2010–2019
Esizisola ngako nesizimisele ngako
Okthoba 2012


Esizisola ngako nesizimisele ngako

Xa sisoloko sizinikela ekufuneni ubungcwele kanye novuyo,kuyanqaba ukuya kwethu endleleni eya ekuzisoleni.

Ukuzisola

Mongameli Monson, Siyakuthanda. Siyabulela ngokusiququzela nangesaziso sakho sembali yethu yokwakha iitempile nangomsebenzi wabafundisi. Ngenxa yazo, Ndiqinisekile ukuba iintsikelelo ezininzi ziza kuza kuthi kwaye nakwi zizukulwana ezininzi ezizayo.

Bazalwane nodade abathandekayo,bahlobo bam abathandekayo!sikenke singabantu benyama.Ndithemba ukuba oko akuzi njengommangaliso kuthi sonke

Akakho ozakuphila emhlabeni ixesha elide.Sineminyaka exabisekileyo,kwimbono yaphakade, ayifiki nakusekuqhwanyazeni kweliso.

Bese siyahamba.Imiphefumlo yethu ” ibuyela ekhaya kuThixo osinike ubomi[bethu].”1 Silalisa imizimba yethu phantsi kwaye sishiya izinto zomhlaba njengoba sihamba siya kwihlabathi lethu lokuphila elitsha.

Xa sisebatsha, kujongeka ingathi sizakuphila phakade.Sicinga ukuba kunemini ezingapheliyo zokuphuma k welanga ezisilindele emva kwentaba, kwaye ikamva lijongeka njengendlela engapheliyo enabe phambi kwethu.

Kodwa, xa sesikhulile, siqala sibheke emva simangale ukuba incinane kangakanani indlela.Sizibuza ukuba iminyaka ihambe ngokukhawuleza kangaka.Siqale ukucinga ngezinto esizikhethileyo kanye nesizenzile.kuleyongqubo, sikhumbula izinto ezimnandi eziletha imfudumalo emphefumleni kanye novuyo eentlizweni zethu.Kodwa sikhumbula nezinto esizisola ngazo-izinto. Esinqwenela ukubuyela kuzo ukuzitshintsha.

UNesi onakekela abantu abagulela ukufa uthi uke abuze lumbuzo olula kwiziguli zakhe xa belungiselela ukuhamba kobu bomi.

”Akukho nto ozisola ngayo?” Ebuza yena.2

Ukuba kufutshane nalomini yokugqibela kobu bomi kusinika ukucaca kwengcinga kwaye kukunikeza imbono okanye indlela yokujonga izinto entsha.xa ababantu bebuzwa ngokuzisola, bavula iintliziyo zabo.Bacinga ngezinto abanokuzitshintsha xa bengakwazi ukubuyisela iwashi emva.

Xa ndicinga ngokuba bathini, kwandibonisa ukuba imigaqo yevangeli likaYesu Krestu inobulungisa ebomini bethu, xa siyiphila.

Ayikho into emangazayo ngemigaqo yevangeli.Siyifundle kwimibhalo,Saphinda sathetha ngayo kwiklasi yesikole sangecawa, kwaye sivile kupulpiti amaxesha amaninzi.Lemigaqo yezulu kwakunye neenkolelo ziqondile kwaye zicacile; zinhle,zixabisekile,kwaye zinamandla; kwaye zingasinceda ukuba sibalekele ukuzisola kwikamva lethu.

Ndinqwenela ukuba ndandichithe ixesha elininzi nabantu endibathandayo.

Mhlawumbi okufanayo ngokuzisola kwezi zigulane ezikufutshane nokubhubha abakutshilo ukuba banqwenela ukuba bebechithe ixesha elininzi nabantu ababathandayo.

Amadoda kakhulu ebelila ngokuba:bona ”bazisola ngokuba bachithe ixesha labo elininzi bebaleka kumtshini wokubaleka...emsebenzini. ” 3Abaninzi balahleke lwa lixesha lokwakha inkumbulo ezixabisekileyo eliza ngokuchitha ixesha nosapho kanye nabangani.Abatholanga ithuba lokwakha ubuhlobo obuqinileyo naabo ababathandayo kakhulu.

Yinyani ukuba sihlala sixakekile ngamanye amaxesha?kwaye,kubuhlungu ukuthi,sinxiba ukuxakeka kwethu njengebheji yobuqhawe, ingathi ukuxakeka,ngokwakwo,kuyii ngqayi okanye into ebonisa impilo engcono.

Kunjalo?

Ndicinga ngeNkosi yethu enguMzekelo,uYesu Krestu,kwakunye nobomi bakhe obuncinci ebantwini base Galili naseJerusalem Ndizama ukumbona ekhawuleza esiya kwintlanganiso okanye enza izinto ezininzi ngexesha elinye nangokukhawuleza.

Andiboni

Kodwa ndibona osikhathalele osihhoyayo oyiNdodana kaThixo ophila imini nemini enonjongo entle.Xa ethetha nabanye abantu abakufutshane naye babezizwa bethandwa.Wayeyazi ukuba abantu ahlangana nabo baxabiseke kangakanani. Wayebasikelela,ebafundisa.Ebaphakamisa,Ebapholisa.Ebanikeza isipho esixabiseke gqithi ixesha lakhe.

Kulemini kulula ukuba wenze ingathi uchitha ixesha lakho nabantu.Ngokucofa imawusi ungakwazi ”ukudibana” namawaka abo ”bahlobo” ungazange wababona ubuso nobuso. Ithekhnoloji into entle,kwaye iluncedo xa singekho kufutshane nesibathandayo.Mna nonkosikazi wam sihlala kude namanye axabisekile amalunga osapho lwam; siyayazi ukuba kunjani.Kodwa ke,andicingi ukuba silandela indlela elungileyo,umntu amnye kanye nomphakathi,xa ukudibana kwethu ngukuposa izithombe ezihlekisayo, nokudluliselana izinto ezingenanqondo,nokuthumela amalinki kwabathandekayo kuthi wamawebsayithi kwiintanethi.Ndiyayazi ukuba ikhona indawo yoko,kodwa sizimisele ukuchitha isikhathi esingakanani kuko? Xa sihluleka ukunikela esiyiko okungcono kanye nexesha lethu elingaqhawukanga kulabo baxabisekile kuthi,ngenyimini sizakuzisola.

Masizixeleleni ukuba sizakubanombulelo ngalabo sibathndayo ngokuchitha ixzsha lethu nabo,senza izinto nabo, sakha inkumbulo yendyebo kwakunye nabo.

Ndinqwenela ukuba akwaba ndaphila ngamandla wam onke.

Okunye ukuzisola abantu abathetha ngako ukuba bahlulekile ukuba ngulomtu ababefanele okanye ababefuneka ukuba nguye.Xa bejonga ubomi babo, babona ukuba abazange bafike kwelozinga ababefuna ukufika kulo, ke ngoko amaculo amaninsi asala engaculwanga.

Andithethi ngokuqabela izitepsi zempumelelo kwimisebenzi eyahlukeneyo.Elo nyathelo nokuba singaphezulu kangakanani emhlabeni,ngeke silingane nenyathelo elinye kuhambo olusilindele lwaphakade.

Kodwa, ndithetha ngokuba ngumntu uThixo, uTata waseZulwini, afuna ukuba ubenguye.

Siza kulomhlaba, Njengoba immbongi isitsho,”silandelwa ngamafu wenkazimulo ” 4 sisuka ehlabathini langaphambili kobu bomi.

UTata wethu waseMazulwini ubona amandla ethu ukuba afika phi.Wazi izinto ngathi esingazazi thina.Usinike za impembelelo ebomini bethu ukuba sifinyelele kubukhulu esidalalwe bona, ukuba siphile impilo entle,kwaye siphindele Kuye.

Yintoni,ke,sinikela ixesha lethu elingaka namandla ethu ezintweni ezidlulayo msinyane,ezingeziqhamo,ezingekhoyo?Asifuni ukubona impazamo yokulandelana nezinto ezingabalulekanga nezidlulayo?

Ayibo bulumko xa thina ”sibeka (thina) indyebo ezulwini,apho kunekho bhebhethwana okanye kurusa okuzakumosha,okanye isela elizokuqhekeza lingene lizokuba”?5

Sikwenza njani oku?Ngokulandela umzekelo. WoMsindisi,ngokufaka iimfundiso Zakhe ebomini bethu, ngokuthanda ngokwenene uThixo kanye nabamelwane bethu.

Asikwazi ukwenza oku ngobufundi bethu boku donsa-izinyawo-zethu, ngokusoloko-sijonga-ixesha, sikhalaza-njengoba-sihamba.

Xa kufika ekuphileni ivangeli,akufuneki sifane nalenkwenkwe efake nje uzwane emanzini wathi ubeyokuqubha. Njengama dodana nama dodakazi kaBawo waseMazulwini, sinamandla okwenza okuninsi.Ke ngoko,unqweno lwezinto ezintle alwenelanga. Kufuneka senze. Okuxabiseke gqitha, kufuneka sibe lento uTata wethu waseMazulwini afuna sibe yiyo.

Ukunikeza ngobungqina bethu ngevangeli yinto entle kodwa ukuphila ubomi obungumzekelo wevangeli elibuyisiwe kungcono.Ukunqwenela ukuba sithembeke kwimimiselo yethu; ukuthembeka ngokugcina imimiselo yethu engcwele -kwakunye nokuphila impilo emyulu, ukubhatala isishumi kanye neminye iminikelo, ukugcina umthetho weVa Lobulumko,kanye nokuba luncedo kubantu abaludingayo-kuncono gqithi.Ukumemezela ukuba sizakubeka ixesha lokuthandaza sonke silusapho,sifunde imibhalo,kanye nezinto esingazenza njengosapho ezinobulungisa kuhle:

Ubufundi kufunana nobungcwele kanye novuyo.Yindlela eya kuvuyo kanye nesiqu sethu esingcono.

Masizimisele ukulandela uMsindisi kwaye sisebenze ngokuzimisela ukuba ngulomntu esidalelwe ukuba sibenguye.Asilaleleni kwaye silandele impembelelo yoMoya oyingcwele.Njongoba senza njalo,uTata wethu waseMazulwini uzakusityilela izinto esingazazi ngathi. Uzakusikhanyisela indlela phambili kwaye avule amehlo ukubona esingakwaziyo okanye iitalente esingazaziyo.

Xa sizinikela ekufuneni ubungcwele kwakunye novuyo,asoze sihambe endleleni yokuzisola.Xa sithembela kububele boMsindisi,sizozizwa sisendlelini noku uTata waseMazulwini asinqwenela Yona.

Ndinqwenela ukuba ndandi kwazi ukuba novuyo.

Okunye ukuzisola okukhoyo kwabo abaziyo ukuba bajongene nethuna kuyamangaza.Babenqwenela ukuba babezivumele ukuba bavuye ngaphezulu.

Kaninzi sibambeke kumboniso okhohlisaya osenza sicinge ukuba kunento engaphezulu kwapho sifika khona ezosilethela uvuyo: immeko engcono kwiinsapho, immeko engcono yemali, okanye ukuphela kobunzima esijongene nabo.

Xa sikhula, sijonga emva kwaye sibone ukuba iimeko zangaphandle azibalulekanga kwaye aziluzisi uvuyo kuthi.

Thina sixabisekile.Thina sizilethela uvuyo lwethu.

Nguwe ozizisela kwaye uzikhethela uvuyo ebomini bakho.

Inkosikazi wam, uHarriet, kanye nam sithanda ukuqabela amabhayisikili ethu.Kumnandi ukuphuma kwaye ujonge ubuhle bendalo.Sinezindlela esithanda ukuqhuba kuzo,asijongi ukuba sihamba kangakanani kwaye asikhathali ukuba sikhawuleza kangakanani ukwedlula abanye abaqhubi.

Kodwa, ngamanye amaxesha kufuneka sithathe inxaxheba kukhuphiswano. Ndicinga ukuba singaba nexesha elingcono okanye siqhube ngokukhawuleza kakhulu ca siziphusha kancinci. Ngamanye amaxesha ndenze impazamo yokuxelela umfazi wam olungileyo ngale qhinga.

Impendulo yakhe kulombono uhlala unobubele,ucacile,kwaye uqondile. Uyancuma kwaye athi,”Dieter,akusiwo umjarho; uhambo. Bhiyozela umzuzwana.”

Kwaye unyanisile!

Ngamanye amaxesha soqwalesela emgqeni wokuqeda bese sihluleka ukuzwa ubumnandi kuhambo lwethu.Andihambi ndiyoqhuba ibhayisekili nomfazi wam ngobe ngivuyele ukuqeda.Ndihamba naye ngokuba ukuba naye kumnandi kwaye kuyandivuyisa.

Akubonakali kuwububhanxa ukumosha ezimnandi nezivuyisayo izinto ngoba sisoloko silindele umzuzu apho zizakuphela khona?

Simamela umculo omnandi silinde indlela eduma ngayo okanye ubumnandi bengoma kuwo wonke umculo.

Sithandaza ngoba sijonge u”amen” okanye ukugqiba engqondweni?hayi asenzi njalo.Sithandaza ukuzisondeza kuTata waseMazulwini,ukuthola uMoya wakhe nokuva uthando Lwakhe.

Akufuneki silinde ukufika kwindawo ethile kwingomso yethu ukuba sivuye, bese sithola ukuba lovuyo silufunayo lukhona manje -ngamaxesha onke! Ubomi akufuneki sibubulele ngokubujongela kude.”Le yimini iNkosi eyidalile  … ,”Kwabhala uMhubi. ”Vuyani kwaye noyolise kuyo.”6

Bazalwane nodade, nokuba iimeko yethu injani,andikhathali ukuba ujongane nobunzima, kukho into ongayibulela kwaye uyithande ngemini nemini.Kunento kwimini etsha eletha umbulelo novuyo xa siyibona futhi siyibulela.

Mhlawumbi kufuneka sikujonge hhayi ngamehlo kodwa ngeentliziyo. Ndithanda ikhowuti: umntu ubona kabanzi ngentliziyo.Enye into exabisekile ayibonakali ngamehlo.”7

Sinikwe umyalelo ”ukuba sinike umbulelo ngazo zonke izinto.”8 akukho ngcono ukubona ngamehlo kanye nentliziyo izinto ezincinci esingakwaziukuba nombulelo ngazo, kunokukhulisa okubi kwimeko esikuyo ngoku?

Inkosi isethembise,” Ozakuthatha yonke into ngombulelo uzakukwenzwa abenodumo;kwaye izinto zomhlaba ziza kwandiswa kuye. Noma kuphindaphindwe ngekhulu. ” 9

Bazalwane nodade, ngezinsikelelo ezininzi zikaTata waseNazulwini,icebo lakhe elisipha okukhulu,nokuninzi okuyinyaniso kwevangeli ebuyisiwe, kanye nobuhle obuninsi kulobomi, “asikho na isizathu sokuphila?” 10

Masikhethe ukuvuya,nomangabe zinjani iimeko zethu

Esizimisele ngako

Ngenye imini sizakuthatha elo nyathelo kwaye siye kwilizwe lobomi obulandelayo . Ngenye imini sizakubheka emva ebomini bethu sizibuze ukuba sibengcono,sathatha izinqumo ezincono,okanye sisebenzise ixesha lethu kahle.

Ukubalakela ukuzisola okukhulu ngobomi,kunobulumko ukuthatha izigqibo ngokunqwenela ukwenza namhlanje.Kwaye masi:

  • Zixelele ukuba uzakuchitha ixesha lakho elininzi naabo ubathandayo.

  • Zixelele ukuba uzakuzama kakhulu ukuba ngulomntu uThixo afuna ukuba ube nguye.

  • Zixelele ukuba uzakuba novuyo,nokuba ukweyiphi immeko.

Ngubungqina bam ukuba ukuzisola okuninzi akubikho xa silandela uMsindisi namhlanje.Xa sonile okanye senze impazamo-xa senze izinqumo esizisola ngazo ngoku-kunesipho esixabisekile esibizwa ngeNtlawulokaKrestu esingasinceda ukuba sixolelwe.Asokwazi ukubuyela emva sishintshe okwenzekile, kodwa singaguquka. Umsindisi angasula zonke izinyembezi zokuzisola 11 asuse nomthwalo wezono.12 Intlawulo Yakhe isivumela ukuthi sishiye okwayizolo emva siyephambili ngezandla ezimsulwa, nentliziyo emsulwa,13 nokuzimisela ukuziphatha kangcono futhi ukubangcono.

Ewe obu bomi budlula ngikukhawuleza; amalanga ethu anyamalala ngokukhawuleza,ukufa kubonakala kusabeka ngamanye amaxesha.Kodwa ke, umphefumlo wethu uzakuqhubekeka Ukuphila kude umzimba wethu ovusiweyo uthole egqibeleleyo inkazimulo.Ndinipha obupheleleyo ubungqina ngokuba unobubele uKrestu,sizakupgila futhi unaphakade.Ngenxa yoMsindisi noMhlawuli,ngenye imini sizakuqonda kwaye sivuye kumava athi” ubuhlungu bokufa bogwinyekile kuKrestu”.14

Indlela eya ekutholeni isiphetho sethu sezulu njengamadodana namadodakazi kaThixo into yaphakade.Bazalwane nodade abathandekayo,nabangani abaligugu,kufuneka siqale sihambe indlela yaphakade namhlanje; asikwazi ukuthatha kancinci nemini enye.Ndithandaza ukuba asisoze silinde ukuba sijongane nokufa ngaphambi kokuba siphile.Ngengama likaYesu Krestu,Amen.