2020
Ukulungiselela ngeMisebenzi yeBandla
EyeKhala 2020


“Ukulungiselela ngeMisebenzi yeBandla,” Liyahona, EyeKhala 2020

Umfanekiso
ukulungiselela

Ifoto yabafana abancinane emisa intente nguBud Corkin; Ifoto yemantombazana imisa itafile/Ifoto yentombazana ilungisa itafile nguSherie Price McFarland; imvelaphi evela kwiMifanekiso kaGetty.

Imigaqo Yokulungiselela, EyeKhala 2020

Ukulungiselela ngeMisebenzi yeBandla

Inqaku lomhleli/Uphawulo lomhleli: Eli nqaku lenziwe ngaphambi kobhubhane we-COVID-19. Ezinye zeengcebiso ezingezantsi azizukusebenza ngexesha lokungasondelani kodwa ziya kusebenza kanye xa iintlanganiso zeBandla kunye nemisebenzi iphinde iqhubeke. Ukuba kuyadingeka, nceda uqhelanisa ezigcebiso ngokwezikhokelo zangoku zeBandla kwakunye nezikarhulumente.

Enye indlela esinokuthi silungiselele ngayo kwamanye amalungu esebe, abamelwane kunye nabahlobo kungemisebenzi yeBandla. Nokuba ucwangcisa umsebenzi malunga nezidingo okanye iimfuno zomntu omlungiselelayo okanye ubamema ukuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi okanye amathuba okunceda abanye abantu, imisebenzi kwisebe, amasebe, okanye kwinqanaba lamasebe amanizi unganikezela iindlela ezinomdla nezonwabisayo ezingakhuthaza umanyano kunye nokomeleza amalungu.

Imisebenzi yeBandla kananjalo ingavula umnyango wamathuba amininzi okulungiselela. Umzekelo, imisebenzi yeBandla inganikezela ngamathuba okuthatha inxaxheba kwiiprojekthi zokunceda/zokukhonza ezisikelela abanye kunye nokwakha ubudlelwane obakhayo eluntwini. Imisebenzi yeBandla inokuba kananjalo ibe lithuba lokufikelela kumalungu eBandla angasathathi nxaxheba kwakunye nabahlobo bezinye iinkolo okanye abahlobo abanganxulumananga nenkolo.

Ukubandakanya abantu abaninzi kwimisebenzi yeBandla kudala ithuba lokuba iNkosi isikelele kwaye yomeleze iiwards kwakunye namasebe ethu, iindawo esihlala kuzo, noluntu lwethu.

Ukwakha Ubudlelwane Obakhayo

Ubusika babusiza, kwaye noDavid Dickson wayengenalo nofifi lokuba uzakulugcina njani lufudumele usapho lwakhe.

UDavid, umfazi wakhe, kunye neentombi zakhe ezimbini babesandula ukufudukela kwidolophu yasemaphandleni yase-Fredonia, eArizona, e-USA, indawo enentlango ephezulu ejikelezwe ngamawa abomvu anobungangamsha, iisagebrush, kunye nezihlala ziluhlaza/nezihlala-ziluhlaza

Ikhaya elaliqeshwe zi-Dickons lalixhomekeke kwisitovu esivutha ngeenkuni njengesixhobo sayo sokuqala sobushushu. UDavid wakhawuleza wafunda ukuba ukuqokelela iinkuni kwakububuchule obufunekayo kuba ubusika eFredonia bugcwele ikhephu kunye nomkhenkce.

“Ndandingenazo iinkuni zomlilo okanye ikhonkco lokusarha okanye ulwazi lwendlela lokuyisebenzisa!” Utsho uDavid “Ndandingazi ukuba ndizokwenza ntoni.”

Amanye amalungu ewadi abuza uDavid ukuba usapho lwakhe lwalunenkuni ezaneleyo na ukuba zidlule ebusika. “Akubathathanga xesha lide ukuqonda ukuba ndandingenazo,” utsho uDavid. Iqumrhu labadala kungekudala bazinikela/lazinikela ngokundincedisa ukuqokelela iinkuni. Ndonganyelwe ngumbulelo ongazenzisiyo, ndawamkela umnikele wabo.”

Kungekudala uDavid wafumanisa ukuba olu hambo lokuqokelela iinkuni yayiyemisebenzi emininzi elindelekileyo ecwangciswe kakuhle, elungiswe kakuhle, kwaye umsebenzi we wadi owawuhanjelwa kakuhle. Ngenye intsasa yangoMgqibelo, uDavid, iqumrhu labadala , kunye namanye amalungu ewadi aya ezintabeni kwindibano yelori kunye zezikhoji.

“Ngemini enye, ndiyabulela ngezixhobo zabo kunye nolwazi lwabo, amalungu ewadi abonelele usapho lwam ngemfumba yeenkuni eyathi yasigcina amacandelo amabini obusika,”utshilo uDavid. “Okubaluleke nangakumbi, ndafundiswa yonke into endandidinga ukuyazi ngokuqokelela iinkuni ngokunokwam. Ngexesha lokufuduka kwam eFredonia, bendikwazi ukuphatha ikhonkco lokusarha, kwaye bendincedisa kwimisebenzi emininzi yewadi yokuqokelela iinkuni endingenokuyibala.“

Imisebenzi enjalo yewadi ayakhi ubudlelwane obuhle phakathi kwamalungu eBandla kodwa yakha ubudlelwane obakhayo naye wonke umntu ekuhlaleni.”

“Ndikhumbula umfazi omnye, wayengelilo ilungu leBandla, owayemtsha kule ndawo, utshilo uDavid. “Wayenyanzeleke ukuba atshise iinkuni kwikhaya lakhe ukuze afudumale. Sakuba sifundile malunga nengxaki yakhe, saqinisekisa ukuba uneenkuni ezaneleyo zokuba adlule kubusika. Wayenombulelo kakhulu kuba/Wayenombulelo omkhulu wayengakwazi nokuthetha.

Iinzame zokulungiselela eFredonia zaziqinisekisa ukuba wonke umntu uhlala ekhuselekile kwaye eshushu ebusika.

Ukufikelela kwaBanye

Ngexesha lomsebenzi wevangeli eRomania, uMeg Yost neqabane lakhe bahlala betyelela usapho olwalungasayi ecaweni/ebandleni ixesha elide. “Abakwa Stanicas babephakathi kwamalungu okuqala eBandla eRomania,” utsho uMeg, “kwaye sasibathanda.”

Xa lafika ixesha lokucwangcisa nokulungiselela umsebenzi wesebe, iinkokheli zagqiba kwelokuba isebe lizakuba no “Busuku Boovulindlela.” Oku kungangokuhlwa okubhiyozelwa oovulindlela abanesibindi abawela/ababenesibindi sokuwela iUnited States ukuya kufikelela kwiSalt Lake Valley. Iyakuba kananjalo lithuba lokuhlonipha oovulindlela beBandla eRomania.

“Besicinga ukuba yeyona ndlela ilungileyo yokuba amanye amalungu anike ubungqina boguquko/boguquko/benguquko yabo lwabo kunye nendlela abayilibone ngalo iBandla likhula eRomania,” utsho uMeg. “Siye sacinga ukuba usapho lakwaStanica kufuneka lubandakanywe. Sibameme ukuba bathathe inxaxheba, kwaye babevuya! ”

Ngobusuku bokwenza lo msebenzi, ii-Stanicas bezingekafiki ngexesha lokuqalisa.

“Besinexhala lokuba azizokuza,” uMeg uyakhumbula. “Kodwa ngexesha elifanelekileyo, bangena ngomnyango. AbakwaStanicas banika ubungqina obuhle bevangeli kunye neBandla. Baye kanjalo bakwazi nokuthi bancokole namanye amalungu abangakhange babonane ithuba elide.”

Amalungu esebe avula iingalo zawo zamkela iiStanicas. NgeCawa elandelayo, uMeg wamangaliswa kukubona uDade uStanica ecaweni.

“Xa bendityelele isebe kwiinyanga ezimbalwa kamva, wayesiza!” Utsho uMeg. Ndicinga ukuba ithuba lokungqina ngobungqina bakhe kwaye azive ebandakanyeka kwaye efuneka kwisebe kuye kwamnceda kakhulu.

Iimbono ezine zokuLungiselela ngeMisebenzi yeBandla.

  • Cwangcisa imisebenzi eza kuthi ihlangabezane nezidingo: Imisebenzi yindlela elungileyo kakhulu yokuhlangabezana nezidingo ezahlukeneyo. Zinokucwangciswa ukuba zihlangabezane nezidingo ezithile zomntu okanye zeqela. Kuya kufuneka zihlangabezane nezidingo zabo bathabatha inxaxheba, nokuba ngaba eso sidingo sesokwazana ngcono nomnye, ukufunda ngakumbi ngevangeli, okanye ukuva uMoya.

  • Mema wonke umntu: Njengokuba ucwangcisa imisebenzi, yenza umzamo okhethekileyo wokumema abo banokuxhamla ngokuthatha inxaxheba. Hlala ukhumbula amalungu amatsha, amalungu angaseziyo, ulutsha, abantu abadala abangatshatanga, abantu abakhubazekileyo, kunye nabantu bezinye iinkolelo. Yandisa isimemo unomdla kubo, kwaye uchaze indlela ongathanda ngayo ukuba beze.

  • Khuthaza ukuthatha inxaxheba: Abo ubamemileyo baya kufumana okuninzi kwimisebenzi ukuba banethuba lokuthatha inxaxheba. Enye indlela yokukhuthaza ukuthatha inxaxheba kukwenza ukuba umntu ngamnye asebenzise izipho zabo, izakhono kunye neetalente ngexesha lomsebenzi.

  • Yamkela wonke umntu:Ukuba abahlobo bakho bayeza kumsebenzi, yenza konke onako ukubenza bazive bamkelekile. Ngokukwanjalo, ukuba ubona abantu ongabaziyo, yiba nobubele kwaye ubamkele nabo!