Izibhalo
1 Nifayi 22


Isahluko 22

USirayeli uya kusasazwa kubo bonke ubuso bomhlaba—AbeeNtlanga baya kwanyisa kwaye bondle uSirayeli ngevangeli ngemihla yokugqibela—USirayeli uya kuhlanganiswa asindiswe, baze abakhohlakeleyo batshiswe njengeendiza—Ubukumkani bomtyholi buya kutshatyalaliswa, aze uSathana akhonkxwe. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba mna, Nifayi, ndizifundile ezi zinto ezazikrolwe phezu kwamacwecwe obhedu, abantakwethu beza kum baza bathi kum: Zithetha ntoni ezi zinto uthe wazifunda? Qaphela, zingaba nokuqondakala ngokunxulumene nezinto ezizezomoya, eziya kuthi zenzeke ngokunxulumene nomoya kwaye ingekuko okwenyama?

2 Kwaye mna, Nifayi, ndathi kubo: Qaphelani zazibonakaliswe kumprofeti ngelizwi lo Moya; kuba ngoMoya zonke izinto ziyaziswa kubo abaprofeti, eziya kwenzeka kubo abantwana babantu ngokunxulumene nasenyameni.

3 Ngako oko, izinto endithe ndazifunda ngazo zizinto eziphathelele nezinto kunye ezenyama nezomoya; kuba kukhangeleka ngathi indlu kaSirayeli, ngokukhawuleza okanye kamva, iya kusasazwa phezu kobuso bomhlaba, kwaye naphakathi kwazo zonke izizwe.

4 Kwaye qaphelani, kukho abaninzi abasele belahlekile kulwazi lwabo baseYerusalem. Ewe, inxenye eninzi yazo zonke izizwe ikhokelelwe kude; kwaye zasasazwa ngapha nangapha phezu kweziqithi zolwandle; kwaye apho bakhoyo akukho namnye kuthi owaziyo, ngaphandle nje kokuba sisazi ukuba bakhokelelwa kude.

5 Kwaye okoko bathi bakhokelelwa kude, ezi zinto zaprofethwa malunga nabo, kanjalo malunga nabo bonke abaya kuthi emva koku basasazwe kwaye babhidaniswe, ngenxa yakhe oNgcwele kaSirayeli; kuba baya kuziqaqadekisa iintliziyo zabo ngokuchasene naye; ngako oko, baya kusasazwa phakathi kwazo zonke izizwe baze bathiywe ngabo bonke abantu.

6 Nangona kunjalo, emva kokuba beya kwanyiswa ngabeeNtlanga, kwaye neNkosi isiphakamisile isandla sayo phezu kwabeeNtlanga kwaye wabamisela njengebhanile, kwaye nabantwana babo babafunqula ezingalweni zabo, neentombi zabo bazithwala phezu kwamagxa abo, qaphelani ezi zinto kuthethwa ngazo zezomzuzwana; kuba injalo iminqophiso yeNkosi noobawo bethu; kwaye ithetha thina ngemihla ezayo, kwa nabo bonke abazalwana bethu abo bangabendlu kaSirayeli.

7 Kwaye oku kuthetha ukuba liyeza ilixa lokuba emva kokuba yonke indlu kaSirayeli isasaziwe yaza yabhidaniswa, kuba iNkosi uThixo iya kuphakamisa isizwe esinamandla phakathi kwabeeNtlanga, ewe, kwa naphezu kobuso beli lizwe; kwaye ngabo imbewu yethu iya kusasazwa.

8 Kwaye emva kokuba imbewu yethu isasaziwe iNkosi uThixo iya kuqhubeka ukwenza umsebenzi omangalisayo phakathi kwabeeNtlanga, oya kuba nexabiso elikhulu kuyo imbewu yethu; ngako oko, ifanekiswa nokondliwa kwabo ngabeeNtlanga nokufunqulwa kwabo ezingalweni zabo nasemagxeni abo.

9 Kananjalo iya uba nexabiso nakubo abeeNtlanga; kwaye ingekuko kwabeeNtlanga kuphela kodwa nakuyo indlu kaSirayeli iphela, ekwaziseni ngeminqophiso kaBawo wezulu kuAbraham, ethi: Kuyo imbewu yakho izalamane zomhlaba ziphela ziya kusikeleleka.

10 Kwaye ndinqwenela, bazalwana bam, ukuba zenazi ukuba izalamane zomhlaba zonke azinako ukusikeleleka ngaphandle kokuba ziyihlube ingalo yayo emehlweni ezizwe.

11 Ngako oko, iNkosi uThixo iya kuqhubeka ukuyityhila ingalo yayo emehlweni ezizwe zonke ziphela, ekuziseni iminqophiso yayo nevangeli yayo kubo abo abangabendlu kaSirayeli.

12 Ngako oko, iya kubabuyisa kwakhona baphume ekuthinjweni, kwaye baya kuhlanganiswa kunye elizweni lelifa labo; kwaye baya kukhutshwa ekufihlakaleni nasebumnyameni; kwaye baya kuyazi ukuba iNkosi inguMsindisi wabo noMkhululi wabo, Onamandla kaSirayeli.

13 Kwaye igazi lelo bandla likhulu nelimasikizi, elilihenyukazi lawo wonke umhlaba, liya kubuyela phezu kwezabo iintloko; kuba baya kulwa iimfazwe ngaphakathi kwabo, lize ikrele elisezandleni zabo liwele phezu kwezabo iintloko, kwaye baya kunxiliswa lelabo igazi.

14 Kwaye zonke izizwe eziya kuthi zilwe iimfazwe ngokuchasene nawe, Owu ndlu kaSirayeli, ziya kujikelana ezinye nezinye, kwaye ziya kuwela kuwo umngxuma ezaziwombele ukubhabhisa abantu beNkosi. Kwaye bonke abalwa ngokuchasene neZiyon baya kutshatyalaliswa, kwaye nelo henyukazi likhulu, elithe lagqwetha iindlela zeNkosi, ewe, elo bandla likhulu nelimasikizi, liya kudilikela eluthulini kwaye hayi ukuba sikhulu kwesiwo salo.

15 Kuba qaphelani, utsho umprofeti, ilixa liyeza ngokukhawuleza lokuba uSathana engasayi kuba namandla ezintliziyweni zabantwana babantu; kuba uyeza umhla kwakamsinyane oya kuthi bonke abanekratshi nabo benza ngokukhohlakeleyo baya kuba njengeendiza; kwaye umhla uyeza wokuba kufuneka betshisiwe.

16 Kuba ilixa liyeza kwakamsinya lokuba ingqumbo kaThixo ezeleyo iya kuthululelwa phezu kwabo bonke abantwana babantu; kuba akayi kubavumela abakhohlakeleyo ukuba batshabalalise amalungisa.

17 Ngako oko, uya kuwalondoloza amalungisa ngamandla akhe, nokuba kungathi kwenzeke ukuba ingqumbo yakhe engenasithintelo kufuneka ifikile, kwaye amalungisa alondolozwe, nasekubeni kutshatyalaliswe iintshaba zabo ngomlilo. Ngako oko, amalungisa akamele abe naloyiko; kuba utsho njalo umprofeti, aya kusindiswa, nokuba kungade kube kungokomlilo.

18 Qaphelani, bazalwana bam, ndithi kuni, ezi zinto kumele zifike kwakamsinya; ewe, nokuba kungegazi, nomlilo, nomphunga womsi kumele ufike; kwaye kumele kube ngaphezu kobuso balo mhlaba; kwaye iza ebantwini ngokwasenyameni ukuba baya kuthi baziqaqadekise iintliziyo zabo ngokuchasene noyiNgcwele kaSirayeli.

19 Kuba qaphelani, amalungisa akasayi kutshabalala; kuba ngokwenene kumele lifike ilixa lokuba bathi bonke abalwa ngokuchasene neZiyon basikelwe ngaphandle.

20 Kwaye iNkosi ngokwenene iya kubalungiselela indlela abantu bayo, ukuze kuzaliseke amazwi kaMoses, awathi wawathetha, esithi: INkosi uThixo wenu iya kuniphakamisela umprofeti, njengam; niya kumphulaphula kuzo zonke naziphina izinto aya kuthi azithethe kuni. Kwaye kuya kwenzeka okokuba bonke abo bangasayi kumphulaphula loo mprofeti baya kusikelwa ngaphandle basuke phakathi kwabantu.

21 Kwaye ngoku mna, Nifayi, ndivakalisa kuni, ukuba lo mprofeti awathi wathetha ngaye uMoses yayingoNgcwele kaSirayeli; ngako oko, uya kuwisa isigwebo ngobulungisa.

22 Kwaye amalungisa akamele abe naloyiko, kuba angabo bangasayi konganyelwa. Kodwa bubukumkani bomtyholi, obo buya kuthi bakhiwe phakathi kwabantwana babantu, ubukumkani obo bumiswe phakathi kwabo basenyameni—

23 Kuba ilixa liya kufika ngokukhawuleza lokokuba onke amabandla awakhelwe ukuze enze ingeniso, nawo onke awakhelwe ukuzuza amandla phezu kwenyama, nalawo akhelwe ukuze abe nodumo emehlweni ehlabathi, nalawo alangazelela iinkanuko zenyama nezinto zehlabathi, nokwenza lonke uhlobo lobugwenxa; ewe, lulonke, onke lawo angawobukumkani bomtyholi ngawo lawo amele kukoyika, kwaye aduduzele, kwaye angcangcazele; ngawo lawo kumele aziswe ezantsi eluthulini; ngawo lawo amele ukuba atshatyalaliswe aphele njengeendiza; kwaye oku kungokwamazwi omprofeti.

24 Kwaye ilixa liyeza ngokukhawuleza lokokuba amalungisa akhokelwe njengamankonyana asesitalini, kwaye oNgcwele kaSirayeli umele alawule ngobukhosi, nokomelela, namandla, nangozuko olukhulu.

25 Kwaye uya bahlanganisa abantwana bakhe ukusuka kwiimbombo zone zomhlaba; kwaye uyazibala izimvu zakhe, kwaye ziyamazi; kwaye kuya kubakho ubuhlanti obunye nomalusi omnye; kwaye uya kuzidlisa izimvu zakhe, kwaye kuye ziya kufumana idlelo.

26 Kwaye ngenxa yobulungisa babantu bakhe, uSathana akanawo amandla; ngako oko, akanako ukukhululwa kangangethuba leminyaka emininzi; kuba akanawo amandla phezu kweentliziyo zabantu, kuba bahleli ngobulungisa, kwaye oNgcwele kaSirayeli uyalawula.

27 Kwaye ngoku qaphelani, mna, Nifayi, ndithi kuni zonke ezi zinto kumele zifike ngokwasenyameni.

28 Kodwa, qaphela, zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nabantu baya kuhlala ngokukhuselekileyo kuye oNgcwele kaSirayeli ukuba banokuthi baguquke.

29 Kwaye ngoku mna, Nifayi, ndiyapheza; kuba andingekhe ndibe nobugagu bokuthetha ngakumbi ngokwakaloku nje ngokunxulumene nezi zinto.

30 Ngako oko, bantakwethu, ndingathanda ukuba nicingisise okokuba izinto ezibhaliweyo phezu kwamacwecwe obhedu ziyinyani; kwaye ziyangqina ukuba umntu umele ayithobele imiyalelo kaThixo.

31 Ngako oko, animele nicinge ukuba mna nobawo sithi kuphela abathe bazingqina, kanjalo sazifundisa. Ngako oko, ukuba niya kuyithobela imiyalelo, kwaye ninyamezele kude kube sekupheleni, niya kusindiswa ngomhla wokugqibela. Kwaye kunjalo ke. Amen.