Izibhalo
1 Nifayi 6


Isahluko 6

UNifayi ubhala ngezinto zikaThixo—Injongo kaNifayi kukuphembelela uluntu ukuba luze kuThixo ka-Abraham luze lusindiswe. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye ngoku, mna Nifayi, andiniki mlibo woobawo kule nxalenye yembali yam; ndingenako nangaliphina ixesha ukuyinika nanini na ngokwala macwecwe ndiwabhalayo; kuba sewunikiwe kwimbali egcinwe ngubawo; ngako oko andiyibhali kulo msebenzi.

2 Kuba kwanele kum ukuthi sisisizukulwana sikaYosefu.

3 Kwaye akubalulekanga kum ukuba ndicoselele ukunika ingxelo epheleleyo ngazo zonke izinto zikabawo, kuba azinako ukubhalwa kula macwecwe, kuba ndinqwenela indawo yokuba ndikwazi ukubhala ngezinto zikaThixo.

4 Kuba umnqweno wam ngokupheleleyo kukuba ndithundeze abantu ukuba baze kuThixo ka-Abraham, nakuThixo kaIsake, nakuThixo kaYakobi, ukuze basindiswe.

5 Ngako oko, andizibhali izinto ezivuyisa ihlabathi, kodwa ezivuyisa uThixo kwakunye nabo abangengabo abehlabathi.

6 Ngako oko, ndiza kunika umyalelo kwimbewu yam, ukuba ingawazalisi la macwecwe ngezinto ezingenaxabiso kubantwana babantu.