2018
Njengokuba Siqhubela Phambili Kunye
uTshazimpuzi 2018


UMyalezo woBongameli Bokuqala, Tshazimpunzi 2018

Njengokuba Siqhubela Phambili Kunye

Bazalwane noodade abathandekayo, kuyintobeko ukuba nani ngale ntsasa. Kwiintsuku ezine ezidlulileyo siye sabeka ekuphumleni enkulu indoda, umprofethi kaThixo—uMongameli Thomas S. Monson. Akukho mazwi anokwenza ubulungisa kubukhulu nobungangamela bobomi bakhe. Ndizo buxabisa naphakade ubuhlobo bethu ngombulelo woku andifundise kona. Ngoku kufuneka sijonge phambili kwikamva ngokholo olupheleleyo kwiNkosi yethu uYesu Krestu, oyena eli iliBandla lakhe.

Kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo bonke abaPostile abaphilayo bebehlangene kwigumbi eliphezulu leTempile yaseSalt Lake. Apho benze isigqibo esimanyeneyo okokuqala, ukucwangcisa ngokutsha uBongameli Bokuqala ngoku kwaye, okwesibini,okokuba ndisebenze njengoMongameli weBandla. Amazwi akonelanga ukukuxelela kuvakele njani ukuba nabaZalwane bam—Abazalwane abaphethe zonke izitshixo zobongameli ezabuyekezwa ngoMprofethi Joseph Smith kolu lawulo—babeka izandla zabo entlokweni yam ukuze bandimisele baze bandibeke bucala njengoMongameli weBandla. Ibingamava awangcwele kunye nawentobeko.

Kuye kwaba luxanduva lwam ukuba ndiqonde ukuba ngoobani aba iNkosi yathi yabalungisa ukuba babe ngabacebisi bam. Bendingakhetha kanjani ababini qha kubaPostile aBalishumi-Nambini, ngamnye kubo endibathanda kakhulu. Ndinzulu ngombulelo kwiNkosi ngokuphendula imithandazo yam enyanisekileyo. Ndibulela kakhulu ngokuba uMongameli Dallin Harris Oaks kunye noMongameli uHenry Bennion Eyring bavume ukusebenza nam njenga bacebisi owokuqala kunye nowesibini, ngokulandelanayo. UMongameli uDieter F. Uchtdorf uye wathabatha indawo yakhe kwiQumrhu labaPostile abaLishumi-nambini. Usele efumene kananjalo izabelo ezinkulu ezo athi abe uzifanele ngokukhethekileyo.

Ndimisela isikhumbuzo kuye nakuMongameli u-Eyring ngenkonzo yabo encomekayo yokuba ngabacebisi kuMongameli uMonson. Bebekwazi ngokupheleleyo, bezinikezele kwaye bephembelelekile. Sinombulelo kakhulu ngabo. Ingamnye uyavuma ukusebenza ngoku apho afuneka khona kakhulu.

NjengoMpostile wesibini ebudaleni bomsebenzi, uMongameli u-Oaks kananjalo uyakuba nguMongameli weQumrhu labaPostile abaLishumi-Nambini. Kunjalo, eselibizweni loBongameli Bokuqala kwaye ngokuhambelana nemigaqo yeBandla, uMongameli M. Russell Ballard, olandelayo ngobudala bomsebenzi, uzakusebenza njengoMongameli obambeleyo welooqumrhu. UBongameli Bokuqala buyakusebenzisana kunye Nabalishumi-Nambini ukuqonda intando yeNkosi kwaye baqhubele phambili umsebenzi Wayo.

Siyabulela ngemithandazo yenu. Ibinikezelwe kuthi kwihlabathi jikelele. Ngentsana elandela ukusweleka kukaMongameli Monson, umthandazo onjalo uye wanikelwa yinkwenkwana eneminyaka emine egama linguBenson. Ndicaphula inkcazo kwincwadana kamama wakhe ebhalelwe inkosikazi yam, uWendy. Uthandazile uBenson, “Bawo Osezulwini, siyakubulela ngokuba uMongameli Thomas S. Monson uyakuthi aphinde abone unkosikazi wakhe. Enkosi ngomprofethi wethu omtsha. Mncede ukuba akhaliphe kwaye angoyiki kuba emtsha. Mncede ukuba akhule abenempilo kwaye omelele. Mncede ukuba abe namandla kuba unobubingeleli. Kwaye usincede ukuba sisoloko silungile.”

Ndibulela uThixo ngabantwana abanjena kunye nabazali abazimiseleyo ngokuzinikezela kubulungisa, ubuzali obunenjongo—ngomzali ngamnye, umfundisi-ntsapho, kunye nelungu elithwele imithwalo enzima kodwa lisebenza ngokuzithandela. Ngamanye amazwi, komnye namnye wenu, ndizele umbulelo ngokuzithobileyo.

INkosi isentloko

Njengoko siqhubela phambili kunye, ndikumemela ukuba ucinge ngendlela yobungangamsha iNkosi elawula ngayo iBandla laYo. Xa uMongameli weBandla esweleka, akukho mfihlelo yokuba ngubani ozakubizwa asebenze kuloo mmandla. Akukho nyulo, akukho phulo, kodwa intsebenzo ezolileyo yecebo lobuthixo yolandelelwano, ebekwe endaweni yiNkosi Ngokwayo.

Usuku ngalunye lwenkonzo yoMpostile lusuku lokufunda kwaye nokulungiselela uxanduva olungakumbi kwelizayo. Kuthatha amashumi ngamashumi eminyaka ukuze uMpostile asuke kwesobuncinane isihlalo aye kwesobudala isihlalo esangqeni. Ngalo elo xesha, uzuza amava okuzibonela kwinkalo nganye yomsebenzi weBandla. Uye kangakumbi abe uqhelana kakuhle nabantu behlabathi, kubandakanya neemvelaphi zabo, iinkcubeko, iilwimi ngokuba ulwabiwo lakhe lumthathela ngokuphindeneyo ngaphesheya kwehlabathi. Le nkqubo yolandelelana kubunkokheli beBandla bukhethekile. Andazi nanto-nye efana nayo. Oko makungasimangalisi, kuba eli liBandla leNkosi. Akasebenzi ngendlela yabantu.

Ndisebenze kwiQumrhu laBalishumi Nambini ngaphantsi kwaBongameli abahlanu abadluleyo beBandla. Ndibukele uMongameli ngamnye efumana isityhilelo kwaye ephendula eso sityhilelo. INkosi ibisoloko kwaye iza kusoloko iyalela kwaye iphembelela abaprofeti baYo. INkosi isentloko. Thina bamiselwe ukungqina igama Lakhe elingcwele kwihlabathi jikelele siyakuqhubeka sifuna ukwazi intando Yakhe kwaye siyilandele.

Hlala Emgaqweni Womnqophiso

Ngoku, kwilungu ngalinye leBandla ndithi, hlala emgaqweni womnqophiso. Ukuzinikela kwakho ekulandeleni uMsindisi ngokwenza iminqophiso naYe kwaye ngoko nokugcina loo minqophiso kuya kuvula umnyango kuzo zonke iinstikelelo kunye namalungelo akhoyo kumadoda, nakumabhinqa, kunye nabantwana kuyo yonke indawo.

NjengoBongameli obutsha, sifuna ukuqala ngesiphelo engqondweni. Kungesi sizathu, sithetha nani namhlanje kule tempile. Isiphelo eso omnye nomnye wethu azamela ukuba athi anikezelwe amandla endlini yeNkosi, batywinwe njengee ntsapho, benyanisekile kwiminqophiso eyenzwe etempileni kusilungiselela esona sipho sikhulu sikaThixo—eso sobomi obungunaphakade. Imimiselo yasetempileni kunye neminqophiso oyenza khona isisitshixo sokomeleza ubomi bakho, umtshato wakho kunye nosapho, kunye namandla okuxhathisa kwiintlaselo zembandezelo. Unqulo lwakho etempileni kunye nenkonzo yakho khona yookhokho bakho iyaku kusikelela ngesityhilelo esongezelelweyo sakho buqu kunye noxolo kwaye kuya kuqinisa ukuzinikela kwakho kokuhlala emgaqweni womnqophiso.

Ngoku, ukuba uthe wanyathela bucala endleleni, yanga ndingakumema ngalo lonke ithemba elisentliziyweni yam ukuba uncede ubuye. Nokuba yiphi inkxalabo yakho, nokuba yiphi imicelingeni yakho, ikhona indawo yakho apha kweli, Bandla leNkosi. Wena nezizukulwana ezingekazalwa okwangoku niyakusikelelwa zizenzo zakho zokubuyela kwindlela yomnqophiso. UBawo Wethu Osemazulwini ubaxabisile abantwana Bakhe, kwaye ufuna omnye nomnye wethu abuyele ekhaya kuYe. Lena yinjongo enkulu yeBandla likaYesu Krestu laBangcwele Bemihla Yokugqibela—ukunceda omnye nomnye wethu ukuba abuyele ekhaya.

Ndivakalisa uthando lwa olunzulu kuni—uthando olukhule kwiminyaka engamashumi-shumi yokuhlangana nani, nokunisebenzela. Igunya lethu lobuthixo kukuya kwizizwe zonke, kwizizalwane, iilwimi, kunye nabantu, sincedisa ukulungiselela ihlabathi Ukuza Kwesibini kweNkosi. Oku siya kukwenza ngokholo eNkosini uYesu Krestu, sisazi ukuba nguYe ophetheyo. Lo ngumsebenzi waKhe kunye neBandla Lakhe. Thina sizizicaka Zakhe.

Ndivakalisa ukuzinikela kwam kuThixo uBawo Wethu Osezulwini kunye noNyana Wakhe, uYesu Krestu. Ndiyabazi, ndiyabathanda, kwaye ndenza isibhambathiso sokubasebenzela—kunye nani—ngawo wonke umphefumlo oseleyo ebomini bam. Egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.