Izibhalo
1 Nifayi 1


INcwadi yoKuqala kaNifayi

Ukulawula Nobufundisi Bakhe

Ingxelo kaLihayi nenkosikazi yakhe uSaraya, noonyana bakhe abane, ababizwa (ukusuka komdala) uLeymeni, uLemuweli, uSem noNifayi. INkosi ilumkisa uLihayi ukuba aphume elizweni laseYerusalem, kuba uprofetha ebantwini ngokunxulumene nobugwenxa babo kwaye bafuna ukubutshabalalisa ubomi bakhe. Uthabatha uhambo lweentsuku ezintathu esinga entlango nosapho lwakhe. UNifayi uthabatha abakhuluwa bakhe baze baphindele kwilizwe laseYerusalem besiya kufuna imbali yamaYuda. Ingxelo yeembandezelo zabo. Bazimanya neentombi zikaIshmayeli. Bathabatha iintsapho zabo basinga entlango. Iimbandezelo neenkxwaleko zabo entlango. Indlela yeehambo zabo. Bafika kumanzi amaninzi. Abakhuluwa bakaNifayi bayamvukela. Uyabathoboza, waza wakha inqanawa. Loo ndawo bayithiya igama elithi yiNdyebo. Bawela amanzi amaninzi ukuya elizweni ledinga, nanjalo-njalo. Oku kungokwengxelo kaNifayi; okanye ngamanye amazwi, mna, Nifayi, ndabhala le mbali.

Isahluko 1

UNifayi uqalisa ukubhala imbali ngabantu bakhe—ULihayi ubona embonweni intsika yomlilo aze afunde incwadi yobuprofeti—Udumisa uThixo, uchaza ngaphambili ngokuza kukaMesiya, aze aprofethe ngentshabalalo yeYerusalem—Uyatshutshiswa ngamaYuda. Malunga 600 P.K.

1 Mna, Nifayi, ekubeni ndizelwe ngabazali abalungileyo, ke ngoko ndafundiswa ngazo zonke izinto ezaziwa ngubawo; nasekubeni ndibone iinkxwaleko ezininzi endleleni yemihla yam, nangona kunjalo, nasekubeni ndithandwe ngokugqithisileyo yiNkosi ngayo yonke imihla yam; ewe, ekubeni ndinolwazi olukhulu ngokulunga neemfihlelo zikaThixo, ke ngoko ndibhala imbali yezinto endizenzileyo ngemihla yam.

2 Ewe, ndenza imbali ngolwimi lukabawo, olunemfundiso yamaYuda nolwimi lwamaYiputa.

3 Kwaye ndiyazi okokuba le mbali ndiyenzayo iyinyani; kwaye ndiyenza ngesandla sam; kwaye ndiyenza ngokubhekisele kulwazi lwam.

4 Kuba kwenzekile okokuba ekuqalekeni konyaka wokuqala wolawulo lukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, (ekubeni ubawo, uLihayi, ethe wahlala eYerusalem yonke imihla yakhe); kwaza kuloo nyaka kanye kwafika abaprofeti abaninzi, beprofetha ebantwini ukuba mabaguquke, kungenjalo isixekokazi saseYerusalem kufuneka sitshatyalaliswe.

5 Ngako oko, kwenzekile okokuba ubawo, uLihayi, njengoko wayehamba esiya kuthandaza eNkosini, ewe, nangentliziyo yakhe yonke, ethandazela abantu bakhe.

6 Kwaye kwenzekile njengoko wayethandaza eNkosini, kwavela intsika yomlilo yaza yahlala phezu kolwalwa phambi kwakhe; kwaye waza wabona weva okuninzi; ngenxa yezinto azibonileyo nazivileyo, wangcangcazela wankwantya kakhulu.

7 Kwaye kwenzekile okokuba waphindela endlwini yakhe eYerusalem; waza waziphosa emandlalweni wakhe, onganyelwe nguMoya nazizinto azibonileyo.

8 Ekubeni onganyelwe njalo nguMoya, wathwalelwa kumbono, nasekubeni wabona amazulu evuleka, wacinga okokuba ubona uThixo ehleli phezu kwetrone yakhe, engqongwe lihlokondiba elingenakubaleka leengelosi zikwimo yokuvuma ingoma nokudumisa uThixo wazo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba wabona Omnye esihla ephuma kumbindi wezulu, waza wabona okokuba ukukhazimla kwakhe kwakungaphaya kokwelanga emini emaqanda.

10 Waza wabona kananjalo nabanye abalishumi elinambini bemlandela, kwaye ukukhanya kwabo kwakusodlula okweenkwenkwezi esibhakabhakeni.

11 Baza behla baza babheka phambili ebusweni bomhlaba, waza owokuqala weza wema phambi kukabawo, waza wamnika incwadi, wamyalela okokuba afunde.

12 Kwaye kwenzekile okokuba njengokuba wayefunda, wazaliswa nguMoya weNkosi.

13 Waza wafunda esithi: Yeha, yeha, kuwe Yerusalem, kuba ndiwabonile amasikizi akho! Ewe, zaye zininzi izinto ezafundwa ngubawo malunga neYerusalem—okokuba kufuneka itshatyalaliswe, kwakunye nabemi bayo; abaninzi kufuneka betshabalele ngekrele, kanti abaninzi kufuneka bethatyathiwe bathinjelwe eBhabhilon.

14 Kwaye kwenzekile okokuba akuba ubawo efunde waza wabona izinto ezininzi nezinkulu nezimangalisayo, wamemeza izinto ezininzi eNkosini; ezinje ngezi: Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho, Owu Nkosi Thixo Somandla! Itrone yakho iphezulu emazulwini, kwaye amandla, akho nokulunga, neenceba ziphezu kwabo bonke abemi bomhlaba; kwaye, ngenxa yokuba unenceba, awunakubavumela ukuba abo beza kuwe batshabalale!

15 Kwaye yayingolu hlobo intetho kabawo ekudumiseni uThixo wakhe; kuba umphefumlo wakhe wabanovuyo, nentliziyo yakhe yonke yayizele, ngenxa yezinto awayezibonile, ewe, awayeziboniswe yiNkosi.

16 Ke kaloku, mna Nifayi, andenzi ngxelo ipheleleyo ngezinto ezabhalwa ngubawo, kuba wayebhale izinto ezininzi awazibona kwimibono nasemaphupheni; kananjalo ubhale izinto ezininzi awaziprofethayo waza wazithetha kubantwana bakhe, kwaye endingasayi kwenza ngxelo ipheleleyo ngazo.

17 Kodwa ndiza kuyenza ingxelo yenkqubo yam ngemihla yam. Qaphelani, ndenza isishwankathelo sembali kabawo, emacwecweni endiwenze ngezandla zam, ngako oko, emva kokuba ndishwankathele imbali kabawo kungoko ndiya kwenza ingxelo yobomi bam.

18 Ke ngoko, ndinqwenela ukuba nazi, okokuba emveni kokuba iNkosi ibonise imimangaliso emininzi kubawo, uLihayi, ewe, enxulumene nokutshatyalaliswa kweYerusalem, qaphelani wahamba waya phakathi kwabantu, waqalisa ukuprofetha ebaxelela ngezinto athe wazibona nezo azivileyo.

19 Kwaye kwenzekile okokuba amaYuda aye ahlekisa ngaye ngenxa yezinto awathi wangqina ngazo ngawo; kuba ngokwenene wangqina ngenkohlakalo yawo namasikizi awo; wangqina ukuba izinto azibonileyo nezo azivileyo, kwakunye nezinto azifunde encwadini, zibonakalisa ngokucacileyo ngokuza kukaMesiya, kwakunye nenkululeko yehlabathi.

20 Kwaye kuthe xa amaYuda esiva ezi zinto amqumbela, ewe, kwafana nakubaprofeti bakudala, ababebagxotha, bebaxuluba ngamatye, bebabulala; naye bazungula ubomi bakhe, bafuna ukumbulala. Kodwa qaphelani, mna Nifayi, ndiza kunibonisa okokuba iinceba ezinemfesane zeNkosi ziphezu kwabo bonke abo ithe yabanyula, ngenxa yokholo lwabo, ngokuthi ibenze babe namandlakazi kwanokuze babe namandla okuhlangula.