Izibhalo
1 Nifayi 21


Isahluko 21

UMesiya uya kuba kukukhanya kwabeeNtlanga kwaye akhulule amabanjwa—USirayeli uya kuhlanganiswa ngamandla kwimihla yokugqibela—Ookumkani baya kuba ngabondli babo—Thelekisa Isaya 49. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye kwakhona: Phulaphula, Owu wena ndlu kaSirayeli, nonke nina baqetshulweyo naza naqhutyelwa ngaphandle ngenxa yenkohlakalo yabelusi babantu bam; ewe, nonke nina baqetshulweyo, nasasazelwa kude, abangabantu bam, Owu ndlu kaSirayeli. Mamelani, Owu ziqithi, mamelani kum, nize niphulaphule nina bantu abakude; iNkosi indibize kwasesizalweni; ilikhankanye kwasezibilinini zikama igama lam.

2 Kwaye uwenze umlomo wam wanjengekrele elibukhali; esithunzini sesandla sakhe undifihlile waza wandenza itolo elibengezelisiweyo; kumphongolo wakho undifihlile.

3 Waza wathi kum: Ungumkhonzi wam, Owu Sirayeli, endiya kuzukiswa ngaye.

4 Ndaza ndathi ke mna, ndisebenzele ilize, ndiwasebenzisele amandla am kokungento nangelize; ngokwenene isigwebo sam siseNkosini, kwaye nomsebenzi wam ukuye uThixo wam.

5 Kwaye ngoku, yathi iNkosi—eyandibumba kwasesizalweni ukuze ndibe ngumkhonzi wayo, ukuze ndibuyisele uYakobi kuyo kwakhona—nokuba uSirayeli akakahlanganiswa, kodwa ndiya kuhlala ndizukile emehlweni eNkosi, kwaye uThixo wam uyakuba ngamandla am.

6 Waza wathi: Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi wam ukuze uvuse izizwe zikaYakobi, uze ubuyisele intsalela kaSirayeli. Ndiya kukunikezela kanjalo ukuba ube kukukhanya kubo abeeNtlanga, ukuze ubelusindiso lwam kude kuye kwiziphelo zomhlaba.

7 Itsho njalo ke iNkosi, uMkhululi kaSirayeli, oNgcwele wakhe, kulowo abantu bamcekisayo, kulowo izizwe zimthiyileyo, kumkhonzi wabalawuli: OoKumkani baya kubona baze besuke beme, iinkosana kanjalo ziya kunqula, ngenxa yeNkosi enyanisekileyo.

8 Itsho njalo ke iNkosi: Ngexesha elamkelekileyo ndikuvile, Owu ziqithi zolwandle, kwaye ngomhla wosindiso ndikuncedisile; kwaye ndiya kukulondoloza, ndize ndikunike umkhonzi wam njengomnqophiso wabantu, ukumisela umhlaba, ukuze ubenze bawadle ilifa amanxiwa angamafa;

9 Ukuze ubenokuthi kumabanjwa: Hambani nimke; kubo abo bahleli ebumnyameni: Zibonakaliseni. Baya kudla ezindleleni, kwaye namadlelo abo aya kuba kuzo zonke iindawo eziphakamileyo.

10 Abasayi kulamba bengasayi kunxanwa, nobushushu kwanelanga azisayi kubabetha; kuba lowo ube nenceba kubo uya kubakhokela, kwanangayo imithombo yamanzi uya kubakhokela.

11 Kwaye ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe yindlela, kwaye imendo zam ziya kuphakanyiswa.

12 Kwaye ke, Owu ndlu kaSirayeli, qaphela, aba baya kuba bevela kude; kwaye yabona, aba basuka emantla nasentshona; kwaye aba basuka kwilizwe laseSinim.

13 Vuma ingoma, Owu mazulu; uze uvuye, Owu mhlaba; kuba iinyawo zabo basempumalanga ziya kuzinziswa; baze bagqabhuke engomeni, Owu zintaba, kuba abasayi kuphinda babethwe; kuba iNkosi ibathuthuzele abantu bayo, kwaye iya kuba nenceba kwabo babandezekileyo bayo.

14 Kodwa, qaphela, iZiyon ithe: INkosi yam indishiyile, kwaye iNkosi yam namfesane—kodwa iya kuthi ibonakalise ukuba ayindilibalanga.

15 Kuba umfazi angamlibala na umntwana wakhe amanyisayo, aze angabi naluvelwano kunyana wesizalo sakhe? Ewe, basenako ukulibala, kanti mna andisayi kunilibala, Owu ndlu kaSirayeli.

16 Qaphela, ndikukrolile phezu kwentende yezandla zam; iindonga zakho ziphambi kwam ngamaxesha onke.

17 Abantwana bakho baya kukhawuleza ngokuchasene nabo bakutshabalalisayo; kwaye abo bathi bakwenza umqwebedu baya kuba phambili kunawe.

18 Phakamisela amehlo akho ngapha-nangapha uze ubone; bonke aba bahlanganisene kunye, kwaye baya kuza kuwe. Kwaye njengoko ndiphila, itsho iNkosi, ngokwenene uya kuzambathisa ngabo bonke, njengesihombiso, kwaye ubabhinqe njengoko umtshakazi ebhinqa.

19 Kuba umqwebedu wakho neenkangala zeendawo zakho, nelizwe lentshabalalo yakho, liya kuxinana kakhulu nangalo eli lixa ngenxa yabemi; kwaye abo bathi bakuginya baya kuba kude.

20 Abantwana oya kuthi ubenabo, emva kokuba ulahlekelwe ngabo bokuqala, baya kuthi ezindlebeni zakho kwakhona: Indawo icuthene kakhulu kum; ndinike indawo ukuze ndihlale.

21 Uya kuthi ke entliziyweni yakho: Ndibazalelwe ngubani aba, ndalahlekelwa nje ngabantwana bam, kwaye ndikhedamile, umthinjwa, kwaye ndisiwa ngapha nangapha? Kwaye ngubani ondikhulisele bona? Qaphela, ndandishiyeke ndindedwa; aba, bebekade bephi?

22 Itsho njalo ke iNkosi uThixo: Qaphelani, ndiya kusiphakamisela phezulu isandla sam kwabeeNtlanga, ndize ndimisele ibhanile yam ebantwini; kwaye baya kubafunqula oonyana benu ezingalweni zabo, kwaye iintombi zenu ziya kutyathwa emagxeni abo.

23 Kwaye ookumkani baya kuba ngabondli babo, baze ookumkanikazi babo babanyise; baya kuqubuda phantsi kuni ubuso babo bujonge ngasemhlabeni, baze bakhothe uthuli lweenyawo zakho; kwaye uya kuyazi ukuba ndim iNkosi; kuba abayi kuba nazintloni abo bathi bandilindele.

24 Kuba ingaba ixhoba liya kuthatyathwa kwabo banamandlakazi, okanye abathinjwa abagcina imithetho bakhululwe?

25 Kodwa itsho njalo ke iNkosi, kwanabo abathinjwa babanamandlakazi baya kuthatyathwa bamkiswe; kwaye ixhoba labo boyikekayo liya kuhlangulwa; kuba ndiya kubambana naye obambana nawe, kwaye ndiya kubasindisa abantwana bakho.

26 Kwaye ndiya kubadlisa inyama yabo abo bakucinezelayo; baya kunxiliswa ligazi labo ngokungathi yiwayini emnandi; kwaye yonke inyama iya kuyazi ukuba mna, Nkosi, ndinguMsindisi noMkhululi wakho, Onamandlakazi kaYakobi.