Izibhalo
3 Nifayi 24


Isahluko 24

Umthunywa weNkosi uya kulungisa indlela yokuBuya kweSibini—UKrestu uya kuhlala njengomgwebi—USirayeli uyalelwa ukuba ahlawule izishumi neminikelo—Incwadi yenkumbulo iyagcinwa—Thelekisa noMalaki 3. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye kwenzekile okokuba wabayalela okokuba mabawabhale amazwi awathi uBawo wawanikela kuMalaki, ekwakumele abaxelele wona. Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba ebhaliwe wawacacisa. Kwaye la ngamazwi awathi wabaxelela wona esithi: Wathetha nje uBawo kuMalaki—Qaphelani, ndiya kuthumela umthunywa wam, kwaye uya kulungisa indlela phambi kwam, kwaye iNkosi leyo niya kuyifuna iya kufika ngequbuliso etempileni yayo, naye umthunywa womnqophiso, enivuyayo ngaye; qaphelani, uya kuza, itsho iNkosi yemiKhosi.

2 Kodwa ngubani oya kuwunyamezela umhla wokuza kwayo, kwaye ngubani oya kuma xa sukuba ibonakala? Kuba injengomlilo womcokisi, nanjengesepha yomxovuli.

3 Kwaye iya kuhlala njengomcokisi nomcoci wesilivere; kwaye iya kuhlambulula oonyana bakaLevi, ize ibahlambulule njengegolide nesilivere, ukuze babe nokunikela eNkosini umnikelo ngobulungisa.

4 Ke umnikelo oya kuvela kwaYuda naseYerusalem uya kuba myoli kuyo iNkosi, njengakwimihla yakudala nanjengakwiminyaka yangaphambili.

5 Kwaye ndiya kuza kufuphi nakuni emgwebeni; kwaye ndiya kuba lingqina elikhawulezayo ngokuchasene nabakhafuli, nangokuchasene nabakrexezi, nangokuchasene nabafungi ababubuxoki, nangokuchasene nabo bacinizela umqeshwa emvuzweni wakhe, umhlolokazi noyinkedama, nabo bagxotha umhambi, baze bangandoyiki mna, itsho iNkosi yemiKhosi.

6 Kuba ndiyiyo iNkosi, andiguquguquki, ke ngoko nina bonyana bakaYakobi anibhangiswanga.

7 Kwanokususela kwimihla yooyihlo nimkile kuyo imimiselo yam, kwaye aniyigcinanga. Buyelani kum kwaye nam ndiya kubuyela kuni, itsho iNkosi yemiKhosi. Kodwa nina nithi: Siza kubuyela ngaluphi uhlobo?

8 Ingaba umntu uya kumphanga na uThixo? Kanti ke nindiphangile. Kodwa nithi: Sikuphange ngani? Ngezishumi neminikelo.

9 Niqalekiswe ngesiqalekiso, kuba nindiphangile, kwanaso esi sizwe siphelele.

10 Ziziseni zonke izishumi kuvimba, ukuze kubekho ukudla endlwini yam; nize nindicikide ngale nto, yatsho iNkosi yemiKhosi, okokuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndize ndinithululele intsikelelo ukuze kungabikho ndawo yaneleyo yokuyamkela.

11 Kwaye ndiya kumkhalimela umtshabalalisi ngenxa yenu, kwaye akasayi kuzitshabalalisa iziqhamo zomhlaba wenu; singasayi kuziwisa iziqhamo isidiliya senu ngaphambi kwexesha emasimini, itsho iNkosi yemiKhosi.

12 Kwaye zonke izizwe ziya kunibiza ngokuba nisikelelekile, kuba niya kuba lilizwe elivuyayo, itsho iNkosi yemiKhosi.

13 Amazwi enu ebekhaliphile ngokuchasene nam, itsho iNkosi. Kanti ke nithi: Sithethe ntoni ngokuchasene nawe?

14 Nithe: kulilize ukukhonza uThixo, kwaye kusinceda ntoni na ukuba siyigcinile imimiselo nokuba sihambe ngosizi phambi kweNkosi yemiKhosi?

15 Kwaye ngoku sibabiza abanekratshi ngokuba bonwabile; ewe, abo basebenza inkohlakalo baphumelele; ewe, abo balinga uThixo ngokwenene bahlangulwe.

16 Ke abo babeyoyika iNkosi babethetha rhoqo omnye komnye, yaza iNkosi yaphulaphula yaza yeva; kwaye incwadi yenkumbulo yabhalwa phambi kwayo ibhalelwa abo babeyoyika iNkosi, kwaye nabo babelikhumbula igama layo.

17 Kwaye baya kuba ngabam, itsho iNkosi yemiKhosi, ngaloo mhla xa sukuba ndiya kulungisa amatye am axabisekileyo; kwaye ndiya kubasindisa njengendoda esindisa owayo unyana oyikhonzayo.

18 Ke niya kubuya nize nahlule phakathi kwabangamalungisa nabakhohlakeleyo, phakathi kwakhe okhonza uThixo nalowo ungamkhonziyo.