Izibhalo
2 Nifayi 2


Isahluko 2

Inkululeko iza ngoMesiya oNgcwele—Inkululeko yokuzikhethela (ukuzikhethela) ibalulekile kubukho nakuqhubekeko—UAdam wawa ukuze abantu babekho—Abantu bakhululekile ukukhetha inkululeko nobomi obungunaphakade. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye ngoku, Yakobi, ndithetha nawe: aUlizibulo lam ngemihla yenkxwaleko yam entlango. Kwaye qaphela, ebuntwaneni bakho uhlutshwe ziimbandezelo nosizi olukhulu, ngenxa yobukrwada babantakwenu.

2 Nangona kunjalo, Yakobi, zibulo lam entlango, uyabazi ubungangamsha bukaThixo; kwaye uya kuzingcwalisa iimbandezelo zakho ukuze zibe yinzuzo kuwe.

3 Ngako oko, umphefumlo wakho uya kusikeleleka, kwaye uya kuhlala ukhuselekile kunye nomkhuluwa wakho, uNifayi; kwaye imihla yakho uya kuyichithela ekukhonzeni uThixo wakho. Ngako oko, ndiyazi ukuba ukhululwe, ngenxa yobulungisa boMkhululi wakho; kuba ubonile ukuba ekuzalisekeni kwexesha uya kuza azise usindiso ebantwini.

4 Kwaye aulubonile uzuko lwakhe ebutsheni bakho; ngako oko, usikelelekile kwanjengabo abo aya kuthi akhonze kubo esenyameni; kuba uMoya ukwanguwo, izolo, namhla, nangonaphakade. Kwaye indlela ilungisiwe ukususela ekuweni komntu, kwaye usindiso baluhlawulelwa.

5 Kwaye abantu bafundisiwe ngokwaneleyo ukuba abakwazi okulungileyo kokubi. Kwaye umthetho unikiwe kubantu. Kwaye ngokomthetho akukho nyama iya bkulungiselelwa; okanye, ngokomthetho abantu cbasikelwe ngaphandle. Ewe, ngokomthetho wenyama basikelwa ngaphandle; kananjalo, ngokomthetho womoya bayatshabalala kuko okulungileyo, kwaye babelusizi ngonaphakade.

6 Ngako oko, ainkululeko iza kwaye ikho ngaye buMesiya oNgcwele; kuba uzele clubabalo nenyaniso.

7 Qaphela, uzinikela ukuba abe alidini lesono, ukuphendula iimfuno zomthetho, kubo bonke abanentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo; kwaye akukho nawuphi ongomnye onako ukuphendula biimfuno zomthetho.

8 Ngako oko, kubaluleke kakhulu kangakanani ukwenza ezi zinto zaziswe kubemi bomhlaba, ukuze bazi ukuba ayikho inyama enako ukuhlala ebusweni bukaThixo, angaphandle kokuba kube kungalowo ukufaneleyo, kwaye unenceba, nobabalo lukaMesiya oNgcwele, obeka phantsi ubomi bakhe ngokwasenyameni, kwaye ayithabathe kwakhona ngamandla oMoya, ukuze kubekho buvuko lwabafileyo, abe engowokuqala oya kuthi avuke.

9 Ngako oko, uziziqhamo zokuqala kuye uThixo, kangangokuba uya kwenza auxolelwaniso lwabo bonke abantwana babantu; kwaye bonke abakholwayo kuye baya kusindiswa.

10 Kwaye ngenxa ayoxolelwaniso lwabo bonke, bonke ubantu beza kuThixo; ngako oko, bayema kubukho bakhe, baze bbagwetywe nguye ngokwenyaniso cnobungcwele obukuye. Ngako oko, iimfuno zomthetho athe oNgcwele wazinikela, ukuze kuwiswe isohlwayo eso esimiselweyo, isohlwayo eso simiselweyo siphikisana nolo lonwabo lumiselweyo, ukuphendula iimfuno dzentlawulelo

11 Kuba kuyimfuneko, ukuba kubekho ainkcaso kuzo zonke izinto. Ukuba akunjalo, zibulo lam lasentlango, ubulungisa abunako ukwenzeka, nankohlakalo, nabungcwele nalusizi, nakulunga nakungalungi. Ngako oko, zonke izinto kuyimfuneko ukuba zibe yimbumba entweni enye; ngako oko, ukuba kumele ibe ngumzimba omnye kuyimfuneko ukuba uhlale ufile, ungenabomi nakufa, nakonakala nakungonakali, nalonwabo nalusizi, naluvo nakungavakalelwa.

12 Ngako oko, kuya kufuneka ukuba ibe idalelwe into engento; ngako oko bekungayi kubakho njongo anasizathu ekudalweni kwayo. Ngako oko, oko bekuya kufuneka kubutshabalalise ubulumko bukaThixo neenjongo zakhe zanaphakade, kananjalo namandla nenceba, bnobulungisa bukaThixo.

13 Kwaye ukuba niya kuthi aakukho mthetho, niya kuthi kanjalo akukho sono. Ukuba niya kuthi akukho sono, niya kuthi kanjalo akukho bulungisa. Kwaye ukuba akuyi kubakho bulungisa akuyi kubakho lonwabo. Kwaye ukuba akuyi kubakho bulungisa nalonwabo akuyi kubakho sohlwayo nalusizi. Kwaye ukuba ezi zinto azikho bakukho Thixo. Kwaye ukuba akukho Thixo nathi asikho namhlaba; kuba bekungayi kubakho kudalwa kwazinto, nazinto zakwenza nakwenziwa; ngako oko, zonke izinto beziya kuba ziya ziphela zingabikho.

14 Kwaye ngoku, boonyana bam, ndizithetha ezi zinto kuni ukuze nincedeke kwaye nifunde; kuba ukhona uThixo, kwaye audale zonke izinto, kunye amazulu nomhlaba, nazo zonke izinto ezikuzo, kunye izinto zokwenza nezinto bzokwenziwa.

15 Kwaye ukuze afezekise aiinjongo zakhe zanaphakade zokulungelwa koluntu, emva kokuba edale abazali bethu bokuqala, kwaye nezilo zasendle neentaka zezulu, kwaye lilonke, zonke izinto ezidaliweyo, kwakuyimfuneko ukuba kubekho inkcaso; kwanaso bisiqhamo cesalelweyo ngokuchasene dnomthi wobomi; esinye sasimnandi esinye sikrakra.

16 Ngako oko, iNkosi uThixo yanika umntu ukuba aakwazi ukuzenzela. Ngako oko, umntu ebengenako ukuzenzela ngaphandle kokuba bulukuhliwe yenye okanye yenye.

17 Kwaye mna, Lihayi, ngokwezinto endizifundileyo, kuyimfuneko ukuba ndicinge ukuba aingelosi kaThixo, ngokwezinto ezibhaliweyo, byawa isuka ezulwini; ngako oko, yaba ngumtyholi, ekubeni efune oko kwakukubi phambi koThixo.

18 Kwaye ngenxa yokuba wawa esuka ezulwini, waza walusizi ngonaphakade, waye awafuna ukuba lonke uluntu lube lusizi. Ngako oko, wathi bkuEva, ewe, nayo loo nyoka yakudala, engumtyholi, enguyise wabo bonke cubuxoki, ngako oko wathi: Thabatha utye kwisiqhamo esalelweyo, kwaye akusayi kufa, kodwa uya kuba njengoThixo, dwazi okulungileyo nokubi.

19 Kwaye emva kokuba uAdam noEva abethabathile batya kwisiqhamo esalelweyo bakhutshelwa ngaphandle komyezo bwe-Eden, ukuze balime umhlaba.

20 Kwaye bazala abantwana; ewe, kwanayo aintsapho yomhlaba uphela.

21 Kwaye imihla yabantwana ababantu yolulwa, ngokwentando kaThixo, ukuze babe bnokuguquka ngelixa besesenyameni; ngako oko, imo yabo yaba yimo cyobulingwa, nobomi babo bandiswa, ngokwemiyalelo iNkosi uThixo awabanikayo abantwana babantu. Kuba wanika umyalelo wokuba bonke abantu mabaguquke; kuba wababonakalisa bonke abantu ukuba dbabelahlekile, ngenxa yokona kwabazali babo.

22 Kwaye ngoku, qaphelani, ukuba uAdam wayengathanga wona ngewayengawanga, kodwa ngewayehleli emyezweni we-Eden. Kwaye zonke izinto ezazidaliwe zaziya kuhlala kwakulo mo ezazikuyo emva kokuba zidaliwe; kwaye zaziya kuhlala ngonaphakade, kwaye zingabi nasiphelo.

23 Kwaye babengayi kufumana abantwana, ngako oko babeya kuhlala kwimo yobunyulu, bengena kuvuya, kuba babengazi lusizi; bengenzi kulunga, kuba babengazi sono.

24 Kodwa qaphelani, zonke izinto zenziwe ngobulumko balowo awazi zonke izinto.

25 aUAdam bwawa ukuze abantu babekho, kwaye abantu cbakho, ukuze bafumane duvuyo.

26 Kwaye auMesiya uya kuza ekuzalisekeni kwexesha, ukuze abe bnokukhulula abantwana babantu ekuweni. Kwaye ngenxa yokuba bekhululwe ekuweni cbangabakhululekileyo ngonaphakade, bekwazi okulungileyo kokubi; ukuze bazenzele kwaye bangenzelwa, ngaphandle kokuba kungesohlwayo dsomthetho ngomhla omkhulu nomhla wokugqibela, ngokwemiyalelo athe uThixo wayinika.

27 Ngako oko, abantu abakhululekile ngokwasenyameni; kwaye zonke izinto bazinikiwe eziluncedo ebantwini. Kwaye bakhululekile bukukhetha inkululeko cnobomi obungunaphakade, ngoMthetheleli omkhulu wabantu bephela, okanye ukukhetha ukuthinjwa nokufa, ngokokuthinjwa namandla omtyholi; kuba ufuna ukuba bonke abantu babe nokuba lusizi njengaye.

28 Kwaye ngoku, boonyana bam, ndinga ningakhangela kulo aMthetheleli mkhulu, kwaye niphulaphule imiyalelo yakhe emikhulu; kwaye ninyaniseke kuwo amazwi akhe, kwaye nikhethe ubomi obungunaphakade, ngokwentando yoMoya wakhe oyiNgcwele;

29 Kwaye ningakhethi ukufa kwanaphakade, ngokwentando yenyama nobubi obukuyo, ethi inike umoya womtyholi amandla aokuthimba, ukukuthobela ezantsi besihogweni, ukuze akulawule kobakhe ubukumkani.

30 Ndithethe la mazwi ambalwa kuni nonke, boonyana bam, ngemihla yokugqibela yokulingwa kwam; kwaye ndikhethe inxenye elungileyo, ngokwamazwi omprofeti. Kwaye andinayo enye injongo ngaphandle kwempilontle yanaphakade yemiphefumlo yenu. Amen.