2019
Babiwa Kanjani Ubungqina Ngokulula Ngakumbi
EyoKwindla 2019


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyoKwindla 2019

Babiwa Kanjani Ubungqina Ngokulula Ngakumbi

Ukulungiselela kukunika ubungqina. Ubulula bokulungiselela bungandisa amathuba wethu okwabelana ngobungqina ngokwendlela ezisesikweni kunye nezo zingenjalo.

Thina senze umnqophiso “wokuma njengamangqina kaThixo ngamaxesha onke kwaye nakuzo zonke izinto, kwaye nakuzo zonke iindawo” (Mozaya 18: 9). Ukwabelana ngobungqina bethu yinxalenye yokuma njengengqina kwaye kuyindlela enamandla yokumema uMoya oyiNgcwele ukuba achukumise intliziyo yomntu kwaye atshintshe ubomi bakhe.

“Ubungqina—obokwenene ubungqina, obuzelwe ngokomoya kwaze kwaqinisekiswa nguMoya oyiNgcwele—butshintsha ubomi,” watsho uMongameli M. Russel Ballard, uMongameli oliBambela kwiQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini,1

Kodwa ukwabelana ngobungqina bethu kusenokwethusa okanye kwenze abanye bethu bangakhululeki. Oko kusenokwenziwa kukuba sicinga okokuba ukwabelana ngobungqina bethu yinto esiyenza kwintlanganiso yokuzila kunye nokungqina okanye xa sifundisa isifundo. Kwezontlanganiso zisesikweni sivamise ukusebenzisa amagama kunye nezaci ezingaqhelekanga kwincoko yendalo.

Ukwabelana ngobungqina bethu kungaba yintsikelelo yesiqhelo ngakumbi kubomi bethu nakubomi babanye xa siqonda ukuba kungalula kanjani na ukwabelana ngoko sikholelwa kuko okwenzeka imihla ngemihla. Nazi iingcinga ezimbalwa zokukunceda uqalise.

Bugcine bulula

Ubungqina akunyanzelekanga ukuba buqale ngesivakalisi “Ndinganqwenela ukwabelana ngobungqina bam,” kwaye akunyanzelekanga ukuba buphele ngalentetho, “egameni likaYesu Krestu, amen.” Ubungqina yinkcazelo yoko sikholelwa kuko kunye noko sikwazi ukuba kuyinyani. Ngoko ukutyelela ummelwane wakho esitalatweni malunga nengxaki anayo kunye nokuthi, “Ndiyazi ukuba uThixo uyayiphendula imithandazo,” kunganamandla okobungqina obabiwa eqongeni enkonzweni. Amandla awaphumi kwintetho eqaqambileyo; aphuma kuMoya oyiNgcwele oqinisekisa inyaniso (bona Iminqophiso neMfundiso 100:7–8).

Lungela Inkqubela Yencoko Yendalo

Ukuba silangazelela ukwabelana, amathuba akhona asingqongileyo ukuba singafaka ubungqina kwiincoko zemihla-ngemihla. Umzekelo:

  • Umntu othile ukubuza malunga nempelaveki yakho. “Ibigqwesile,” uphendule wena. “Inkonzo ibikuko ngqo oko bendikudinga.”

  • Omnye ubonakalisa uvelwano emva kokuva ngomceli-mngeni osebomini bakho: “Ndiyaxolisa kakhulu.” Wena uphendule: “Enkosi ngenkxalabo yakho. Ndiyazi ukuba uThixo uzakundiweza. Yena wabakhona kum kwangaphambili.”

  • Omnye uyaphawula: “ Ndiyathemba lemozulu imbi izakutshintsha kungekudala,” okanye “Ibhasi ilibazisekile ngokuqinisekileyo,” okanye “Jonga olungcambazo lwezithuthi.” Wena usenokuphendula: Ndiyathemba uThixo uzakunceda yonke into ihambe kakuhle.”

Yabelana Ngamava Akho

Sivame ukuncokolelana ngemiceli-mngeni yethu. Xa umntu ekuxelela ngento ajongene nayo, ungabelana ngexesha uThixo akunceda ngalo kwiimbandezelo zakho kwaye ungqine okokuba uyazi ukuba Yena uzakubanceda nabo. INkosi yathi iyasomeleza kwiimbandezelo zethu ukuze “nibe nokuma njengamangqina am emva koku; kwaye nokokuba nibe nokwazi ngokuqinisekileyo okokuba mna, Nkosi uThixo, ndiyabavelela abantu bam kwiimbandezelo zabo” (Mozaya 24:14). Singama njengamangqina waKhe xa singqina ngendlela Yena asinceda ngayo kwiimbandezelo zethu.

Zilungiselele

Kwabanye bethu, ukwabelana ngobungqina ngokwesaquphe kungoyikeka. Zikhona iindlela esinokucwangcisa ngazo kwangethuba kwaye “nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna [kuni] isizathu sethemba [elikuni] ” (1 Petros 3:15).

Okokuqala, ukuzilungiselela kungathetha ukuqwalasela indlela esiphila ngayo. Ingaba simemela uMoya oyiNgcwele ebomini bethu kwaye someleza ubungqina bethu suku ngalunye ngokuphila ngobulungisa? Ingaba siyawunika uMoya oyiNgcwele amathuba okuthetha nathi kwaye usinike amazwi esiwadingayo kumthandazo nakufundo lwezibhalo? Njengoko iNkosi yacebisa uHyrum Smith, “Musa ukufuna ukubhengeza ilizwi lam, kodwa kuqala funa ukuzuza ilizwi lam, kwaye ngoko ulwimi lwakho luya kukhululwa” (Iminqophiso neMfundiso 11:21).

Okwesibini, ukuzilungiselela kungathetha ukuba ujonge phambili kwaye ucingisise ngamathuba osenokuba nawo ngaloomini okanye kulooveki awokwabelana ngobungqina bakho. Usenokulungiselela loo mathuba ngokucinga ngendlela anokukunikeza wena ithuba lokuba wabelane ngoko ukholelwa kuko.

Hlala Ngxi kuMsindisi nakwiMfundiso yaKhe

UMongameli Ballard wafundisa, “Nangona singaba nobungqina bezinto ezininzi njengamalungu eBandla, kukhona iinyaniso ezingundoqo esidinga ukufundisana zona kwaye sabelane ngazo rhoqo.” Njengemizekelo, yena wabalula: “uThixo unguBawo wethu kwaye uYesu unguKrestu. Icebo lentsindiso lijolise kwiNtlawulelo yoMsindisi. UJoseph Smith wabuyisela inzaliseko yevangeli engunaphakade kaYesu Krestu, kwaye iNcwadi kaMormoni ibubungqina bokuba ubungqina bethu buyinyani.” Njengoko sivakalisa ezo nyaniso zichukumisa intliziyo, simema uMoya ukuba ungqine okokuba oko sikuthethayo kuyinyani. UMongameli Ballard wagxininisa ukuba “uMoya awukwazi kuthinteleka xa ubungqina obumsulwa busabiwa.”2

Umzekelo woMsindisi

Ediniwe luhambo olunqumla eSamariya, uMsindisi wama ukuze aphumle equleni apho wahlangana nomfazi khona. Yena waqala incoko malunga nokukha amanzi equleni. Ukusebenzisa lo msebenzi wemihla-ngemihla umfazi lowo awayewenza kwanika uYesu ithuba lokungqina ngamanzi aphilayo kwakunye nobomi banaphakade obufumanekayo kwabo bakholelwa kuYe (bona Yohane 4:13–15, 25–26).

Ubungqina Nje Obulula Bungaguqula Ubomi

UMongameli Russel M. Nelson wabalisa ngomongikazi owabuza umbuzo kulowo owayesakuba-nguGqir. Nelson emva kwenkqubo yotyando olwalunzima. “Kutheni wena ungafani nabanye oogqirha botyando?” Abanye oogqirha botyando awayebazi babekhawulezelwa ngumsindo kwaye babethukisela njengoko babesenza oloo tyando olunoxinzelelo olunzima.

UQqir. Nelson wayenokuphendula ngeendlela ezininzi. Kodwa waphendula nje ngokulula, “Ngokuba ndiyayazi iNcwadi kaMormoni iyinyaniso.”

Impendulo yakhe yaphembelela umongikazi kunye nomyeni wakhe ukuba bafunde iNcwadi kaMormoni. UMongameli Nelson wabhaptiza umongikazi kwixesha lamva. Emveni kweminyaka engashumi ngamashumi, xeshikweni wayongamele kwinkomfa yengqokelela yamasebe ebandla aseTennessee, USA, njengoMpostile owayesanda kumiselwa, uMongameli Nelson wonwabela indibano eyayingalindelekanga naloomongikazi. Yena wabalisa ukuba inguquko yakhe, eyaziswa bubungqina bakhe obulula nje kunye nempembelelo yeNcwadi kaMormoni, zabanceda ekukhokeleleni kwinguquko yabanye abantu abangama-80.3

Isimemo Sokwenza

Musa ukoyika ukwabelana ngobungqina bakho. Bungasikelela abo uthi ubalungiselele. Ingaba uya kuzisebenzisa njani ezingcinga okanye ezakho ekwabeni ubungqina bakho namhlanje?

Izikhumbuzo

  1. M. Russell Ballard, “Pure Testimony,” Liyahona, Nkanga. 2004, 40.

  2. M. Russell Ballard, “Pure Testimony,” 41.

  3. KuJason Swensen, “Be Ready to Explain Your Testimony Using the Book of Mormon, President Nelson Says,” Church News section of LDS.org, Mdumbe. 6, 2018, news.lds.org.