Izibhalo
1 Nifayi 10


Isahluko 10

ULihayi uprofetha ukuba amaYuda aya kuthinjwa ngabaseBhabhilon—Uxela ngokuza koMesiya phakathi kwamaYuda, uMsindisi, uMkhululi—ULihayi uxela kanjalo ngokuza kwalowo oya kubhaptiza iMvana kaThixo—ULihayi uxela ngokufa nangovuko lukaMesiya—Uthelekisa ukusasazwa nokuhlanganiswa kukaSirayeli nomthi womnquma—UNifayi uthetha ngoNyana kaThixo, ngesipho soMoya oyiNgcwele, nangemfuneko yobulungisa. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye ngoku mna, Nifayi, ndiyaqhubeka ngokunika ingxelo yenkqubo yam phezu kwala macwecwe, nolawulo nobulungiseleli bam; ngako oko, ukuqhubeka nengxelo yam, mandithethe nje ngezinto zikabawo kwakunye nezabakhuluwa bam.

2 Kuba qaphelani, kwaye kwenzeka ukuba emva kokuba ubawo egqibile ukuthetha amazwi ephupha lakhe, kananjalo ebayala ngokuba nayo yonke inkuthalo, wathetha nabo ngokunxulumene namaYuda—

3 Ukuba emva kokuba beya kutshatyalaliswa, kwanaso eso sixekokazi iYerusalem, kwaye nabaninzi bathatyathelwa ekuthinjweni eBhabhilon, ngokwentando nangexesha elifanelekileyo leNkosi, kumele babuyele kwakhona, ewe, bade babuyiswe ekuthinjweni; kwaye emva kokuba beya kubuyiswa ekuthinjweni baya kulibanga kwakhona ilizwe lelifa labo.

4 Ewe, nakumakhulu amathandathu eminyaka ukusuka kwixesha ubawo washiya elaseYerusalem, iNkosi uThixo iya kuphakamisa umprofeti phakathi kwamaYuda—kwanoMesiya, okanye, ngamanye amazwi, uMsindisi wehlabathi.

5 Kwaye wathetha kanjalo ngokunxulumene nabaprofeti, ngobuninzi obungako bamanani athi angqina ngezi zinto, ngokunxulumene nalo Mesiya, athe wathetha ngaye, okanye lo Mkhululi wehlabathi.

6 Ngako oko, lonke uluntu lwalulahlekile kwaye lukwimo yokuwa, kwaye luya kuba njalo ngaphandle kokuba baya kuxhomekeka kulo Mkhululi.

7 Kwaye wathetha kananjalo ngokunxulumene nomprofeti oya kuza ngaphambi koMesiya, ukulungiselela umendo weNkosi—

8 Ewe, uya kude abheke phambili kwaye adanduluke entlango: Wulungiseni umendo weNkosi, zityenenezeni iindlela zayo; kuba kumi omnye phakathi kwenu eningamaziyo; kwaye unobungangamsha kunam, omitya yeembadada zakhe ndingafanelekanga nokuyikhulula. Kwaye wathetha kangako ubawo ngokunxulumene nale nto.

9 Kwaye ubawo wathi uya kubhaptiza eBhetabhara, phesheya kweYordan; kwaye wathi kanjalo uya kubhaptiza ngamanzi; kwanokokuba uya kubhaptiza uMesiya ngamanzi.

10 Kwaye emva kokuba ebhaptize uMesiya ngamanzi, uya kumqonda kwaye anike ubungqina bokuba ubhaptize iMvana kaThixo, eya kuthabathela kuyo izono zehlabathi.

11 Kwaye kwenzekile emva kokuba ubawo ethethe la mazwi waye wathetha nabakhuluwa bam ngokunxulumene nevangeli eya kushunyayelwa phakathi kwamaYuda, kwaye kanjalo nangokunxulumene nokunyamalala kwamaYuda ekungakholweni. Kwaye emva kokuba bembulele uMesiya, oya kuthi eze, kwaye emva kokuba ebulewe uya kuthi avuke kwelabafileyo, kwaye uya kuzibonakalisa, ngoMoya oyiNgcwele, kwabeeNtlanga.

12 Ewe, kwa naye ubawo wathetha kakhulu ngokunxulumene nabeeNtlanga, kananjalo ngokunxulumene nendlu kaSirayeli, ukuba baya kuthelekiswa nomthi womnquma, omasebe awo aya kuqetshulwa kwaye asasazwe phezu kobuso bomhlaba.

13 Ngako oko, wathi kunyanzelekile ukuba sikhokelelwe ngamxhelo mnye kwilizwe lesithembiso, ukuze kuzaliseke ilizwi leNkosi, okokuba siya kusasazwa phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba.

14 Kwaye emva kokuba indlu kaSirayeli iya kusasazwa iya kuphinda ihlanganiswe kunye kwakhona; okanye, lilonke, emva kokuba abeeNtlanga beyizuzile ivangeli epheleleyo, amasebe endalo omthi womnquma, okanye iintsalela zendlu kaSirayeli, ziya kumiliselwa, okanye zize kulwazi loMesiya oyinyani, iNkosi yazo noMkhululi wazo.

15 Kwaye ubawo waprofetha wathetha ngolu hlobo kubakhuluwa bam, kanjalo nezinye izinto ezininzi endingazibhaliyo kule ncwadi; kuba ndibhale ezininzi zazo kangangoko bekuyimfanelo kum kwenye incwadi yam.

16 Kwaye zonke ezi zinto, endithethe ngazo, zenziwa ngethuba ubawo ebehleli ententeni, kwintlambo kaLemuweli.

17 Kwaye kwenzekile emva kokuba mna, Nifayi, ndiwavile onke amazwi kabawo, ngokunxulumene nezinto awazibonayo kumbono, kwakunye nezinto awazithethayo ngamandla oMoya oyiNgcwele, mandla lawo wawafumana ngokholo kuNyana kaThixo—kwaye uNyana kaThixo wabe enguMesiya oya kuza—mna, Nifayi, ndanqwenela kanjalo ukuba ndibe nokubona, ndive, ndize ndazi ngezi zinto, ngamandla oMoya oyiNgcwele, asisipho sikaThixo kubo bonke abo bamfuna ngenyameko, ngamaxesha akudala nanje ngexesha aya kuthi azibonakalise kubantwana babantu.

18 Kuba ukwanguye izolo, namhla, nangonaphakade; kwaye indlela ilungiselelwe bonke abantu ukususela kwisiseko sehlabathi, ukuba bathi baguquke kwaye beze kuye.

19 Kuba lowo ufuna ngenkuthalo uya kufumana, kwaye neemfihlelo zikaThixo ziya kutyhilwa kubo, ngamandla oMoya oyiNgcwele, njengoko kunjalo kula maxesha nakuwo amaxesha akudala, kwa njengoko kwakunjalo kumaxesha akudala nakumaxesha azayo; ngako oko, umgaqo weNkosi ungumjikelo omnye wanaphakade.

20 Ke ngoko khumbula, Owu bantu, ngazo zonke izenzo zenu niya kuziswa ekugwetyweni.

21 Ngako oko, ukuba nifuna ukwenza ngenkohlakalo ngemihla yobulingwa benu, ke niya kufunyanwa ningacocekanga phambi kwesihlalo sokugweba sikaThixo; kwaye ayikho into engacocekanga enokuhlala noThixo; ngako oko kufuneka nikhutshelwe ngaphandle ngonaphakade.

22 Kwaye uMoya oyiNgcwele undinika igunya lokuba ndizithethe ezi zinto, kwaye ndingaziphikisi.