Izibhalo
3 Nifayi 15


Isahluko 15

UYesu wazisa okokuba umthetho kaMoses uzalisekisiwe Ngaye—AmaNifayithi azezinye izimvu awathi wathetha ngazo eYerusalem—Ngenxa yobugwenxa, abantu beNkosi eYerusalem abazi ngezimvu ezasasazwayo zikaSirayeli. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ephezile ngezi ntetha wawaphosa amehlo akhe macala onke kuso isihlwele, waza wathi kuso: Qaphelani, nizivile izinto endazifundisayo phambi kokuba ndinyukele kuBawo; ke ngoko, nabani na ozikhumbulayo ezi ntetha zam aze azenze, yena ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

2 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi waqwalasela okokuba kwakukho abanye phakathi kwabo abakhwankqiswayo, kwaye bamangaliseka ngoko wayeza kukwenza malunga nomthetho kaMoses; kuba abazange bayiqonde intetha yokokuba izinto ezindala zidlule, nokokuba zonke izinto zisuke zabantsha.

3 Waza wathi kubo: Musani ukumangaliswa ukuba ndithe kuni izinto ezindala zidlule, nokokuba zonke izinto zisuke zabantsha.

4 Qaphelani, nditsho kuni ukuthi umthetho uzalisekisiwe owawunikelwe kuMoses.

5 Qaphelani, ndinguye owanika umthetho, kwaye ndinguye owanqophisana nabantu bam uSirayeli; ke ngoko, umthetho ngam uzalisekisiwe, kuba ndize ukuza kuzalisekisa umthetho; ke ngoko uphelisiwe.

6 Qaphelani, andibatshabalalisi abaprofeti, kuba kangangobuninzi bazo ezingekazalisekiswa ngam, inene ndithi kuni, zonke ziya kuzalisekiswa.

7 Kwaye ngenxa yokuba nditshilo kuni ukuthi izinto zakudala zidlule, andikutshabalalisi oko bekuthethiwe malunga nezinto ezisezayo.

8 Kuba qaphelani, umnqophiso endiwenzileyo kunye nabantu bam awuzalisekiswanga wonke; kodwa umthetho owawunikwe kuMoses uphelisiwe ngam.

9 Qaphelani, ndim umthetho, nokukhanya. Khangelani kum, kwaye ninyamezele kude kube sesiphelweni, kwaye niya kuphila; kuba kulowo unyamezelayo kude kube sesiphelweni ndiya kumnika ubomi obungunaphakade.

10 Qaphelani, ndininikile imiyalelo; ke ngoko gcinani imiyalelo yam. Kwaye lo ngumthetho nabaprofeti, kuba ngokwenene bangqina ngam.

11 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi, wathi kwelo shumi linambini awayelinyulile:

12 Nina ningabafundi bam; kwaye nikukukhanya kubo aba bantu, bayintsalela yendlu kaYosefu.

13 Kwaye qaphelani, eli lilizwe lelifa lenu; kwaye uBawo ulinikele kuni.

14 Kwaye akakhange nangaliphi na ilixa uBawo andinike umyalelo wokokuba mandiyithethe kubazalwana benu abaseYerusalem.

15 Engakhange nangaliphi na ilixa uBawo andinike umyalelo wokokuba mandithethe kubo malunga nezinye izizwe zendlu kaSirayeli, awathi uBawo wazikhokelela kude zaphuma kulo ilizwe.

16 Kukangaka awathi uBawo wandiyalela kona, okokuba mandixele kubo:

17 Okokuba ezinye izimvu ndinazo ezingezizo ezobubuhlanti; nazo kanjalo kufuneka ndizizise kwaye ziya kuliva izwi lam; kwaye kuya kubakho ubuhlanti obunye, nomalusi omnye.

18 Kwaye ngoku, ngenxa yokuqina kweentamo nokungakholwa abazanga baliqonda ilizwi lam; ke ngoko ndayalelwa nguBawo ukuba ndingaphindi ndithethe malunga nale nto kubo.

19 Kodwa inene, nditshilo kuni ukuthi uBawo undiyalele, kwaye ndiyithetha kuni, into yokokuba nahlukaniswa nisuke phakathi kwabo ngenxa yobugwenxa babo; ke ngoko kungenxa yobugwenxa babo ukuba bengazi ngani.

20 Kwaye inene, nditsho kuni kwakhona ukuthi ezinye izizwe uBawo uzohlukanisile kubo; kwaye kungenxa yobugwenxa babo ukuba bengazi ngazo.

21 Kwaye inene nditsho kuni, ukuthi ningabo abo endathi ngabo: Ezinye izimvu ndinazo ezingezizo ezalo mhlambi; nazo kanjalo kufuneka ndizizise, kwaye ziya kuliva izwi lam; kwaye kuya kubakho umhlambi omnye, nomalusi omnye.

22 Kwaye abazange bandiqonde, kuba babecinga ukuba zazingabeeNtlanga; kuba babengaqondi ukuba abeeNtlanga kwakufanele baguquke ngokushumayela kwabo.

23 Kwaye abazange bandiqonda xa ndandisithi ziya kuliva izwi lam; kwaye abazange bandiqonde okokuba abeeNtlanga akufanele nangaliphi na ilixa balive izwi lam—okokuba akufanele ndizibonakalise kubo ngaphandle kokuba kube kungoMoya oyiNgcwele.

24 Kodwa qaphelani, nina kunye nilivile izwi lam, kwaye nandibona; kwaye nizizimvu zam, kwaye nibalelwa phakathi kwezo uBawo athe wandinika zona.