2019
Indlela uMoya Anga (nale Aza) kukunceda ulungiselele ngayo
EyoMsintsi 2019


Imigaqo Yokulungiselela, EyoMsintsi 2019

Indlela uMoya Anga (nale Aza)kukunceda ulungiselele ngayo

Isabelo sobubingeleli bokulungiselela, onikwe kumadoda kunye namabhinqa, uquka ilungelo lokufumana isithyilelo.

Umfanekiso
ministering

Imizobo iphuma Getty Images.

Ubizo lokulungiselela nokunceda nokuthanda njengoko uMsindisi enzile kumanye amaxesha lungabonakala lunzima—ngakumbi xa kuquka nokufikelela kwabo singabazi kakuhle. Kwizigidi zeendlela zokulungiselela, sicinga ukuba singayazi njani eyona ndlela yokufikelela kwabo sibamiselweyo.

Akumelanga sicinge kabanzi kuba imizamo yethu enyanisekileyo ingakhokelwa nguMoya OyiNgcwele.

“Isabelo sakho sokulungiselela esingcwele sikunika ilungelo elinobuThixo lokufumana impembelelo,” watsho uDade uBonnie H. Cordon, Mongameli Jikelele Wamantombazana Amancinci. “Ungayikhangela loo mpembelelo ngokuzithemba.”1

Xa sifuna ukunceda njengoMsindisi wenjenjalo, siya kukhokelwa nguMoya omnye owathi wakhokela Yena. Oku kuyinyani ngakumbi xa sinceda kwimisebenzi, efana nokulungiselela, eyenziwa phantsi kwegunya lezitshixo zobubingeleli bukabhishophu. Nazi iingcebiso ezintandathu zokulungiselela ngoMoya.

Ndinganawo Njani uMoya Xa Kulungiselelwa?

  • Cela Isikhokelo. UBawo oseMazulwini ufuna siqhagamshelane kunye naYe ngomthandazo. Umthandazo awusivumeli ukuba sisondele kufutshane kuYe qha, kodwa ukwa khusela “iintsikelelo ezo uThixo asele elungele ukusinika zona kodwa zimiselwe phezu komqathango wokuba sizicele.”2 “Njengoko sithandaza kwaye sifuna ukuqonda iintliziyo zabo,”watsho uDade uCordon,“ndiyangqina ukuba uBawo oseZulwini uya kusibonisa kwaye uMoya waKhe uya kuhamba kunye nathi.”3

  • Musa Ukulindela Inkcukumiso. Yiba Necebo Lokusebenza Kwangethuba. “Zixhinele ukuzinikela”(IMfundiso neMinqophiso 58:27), kwaye uya kufumana ukuba imizamo yakho iya kukhokelwa kwaye ikhuliswe. “Ukuqhubela phambili ngenkonzo yethu kunye nangomsebenzi yindlela ebalulekileyo yokulungela sityhilelo,” watsho uMongameli Dallin H. Oaks, uMcebisi Wokuqala kuBongameli bokuQala. “Ekufundeni kwam izibhalo ezingcwele ndiqaphele ukuba uninzi lwesityhilelo kubantwana bakaThixo luza xa besentshukumweni, hayi xa behleli ngemva belindele iNkosi ukuba ibaxelele inyathelo lokuqala emabalithabathe.”4

Ndizifumana Kanjani Iinkcukumiso Zokulungiselela?

  • Thatha ingcebiso kaMormoni. Akumelanga sihlale siqajisela ngento yokuba ingaba ingcinga ibiyiyo inkcukumiso okanye akunjalo. Akunjalo xa sinesitshixo esilula sikaMormoni sokwazi: ukuba unengcinga ekucebisa ukuba wenze okulungileyo kwakunye nokukholelwa okanye ukunceda abanye bakholelwe kuKrestu, ungayazi ukuba yekaThixo (bona uMoronayi 7:16).

  • Musa Ukuzikhathaza Ngayo. “Tsibela nje echibini lamanzi uqubhe,” watsho uMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini. “Hambela ngakwabo basweleyo. Musa ukuhlala ungenzʼ into ucinga ngokuba uqubhe ngomqolo okanye unyawuze okwenja. Ukuba silandela imigaqo efundisiweyo, sihlale singqamene kunye nezitshixo zobubingeleli, kwaye sifune uMoya oyiNgcwele ukuba usikhokele, asina kukwahluleka.”5

Yeyiphi Eyona Ndlela Egqwesileyo Yokulandela Inkcukumiso?

  • Ngoko nangoko. UDade uSusan Bednar (inkosikazi kaMdala uDavid A. Bednar weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini) ungumzekelo omhle wokulandela inkcukumiso. Emva kokuthandazela “amehlo omoya okubona abo banezidingo,” yena ukhangela ebandleni kwaye uya kusoloko “esiva ekrwecwa ngumoya ukuba andwendwele okanye atsalele umnxeba umntu othile,” wabelana ngoko uMdala uBednar. “Kwaye xa uDade uBednar efumana imvakalelo enjalo, uphendula ngokukhawuleza kwaye uyathobela. Kaninzi kanye emveni kuka “amen” etshiwo emthandazweni, uya kuthetha nomntu oselula okanye awonge udade okanye, ekubuyeleni ekhaya, ukhawuleza achole ucingo kwaye enze umnxeba.”6

  • Ngenkalipho. Ukoyika ukwaliwa kunye nezimvo zeentloni, ukungoneli, okanye ukuba yinkxamleko kungasibambezela ekulandeleni inkcukumiso yokulungiselela. “Kumaxesha nangeendlela ezahlukeneyo, sonke siziva sizoyikisela, singaqinisekanga, mhlawumbi singafanelekanga,” watsho uMdala uGerrit W. Gong weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini. “Kanti kwimizamo yethu enyanisekileyo yokuthanda uThixo nokulungiselela kummelwane wethu, singaluva uthando lukaThixo nempembelelo edingekayo ebomini babo nakobethu ngeendlela ezintsha nezingcwele ngakumbi.”7

    Omnye umzalwane wabelana ngokuba wayethandabuza kanjani ukufikelela kumyeni wenkosikazi eyayizama ukuzibulala. Kodwa ekugqibeleni wamcela umyeni lowo kwisidlo sasemini. “Xa ndathi, ‘Inkosikazi yakho izame ukuzibulala. Loo nto isenokugubengela nawe. Ingaba uyafuna ukuthetha ngako?’ wayekhala ngokubonakalayo,” yena wabelana. “Saye sabanencoko enyamekileyo nesondeleneyo kwaye saye saphuhlisa ukuvana okwakungumangaliso nentembeko ngemizuzwana.”8

Izikhumbuzo

  1. Bonnie H. Cordon, “Becoming a Shepherd,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 76.

  2. Isichazi-magama seBhayibhile, “uMthandazo.”

  3. Bonnie H. Cordon, “Becoming a Shepherd,” 76.

  4. Dallin H. Oaks, “In His Own Time, in His Own Way,” Liyahona, EyeThupha 2013, 24.

  5. Jeffrey R. Holland, “The Ministry of Reconciliation,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 77.

  6. David A. Bednar, “Quick to Observe,” Liyahona, EyoMnga 2006, 17.

  7. Gerrit W. Gong, “Our Campfire of Faith,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 42.

  8. Bona Bonnie H. Cordon, “Becoming a Shepherd,” 76.