Izibhalo
UJoseph Smith—UMateyu 1


UJoseph Smith—UMateyu

Isicatshulwa esivela kuguqulelo lweBhayibhile njengoko sityhilwe kuJoseph Smith uMprofeti ngowe-1831: UMateyu 23:39 nesahluko 24.

Isahluko 1

UYesu uxela kwangaphambili intshabalalo yeYerusalem ekufuphi—Kanjalo uthetha ngokuBuya kweSibini koNyana woMntu, nokutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyo.

1 Kuba ndithi kuni, aniyi kuba sandibona emveni koku nize nazi ukuba ndingulowo ekubhalwe ngaye ngabaprofeti, nide nibe niya kuthi: Makabongwe lowo auzayo egameni leNkosi, emafini asemazulwini, neengelosi zonke ezingcwele kunye naye. Ngoko baqonda abafundi bakhe okokuba umele ukuza kwakhona emhlabeni, emva koko wazukiswa waza wathweswa ekunene bkukaThixo.

2 Ephumile uYesu, waye wemka itempileni; bathe abafundi bakhe beza kuye, ukuze bamve, besithi: Mongameli, sibonise ngokunxulumene nezakhiwo zetempile, njengoko wena watshoyo—Ziya kuphoselwa phantsi, zize zishiywe kuni zize.

3 Wathi ke uYesu kubo: Aniziboni na zonke ezi zinto, kwaye aniziqondi na? Inene ndithi kuni, akusayi kusala apha, ailitye phezu kwelinye, phezu kwale tempile, elingayi kuchithwa.

4 Kwaye uYesu wabashiya, waye waya aeNtabeni yeMinquma. Akuba ehleli phezu kweNtaba yeMinquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi: Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezi zinto wena uzithethileyo ngokokutshatyalaliswa kwetempile, namaYuda; kwaye uyini na bumqondiso cwokufika kwakho, dnowokupheliswa kwehlabathi, okanye ukutshatyalaliswa ekwabakhohlakeleyo, okusisiphelo sehlabathi?

5 Waphendula ke uYesu, waza wathi kubo: Lumkani ningalahlekiswa mntu;

6 Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi—banguKrestu—baze balahlekise into eninzi;

7 Ngoko ke baya kunikhululela ekubeni anibandezeleke, yaye baya kunibulala, kwaye niya bkuthiwa zizo zonke izizwe, ngenxa yegama lam;

8 Kwaye ngoko abaninzi baya kukhutyekiswa, kwaye baya kungcatshana, kwaye baya kucaphukelana;

9 Kwaye abaprofeti abaninzi baya kunyuka, kwaye baya kukhohlisa abaninzi;

10 Kwaye ngenxa yokuba ubugwenxa buya kuba buninzi, authando lwabaninzi luya kuba nokugodola;

11 Kodwa lowo usala ezinzile aze angoyiswa, onjalo uya kusindiswa.

12 Xa nina, ke ngoko, niya kubona aisikizi lesiphanziso, ekuthethwe ngalo bnguDaniyeli umprofeti, ngokunxulumene nentshabalalo cyeYerusalem, ngoko niya kuma dendaweni engcwele; lowo ofundayo makaqiqe.

13 Ngoko abo bakwaYuda mabasabele aezintabeni;

14 Lowo uphezu kwendlu makasabe, aze angabuyeli aye kuthabatha nantoni na endlwini yakhe;

15 Nosentsimi makangabuyeli umva aye kuthabatha iingubo zakhe;

16 Yeha ke akwabamithiyo, nakubo abanyisayo ngaloo mihla;

17 Ke ngoko, thandazani eNkosini ukuze intsabo yenu ingabikho ebusika, ingabi nangomhla weSabatha;

18 Kuba ngoko, ngaloo mihla, kuya kubakho imbandezelo enkulu akumaYuda, naphezu kwabemi bbaseYerusalem, engazange enjalo yathunyelwa ngaphambili phezu koSirayeli, kaThixo, ukususela ekuqalekeni kobukumkani babo kude kube leli xesha; hayi, neya kubuye ithunyelwe kwakhona phezu koSirayeli.

19 Zonke izinto ezibahleleyo zisisiqalo kuphela seentsizi eziya kuza phezu kwabo.

20 Kwaye ngaphandle kokuba loo mihla iya kunqanyulwa, akuyi kubakho nanye inyama yabo eya kusindiswa; kodwa ngenxa yabanyuliweyo, ngokomnqophiso, loo mihla iya kunqanyulwa.

21 Qaphelani, ndithethe ezi zinto kuni ngokunxulumene namaYuda; kwaye kwakhona, emva kwembandezelo yaloo mihla eya kuza phezu kweYerusalem xa nawuphina umntu eya kuthi kuni, Yabona, uKrestu ulapha, okanye phaya, sanukumkholelwa;

22 Kuba ngaloo mihla kuya kuvela kanjalo ooKrestu ababubuxoki, nabaprofeti ababubuxoki, kwaye baya kubonisa imiqondiso emikhulu nemimangaliso, ngokokude, ukuba, bekunokwenzeka, baya kukhohlisa kanye abanyuliweyo, abo banyuliweyo ngokomnqophiso.

23 Qaphelani, ndithetha ezi zinto kuni ngenxa ayabanyuliweyo; kwaye niya kuva kanjalo biimfazwe, namarhe eemfazwe; bonani ukuba anikhathazeki, kuba konke endinixelele kona kumele ukwenzeka; kodwa isiphelo asikafiki.

24 Qaphelani, ndinixelele ngaphambili;

25 Ngako oko, ukuba baya kuthi kuni: Qaphelani, usentlango; ningayi phambili: Qaphelani, usemagumbini angasese; ningakukholelwa;

26 Kuba njengoko ukukhanya kwentsasa kusiza kuphuma aempumalanga, kuze kukhanye nkqu ukuya entshonalanga, kuze kugubungele wonke umhlaba, ke kuya kuba kanjalo ukuza koNyana woMntu.

27 Kwaye ngoku ndinibonisa umzekelo. Qaphelani, apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga; ke kungokunjalo abanyulwa bam baya akuhlanganisana ukusuka kwiimbombo zone zomhlaba.

28 Kwaye baya kuva iimfazwe, namarhe eemfazwe.

29 Qaphelani ndithetha ngenxa yabanyulwa bam; kuba isizwe siya kuvukela ngokuchasene nesizwe, nobukumkani ngokuchasene nobukumkane; kuya kubakho aiindlala, noobhubhane, neenyikima, kwiindawo ezahlukeneyo.

30 Kwaye kwakhona, ngenxa yokuba ubugwenxa buya kuba buninzi, uthando lwabaninzi luya kuba nokugodolo; kodwa lowo ungayi koyiswa, onjalo uya kusindiswa.

31 Kwaye kwakhona, le Vangeli yoBukumkani iya kushunyayelwa kulo lonke aihlabathi, ngenxa yobungqina kuzo zonke izizwe, kwaye ngoko kuya kufika isiphelo, okanye intshabalalo yabakhohlakeleyo;

32 Kwaye kwakhona liya kuzalisekiswa, isikizi lesiphanziso, athethe ngalo uDaniyeli umprofeti.

33 Kwaye kamsinya emva kwembandezelo yaloo mihla, ailanga liya kuba mnyama, nenyanga ayisayi kunika ukukhanya kwayo, neenkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, namandla ezulu aya kuzanyazanyiswa.

34 Inene, ndithi kuni, esi sizukulwana, ezi zinto ziya kuboniswa ngaphambili kuso, asiyi kudlula kude kube konke endinixelele kona kuya kuzaliseka.

35 Nangona, imihla iya kufika, izulu nomhlaba ziya kudlula; ibe aamazwi am angayi kudlula, kodwa onke aya kuzalisekiswa.

36 Kwaye, njengoko ndatshoyo ngaphambili, emva akwembandezelo yaloo mihla, namandla amazulu aya kuzanyazanyiswa, ngoko kuya kubonakala umqondiso woNyana woMntu ezulwini, kwaye ngoko zonke izizwe zomhlaba ziya kuzila; kwaye ziya kumbona uNyana woMntu besiza esemafini asezulwini, ngamandla nobuqaqawuli obukhulu;

37 Kwaye lowo uwalondolozayo aamazwi am, akayi kukhohliswa, kuba uNyana woMntu uya kuza, kwaye uya kuthumela biingelosi zakhe phambi kwakhe ngesandi esikhulu sexilongo, kwaye baya ckuhlanganisela kunye intsalela yabanyulwa bakhe ukususela kwimimoya yomine, ukususela kwesinye isiphelo sezulu kuye kwesinye.

38 Ngoku fundani umzekeliso awomthi womkhiwane—Xa amasebe awo esathambile, lize liqalise ukuhluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo;

39 Ngokunjalo, abanyulwa bam, xa beya kubona zonke ezi zinto, baya kwazi ukuba ukufuphi, nkqu eminyangweni;

40 Kodwa okwaloo mhla, nelixa, akukho bani awaziyo; hayi, ingezizo neengelosi zikaThixo ezisezulwini, kodwa kuphela nguBawo.

41 Kodwa njengoko kwakunjalo ngemihla akaNowa, kuya kubanjalo ekuzeni koNyana woMntu;

42 Kuba kuya kuba kunye nabo, njengoko kwakunjalo ngemihla eyayingaphambili akonogumbe; kwada kwaba ngumhla uNowa awangena ngawo emkhombeni kuba babesitya kwaye besela, betshatisela kwaye benikela ekutshatiseni;

43 Kwaye abazange bazi wada unogumbe wafika, kwaye wabatshabalalisa bonke; ke kuya kuba njalo ukuza koNyana woMntu.

44 Ngoko kuya kuzaliseka oko kubhaliweyo, okokuba angemihla yokugqibela, ababini baya kuba sentsimini, omnye uya kuthatyathwa, aze omnye bashiywe;

45 Ababini baya kube besila endlwini yokusilela, omnye uya kuthatyathwa, aze omnye ashiywe;

46 Kwaye oko ndikuthetha komnye, ndikuthetha kubo bonke abantu; alindani, ke ngoko, kuba anilazi ilixa iNkosi yenu eya kufika ngalo.

47 Kodwa yazini oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngowuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, aze angayekeli ukuba indlu yakhe igqojozwe, kodwa ange elungile.

48 Ke ngoko yibani nilungile nani, kuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

49 Ngubani na, ngoko, umkhonzi aothembekileyo nolumkileyo, eyathi inkosi yakhe yamenza umlawuli phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?

50 Unoyolo loo mkhonzi iya kuthi inkosi yakhe, yakufika, imfumane esenjenjalo; kwaye inene ndithi kuni, iya kumenza umlawuli phezu kwayo yonke impahla yayo.

51 Kodwa ukuba loo mkhonzi ukhohlakeleyo uya kuthi entliziyweni yakhe: Inkosi yam aikulibazisile ukuza kwayo,

52 Aze aqale ukubabetha abakhonza kunye naye, aze adle kwaye asele nabanxilayo,

53 Inkosi yaloo mkhonzi iya kufika ngomhla angawukhangeleyo, nangelixa angaliqondanga,

54 Kwaye iya kumsika kubini, ize imisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila anokutshixiza kwamazinyo.

55 Kwaye ke siza njalo aisiphelo sabakhohlakeleyo, ngokunxulumene nesiprofetho sikaMoses, esithi: Baya kusikelwa ngaphandle basuke phakathi kwabantu bam; kanti ke isiphelo somhlaba asikabikho, kodwa kancinci kancinci.