2018
Ukwakha Ubudlelwane Obunentsingiselo
EyeThupha 2018


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyeThupha 2018

Ukwakha Ubudlelwane Obunentsingiselo

Ukwazi kwethu ukukhathalela abanye kuye kwande xa sinobudlelwane obunentsingiselo nabo.

Isimemo sokulungiselela abanye lithuba lokwakha ubudlelwane obunenkathalo nabo—ntlobo leyo yobudlelwane enobangela bazive bethuthuzelekile ekuceleni okanye ekwamkeleni uncedo lwethu. Xa sele senze inzame yokuphuhlisa oloo hlobo lobudlelwane, uThixo uyakwazi ukuguqula ubomi macala omabani obudlelwane.

“Ngenene ndikholelwa ukuba akukho nguquko ebalulekileyo ngaphandle kobudlelwane obubalulekileyo,” kutsho uSharon Eubank, Umcebisi Wokuqala KuBongameli Jikelele BeQumrhu Loomama. Kwaye kwizenzo zethu zenkonzo zibe nenguquko ebomini babanye, wathi, kufuneka zibe “zigxile kwiminqweno enyanisekileyo yokuphilisa kwaye neyokumamela ,neyokusebenzisana kunye nentlonipho,” 1

Ubudlelwane obunentsingiselo asingamaqhinga. Bukhelwe phezu kovelwano, izenzo ezinyanisekileyo, kwano “thando olungazenziziyo” (D&C 121:41).2

Iindlela Zokwakha Nokomeleza Ubudlelwane

“[Ubuhlobo] sibakha umntu ngamnye ngexesha,” watsho uMdala Dieter F. Uchtdorf wabaPostile Abalishumi Elinambini.3 Njengoko sizamana ukwakha ubudlelwane ubunentsingiselo nabo sibalungiselelayo, uMoya Oyingcwele angasikhokela. Ezi ngcebiso zilandelayo zisekelwe phezu kwenkqubo uMdala Uchtdorf awayinikayo.4

  • Funda ngabo.

    UMongameli Ezra Taft Benson (1899–1994) wafundisa, “awunakukwazi ukunceda kakuhle abo ungabazi kakuhle.” Wacebisa ukuba wazi amagama awo onke amalungu osapho kwaye uqaphele iziganeko ezibalulekileyo ezifana neemini zokuzalwa, iintsikelelo, ubhaptizo, kwakunye nemitshato. Oku kukupha ithuba lokuba ubhale iphetshana okanye utsale umnxeba uvuyisane nelungu losapho kwimpumelelo ekhethekileyo okanye ufezekiso.5

  • Chithani ixesha kunye.

    Ukubuphuhlisa ubudlelwane buthatha ixesha . Khangela amathuba okugcina unxibelelwano. Izifundo zibonisa ukuba ukubonisa abantu ukuba uyakhathala kubalulekile kubudlelwane obunempilo. 6 Ndwendwela rhoqo kwabo ubizelwe ukubanceda. Thetha nabo ebandleni. Sebenzisa naziphi iinzame ezongezayo ezenza ingqiqo—njenge imeyili, Facebook, Instagram, Twitter, Skype, ukutsala umnxeba, okanye ukuthumela ikhadi. Umdala Richard G. Scott (1928–2015 waBapostile Abalishumi Elinambini wathetha ngamandla obuchule bokubonisa uthando kunye nenkxaso kalula:“ Qho ndimana ukuvula izibhalo zam ezingcwele, … kwaye ndifumane iphetshana lothando,lenkxaso [unkosikazi wam] uJeanene athe walifaka emaphepheni, … Loo maphetshana amahle … ayaqhubeka ukuba bubuncwane bentuthuzelo kunye nempembelelo.”7

    Futhi, khumbula ukuba ubudlelwane buthatha isibini. Unganikezela ngothando kunye nobuhlobo, kodwa ubudlelwane abusoze bukhule ngaphandle kokuba isinikelo samkelwe kwaye sabuyekezwa. Ukuba omnye ubonakala engamkeli, musa ukunyanzelisa ubudlelwane. Mnike ixesha lokuba abone imizamo yakho enyanisekileyo, kwaye ukuba kunyanzelekile, cebisana neenkokheli zakho nijonge ukuba ubudlelwane obunentsingiselo bubonakala ngathi bungokheka.

  • Nxulumelana ngenkathalo.

    Ukwakha ubudlelwane obunentsingiselo budinga ukuba senze ngakumbi kokuqhelekileyo. Incoko eqhelekileyo izele iintetho ezincinci ngeshedyuli, imo yezulu, kwaneminye imiba emincinci, kodwa ayiquki nokwabelana ngezimvo, inkolelo, iinjongo kunye neenkxalabo ezinyanzelekileyo ukwakheni iindibano ezinentsingiselo. UBawo Osemazulwini uye wabumbela olu nxibelelwano lunentsingiselo ngokwabelana ngezimvo Zakhe kunye namacebo akhe kunye noNyana Wakhe (bona Yohane 5:20) kwakunye nathi ngabaprofethi Bakhe (bona Amos 3:7). Ngokwabelana ngeziganeko zemihla ngemihla kunye nemicelingeni yobomi nomnye ngamnye njengoko sikhokelwa nguMoya, siye sizuze ukuxabisana njongoko sifumanisa imidla efanayo kwaye sabelana ngamava.

    Ukumamela yindima ebalulekileyo yokunxibelelana ngokuba uyakhathala.8 Xa umamelisisa, ithuba lakho lokuba uncede abanye baze kuKrestu liyanda njengoko ufumana ukuqonda kunye nemvo kwiimfuno zabo kwaye beziva bethandwa, beqondwa kwaye bekhuselwe.

  • Xabisa iiyantlukwano kunye nezinto eziqhelekileyo.

    “Abanye … bakholelwa ukuba iBandla lifuna ukudala onke amalungu kubumbo ulunye—okokuba umntu ngamnye kufuneka ajongeke, ave, acinge, kwaye aziphathe njengomnye nomnye,” watsho Umdala Uchtdorf. “Oku kuphikisana nengqondo-ngqondo kaThixo, owadala umntu wonke ohluke kumzalwane wakhe. …

    “IBandla liyagqwesa xa sithatha inzuzo kuyo le yantlukwano kwaye sikhuthazane ukuba siphuhle kwaye sisebenzise izakhono zethu ukuphakamisa kunye nokumeleza oogxa babafundi bethu” 9

    Ukuthanda abanye ngendlela uThixo asithanda ngayo kufuna ukuba sizame ukubona abanye ngendlela uThixo ababona ngayo. Umongameli uThomas S. Monson (1927–2018) wafundisa, “Kufuneka siphuhlise inqanaba lokubona [abanye] hayi ngendlela bayiyo ngoku kodwa ngendlela abangathi babeyiyo,” 10 Singathandazela uncedo lokubona abanye ngendlela uThixo abona ngayo. Njengoko siphatha abanye ngokwesimo esinokwenzeka sabo sokukhula, kungenzeka bakhulele kwelo nqanaba.11

  • Bancede.

    Yiba bunolo kwiimfuno zabo abo ubalunfiselelayo kwaye ulangazelele ukunikezela ngexesha lakho kunye nezakhono zakho, nokuba kungethuba likaxakeka okanye kuba nje ukhathala. Ungabakhona unikezela intuthuzelo, inkxaso, kunye noncedo olufunekayo xa kukho okungxamisekileyo, ingulo, okanye imo engxamisekileyo. Kodwa kubudlelwane obuninzi sinezenzo zempendulo. UThixo usiphe ulwazi bobubi nobulungisa ukwenzela senze kodwa kungenziwa kuthi (bona 2 Nifayi 2:14). Njengokuba uMpostile uYohane wafundisa ukuba sithanda uThixo kuba Eqale Wasithanda (bona 1 Yohane 4:19), xa abanye besiva izimvo zethu zenyani zothando kunye nezenzo zethu zenkonzo, kungathambisa iintliziyo kwaye kwandise uthando kwanokuthemba. 12 Oku kudala ukwenyuka kwentlobo yezenzo okunokwakha ubudlelwane.

Ukulungiselela njengoMsindisi Wenza

UYesu wayesakha ubudlelwane obunentsingiselo nabafundi baKhe. (bona Yohane 11:5). Wayebazi bona (bona Yohane 1:47–48). Wayechitha ixesha nabo (bona Luka 24:13–31). Unxibelelwano lwaKhe nabo laludlula obubuthathaka (bona Yohane 15:15). Yena wayexabise iiyantlukwane zabo (bona Mateyu 9:10) waze wabona izimo ezinokuba zizo (bona Yohane 17:23). Wayenceda wonke umntu, nangona wayeyiNkosi kawonke wonke, esithi akazanga kulungiselelwa kodwa uze kulungiselela (bona Marko 10:42–45).

Yintoni ozokuyenza ukuze wakhe ubudlelwane obomeleleyo nabo ubizelwe ukuba ubancede?

Izikhumbuzo

  1. Sharon Eubank, in “Humanitarian Acts Must Be Rooted in Relationship, Sharon Eubank Says,” mormonnewsroom.org.

  2. Bona “Ministering Principles: Reach Out in Compassion,” Liyahona, EyeKhala 2018, 6–9.

  3. Dieter F. Uchtdorf, “Of Things That Matter Most,” Liyahona, EyeNkanga 2010, 22.

  4. Bona Dieter F. Uchtdorf, “Of Things That Matter Most,” 22.

  5. Bona Ezra Taft Benson, “To the Home Teachers of the Church,” Ensign, UCanzibe 1987, 50.

  6. See Charles A. Wilkinson and Lauren H. Grill, “Expressing Affection: A Vocabulary of Loving Messages,” in Making Connections: Readings in Relational Communication, ed. Kathleen M. Galvin, 5th ed. (2011), 164–73.

  7. Richard G. Scott, “The Eternal Blessings of Marriage,” Liahona, UCanzibe 2011, 96.

  8. Bona “Ministering Principles: Five Things Good Listeners Do,” Liyahona, EyeSilimela 2018, 6–9.

  9. Dieter F. Uchtdorf, “Four Titles,” Liyahona, UCanzibe 2013, 59.

  10. Thomas S. Monson, “See Others as They May Become,” Liyahona, EyeNkanga 2012, 69.

  11. Bona Terence R. Mitchell and Denise Daniels, “Motivation,” in Handbook of Psychology, vol. 12, ed. Walter C. Borman and others (2003), 229.

  12. Bona Edward J. Lawler, Rebecca Ford, and Michael D. Large, “Unilateral Initiatives as a Conflict Resolution Strategy,” Social Psychology Quarterly, vol. 62, no. 3 (Sept. 1999), 240–56.