno wakhe okwakudala enawo wokuya ebufundisini wanyamalala. Wandixelela ukuba yena notata wakhe bazila ukutya bathandaza ukuba intliziyo yakhe ingatshintsha. Bafaka igama lakhe kuluhlu lamagama athandazelwayo eProvo kwitempile yaseYutha. Babenethemba lokuba nakanjani, ngenye indlela, intliziyo yakhe iyakuchukumiseka okoko kwaye akwazi ukubuyela kumnqweno wakhe wokuba sebufundisini, kwaye akhonze iNkosi ngokholo. Umama wakhe wayefuna ukuba ndiyazi ukuba wayejonga ezaziganeko zalanjikalanga yayibanda njengempendulo yemithandazo yabo ngaye, “Ndiyangqinelana nawe.”

Emva kweenyanga eziliqela nokuncokola kakhulu nalomfana, uDade Monson kunye Nam sasinovuyo kakhulu ukuba sikwai ukuya kwifarewell yakhe yangaphmbi kokuba ahambe aye Ebufundisini eCanada eVancouver.

Ingaba yayilithamsanqa elidaliweyo ukuba iindlela zethu zidibane ngobabusuku bangoDisemba obabubanda? Andikholelwa njalo. Kodwa, ndikholelwa ukuba ukudibana kwethu yayiyimpendulo yemithandazo yeentliziyo ezishushu zonyana ababemthanda.

Kwakhona, bazalwane noodade bam, uBawo wethu waseZulwini uyazazi iintswelo zethu kwaye uyakusinceda njengokuba simbiza Yena ukuba asincede. Ndiyakholelwa ukuba akukho xhala lethu lincinane okanye lingenamsebenzi.

Ndingathanda ukugqibezela ngokubalisa amava endisand’ukuba nawo aye achukumisa abalikhulu. Kwenzeka kumbhiyozo weTempile yase Kansas City, kwinyanga ezintlanu ezidlulileyo. Njengokuba kuqheleke ukwenzeka ebomini bethu, ukuba ngoko kwakusenzeka yayifana naso nasiphi na isiganeko apho yonke into ihamba kakuhle. Kodwa, Ndafunda ngombhiyozo wesithethe owawusenzeka ngenjikalanga yangaphambi kokuba iTempile inikelwe, Ndaqaphela ukuba umidlalo ngoba busuku wawungaqhelekanga. Kodwa, wawumhle kakhulu ungalibaleki.

Njengazo zonke iziganeko zezithethe ezibanjwa ngexesha elinye nomnikelo wetempile, ulutsha lwase Kansas City Missouri Temple District lwalungiselela umdlalo lungamaqela ahlukileyo kwiindawo zabo zokuhlala. Icebo yayikukuba bayakudibana kunye kwindawo erentiweyo kamasipala yengingqi kusasa ngomgqibelo ukuze bafunde ukuba bazakungena phi, bame phi, bame njani kwaye baphume njani nezinye iinkcukacha ukuze umdlalo wokugqibela ubemhle kakhulu kwaye ubenomgangatho ophezulu.

Kwakukho ingxaki enkulu enye ngaloo mini. Wonke umsebenzi wawuxhomekeke kwezirekhodiweyo iindawo ezazizakuboniswa kumabona kude omkhulu owaziwa ngokuba yiJumbotron. Ezi ndawo zirekhodiweyo zazibalulekile kuyo yonke lentsebenzo.

Iingcaphephe zasebenza nzima ngokukhawuleza ukusombulula ingxaki xa uliutsha lona lwalinda, amakhulu alo, belahlekelwa lixesha lokulungiselela elibalulekileyo.

Umbhali nomkhokeli walombhiyozo, Susan Cooper,emva kwexesha wacacisa: “Sisuka kwicebo A-B-Z, sasisazi ukuba akusebenzi. …Njengokuba sasijonga ucwangciso lwexesha nenkqubo, sasiyazi ukuba kuzakuba ngaphaya kwethu, kodwa sasisazi ukuba sinamadla ngezantsi alulutsha oluyi - 3,000. Kufuneka siye ezantsi siyokubaxelela [bona] kwakusenzeka ntoni kwaye sitsale kukholo lwabo.” 3

Ngeyure phambi kokuba ababukeli bomdlalo bangene, ulutsha olwaluyi 3,000 lwaguqa phantsi kunye lwathandaza . Bathandaza ukuba abo ababelungiselela iJumbotron baphenjelelwe ukuba bakwazi amabakwenze ukuyilungisa; bacela ubawo waseZulwini ukuba ancedise koko bona babengakwazi ukwenza ngenxa yokushota kwexesha.

Wathi omnye owabhala ngawo emva kwawo, “Ibingumthandazo ulutsha olungasoze liwulibale, ngenxa yokuba uMoya wanyibilikisa amathambo wabo.” 4

Kwakungekudalanga phambi kokuba omnye wengcaphephe aze ezokubaxelela ukuba ingxaki yafunyanwa kwaye yalungiswa. Wathi isisombululo ibe lithamsanqa, kodwa bonke abolutsha babesazi ngcono.

Ekungeneni kwethu kwindawo kamasipala ngaloo njikalanga, sasingazazi tu iingxaki zaloo mini. Kusesidaleni apho safunda ngazo. Esakungqinayo, kodwa, kwakukuhle, kupolishiwe-ngaphaya kwendakhe ndakubona. Ulutsha lwalukhazmila ngumoya wozuko, onamandla owawuviwa nguye wonke owayekhona. Babesazi nje ukuba mabangene nini, bame phi, kwaye nokuba maqhube njani nabanye abadlali beqonga ababekunye nabo. Xa ndava ukuba amalungiselelo wabo alo mdlalo anqunyulwa esithubeni kwaye amanye amanani ayengalungiselelwanga liqela lonke, Ndothuka. Akukho owayenokwazi. INkosi ngenene yenza umahluko.

Andiyeki ukumangaliseka yindlela iNkosi esikhuthaza ngayo kwaye isikhokelele ebudeni nasebubanzini bekumkani Lakhe kwaye abenalo nexesha lokusinika impembelelo ngomntu omnye – okanye umbhiyozo westhethe esinye okanye iJumbotron enye. Ukuba Uyakwazi, ukuba Uyenza, bubungqina kum obo.

Bazalwane noodade bam, iNkosi isebomini bethu sonke.Uyasithanda. Ufuna ukusisikelela. Ufuna ukuba sifune uncedo Lwakhe. Njengokuba esikhokela kwaye esibonisa kwaye nanjengokuba esiva kwaye ephendula imithandazo yethu, siyakulufumana ulonwabo apha nangoku Esinqwenelela. Yanga singazazi iintsikelelo Zakhe ebomini bethu, Ndiyathandaza ngegama likaYesu Krestu, uMsindisi wethu, amen.

Izikhumbuzo

  1. 2 Nifayi 2:25.

  2. Imfundiso neMinqophiso 112:10.

  3. Susan Cooper, in Maurine Proctor, “Nothing’s Too Hard for the Lord: The Kansas City Cultural Celebration,” Meridian Magazine, Meyi 9, 2012, ldsmag.com.

  4. Proctor, Meridian Magazine, Meyi 9, 2012.