2000–2009
AmaKhaya aNgcwele, iiTempile eziNgcwele
Tshazimpunzi 2009


AmaKhaya aNgcwele, iiTempile eziNgcwele

Ukuqonda indalo yanaphakade yetempile kuya kukutsalela kusapho lwakho; ukuqonda indalo yanaphakade yosapho kuya kukutsalela etempileni.

Yaze yaba yeyona nkomfa imangalisayo. Indlela esisikeleleke ngayo ukuba sive ingcebiso kuBongameli bokuQala kunye neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini esibaxhasa njengabaprofeti, neemboni, kunye nabatyhileli.

Ndikhumbula injikalanga eyayifudumele, itshisa xa intwasahlobo yayizama ukuvela emva kobusika obude eCache Valley, e-Utah. Utata wam, oMigqibelo yakhe yayizele yimisebenzi yabazukulwana bakhe, waye wagqitha ekhayeni lethu nomnikelo wokuba “sithathe uhambo.” Besoloko besonwabela ukukhwela kwilori kaTatomkhulu, oonyana bethu ababeneminyaka emine nemithandathu batsibela kwisihlalo esingasemva, kwaye nam ndangena kwisihlalo esingaphambili notata wam. Uhambo lwethu lwasithatha lwasisa kwizitalato zasedolophini yaseLogan, ezazingqonge iTempile yaseLogan, eyayichophe ngokubalaseleyo phezu kwenduli, isembindini kakuhle esixekweni. Njengoko sasiqelela esixekweni, saye sajika kwizitalato ezazinemigangatho, zixakekile saya kwimigaqo eyayingcolile isetyenziswa manqaphanqapha, apho saye sawela iibhlorho zakudala kwaye sigqitha kwimithi eyayikude emaphandleni. Sasikude kakhulu nakweziphi na izithuthi kwaye sisodwa.

Akubona ukuba abazukulwana bakhe babekwindawo apho ababengazange bayibone ngaphambili, utata wam waye wamisa ilori. “Ingaba nicinga ukuba silahlekile?” waye wabuza amakhwenkwana awayethe gqolo amehlo njengoko ayelaqaza efestileni ekhangela ngaphandle entlambo. Kulandelwa lilixa lovavanyo oluzolileyo kweza impendulo enzulu yomntwana omncinane. “Jonga,” waye watsho, ekhomba emnweni wakhe. “Tatomkhulu, awusokuze ulahleke xa unokubona itempile.” Amehlo ethu ajika, siqwalasele nawakhe, sibona ilanga lingqale ngqo kwiinkcochoyi zeTempile yaseLogan, kude ngaphesheya kwentlambo.

Awusokuze ulahleke xa unokubona itempile. Itempile iya kubonelela ngesikhokelo kuwe nakusapho lwakho kwihlabathi eligcwele iziphithiphithi. Isisikhokelo sanaphakade esiya kuthi sikuncede ekubeni ungalahleki “kwinkungu yobumnyama.”1 Iyindlu yeNkosi.2 Iyindawo apho iminqophiso yenziwa khona kunye nemimiselo yanaphakade yenzelwa khona.

KwiNcwadi kaMormoni, uKumkani uBhenjamin wayalela abaNgcwele bexesha lakhe nabendawo yakhe ukuba bahlangane, “indoda nganye inentente yayo esango layo lijonge ngasetempileni.”3 Njengamalungu eBandla, siye safumana ingcebiso kamvanje kubaprofeti bethu banamhlanje eyokuba, ukuba iyalandelwa, iya kuthi ijikele amasango wamakhaya wethu ngokupheleleyo ngakumbi ngasetempileni.

UBongameli bokuQala bumeme “amalungu awasele eqabukile ukuba abenemvume yasetempileni yakwangoku kwaye andwendwele itempile rhoqo nangakumbi” apho ixesha neemeko zivuma khona kwaye bukhuthaze amalungu ukuba “afake endaweni yemisebenzi yokuzonwabisa inkonzo yasetempileni.” Bakwakhuthaze “amalungu amatsha kunye nolutsha lweBandla oluneminyaka eli–12 nangaphezulu ukuba luphile ngokufanelekileyo ukuze luncedise kumsebenzi omkhulu ngokwenza njengabameli kubhaptizo kunye nakuqinisekiso.”4 Nkqu nabantwana bethu abancinane bakhuthaziwe ukuba batyelele imihlaba yetempile kwaye bachukumise itempile.5 UMongameli Thomas S. Monson wakhe wacebisa ngolu hlobo, “Njengoko sichukumisa itempile, itempile iya kusichukumisa nathi.”6

Sisikelelekile ngokuphila kwixesha lokwakha iitempile apho iitempile ezi–146 ziye zangcwaliswa okanye zamemezwa.7 Ngaphantsi kwenkcazelo ye–“ITempile” kwiBible Dictionary, sifunda oku kulandelayo: “Iyeyona ndawo ingcwele kakhulu yonqulo emhlabeni,” kulandelwa yile ngxelo inengqiqo: “Likhaya kuphela elinokuthelekiswa netempile ngobungcwele.”8 Kum oku kubonisa ukuba kukhona ubudlelwane obungcwele phakathi kwetempile nekhaya. Ayikuko qha ukujika amasango wamakhaya ethu ngasetempileni, okanye ngakwindlu yeNkosi; sisenokwenza amakhaya ethu “indlu yeNkosi.”

Kamva nje, kwinkomfa yengqokelela yamasebe, bonke ababekhona baye bamenywa ngulowo usemagunyeni owayelundwendwe, uMdala Glen Janson, waMashumi Asixhenxe woMmandla, ukuba bathathe utyelelo lwasengqondweni emakhayeni abo besebenzisa amehlo abo omoya. Ndingathanda ukumema omnye nomnye wenu ukuba enze oko naye. Naphina apho ikhaya lakho likhoyo kwaye nokuba limile kanjani, usetyenziso lwemigaqo yevangeli yanaphakade ngaphakathi kweendonga zalo kuyinto yajikelele. Masiqaliseni. Yiba nomfanekiso–ngqondweni uvula umnyango wangaphambili kwaye ungena ngaphakathi kwekhaya lakho. Yintoni oyibonayo, kwaye uziva njani? Ingaba liyindawo yothando, yoxolo, kunye nekhusi kwihlabathi, njengokufana netempile? Ingaba licocekile kwaye linocwangco? Njengoko ungena kumagumbi ekhaya lakho, ingaba ubona imifanekiso ephakamisayo equka nemifanekiso efanelekileyo yetempile kunye neyoMsindisi? Ingaba igumbi lakho lokulala okanye indawo yokulala iyindawo yakho yokuthandazela? Ingaba indawo yokuhlanganela okanye ikhitshi liyindawo apho ukutya kulungiselelwa khona kwaye konwatyelwa kunye, apho kuvumela incoko eyakhayo kunye nexesha losapho? Ingaba izibhalo ezingcwele ziyafumaneka kwigumbi apho usapho lungafundela khona, luthandazele khona, kwaye lufunde kunye? Ingaba ungasifumana isithuba sokuzifundela ivangeli wedwa? Ingaba umculo owuvayo okanye ulonwabiso olubonayo, kwikhompyutha okanye nangenye indlela, luyawukhubekisa uMoya? Ingaba incoko iyokha kwaye ayinangxabano? Oko kuyaluququmbela utyelelo lwethu. Mhlawumbi nawe, njengam, ufumene iindawo ezimbalwa ezidinga “impuculo yasekhaya” ethile—sithembe ukuba ayilulo “ulwakhiwo ngobutsha lwekhaya.”

Nokuba indawo yethu yokuhlala inkulu okanye incinci, ithobekile okanye ingubhazabhaza, kukhona indawo yazo zonke ezi zinto zihamba phambili zevangeli kumakhaya wethu ngamanye.

Ukuze sigcine itempile nabo bayizimasayo bengcwele kwaye befanelekile, iNkosi imisele imigangatho ngezicaka zaYo, abaprofeti. Sisenokucetyiswa kakuhle ukuba sicingisise kunye, kwibhunga losapho, imiqathango yamakhaya ethu ekumele siyigcine ingcwele kwaye siyivumele ukuba ibe “yindlu yeNkosi.” Isibongozo sesokuba “nize nimise … indlu yomthandazo, indlu yokuzila, indlu yokholo, indlu yokufunda, indlu yozuko, indlu yocwangco, indlu kaThixo”9 sibonelela ngengqiqo esulungekileyo ngohlobo lwekhaya iNkosi ibingathanda ukuba silokhe. Ukwenza njalo kuqala ulwakhiwo “lwendawo yokuhlala yokomoya” apho sonke singaphila khona nangaphandle kokuba iimeko zethu zasemhlabeni zinjani—ikhaya eligcwaliswe bubutyebi “apho kungonakalisa nundu namhlwa.”10

Apho kukhona ubudlelwane obungcwele phakathi kwetempile nekhaya. Ukuqonda indalo yanaphakade yetempile kuya kukutsalela kusapho lwakho; ukuqonda indalo yanaphakade yosapho kuya kukutsalela etempileni. UMongameli uHoward W. Hunter wabeka oku, “Kwimimiselo yasetempileni, iziseko zosapho lwanaphakade zityinelwa endaweni.”11

UMongameli Boyd K. Packer wacebisa ngoku: “Biza igama elithi itempile. Litsho ngokuzolileyo nangentlonelo. Phinda ulitsho kwakhona ngokuphinda–phindeneyo. Itempile. Itempile. Itempile. Yongeza igama elithi ngcwele. ITempile Engcwele. Yibize ngokungathi ibhalwe ngoonobumba abakhulu, nokokuba ibonakala phi na kwisivakalisi.

“Itempile. Elinye igama elilingana ngokubaluleka koNgcwele weMihla yokuGqibela. Ikhaya. Beka la magama kunye itempile engcwele kunye nekhaya, kwaye uya kube uchaze indlu yeNkosi!”12

Kulo nyaka ugqithileyo Abantwana Abancinane bebehlangene, amawaka–waka wabo, kuphuma kwihlabathi jikelele kumasebe wabo onke, beculela iintsapho zabo kunye namalungu wamasebe wabo njengenxalenye yePrimary Sacrament Meeting Presentation. Baye bacula ngomnqweno, nangezithembiso, kunye nangokulungiselela. Izinto ababezicula ziqala emakhayeni kwaye ziqhubekele kwiitempile ezingcwele. Ndiyacinga ukuba uya kusiva isandi entliziyweni yakho njengoko ndifunda la magama:

Ndiyathanda ukubona itempile.

Ndiya kuyo ngenye imini

Ndiyokuva uMoya oyiNgcwele,

Ndimamele kwaye ndithandaze.

Kuba itempile yindlu kaThixo,

Indawo yothando nobuhle.

Ndiya kuzilungiselela ngoku ndisemncinci;

Lo ngumsebenzi wam ongcwele.

Ndiyathanda ukubona itempile.

Ndiya kungena ngaphakathi ngenye imini.

Ndiya kukwenza umqophiso noBawo wam;

Ndiya kuthembisa ukuw’thobela.

Kuba itempile yindawo engcwele

Apho sitywinelwa kunye.

Njengomntwana kaThixo, ndifunde le nyaniso:

Usapho lolwanaphakade.13

UMongameli Boyd K. Packer waphefumla, “Eyona njongo yako konke esikufundisayo kukumanyanisa abazali kunye nabantwana elukholweni kwiNkosi uYesu Krestu, ukuze bonwabe ekhayeni, batywinwe emtshatweni wanaphakade, bebotshelelwe kwizizukulwana zabo, kwaye baqinisekiswe ngokuphakanyiswa kubukho bukaBawo wethu oseZulwini.”14

Ndiyangqina kuwe ukuba ukusetyenziswa kwale migaqo kuya kunceda kujike amasango ekhaya lakho ngasetempileni, okanye ngakwindlu yeNkosi; kwaye kukuvumele ngokupheleleyo ngakumbi ukuba wenze ikhaya lakho indlu yeNkosi.

Ndiququmbela apho bendiqale khona, ngamagama omntwana omncinci: “Awusokuze ulahleke xa unokubona itempile.” Kwaye ndongeza obam ubungqina bendalo engcwele yamakhaya ethu kunye neyeetempile zeNkosi. Ndiyazi ukuba uThixo unguBawo wethu oseZulwini onothando. Ndinika ubungqina ngoYesu Krestu nangendima yaKhe njengoMsindisi kunye noMkhululi wethu kwakunye nangabaprofeti abaphilayo abagunyaziswe ukuba basebenzise zonke izitshixo zobubingeleli ukusukela kuJoseph Smith ukuyo kuthi ga kuThomas S. Monson. Ndenza ngokunjalo egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.

  1. 1 Nifayi 8:24.

  2. Bona Topical Guide, “Temple, House of the Lord,” 519; “ITempile, INdlu yeNkosi,” kwiSikhokelo kwiZibhalo, ku–scriptures.lds.org.

  3. Mozaya 2:6.

  4. First Presidency letter, Mar. 11, 2003.

  5. Bona Thomas S. Monson, “Finding Peace,” Liahona and Ensign, Mar. 2004, 5–6.

  6. In JoAnn Jolley, “A Shining Beacon on a Hill: Jordan River Temple Is Dedicated,” Ensign, Jan. 1982, 77: “Kutshanje kule veki, uMdala Thomas S. Monson weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini ucebise ngentsingiselo enzulu yasemoyeni kubukho obubonakalayo betempile. Uye wabalisa ngebali likaMdala Matthew Cowley elimalunga notatomkhulu owathi wathatha umzukulwana wakhe omncinci ngosuku lwakhe lokuzalwa wamsa kumhlaba weTempile yaseSalt Lake. Benemvume yomgcini wamabala etempile, bobabini bahamba baya kwiingcango ezinkulu zetempile. Yena wacebisa okokuba abeke isandla sakhe kudonga lwetempile kwakunye nasemnyangweni, esitsho kuye ngobunono, ‘Ukhumbule ukuba ngale mini waye wachukumisa itempile. Ngenye imini uya kungena ngalo mnyango.’ Isipho sakhe esikhethekileyo kumzukulwana wakhe yayisokuxabisa iNdlu yeNkosi. Ngokufanayo,uMdala Thomas S. Monson wacebisa,‘Njengoko sichukumisa itempile, itempile iya kusichukumisa nathi.’”

  7. Bona “Temples around the World,” ku–temples.lds.org. Ucofe ku–Chronological.

  8. Bible Dictionary, “Temple,” 781.

  9. IMfundiso& neMinqophiso 88:119.

  10. Bona Mateyu 6:19–20; 3 Nifayi 13:19–20.

  11. Howard W. Hunter, “A Temple-Motivated People,” Liahona, May 1995, 4; Ensign, Feb. 1995, 2.

  12. Boyd K. Packer, “The Temple, the Priesthood,” Ensign, May 1993, 20–21.

  13. “I Love to See the TempleChildren’s Songbook,95.

  14. Boyd K. Packer, “The Shield of Faith,” Ensign, May 1995, 8.