2018
Fikelela Ngemfesane
EyeKhala 2018


Umfanekiso
Ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyeKhala 2018

Fikelela Ngemfesane

Xa ulandela umzekelo wemfesane woMsindisi, uyakufumanisa okokuba ungenza umahluko kubomi babanye.

Imfesane kukuba nengqwalasela yengxaki yabanye kunye nomnqweno wokuyenza lula okanye uyisuse. Umnqophiso wokulandela uMsindisi ngumnqophiso wemfesane wokuba “nithwalisane imithwalo yenu”( Mozaya 18:8). Umsebenzi wokugada abanye lithuba lokulungiselela ngendlela iNkosi enokwenza ngayo: “yenzeleni inceba, nicalula”(Yuda 1:22). INkosi yayalela, “nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe” (Zekariya 7:9).

Imfesane yoMsindisi

Imfesane yayiyeyona nto yayiqhuba ulungiselelo loMsindisi (bona kwi-sidebar: “A Compassionate Savior”). Imfesane yakhe kwabanye abantu yamenza ukuba afikelele kwabo babemngqongile amatyeli angabalekiyo. Eqwalasela iimfuno kunye neminqweno yabantu, wayekwazi ukubasikelela kunye nokubafundisa ngendlela ezazibaluleke ngokubalasela kubo. Umnqweno wokusifunqula woMsindisi ngaphezu kwembandezelo zethu kwakhokelela kwesona senzo sokwenene semfesane: Intlawulelo yaKhe yezono kunye nokubandezeleka koluntu.

Ukukwazi kwakhe ukuphendula kwiimfuno zabantu yinto esinokuyizama njengoko sincedisa. Njengoko siphila ngobulungisa kwaye simamele iimpembelelo zoMoya, siyakuphenjelelwa ukuba sifikelele kwabanye ngendlela ezinentsingiselo.

Umnqophiso Wethu Wemfesane

UBawo oseZulwini ufuna abantwana baKhe ukuba babe nemfesane (bona 1 AbaseKorinte 12:25–27). Ukuze sibe ngabafundi bokwenene, kufuneka siphuhlise kwaye sibonakalise imfesane kwabanye, ingakumbi kwabo basweleyo (Imfundiso neMinqophiso 52:40).

Ngokuthabathela kuthi igama likaYesu Krestu, singqina ukuba silangazelela ukubonakalisa imfesane. UMongameli Henry B. Eyring, uMcebisi weSibini kuBongameli bokuQala, wafundisa ukuba isipho soMoya oyiNgcwele siyasinceda thina ekwenzeni oko: “Wena ulilungu lomnqophiso weBandla likaYesu Krestu. …

“Yiyo lonto unemizwa yokufuna ukunceda umntu onzinyelwe kukuba aqhubele phambili phantsi komthwalo wentlungu kunye nobunzima. Wena wathembisa ukuba uyakunceda iNkosi yenze imithwalo yabo ibekhaphukhaphu kwaye bathuthuzeleke. Wena wanikwa amandla okunceda wenze lula loo mithwalo xa wawufumana isipho soMoya oyiNgcwele.”1

Umzekelo, udade othile eRussia wayekwimeko enzima kusapho lwakhe eyayimthintela ekuba angayi ecaweni ngexesha elingaphezu konyaka. Omnye udade kwisebe wafikelela kuye ngemfesane qho ngeCawe ngokuthi amtsalele umnxeba emxelela ngeentetho, izifundo, ubizo lokuvangela, abantwana abazelweyo, kunye nezinye iindaba zesebe. Yakusombululeka imeko yodade owayebambeke endlini, wayeziva njengokuba wayeseyinxalenye yesebe elo ngenxa yeminxeba yomhlobo wakhe veki nganye.

Isikhumbuzo

  1. Henry B. Eyring, “The Comforter,” Liyahona, Canzibe 2015, 18.