2020
Ukwabelana ngokuKhanya koMsindisi ngeKrisimesi
EyoMnga 2020


“Ukwabelana ngokuKhanya koMsindisi ngeKrisimesi,” Liyahona EyoMnga 2020

Umfanekiso
ukulungiselela

Ifoto yokuzalwa kukaYesu nguNiltza Beatriz Santillan Castillo; ifoto yesipho ivela kwiGetty Images

Imigaqo Yokulungiselela, EyoMnga 2020

Ukwabelana ngokuKhanya koMsindisi ngeKrisimesi

Cinga ngabo ulungiselela kubo. Ungabanceda njani ukuba basondele kuKrestu ngayo le Krisimesi?

Nangona sikhumbula uMsindisi uYesu Krestu unyaka wonke, iKrisimesi lixesha apho sithi sibhiyozele esona sipho sikhulukazi ekwakhe kwanikezelwa ngaso: “Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo” (Yohane 3:16). Xa silungiselela ngeKrisimesi, nathi singanikezela ngezipho ezithi zincede abanye basondele kuMsindisi. Kuyamangalisa ukuthi nathi sizicingele njengokunikela ngesipho esifana neso sanikelwa nguBawo oseZulwini.

NdisasiXabisa ISipho

USusan Hardy, eCalifornia, e-USA

Xa ndandineminyaka eli-11 ubudala, utitshala wam weSikolo sangeCawa, uMzalwana Deets, waxelela iklasi yethu ukuba sasingankqaya iZivumo zoKholo kwaye simcacisele ukuba zazithetha ntoni, wayeya kusithengela ezethu izibhalo ezingcwele.

UMzalwane kunye noDade uDeets babesisibini esincinane ngobudala, besaqalisa. Ndandingaqinisekanga ukuba uMzalwane uDeets wayenako ukuthengela nabanina isipho. Kodwa ndagqiba kwelokuba ukuba wayecinga iZivumo zoKholo zazibaluleke ngokwanele ukuba zigcinwe ngentloko, ndandiya kuwuthatha lo mcelimngeni.

Emveni kokuba ndandizigqibile zonke zili-13, ixesha laye lagqitha kwaye ndalibala ngesithembiso sakhe.

Kwandula, ngeMini yeKrisimesi, ndafumana ipasile enegama lam kuyo. Ndayivula ndafumana iseti yezibhalo ezingcwele ezizezam, kunye nekhadi elikhuthaza ukuba ndizifunde rhoqo. Kwakungo–1972, kwaye kude kube namhlanje ndisenazo ezo zibhalo zingcwele. Zona zixabisekile kum.

Yayingelo xabiso lesipho kodwa bububele awandibonisa bona kunye nedini awayelangazelela ukulenzela mna okwandishiya nomnqweno onzulu wokufunda ilizwi likaThixo. Ndiyazama ukulandela umzekelo kaMzalwana uDeets wokulungiselela ngokunikezela izipho ezinentsingiselo kwabo bandingqungileyo, ndithemba ukuba ndingasikelela ubomi babanye njengokuba wathi wasikelela obam.

Isimemo Sokudlala Indima

URichard M. Romney, e-Utah, e-USA

Xa abo babeceba umbhiyozelo weKrisimesi wesebe lethu bandicela ukuba ndindwendwele elinye ilungu elingakhuthalelanga icawe kwaye ndilimemele lize kuthatha inxaxheba kwinkqubo, kunyanzelekile ndivume ukuba ndandinovalo. Ndandikhe ndadibana noDarren kanye kuphela ngaphambili, ngexesha wayekhe wathatha inxaxheba ngaphambili kumbhiyozo wesebe. Wayenxibe ibhanti-lasentloko lesithuthuthu elixwesise ibunzi lakhe. Iinwele zakhe ezimhlophe ezinde zazibotshwe iphondo, wayeneendevu ezizeleyo ezimhlophe, kwaye neengalo zakhe zazizele imizobo yemivambo.

Ngoku, ndikhatshwe lilungu lekomiti, ndandimi kumnyango kaDarren, ndizibuza ukuba uza kuthini na. Wasicela ukuba singene ngaphakathi, kwaye samxelela kuba kutheni sasilapho. Wathi yena, “Owu, ndingathanda ukwenza oko!”

Wenza umsebenzi omangalisayo, encedisa ukwenza umsebenzi ubenentsingiselo kwabaninzi. Emva kwexeshana elifutshane, iqabane lam lokulungiselela kunye nam sacelwa ukuba sindwendwele uDarren rhoqo. Wayesoloko ejongeka evuyela ukusibona, kwaye saye sabaneencoko ezonwabisayo. Ndiyayibulela ngokuba impembelelo yokummemela ekuthatheni inxaxheba kwinkqubo yomsebenzi wesebe yaye yakhokelela kubuhlobo obuxabisekileyo.

Ukulungiselela Kwabanye ngeKrisimesi

Nazi ezinye izinto onokuzenza ukuqinisekisa ukuba abo uthi ulungiselele kubo bazokwazi ukuba ucinga ngabo, ingakumbi ngeli xesha lonyaka.

  1. Ngamanye amaxesha umnxeba okanye umyalezo wembalelwano ungenza imimangaliso. Ukuqala incoko ngokulula ukuthi “Molo, uqhuba njani?” kungenza umehluko.

  2. Zibandakanye nawe kwimibhiyozo yabo xa kufanelekile. IKrisimesi ingabalixesha elilungileyo lokufunda ngeenkolelo esinazo ezifanayo. Xa usabelana ngeenkolo kwaye umamele kwabanye, uvula umnyango wokuqonda okungaphezulu.

  3. Bathandazele ngegama. Cela uBawo oseZulwini akuncede ucinge ngeendlela onokubasondeza ngazo kuNyana waKhe.

  4. Izipho ezilula zisoloko izezona zikhumbulekayo kakhulu. Izipho akunyanzelekanga ukuba zintsokotheke ukuze zithandeke. Isipho sexesha, isipho sokumamela, ukwabelana ngefoto okanye ngesikhumbuzo—ezi zonke zingaba zizo izipho zentliziyo.

  5. Nikezela ngesipho sobungqina. Bacele babelane ngothando lwabo loMsindisi nawe, kwaye nawe nikezela ngokwabelana ngothando lwaKhe onalo nabo.

  6. Memela abanye bazimase inkonzo yeKrisimesi. Abanye abantu bayafuna ukunqula kodwa abazi ukuba mabaye phi. Bameme ukuba baze kunqula kunye nawe.

  7. Zalisa amakhaya wabo ngoxolo. Bazise okokuba abafundisi bevangeli banomyalezo okhethekileyo weKrisimesi abangabelana ngawo, lowo uya kuthi uzise ithemba kunye nothando kwiintliziyo zabo.

Ukulungiselela kubo Bonke njengeBandla

Zonke iimfuno zebandla zahlukile. Abanye bayazuza ngokwenza umsebenzi omkhulu. Amanye amabandla asenokuzuza kwinto encinci kunye nelula. Abo babandakanyeka ekucwangciseni kunye nasekuququzeleleni kwemisebenzi bacinga ngokuthandaza okokuba bangahlangabezana nazo njani iimfuno ezikhoyo.

  • Amalungu awaphuma kwiingqokelela ezintathu zamasebe zaseParis, France anceda axhasa umbhiyozo wangokuhlwa weLight the World owawuquka umboniso weetalente kunye nomboniso wefashoni. Aye alungisa izinto ezathi zaphiwa iimbacu kunye nabantu abahlangabezana nokungabi namakhaya.

  • ICharlotte North Carolina Central Stake yaye yabambela umcimbi “weKrisimesi kwiHlabathi Jikelele” uluntu kunye nombhiyozo wokubhiyozela uKrestu ngokutya, imiboniso yeKrisimesi yezizwe ngezizwe, umculo, iiprojekthi zenkonzo, kunye nokuzalwa kukaKrestu kwenzelwa abantwana.

  • Amalungu eVero Beach Florida Stake angenelela isikhumbuzo soluntu sokuba kutheni sibhiyozela iKrisimesi. Izinto zokudlala zanikelwa kwimibutho yesisa yasekuhlaleni. Ikwayala yaBantwana Abancinane yaye yacula, kwaye iicawa ezininzi zazineminquba ebonisa ulwazi.

  • IJacksonville Florida South Stake yenza umboniso wemveliso Savior of the World isenzela uluntu.