Izibhalo
1 Nifayi 5


Isahluko 5

USaraya ukhalazela uLihayi—Bobabini bavuyela ukubuya koonyana babo—Banikela amadini—Amacwecwe obhedu aqulethe izibhalo zikaMoses nabaprofeti—Amacwecwe alatha uLihayi njengesizukulwana sikaYosefu—ULihayi uprofetha ngezinto ezinxulumene nembewu yakhe kwanokulondolozwa kwamacwecwe. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba sehlile sangena entlango ukuya kubawo, qaphela, yena wazaliswa luvuyo, nomama wam kanjalo, uSaraya, uye wavuya kakhulu, kuba okwenene wayesele ezilile ngenxa yethu.

2 Kuba wayecinga ukuba sitshabalele entlango; kwaye wayekhalazela ubawo, emxelela ukuba uyindoda yemibono; esithi: Qaphela usikhuphe elizweni lelifa lethu, noonyana bam abasekho, nathi siyatshabalala apha entlango.

3 Kwaye wathetha ngolu hlobo umama xa ekhalazela ubawo.

4 Kwaye kwenzekile okokuba ubawo naye athethe, athi: Ndiyazi ukuba ndiyindoda yemibono; kuba ukuba bendingazibonanga izinto zikaThixo ngemibono ngendingakwazanga ukulunga kukaThixo, kodwa ngendahlala eYerusalem, ndize nditshabalale nabazalwana bam.

5 Kodwa qaphela, ndizuze ilizwe lesithembiso, ngazo ezi zinto ndiyavuya; ewe, ndiyazi ukuba iNkosi iza kubakhulula oonyana bam ezandleni zikaLabhan, iza kuphinda ibazise behle beze kuthi apha entlango.

6 Kwaye wayethetha ngolu hlobo ubawo, uLihayi, ethuthuzela umama, uSaraya, ngokubhekisele kuthi, kwakuxa sasinyuka entlango sisiya kwilizwe laseYerusalem, sisiya kufuna imbali yamaYuda.

7 Kwaye kuthe xa sibuyela ententeni kabawo, qaphela bazala luvuyo, nomama wam wathuthuzeleka.

8 Kwaye wathetha esithi: Ngoku ndiyazi ngokwenene ukuba iNkosi imyalele umyeni wam ukuba asabe asinge entlango; ewe, kwaye ndiyazi nokokuba ngokwenene iNkosi ibakhusele oonyana bam, kwaye yabakhulula ezandleni zikaLabhan, yaza yabanika amandla okufezekisa into ababeyiyalelwe yiNkosi. Waze wathetha ngamazwi ngolu hlobo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba bavuye ngokugqithisileyo, baze banikela amadini neminikelo enyukayo eNkosini; baza benza imibulelo kuThixo kaSirayeli.

10 Kwathi emva kokuba benze umbulelo kuThixo kaSirayeli, ubawo, uLihayi, wathabatha iimbali ezazikrolwe emacwecweni obhedu, waye waziphonononga ukusuka ekuqaleni.

11 Waze wabona ukuba aqulethe iincwadi ezintlanu zikaMoses, ezazinika ingxelo yokudalwa kwehlabathi, kwakukwakho neka-Adam noEva, ababengabazali bethu bokuqala;

12 Kwakukwakho nembali yamaYuda ukusuka ekuqaleni, kwanokuza kufika ekuqalekeni kolawulo lukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda;

13 Kwakukwakho neziprofetho zabaprofeti abangcwele, ukusuka ekuqaleni, kwanokuza kufika ezantsi ekuqalekeni kolawulo lukaZedekiya; kwaye kanjalo neziprofetho ezininzi ezithethwe ngomlomo kaYeremiya.

14 Kwaye kwenzekile okokuba ubawo, uLihayi, afumane kanjalo umlibo wookhokho bakhe kumacwecwe obhedu; ngako oko wazazi ukuba usisizukulwana sikaYosefu; ewe, kwalo Yosefu wayengunyana kaYakobi, owathengiswa eYiputa, kwayena owalondolozwa sisandla seNkosi, ukuze alondoloze uyise, uYakobi, nosapho lwakhe lonke, ekutshabalaleni ngenxa yendlala.

15 Baye kanjalo bakhutshwa ekuthinjweni ezweni laseYiputa, kwanguloo Thixo wabalondolozayo.

16 Kwaye njalo ubawo, uLihayi, wafumana umlibo wooyise. Kwaye noLabhan kanjalo waye esisizukulwana sikaYosefu, ngako oko yena nooyise babegcina iimbali.

17 Kwaye ngoku ubawo esakubona zonke ezi zinto, wazaliswa nguMoya, waqalisa ukuprofetha malunga nembewu yakhe—

18 Ukuba la macwecwe obhedu amele ukufikelela kuzo zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nakubantu ababeyimbewu yakhe.

19 Ngako oko, wathi la macwecwe obhedu awasokuze atshatyalaliswe; kwaye awasokuze abe mfiliba nangaliphina ixesha. Kwaye waprofetha izinto ezininzi ezinxulumene nembewu yakhe.

20 Kwaye kwenzekile okokuba kude kube ngoku, mna nobawo siyigcinile imiyalelo esasiyiyalelwe yiNkosi.

21 Kwaye sizizuzile iimbali njengoko iNkosi yayisiyalele, saye saziphonononga sazifumana ukuba ziyanqweneleka; ewe, kwaye zinexabiso elikhulu kuthi, kangangokuba singayilondolozela abantwana bethu imiyalelo yeNkosi.

22 Ngako oko, yaba bubulumko eNkosini ukuba simele ukuwaphatha sihambe nawo, xa sasihamba entlango sisiya elizweni lesithembiso.