2019
Ndingamnceda Omnye Umntu Aguquke?
EyeThupha 2019


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyeThupha 2019

Ndingamnceda Omnye Umntu Aguquke?

Ewe. Kodwa indima yakho ingohluka kunoko ubukucinga.

Thina sidalwe sinamandla okuguquka. Ukukhulela kwizinga lethu lobuthixo kuyinjongo yokuphila kwethu kobu bumagad’ ahlabayo. Enye yeembono zethu ekugqibeleni zokulungiselela kukunceda abanye ukuba baze kuKrestu kwaye benze iinguqu ezifanelekileyo zokubuyela kubukho baKhe. Kodwa ngenxa yenkululeko yabo yokukhetha, indima yethu yokubanceda ukuba bafane ngakumbi noKrestu iqingqiwe.

Nazi izifundo ezisixhenxe ezinamandla eziphuma kuMsindisi ezimalunga nokuba singabanceda kanjani abanye kwiinzame zabo zokuguquka nokuba bafane naYe ngakumbi.

  1. Musa Ukoyika Ukumema Inguqu

    UMsindisi wayengoyiki ukumema abanye ukuba bashiye iindlela zabo zakudala kwaye bamkele iimfundiso zaKhe. Yena wamema uPetros noYakobi ukuba bashiye imisebenzi yabo kwaye “nibe ngababambisi babantu” (Marko 1:17). Yena wamema umfazi owayebanjwe ekukrexezeni ukuba “hamba, angabuyi wone” (Yohane 8:11). Yena wamema indodana esisityebi ukuba inikezele ngoqhagamshelwano lwayo kwizinto zasemhlabeni kwaye ilandele Yena (bona Marko 10:17-22). Nathi singabanobukroti kwaye sibenothando njengoko simema abanye ukuba benze iinguqu kwaye balandele uMsindisi.

  2. Khumbula Ukuba Kulukhetho Lwabo Ukuguquka

    Uhlobo lwenguqu uMsindisi alumemayo alunakuze lunyanzeliswe. UMsindisi wafundisa kwaye mamema, kodwa Yena wayenganyanzelisi. Indodana esisityebi “yemka ibuhlungu” (Mateyu 19:22). KwelaseKapernahm, uninzi lwabafundi baKhe lwakhetha “ukubuya umva,” waze wabuza abalishumi elinambini ukuba bayakuhamba na (bona Yohane 6:66-67). Abanye babalandeli bakaYohane uMbhapatizi bakhetha ukulandela uMsindisi, abanye abazange (Yohane 1:35-37; 10:40-42). Nathi singabamema abanye ukuba bafane njengaye ngakumbi, kodwa asinakubenzela isigqibo sokuba baguquke. Kwaye ukuba bona abakakhethi ukuguquka, akumelanga ukuba sinikezele— kwaye singazivi ngathi sihlulakele.

  3. Thandazela Abanye Ukuba Bakwazi Ukuguquka

    Ngelixa lomthandazo wakhe wokulamlela, uYesu wacela uThixo ukuba abafundi baKhe balondolozwe ekungcoleni, bafane naYe noBawo ngakumbi, kwaye bazaliswe ngothando lukaThixo (bona Yohane 17:11,21-23, 26). Kwaye esazi ukuba uPetros wayeyakudinga amandla kwiinzame zakhe zokukhula kwindima yakhe, uMsindisi wamthandazela (bona Luka 22:32). Imithandazo yethu kwabanye ingenza umahluko (bona Yakobi 5:16).

  4. Bafundise Ukuba Bathembele Emandleni Akhe

    KungoMsindisi qha apho singaguquka khona ngokwenene kwaye sikhulele emandleni obuthixo esinawo sonke. Yena “uyindlela, inyaniso, ubomi: akukho namnye uzayo kuBawo, engezi [ngaYe] (Yohane 14:6). Ngamandla aKhe “angenza izinto ezibuthathaka zisuke zomelele (Etere 12:27). Yayilukholo olo emandleni eNtlawulelo yaKhe olwathi lwenza u-Alma Omncinane ukuba aguquke (bona Alma 36:16-23). Nathi singafundisa abanye ukuba bathembele kuMsindisi khon’ ukuze nabo babenamandla aKhe acokisayo ebomini babo.

  5. Baphathe Ngendlela Abangaba Yiyo

    Uthando nolwamkelo zingaba zezona mpembelelo zinamandla zoguquko. Intokazi eyayisequleni yayihlala nendoda eyayingengomyeni wayo.” Abafundi bakaYesu “bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana” (Yohane 4:27), kodwa uYesu wayekhathala kakhulu malunga nento eyayi ngabayiyo. Yena wayifundisa kwaye wayinika nethuba lokuba iguquke, kwaye yenjenjalo. (Bona Yohane 4:4-42.)

    Xa siphatha abanye ngendlela ebebe yiyo kunokuba ngendlela abangaba yiyo, singababambezela ngasemva. Endaweni yoko, singaxolela kwaye silibale iimpazamo ezidlulileyo. Singakholelwa ukuba abanye bangaguquka. Singabubetha ngoyaba ubuthathaka kwaye sibone iimpawu ezintle ekusenokwenzeka ukuba bona abaziboni kubo. “Sinoxanduva lokubona abantu hayi ngendlela abayiyo kodwa gxebe ngento abangaba yiyo.”1

  6. Bavumele Bahambe Ngesantya Sabo

    Inguqu ithatha ixesha. Sonke kufuneka “siqhubekeni sikumonde side [thina] sigqityeleliswe” (Iimfundiso Neminqophiso 67:13). UYesu wayenomonde kwabanye kwaye waqhubeka wafundisa nabo babemchasa, engqina ngendima yaKhe awayeyinikwe nguYe nguTata waKhe kwaye wayephendula imibuzo yabo (bona Mateyu 12:1-13; Yohane 7:28-29). Nathi singabanomonde nabanye kwaye sibakhuthaze ukuba babenomonde ngabo.

  7. Unganikezeli Ukuba Babuyela Kwiindlela Zakudala

    Emveni kokuba uKrestu eswelekile, nkqu uPetros nabanye babaPostile babuyela kwizinto ababeziqhelile (bona Yohane 21:3). UKrestu wakhumbuza uPetros ukuba wayedinga “ukondla izimvu [zaKhe]” (bona Yohane 21:15-17), kwaye uPetros wabuyela ekulungiseleleni. Kungabalula kakhulu ukubuyela kwiindlela zakudala. Singaqhubeka sixhase ngenkuthazo enobunono kwakunye nangezimemo eziphenjelelweyo zokuqhubeka ukulandela uMsindisi kwakunye nokuzama ngokuzimisela ukufana naYe ngakumbi.

Vumela Abanye Ukuba Bakhule

UMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini uchaza ngebali lokuvumela abanye ukuba bakhule: “Ndakhe ndabaliselwa ngenkwenkwana eyayiphantse isoloko isisisulu sentlekisa iminyaka emininzi esikolweni sayo. Yona yayineengxaki, kwaye kwakulula koontanga bayo ukuba bayincithe. Ekuhambeni kwexesha ebomini bayo, yaye yathutha. Ekugqibeleni yaye yazibandakanya nomkhosi yaba namava wempumelelo apho wokufumana imfundo kwakunye ngokubanzi nokuzikhucula kubomi bakhe bangaphambili. Ngaphezu kwako konke, njengoninzi olusemkhosini, naye wafumanisa ubuhle nobungangamsha beBandla kwaye wayekhuthele kwaye wayonwabile kulo.

“Ngoko ke, emveni kweminyaka emininzi, waye wabuyela kwidolophu yobutsha bakhe. Uninzi lwesizukulwana sakhe sasisele siqhubekile nobomi kodwa hayi sonke. Kuthiwa, xa wayebuya ephumelele kwaye ezelwe ngokutsha, uhlobo olo lwengqondo yakudala olwalukhona ngaphambili lwalusekhona, lulindele ukubuya kwakhe. Kubantu bedolophu yakhe yasekhaya, yena wayesenguzibani-bani wakudala.’ …

“Kancinane, kancinane, iinzame ezifana nezikaPawulos zalendoda zokushiya oko kwakungasemva kwaye abambe isipho uThixo athe wasibeka phambili kwakhe zancipha wade wasweleka ngendlela efanayo naleyo awayeyiphila ebutsheni bakhe. … Kwakukubi, kwakubuhlungu okokuba kwakhona wayengqongwe…ngabo babecinga ukuba ubomi bakhe bangaphambili babunika umdla ukogqitha ikamva lakhe. Bona baye bakwazi ukumkrazula oko kubamba kwakhe uKrestu awayembambe ngako. Waye wasweleka ekhathazekile, nangoko ngokuncinane kwakungenxa yakhe. …

Vumela abantu baguquke. Bavumele bakhule. Kholelwa ukuba abantu bangaguquka kwaye baphucuke.” 2

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “See Others as They May Become,” Liyahona, EyeNkanga 2012, 70.

  2. Jeffrey R. Holland, “The Best Is Yet to Be,” Liyahona, EyoMqungu 2010, 19, 20.