2018
Izinto ezintlanu abamameli kakuhle abazenzayo
EyeSilimela 2018


Umfanekiso
Two young women talking

Iimigaqo yokukhonza, EyeSilimela 2018

Izinto ezintlanu abamameli kakuhle abazenzayo

Ukumamela ngokunyanisekileyo kuzokunceda wazi ukuba uzozinceda njani iimfuno zomoya nezasenyameni zabanye njengo Msindisi.

Umdala Jeffrey R. Holland weQumrhu Labapostile Abalishumi Nambini :“Mhlawumbi okubaluleke ngaphezulu kunokuthetha kukumamela… Ukuba si mamela ngothando, asizudinga ukucinga ukuba masithini. Sizoyinikwa thina— ngu Moya Oyingcwele.”1

Ukumamela bubuchule esinokufunda. Ukumamela kubonisa uthando kwabanye, kunceda sakhe ulwamano ulomeleleyo, kwaye lumema uMoya Oyingcwele usisikelele ngesipho sokuqonda ukuze siqonde iimfundo zabanye. Nazi iindlela ezintlanu zokuphucula indlela yokumamela.

1. Banike Ixesha

Abantu abaninzi badinga ixesha ukuqokelela iingcinga zabo phambi kokuba bathethe. Banike ixesha lokucinga phambi nasemveni bethethile.(see UYakobi 1:19). Ngenxa yokuba begqibile ukuthetha ayithethi lonto ukuba bathethe yonke into abadinga ukuyithetha. Sukukoyika ukuthula (see UYobhi2:11–3:1 and UAlma 18:14–16).

2. Phula phula

Sincinga msinya ngaphezu kwabanye bethetha. Nyamezela ukuhendeka kokotsibela isiphelo okanye ukucinga ngaphambili kwinto ozoyithetha xa bephezile. (see Imizekeliso 18:13). Endaweni yoko, mamela ngenjongo yokuqonda. Impendulo yakho izobangcono ngoba izobe yaziswe kukuqonda okungcono.

3. Cacisa

Sukoyika ukubuza imibuzo ecacisa into owungakhange uyiqonde (see UMarko 9:32). Ukucacisa kucutha ukungaqondi kwaye kubonisa umdla wakho kwinto ethethwayo.

4. Cinginsa

Cacisa into oyivileyo kwaye nendlela oyive ngayo omnye aziva ngayo. Oku kuncenda bayazi ukuba baqondiwe kwaye ibanika ithuba lokucacisa.

5. Funa umhlaba oqhelekileyo

Ungangavumemali nayo yonke into ethethiweyo, kodwa vumelana nento okwaziyo ngaphandle okokuzimelisa ezakho imivo. Ukuvumelana kunganceda kuphelise uxhalaba lkwaye nokuzikhusela (see Matthew 5:25).

Umongameli Russell M. Nelson wafunda ukuba kufuneka si “funde ukumamela, kwaye simamele ukufunda omnye komnye.” Njengokuba umamela ngenjongo okufunda ngabanye, uzoba kwisikhundla esingcono sokuqonda iimfuno zabo kwaye uve uncedo ngokuba ungabanakekela njani abo bakungqungileyo nje ngoMsindisi.

Ukumamela kukuthanda

Ibali elisuka ku Mdala Holland libonisa amandla okumamela:

“Isihlobo sam Troy Russell watsala iloli yakhe kancinci egaraji. … Weva itayari langemva lirola ngaphaya kwesiduli. … Waphulma efumana unyna wakhe oneminyaka elisithoba oxabisekileyo, eleli ejonge phantsi kwindlela yokuhamba. … UAusten wayeswelekile.

“Engakwazi ukulala, engakwazi ukufumana uxolo, uTroy wayengathuthuzeleki. … Kodwa kokokuxhaphazeka kweza… John Manning. …

“Ngokuknyanisekileyo andiyazi ngeyiphi ishedyuli uJohn kwaye nomlingane wakhe omncinane abenza ngayo ukutyelela ikhaya lwaka Russell. … Endikwaziyo kokokuba intwasahlobo edlulileyo umzalwane uManning wafikelela kwaye wachola uTroy Russell phezu kwentlekele yalandlela yokuhamba ngokungathi waye chola uAusten omncinci ubuqu. Nje ngo… Mzalwane evangelini owayemelezeke ukuba abenguye, uJohn wathabathela kuye inkathalo yobubingeleli kway nokugcinwa kuka Troy Russell. Waqala ngokuthi, ‘Troy, uAusten ukufuna ubuyele ezinyaweni zakho —nakwi bala lebhaskethibholi—kunjalo ndizobalapha rhoqo ekuseni ngo 5:15 a.m. Ulungise. …’

“‘ Ndandingafuni ukuhamba,’ wandixelela uTroy ngemva, ‘Ngenxa yokuba ndandisoloko ndithabatha uAusten nam. … Kodwa uJohn wanyanzela, kunjalo Ndaya. Sukela kolwasuku lokuqala ubuya, sathetha—okanye ndathetha kwaye uJohn wamamela. … Ekuqaleni kwakunzima, kodwa exesheni ndaqona ndandiwafumene amandla kwimo ka[John Mannning], owayendithanda kwaye wandimamela kwade ekugqibeleni ilanga lavela kwakhona ebomini bam.’” 4

Izikhumbuzo

  1. Jeffrey R. Holland, “Mangqina Kum,” Liyahona,EyeKhala 2001, 16.

  2. Bona David A. Bednar, ku “Ipaneli Yengxoxo” (lizwejikelele nqeqesho yeenkokheli, Nov. 2010), broadcasts.lds.org.

  3. Russell M. Nelson, “Mamela ukuba ufunde,” Enzayini, uCanzibe 1991, 23.

  4. Jeffrey R. Holland, “Mangqina Kum,” Liyahona,EyeNkanga 2016, 62, 67.