Uncedo lweZifundo
INtshayelelo


Okukhethiweyo kuGuqulelo lukaJoseph Smith lweBhayibhile

Okulandelayo ziziqephu zoGuqulelo lukaJoseph Smith zeBhayibhile lweNgxelo kaKing James (GJS). INkosi yaphembelela uMprofeti uJoseph Smith abuyisele iinyaniso zezicatshulwa zeBhayibhile kaKing James ezazithe zaba nokulahleka okanye zatshintshwa ukususela kumazwi okuqala abhalwayo. Ezi nyaniso zibuyiselweyo zicacisa imfundiso kwaye ziphucule ukuqondakala kwesibhalo.

Ngokuba iNkosi yatyhila kuJoseph iinyaniso ezithile ababhali bokuqala ababethe ngelinye ixesha bazibhala, uGuqulelo lukaJoseph Smith alufani nalo naluphina uguqulelo lweBhayibhile ehlabathini. Ngale ndlela, igama uguqulelo lusetyenziswa ngendlela ebanzi neyahlukileyo kunale yesiqhelo, kuba uguqulelo lukaJoseph lwalusisityhilelo ngakumbi kunoguqulelo olunjengoko lunjalo ukusuka kolunye ulwimi kuye kolunye.

Uguqulelo lukaJoseph Smith lweBhayibhile kaKing James lunoqhagamishelwano kunye okanye lukha nkanyiwe kumacandelo aliqela eMfundiso neMinqophiso (bona kumacandelo 37, 45, 73, 76, 77, 86, 91, ne 132). Kanjalo, incwadi kaMoses noJoseph Smith—UMateyu zizicatshulwa ezivela kuGuqulelo lukaJoseph Smith.

Ulwazi oluthe vetshe ngoGuqulelo lukaJoseph Smith, bona “uGuqulelo lukaJoseph Smith (GJS)” kwiSikhokelo kwiZibhalo.

Umzekeliso olandelayo ubonisa umzekelo okhethwe KuGuqulelo lukaJoseph Smith:

Umfanekiso
umzekelo

GJS, UMateyu 4:1, 5–6, 8–9. Thelekisa noMateyu 4:1, 5–6, 8–9; iinguqu ezifanayo zenziwa kuLuka 4:2, 5–11

UYesu unyuswa nguMoya, ingenguye uSathana.

1 Ngoko uYesu wanyuswa nguMoya, entlango ukuze abe kunye noThixo.

5 Ngoko ke uYesu wathatyathelwa phezulu kumzi ongcwele, waze uMoya wammisa eluchochoyini lwetempile.

6 Ngoko ke umtyholi weza kuye waza wathi, Ukuba unguNyana kaThixo, ziphosele ezantsi, kuba kubhaliwe kwathiwa, uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, kwaye ezandleni zazo ziya kufukulela phezulu, hleze nangaliphi ixesha uya kubetheka ngonyawo lwakho elityeni.

8 Kwaye kwakhona, uYesu wayekuMoya, kwaye umthabathe wamsa entabeni ephakame ngokugqithileyo, uye wambonisa zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo.

9 Kwaye umtyholi weza kuye kwakhona, kwaye wathi, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi waza waqubuda kum.

Esi salathiso esikuhlobo olungqindilili sisicatshulwa esikuguqulelo lukaJoseph Smith seBhayibhile ka King James. Ngokuba uguqulelo lwakhe lwabuyisela amazwi kwisiqendwana seBhayibhile, iinombolo zeevesi zingaba nokwahluka kuhlelo olusebenzisayo.

Esi salathiso esalathisa kwenye indawo sibonisa isicatshulwa eBhayibhileni yakho emawusithelekise noguqulelo lukaJoseph Smith.

Le ngxelo ichaza ukuba yeyiphi imfundiso uJoseph Smith awayicacisayo ngoguqulelo lwakhe.

Esi sisiqendwana njengoko uJoseph Smith wasiguqulela. (Oonobumba abakekeleyo bahlonyelwe ukubonisa ukungafani kwendlela ekubhalwe ngayo kaKing James.)