Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 78


Icandelo 78

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Matshi 1, 1832. Ngaloo mini uMprofeti nezinye iinkokeli bathi bahlangana ekubeni baxoxe umcimbi weBandla. Esi sityhilelo siqale sayalela uMprofeti, uSidney Rigdon, noNewel K. Whitney ukuba baye eMissouri baze balungiselele urhwebo lweBandla nemizamo yopapasho ngokudala “ifemi” eya kuthi yongamele ezi nzame, zenze ingxowa-mali yokumiswa kweZiyon nokunceda amahlwempu. Le femi yaziwa njenge iFemi eManyeneyo, yasekwa ngoAprili 1832 yaza yachithwa ngowe-1834 (bona icandelo 82). Ngexesha elithile emva kokuchithakala kwayo phantsi kolawulo lukaJoseph Smith, umhlathi “imicimbi kavimba wamahlwempu” uthathe indawo “ukumiswa korhwebo nopapasho” kwisityhilelo, negama “uhlobo” lithathe indawo yegama “ifemi.”

1–4, AbaNgcwele bamele ukwakha nokuseka uvimba; 5–12, Usetyenziso ngobulumko lweepropathi zabo luya kukhokelela elusindisweni; 13–14, IBandla limele ukuzimela emagunyeni omhlaba; 15–16, UMikayeli (UAdam) usebenza phantsi kolawulo loKuphela koNgcwele (uKrestu); 17–22, Banoyolo abathembekileyo, kuba baya kuba nelifa lezinto zonke.

1 INkosi yathetha kuJoseph Smith, Omnci., isithi: Phulaphulani kum, itsho iNkosi uThixo wakho, abo bamiselwe akububingeleli obukhulu bebandla lam, abazihlanganisele kunye;

2 Kwaye mamela akwingcebiso yalowo bukumiseleyo evela phezulu, oya kuthetha ezindlebeni zakho amazwi obulumko, ukuze usindiso lube kuwe kuloo nto uyizise phambi kwam, itsho iNkosi uThixo.

3 Kuba inene ndithi kuni, ixesha lifikile, kwaye ngoku likufuphi; kwaye qaphelani, kwaye yabonani, kuyimfuneko ukuba kubekho aumanyano lwabantu bam, ekulawuleni nasekusekeni imiba bkavimba cwabahluphekileyo babantu bam, kunye kule ndawo nakumhlaba dweZiyon

4 Kusenzelwa isiseko esisisigxina nesanaphakade nocwangco ebandleni lam, ukuqhubela phambili injongo, eniyixhasileyo, ekusindisweni komntu, nasebuqaqawulini bukaYihlo osezulwini;

5 Ukuze nibe anokulingana kumakhamandela ezinto zezulu, ewe, kanjalo nezinto zomhlaba, ukuze nifumane izinto zezulu.

6 Ukuba ke anilingani kwizinto zomhlaba aninako ukulingana ekuzuzeni izinto zezulu;

7 Ukuba ke ninga ndinganinika indawo kwihlabathi aleselestiyali, nimele bukulungiselela iziqu zenu cngokwenza izinto endiyalele zona nendizifunayo kuni.

8 Kwaye ngoku, inene itsho njalo iNkosi, kufanelekile okokuba zonke izinto zenzelwe aebuqaqawulini bam, nini abo badityaniswe kunye kulo bmyalelo;

9 Okanye, ngamanye amazwi, vumelani isicaka sam uNewel K. Whitney nesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., nesicaka sam uSidney Rigdon bahlale equmrhwini kunye nabangcwele abaseZiyon;

10 Ngenye indlela auSathana ufuna ukujikela iintliziyo zabo kude enyanisweni, ukuze babe nokumfameka kwaye bangaziqondi izinto ezilungiselwe bona.

11 Ngako oko, ndininika umyalelo, ukulungisa nokwakha iziqu zenu ngekhamandela okanye aumnqophiso ongunaphakade ongenako ukophulwa.

12 Kwaye lowo uwaphulayo uya kuphulukana neofisi yakhe nokuma ebandleni, kwaye uya kuhlangulwa phezu akweentlitheko zikaSathana kude kube ngumhla wokukhululwa.

13 Qaphelani, olu lulungiselelo endinilungisayo ngalo, nesiseko, nomzekelo endininika wona, ngawo nibe nokufezekisa imiyalelo endininikileyo;

14 Ukuze ngesibonelelo sam, nangona ainkxwaleko eya kuhla phezu kwenu, ukuze ibandla libe nokuzimela ngaphezu kwazo zonke izidalwa ngaphantsi kwehlabathi leselestiyali;

15 Ukuze nibe nokuza phezulu akwisithsaba esilungiselelwe nina, nize nenziwe babalawuli phezu kwezikumkani ezininzi, itsho iNkosi uThixo, oNgcwele weZiyon, oseke iziseko czika-Adam-ondi-Ahman;

16 Owonyule auMikayeli inkosana lenu, kwaye waseka iinyawo zakhe, waza wambeka phezulu, waza wamnika izitshixo zosindiso phantsi kwengcebiso nolawulo loKuphela koNgcwele, ongenasiqalo semihla okanye isiphelo sobomi.

17 Inene, inene, ndithi kuni, ningabantwana abancinane, kwaye anikathi niqonde ukuba zinkulu kangakanani na iintsikelelo uBawo anazo ezandleni ezizezakhe kwaye ezilungiselelwe nina;

18 Kwaye aninako aukuthwala zonke izinto ngoku; nangona kunjalo, yomelelani, kuba ndiya bkunikhokela. Ubukumkani bobenu neentsikelelo zabo zezenu, nobutyebi cbanaphakade bobenu.

19 Kwaye lowo wamkela zonke izinto angombulelo uya kwenziwa azuke; kwaye izinto zomhlaba ziya kongezelelwa kuye, nkqu bkalikhulu, ewe, nangakumbi.

20 Ngako oko, yenzani izinto endiniyalele zona, utsho uMkhululi wenu, nkqu uNyana auAhman, olungiselela zonke izinto phambi bkokunithabatha;

21 Kuba anilibandla lamaZibulo, kwaye uya bkunixwilela elifini, aze onyulele wonke umntu esakhe isabelo.

22 Kwaye lowo uthembekileyo anoligosa belilumkileyo uya kudla ilifa czonke izinto. Amen.