2019
Ukufaneleka Ukungena Etempileni Engcwele
UMyalezo woBongameli bokuQala, EyeNkanga 2019


UMyalezo woBongameli bokuQala, EyeNkanga 2019

Ukufaneleka Ukungena Etempileni Engcwele

Ukufaneleka komntu ngamnye kufuna inguquko epheleleyo yengqondo kunye neyentliziyo ukufana kakhulu neNkosi.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, njengoko sifika esiphelweni salenkomfa eyimbali, siyayibulela iNkosi ngokuphembelela imiyalezo kunye nomculo othe wasakha. Siye savuyela ngokwenene isidlo somoya.

Siyazi ukuba ivangeli kaYesu Krestu ebuyisiweyo iza kuzisa ithemba novuyo ebantwini abaya kuyiva kwaye bathobele imfundiso yaKhe. Siyazi nokuba ikhaya ngalinye linokuba yindawo yokholo yokwenene, apho uxolo, uthando noMoya weNkosi unokuhlala khona.

Eneneni, eyona nto exabisekileyo ngembuyiso yitempile engcwele. Imimiselo yayo engcwele kunye neminqophiso ibaluleke kakhulu ekulungiseni abantu abakulungeleyo ukwamkela uMsindisi ekubuyeni kwaKhe kwesiBini. Okwangoku sineetempile ezibingelelweyo ezili-166, kwaye zininzi ezizayo.

Inkonzo yokuvula iya kubanjwa ngaphambi kobingelelo lwetempile nganye entsha kunye nelungisiweyo. Abahlobo abaninzi abangekho elukholweni lwethu baya kuthatha inxaxheba kukhenketho lweziitempile kwaye baya kufunda okuthile malunga neentsikelelo zetempile. Kwaye ezinye zeendwendwe ziya kuchukunyiswa kukwazi ngakumbi. Abanye baya kubuza ngokunyanisekileyo ukuba bangazilungela njani iintsikelelo zetempile.

Njengamalungu eBandla, kufuneka sikulungele ukuphendula imibuzo yabo. Singachaza ukuba iintsikelelo zetempile ziyafumaneka kubo bonke abantu kwakunye nakubani na othi azilungiselele. Kodwa ngaphambi kokuba bangene kwitempile enikezelweyo, kufuneka bafaneleke. INkosi ifuna ukuba bonke abantwana baYo baxhamle kwiintsikelelo zanaphakade ezikhoyo kwitempile yaYo. Yona iyalele oko umntu ngamnye ekumele akwenze ukuze alungele ukungena endlwini yaYo engcwele.

Indawo elungileyo yokuba siqale kuyo eli thuba lokufundisa kukutsala ingqalelo kumagama abhalwe kumphandle wetempile: “Ngcwele kwiNkosi: Indlu yeNkosi.” Umyalezo kaMongameli uHenry B. Eyring namhlanje nabanye abaninzi basikhuthaze ukuba sibe ngcwele ngakumbi. Itempile nganye yindawo engcwele; umntu ngamnye ozimasa etempileni uzama ukuba ngcwele ngakumbi.

Zonke iimfuno zokungena etempileni zinxulumene nobungcwele bomntu. Ukuvavanya oko kulunga, umntu ngamnye ofuna ukonwabela iintsikelelo zetempile uya kuba nodliwanondlebe olubini: olokuqala nobhishophu, umcebisi wobubhishophu, okanye umongameli wesebe; olwesibini nomongameli weengqokelela zamasebe okanye umongameli womsebenzi wevangeli okanye omnye wabacebisi bakhe. Koloo dliwanondlebe, imibuzo eliqela iya kubuzwa.

Eminye yaloomibuzo kutshanje ihleliwe ukuze icace gca. Ndingathanda ukuniphononongela ngoku:

  1. Ingaba unokholo kunye nobungqina bukaThixo, uYise ongunaPhakade; uNyana waKhe, uYesu Krestu; noMoya oyiNgcwele?

  2. Ingaba unabo ubungqina beNtlawulelo kaYesu Krestu nangendima yaKhe njengoMsindisi noMhlawuleli wakho?

  3. Ingaba unabo ubungqina bokubuyiselwa kwevangeli kaYesu Krestu?

  4. Ingaba uyamxhasa uMongameli weBandla likaYesu Krestu LaBangcwele beMihla yokuGqibela njengomprofeti, imboni, kunye nomtyhileli kwaye njengokuphela komntu emhlabeni ogunyazisiweyo ukusebenzisa zonke izitshixo zobubingeleli?

    Ingaba uyawaxhasa amalungu oBongameli bokuQala kunye neQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini njengabaprofeti, iimboni nabatyhileli?

    Ingaba uyabaxhasa abanye Abasemagunyeni Ngokubanzi kunye neenkokheli zasekuhlaleni zeBandla?

  5. INkosi ithe zonke izinto kufuneka zenziwe “ngococeko” phambi kwaYo (Iimfundiso Neminqophiso 42:41).

    Ingaba ulwela ucoceko lokuziphatha kwiingcinga zakho nakwindlela oziphethe ngayo?

    Ingaba uyawuthobela umthetho wokuzigcina nyulu?

  6. Ingaba uyazilandela iimfundiso zeBandla likaYesu Krestu ekuziphatheni kwakho kwabucala kunye nasesidlangalaleni kunye namalungu osapho lwakho kunye nabanye?

  7. Ingaba uxhasa okanye ukhuthaza naziphi na iimfundiso, izenzo, okanye imfundiso echasene naleyo yeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela?

  8. Ingaba uyazama ngamandla ukugcina usuku lweSabatha lungcwele, ekhaya nasecaweni; uzimase imihlangano yakho; ulungiselele kwaye uthathe inxaxheba ngokufanelekileyo kumthendeleko; kwaye uphile ubomi bakho ngokuhambelana nemithetho kunye nemiyalelo yevangeli?

  9. Ingaba uyazama ukunyaniseka kuko konke okwenzayo?

  10. Ingaba ungumntu ohlawula isishumi ngokupheleleyo?

  11. Ingaba uyaliqonda kwaye uyalithobela iLizwi loBulumko?

  12. Ingaba unazo naziphi na iimbophelelo zezimali okanye ezinye iimbophelelo kwiqabane lakho langaphambili okanye ebantwaneni?

    Ukuba kunjalo, ingaba okwangoku uhlangabezana nazo ezi zibophelelo?

  13. Ingaba uyayigcina iminqophiso oyenze etempileni, kubandakanya nokunxiba ingubo yasetempileni njengoko uyalelwe kummiselo?

  14. Ingaba zikhona izono ezingqongqo ebomini bakho ekufuneka zisonjululwe ngegunya lobubingeleli njengenxalenye yenguquko yakho?

  15. Ingaba uzibona ukufanele ukungena endlwini yeNkosi kunye nokuthatha inxaxheba kwimimiselo yetempile?

Ngomso, le mibuzo ihlaziweyo yokungena etempileni iya kusasazwa kwiinkokeli zeBandla kwihlabathi jikelele.

Ukongeza ekuphenduleni le mibuzo ngokunyaniseka, kuyaqondakala ukuba umntu ngamnye ongumzimasi wetempile uya kunxiba isambatho esingcwele sobubingeleli phantsi kwesinxibo sakhe esiqhelekileyo. Oku kungumfuziselo wokuzibophelela kwangaphakathi wokuzama ngamandla usuku ngalunye ukufana ngakumbi neNkosi. Ikwasikhumbuza ukuba sihlale sithembekile yonke imihla kwiminqophiso eyenziweyo kwaye sihambe kwindlela usuku ngalinye ngendlela ephakemeyo kunye nengcwele.

Ngoku, okomzuzwana nje, ndingathanda ukuthetha nolutsha lwethu. Siyanikhuthaza ukuba nilungele ukusetyenziswa okulinganiselweyo kwesiqinisekiso sokungena etempileni. Niya kubuzwa kuphela imibuzo esetyenziswa kuni kumalungiselelo wemimiselo nomelo lobhaptizo kunye nophehlelelo. Sinombulelo ongazenzisiyo ngokukulungela kwenu kunye nolangazelelo lwenu lokuthatha inxaxheba kuloomsebenzi ungcwele wasetempileni. Siyanibulela!

Ukufaneleka komntu ngamnye ukungena endlwini yeNkosi kufuna ulungiselelo lokomoya lomntu ngamnye. Kodwa ngoncedo lweNkosi, akukho nto ingenakwenzeka. Ngandlela zithile, kulula ukwakha itempile kunokwakha abantu abalungiselelwe itempile. Ukufaneleka komntu ngamnye kufuna inguquko epheleleyo yengqondo nentliziyo ukufana kakhulu neNkosi, ukuba ngummi onyanisekileyo, ube ngumzekelo ongcono kwaye ube ngumntu ongcwele ngakumbi.

Ndiyangqina ukuba lo msebenzi wokulungiselela uzisa iintsikelelo ezingenakubalwa kobu bomi kunye neentsikelelo ezingenakuthelekiswa nanto ebomini obuzayo, kuquka nenkqubela phambili kwecandelo losapho lwakho kulo lonke iphakade “kwimeko yolonwabo olungapheliyo.”1

Ngoku ndingathanda ukubuyela kwesinye isihloko: izicwangciso zonyaka olandelayo. Kwixesha lentwasahlobo lonyaka ka-2020, iya kuba kanye iyiminyaka engama-200 okoko uJoseph Smith wafumana umbono wezulu esiwaziyo njengoMbono wokuQala. UThixo uYise kunye noNyana waKhe Oyintanda, uYesu Krestu, bavela kuJoseph, oselula oneminyaka eli-14 ubudala. Eso siganeko saphawula ukuqala koBuyiselwa kwevangeli kaYesu Krestu ngokupheleleyo, kanye njengokuba kwakuxeliwe kwangaphambili kwiBhayibhile eNgcwele.2

Emva koko kwalandela ulandelelwano lotyelelo olusuka kwizithunywa zasezulwini, kubandakanya uMoronayi, uYohane umBhaptizi, kunye nabaPostile bamandulo uPetros, uYakobi, kunye noYohane. Abanye balandela, kuquka uMoses, u-Eliyasi, no-Eliya. Umntu ngamnye weza negunya lobuthixo lokusikelela abantwana bakaThixo emhlabeni kwakhona.

Ngommangaliso, sifumene neNcwadi kaMormoni: Enye iTestamente kaYesu Krestu, isibhalo esingumlingane kwiBhayibhile eNgcwele. Izityhilelo ezapapashwa kwiMfundiso neMinqophiso kunye nePerile yeXabiso eliKhulu ziyityebisile kakhulu ingqiqo yethu malunga nemiyalelo kaThixo kunye nenyaniso yanaphakade.

Izitshixo kunye nee-ofisi zobubingeleli zibuyisiwe, kubandakanya ii-ofisi zikaMpostile, abamaShumi asixhenxe, umvangeli, umbingeleli omkhulu, umdala, ubhishophu, umbingeleli, umfundisi kunye nomdikoni. Kwaye abasetyhini abathanda iNkosi bancedisa ngamandla kwiNtlalelwano yooMama, Abantwana Abancinane, Amantombazana aselula, iSikolo seCawe, kunye nolunye ubizo eBandleni-onke amacandelo abalulekileyo ekuBuyiselweni kwevangeli kaYesu Krestu ngokupheleleyo.

Ngoko ke, unyaka ka-2020 uya kuchongwa njengonyaka wesikhumbuzo somsitho okanye isiganeko. Inkomfa yajikelele kuTshazimpunzi olandelayo iya kwahluka kuyo nayiphi na inkomfa eyagqithayo. Kwiinyanga ezintandathu ezizayo, ndiyathemba ukuba lonke ilungu kunye nosapho lonke baya kulungiselela inkomfa eyahlukileyo eya kuthi ibhiyozele isikhumbuzo sesona siseko sevangeli ebuyiselweyo.

Unganqwenela ukuqala ulungiselelo lwakho ngokufunda kwakhona ingxelo kaJoseph Smith yoMbono Wokuqala njengoko ubhaliwe kwiPerile yeXabiso eliKhulu. Isifundo sethu sokufunda kunyaka olandelayo kwi-Uze, Undilandele yiNcwadi kaMormoni. Unganqwenela ukucinga ngemibuzo ebalulekileyo efana nale, “Ingaba bungahluka kanjani ubomi bam ukuba ulwazi lwam olufunyenwe kwiNcwadi kaMormoni lungasuswa ngequbuliso?” okanye “Iziganeko ezilandela uMbono woKuqala zenze njani umahluko kum kunye nakwabasenyongweni kum?” Kwaye, ngemiboniso bhanya-bhanya yeNcwadi kaMormoni ngoku iya ifumaneka, unganqwenela ukuzibandakanya kufundo lwakho lobuqu kunye nosapho.

Khetha imibuzo yakho. Yila isicwangciso sakho. Zintywilisele ekukhanyeni kobuqaqawuli beMbuyiselo. Njengoko usenza, inkomfa yajikelele kuTshazimpunzi ozayo ayiyakukhunjulwa kuphela; iya kuba yeyona engalibalekiyo.

Ngoku ekuvaleni, ndinishiya nothando lwam kunye nentsikelelo yam yokuba ngamnye kuni onwabe kwaye abengcwele ngokuthe chatha yonke imihla. Okwangoku, nceda uqiniseke ukuba isityhilelo siyaqhubeka eBandleni kwaye siya kuqhubeka phantsi kwesikhokelo seNkosi de kube “ziyafezekiswa iinjongo zikaThixo, kwaye uYehova omkhulu uya kuthi umsebenzi ugqityiwe.”3

Ndinisikelela njalo, ndiphinda ndinithembisa ngothando lwam kuni, ngobungqina bam bokuba uThixo uyaphila! UYesu unguKrestu! Eli liBandla laKhe kwaye thina singabantu baKhe. Ngegama elingcwele likaYesu Krestu, amen.