2018
Ingcebiso Ngeemfuno Zabo
EyoMsintsi 2018


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyoMsintsi 2018

Ingcebiso Ngeemfuno Zabo

Awunyanzelekanga ukwenze wedwa oku. Ingcebiso ingakuzisela uncedo oludingayo ekuncedeni abanye.

UThixo ukumemele ukuba ulungiselele umntu okanye usapho kwisebe lakho ngokweemfuno zabo. Ingaba ufumanisa kanjani ukuba zintoni ezoo mfuno? Umgaqo wokucebisa, othe wabayingqalelo eBandleni, ungundoqo.

Emveni kokuxoxa malunga nento ingcebiso engaba ngayo: siyakuphanda.

  1. Ukucebisana noBawo Osezulwini.

  2. Ukucebisana nomntu kunye nosapho othunywe kulo.

  3. Ukucebisana neqabane lethu.

  4. Kwakunye nokucebisana nabanye ababekelwe kwalomntu okanye kwa olusapho olunye.

Ukucebisana neenkokheli zethu kubalulekile nako. Inqaku lexa elizayo leMigaqo Yokulungiselela kwiLiyahona liyakuphonononga ingcebiso kunye neenkokheli kwakunye nendima yodliwanondlebe lokulungiselela kuloo nkqubo.

Into Esicebisana Ngayo

Ukuqondisisa ngeemfuno kubalulekile ekulungiselaneni komnye nomnye. Kodwa zeziphi iintlobo ezithi ezo mfuno zizithathe, kwaye ingaba kukho nto ithile engaphaya kweemfuno ekumele ukuba siyifumanisise?

Iimfuno zingaza ngeentlobo ezininzi. Abo Highlighted words should read: sibalungiselelayo bangajongana nemicelingeni yasemphefumlweni, yezezimali, yasenyameni, yemfundo, kwakunye nokuninzi. Ezinye iimfuno zihamba phambili kunezinye. Ezinye siyakuxhotyiswa ngokuba sikwazi ukunceda, ezinye zingafuna ukuba sicele uncedo thina buqu. Kwiinzame zethu zokunceda ukuba sihlangabezane neemfuno zexeshana, ungalibali ukuba ubizo lwethu lokulungiselela luquka ukunceda nabanye ukuba baqhubele phambili endleleni yomnqophiso, balungiselele kwaye bafumane imimiselo yobubingeleli ebalulekele ubomi banaphakade noBawo Osezulwini.

Ngaphezulu kwengcebiswano ngemfuno zomntu okanye usapho, kumele ukuba sifunde amandla wabo. Yintoni abangadingi ncedo ngayo? Zizakhono kunye naziphiwo zini abanazo ezingasikelela abanye? Ingaba bakulungele ngokukhethekileyo kanjani ukunceda ukuba ekwakheni ubukumkani bukaThixo? Amandla omntu angabaluleka ngendlela efana neemfuno zakhe.

Ukucebisana noBawo Osezulwini

Omnye wemigaqo ohamba phambili wokholo lwethu ngowokuba uBawo Osezulwini uyathetha nabantwana baKhe (bona Articles of Faith 1:9). Xa sifumana utyumbo olutsha lokulungiselela komnye, kumele sicebisane noBawo Osezulwini ngomthandazo, sifune ingqiqo kunye nokuqondisisa kwiimfuno zabo kunye namandla abo. Loo nkqubo yokucebisana ngomthandazo kufuneka iqhubeke kutyumbo lwethu lonke lokulungiselela.

Ukucebisana Nabantu kunye Neentsapho

Indlela kunye nexesha esithi siqwalaselane ngayo nabantu kwakunye nabantu esibizelwe ukuba sibancede ingahlukana ngokuxhomekeka kwiimeko, kodwa ukucebisana ngqo nomntu okanye usapho kubalulekile ekwakheni ubudlelwane kunye nokuqonda iimfuno zabo, kuquka nokuba bafuna ukuncedwa kanjani. Eminye imibuzo kungadingeka ukuba ilinde bude ubudlelwane obunentsingiselo buphuhle. Nangona kungekho ndlela inye elungileyo yokwenza oko, cingisisa ngoku kulandelayo:

  • Fumanisa ukuba bangathanda kuqhagamshelwane kanjani kwaye nini.

  • Funda malunga nemidla yabo kwakunye neemvelaphi zabo.

  • Yiza neengcebiso zokuba unganceda kanjani, kwaye ucele iingcebiso zabo.

Njengoko sisakha ukuthembana, cingisisa ngokuxoxa ngeemfuno zomntu okanye zosapho. Buza imibuzo njengoko usetyezelwa nguMoya Oyingcwele. 1 Ngokomzekelo:

  • Yeyiphi imicelingeni abajongene nayo?

  • Zithini iimbono zosapho lwabo okanye zomntu? Ngokomzekelo, ingaba bafuna ukubangcono ekubambeni urhatya lwekhaya losapho rhoqo, okanye bakholosele kwiziqu zabo ngakumbi?

  • Singabanceda kanjani ngeembono zabo kwakunye nemicelingeni yabo?

  • Yeyiphi imimiselo yevangeli elandelayo ebomini babo? Singabanceda kanjani ukuba bazilungiselele?

Khumbula ukunikela ngoncedo oluthe ngqo, olufana, noku, “Bobuphi ubusuku esingazisa ngabo isidlo kule veki?” Umnikelo omfiliba, ofana, noku “Sazise ukuba kunento ethile ongathanda ukuba siyenze,” awuncedi kakhulu.

Ukucebisana Namaqabane Wethu

Ngenxa yokuba wena kunye neqabane lakho kunokwenzeka ukuba ningahlali nikunye xa uhlangana nomntu okanye nosapho, kubalulekile ukuba nisebenzisane kwaye nicebisane kunye njengoko nifuna impembelelo njengobuqabane. Nantsi eminye imibuzo ongayicingisisa:

  • Ingaba ningaqhagamshelana kanjani kwaye kangaphi njengamaqabane?

  • Omnye nomnye kuni angasebenzisa kanjani amandla akhe buqu ekulungiseleleni umntu okanye usapho?

  • Zinto ziphi othe wazifunda, mava waphi othe wabanawo, kwaye zeziphi izimvo othe wazifumana ukusukela kwixesha lokugqibela enathi nathetha ngalo malunga nomntu okanye nosapho?

Ukucebisana Nabanye Abatyunjiweyo

Kungalunga ukuba uthethisane ekuhambeni kwexesha nabanye abathe babekwa ukuba balungiselele kumntu omnye okanye usapho olunye othe nawe wabekwa kulo.

Qhagamshelanani Ekusombululeni Imicelingeni

Umdala Chi Hong (Sam) Wong wabaMashumi Asixhenxe usebenzisa umbhalo ophuma kuMarko 2 kumhla wethu ukubonakalisa ukuba ukucebisana kunye kwabenza kanjani abantu abane bacinge ngokuvumela indoda enedumbe ukuba ibekubukho bukaYesu.

“Kungenzeka ngoluhlobo,” watsho uMdala Wong. “Abantu abane babezalisekisa umsebenzi owawuphuma kubhishopu wabo wokundwendwela, indoda eyayigula inedumbe, ekhayeni layo. … Kwibhunga lesebe lakamva nje, emveni kokucebisana kunye ngeemfuno zesebe, ubhishopu waye wakhupha imisebenzi ՙyohlangulo՚. Aba bane baye babekelwa ukuba bancede le ndoda. …

[Bathi bakufika kwisakhiwo apho uYesu wayekhona,] igumbi lalizele ligquba labantu. Babengakwazi ukungena ngomnyango. Ndiqinisekile ukuba bazama yonke into ababeyicinga, kodwa zange bakwazi ukungena. … Baye bacebisana ndawonye ngento elandelayo ababezakuyenza- ukuba babezakuyizisa kanjani le ndoda kuYesu Krestu ukuze ifumane ukuphiliswa. Baye beza necebo- elalingekho lula, kodwa balisebenzisa.

“… Banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe’ (Marko 2:4). …

“… ‘Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho’ (Marko 2:5).”2

Isimemo Sokwenza Intshukumo

Umdala Dieter F. Uchtdorf weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini wakhuthaza, “ Cebisanani ndawonye, sebenzisani zonke izixhobo ezikhoyo , funani impembelelo yoMoya Oyingcwele, celani isiqinisekiso seNkosi, kwaye ninyuse imikhono niye emsebenzini.

“Ndininika isithembiso: ukuba niyakulandela le ndlela, niyakufumana isikhokelo esithe ngqo ngokubhekisele kubani, intoni, nini, kwakunye naphi na sokuba nibonelele ngendlela yeNkosi .”3

Izikhumbuzo

  1. Bona Preach My Gospel: A Guide to Missionary Service (2004), 183.

  2. Chi Hong (Sam) Wong, “Rescue in Unity,” Liyahona, EyeNkanga 2014, 14–15.

  3. Dieter F. Uchtdorf, “Providing in the Lord’s Way,” Liyahona, EyeNkanga 2011, 55.