Izibhalo
1 Nifayi 11


Isahluko 11

UNifayi ubona uMoya weNkosi kwaye imbonisa embonweni umthi wobomi—Ubona unina woNyana kaThixo kwaye ufunda ngokuzithoba kukaThixo—Ubona ubhaptizo, ubulungiseleli, kwaye nokubethelelwa emnqamlezweni kweMvana kaThixo—Ubona kanjalo ubizo nobulungiseleli lwaBapostile abaLishumi elineSibini bayo iMvana. Malunga 600–592 P.K.

1 Kuba kwenzekile emva kokuba ndathi ndanqwenela ukwazi ngezinto athe ubawo wazibona, kwaye ndikholelwa ukuba iNkosi yayinako ukuzenza zazeke nakum, ndathi xa ndandihleli ndiziguquguqula entliziyweni yam ndaphakanyiselwa kude eMoyeni weNkosi, ewe, ukuya kwintaba ephakame ngokugqithisileyo, endingazange ndayibona ngaphambili, kwaye endingazange ndalubeka unyawo lwam phezu kwayo ngaphambili.

2 Waza uMoya wathi kum: Qaphela, unqwenela ntoni?

3 Ndaza ndathi: Ndinqwenela ukuzibona izinto athe ubawo wazibona.

4 Waza uMoya wathi kum: Uyakholwa na ukuba uyihlo wawubona umthi lowo athethe ngawo?

5 Ndaze ndathi: Ewe, uyazi ukuba ndiyakholwa kuwo onke amazwi kabawo.

6 Kwaye ekubeni ndithethe la mazwi, uMoya wadanduluka ngelizwi elikhulu, usithi: Hosana kuyo iNkosi, uThixo osenyangweni, kuba unguThixo phezu kwehlabathi liphela, ewe, nangaphezu konke. Kwaye usikelelekile wena, Nifayi, ngokuba uyakholwa kuNyana kaThixo osenyangweni; ngako oko, uya kuzibona izinto othe wazinqwenela.

7 Kwaye qaphela le nto iya kunikelwa kuwe nje ngomqondiso, ukuze emva kokuba uwubonile umthi othwele isiqhamo awasingcamlayo uyihlo, uya kubona kanjalo indoda isihla iphuma ezulwini, kwaye uya kungqina ngayo; kwaye emva kokuba ungqinile ngayo uya kunika ubungqina bokuba inguNyana kaThixo.

8 Kwaye kwenzekile okokuba uMoya wathi kum: Khangela! Ndaze ndakhangela ndabona umthi; kwaye ufana nomthi lowo ubawo wayewubonile; kwaye ubuhle bawo babungaphaya, ewe, ukudlula bonke ubuhle; kwaye nobumhlophe bawo babubudlula ubumhlophe obunje ngekhephu eliqhutywa ngumoya.

9 Kwaye kwenzekile emva kokuba ndiwubonile umthi, ndathi kuwo uMoya: Ndiyaqaphela ukuba undibonisile umthi oxabiseke ngaphezulu kunayo yonke.

10 Waza wathi kum: unqwenela ntoni?

11 Ndaza ndathi kuwo: Ukwazi inguqulelo yawo—kuba ndathetha nawo nje ngokuba umntu ethetha; kuba ndaqaphela ukuba waye unokumila komntu; kodwa, nangona kunjalo, ndandisazi ukuba yayinguMoya weNkosi; kwaye wawuthetha nam njengendoda ithetha nenye.

12 Kwaye kwenzekile okokuba yathi kum: Khangela! Ndaza ndakhangela ngokungathi ndikhangele kuyo, ndaza andayibona; kuba yayimkile phambi kobuso bam.

13 Kwaye kwenzekile okokuba ndikhangele ndabona isixekokazi saseYerusalem, kananjalo nezinye izixeko. Kwaye ndasibona isixeko saseNazarete; kwaye kwisixeko saseNazarete ndabona intombi engazani nandoda, kwaye yaye intle kunene kwaye imhlophe.

14 Kwaye kwenzekile okokuba ndiwabone amazulu evuleka; yaza ingelosi yehlela ezantsi yaza yema phambi kwam; yaza yathi kum: Nifayi, ubona ntoni?

15 Ndaza ndathi kuyo: Intombi engazani nandoda, ebukeka ngokugqithisileyo kwaye intle ngaphezulu kunazo zonke iintombi ezingazani nandoda.

16 Yaza yathi kum: Uyakwazi na ukuzithoba kukaThixo?

17 Ndaza ndathi kuyo: Ndiyazi okokuba uyabathanda abantwana bakhe; nangona kunjalo, andiyazi intsingiselo yazo zonke izinto.

18 Yaza yathi kum: Qaphela, intombi engazani nandoda oyibonayo ingunina woNyana kaThixo, esenyameni.

19 Kwaye kwenzekile okokuba ndibone ukuba iphakanyiselwa kude eMoyeni; kwaye emva kokuba iphakanyiselwe kude eMoyeni okwethutyana ingelosi yathetha nam, isithi: Khangela!

20 Ndaye ndakhangela ndaza ndabona kwakhona intombi engazani nandoda, iphethe usana ezingalweni zayo.

21 Yaza ingelosi yathi kum: Qaphela iMvana kaThixo, ewe, kwanaye uNyana kaBawo waNaphakade! Uyayazi intsingiselo yomthi lowo wawubonayo uyihlo?

22 Ndaza ndayiphendula, ndisithi: ewe, iluthando lukaThixo, oluzalisa ngapha nangapha ezintliziyweni zabantwana babantu; ngako oko, luyinto enqwenelekayo ngaphezu kwazo zonke izinto.

23 Yaza yathetha nam, isithi: Ewe, kwaye luyeyona nto ivuyisa kakhulu emphefumlweni.

24 Kwaye emva kokuba iwathethile la mazwi, yathi kum: Khangela! Ndaza ndakhangela, ndaza ndabona uNyana kaThixo esiya phambili phakathi kwabantwana babantu; ndaza ndabona abaninzi besiwa ezinyaweni zakhe kwaye bemnqula.

25 Kwaye kwenzekile okokuba ndibone ukuba intonga yesinyithi, abeyibonile ubawo, yaye ililizwi likaThixo, eyayikhokelela kumthombo wamanzi aphilayo, okanye kumthi wobomi; amanzi lawo amele uthando lukaThixo; ndaza ndabona kanjalo ukuba umthi wobomi wawumele uthando lukaThixo.

26 Yaza ingelosi yathi kum kwakhona: Khangela ubone ukuzithoba kukaThixo!

27 Ndaye ndakhangela ndaza ndabona uMkhululi wehlabathi, abekhe wathetha ngaye ubawo; ndaza ndabona kanjalo umprofeti owayeza kulungiselela indlela ngaphambi kwakhe. Yaza iMvana kaThixo yabheka phambili yaza yabhaptizwa nguye; kwaye emva kokuba ibhaptiziwe, ndawabona amazulu evuleka, waza uMoya oyiNgcwele wehla uphuma ezulwini waza wahlala phezu kwakhe unje ngehobe.

28 Ndaye ndaqaphela ukuba ubheka phambili ulungiselela ebantwini, usemandleni kwaye unozuko olukhulu; kwaye izihlwele zazihlanganisene kunye ukuze zimve; ndaza ndaqaphela ukuba zimkhuphela ngaphandle phakathi kwazo.

29 Ndaza kanjalo ndaqaphela abanye abalishumi elinambini bemlandela. Kwaye kwenzekile okokuba bathatyathelwa kude eMoyeni bemka phambi kobuso bam, ndaza andaphinda ndibabone.

30 Kwaye kwenzekile okokuba ingelosi ithethe nam kwakhona, isithi: Khangela! Ndaza ndakhangela, ndaza ndabona amazulu evuleka kwakhona, ndaza ndabona iingelosi zisehlela phezu kwabantwana babantu; kwaye zibalungiselela.

31 Kwaye yathetha nam kwakhona, isithi: Khangela! Ndaza ndakhangela, ndaza ndabona iMvana kaThixo ibheka phambili phakathi kwabantwana babantu. Ndaza ndaqaphela izihlwele zabantu abayimilwelwe, kwaye babebandezelekile lulo lonke uhlobo lwezifo, naba noomtyholi noomoya abangcolileyo; yaza ingelosi yathetha kwaye yandibonisa zonke ezi zinto. Kwaye baphiliswa ngamandla eMvana kaThixo; kwaye oomtyholi noomoya abangcolileyo bakhutshelwa ngaphandle.

32 Kwaye kwenzekile okokuba ingelosi ithethe nam kwakhona, isithi: Khangela! Ndaza ndakhangela ndaza ndayibona iMvana kaThixo, okokuba yayithatyathiwe ngabantu; ewe, uNyana kaThixo ongunaphakade wagwetywa lihlabathi; kwaye ndabona ndaza ndanika ubungqina.

33 Kwaye mna, Nifayi, ndabona ukuba yaphakanyiselwa phezulu emnqamlezweni yaza yabulawa ngenxa yezono zehlabathi.

34 Kwaye emva kokuba ibulewe ndazibona izihlwele zomhlaba, okokuba zihlanganisene kunye ukulwa nabapostile beMvana; kuba abalishumi elinambini babebizwa njalo yingelosi yeNkosi.

35 Kwaye isihlwele somhlaba sasihlanganisene kunye; ndaza ndaqaphela ukuba sasikwisakhiwo esikhulu kwaye esiphangaleleyo, njengeso sakhiwo esathi sabonwa ngubawo. Yaza ingelosi yeNkosi yathetha nam kwakhona, isithi: Qaphela ihlabathi nobulumko balo; ewe, qaphela indlu kaSirayeli ihlanganisene kunye ukulwa nabapostile abalishumi elinambini beMvana.

36 Kwaye kwenzekile okokuba ndibone ndize ndinike ubungqina bokuba isakhiwo esikhulu nesiphangaleleyo sasilikratshi lehlabathi; kwaye sawa, kwaye ukuwa kwaso kwakugqithisile kakhulu. Yaza ingelosi yeNkosi yathetha nam kwakhona, isithi: Kuya kuba njalo ke ukutshatyalaliswa kwezizwe zonke, izalamane, iilwimi nabantu, abaya kuthi balwe nabapostile abalishumi elinambini beMvana.