Izibhalo
3 Nifayi 26


Isahluko 26

UYesu ucacisa zonke izinto ukususela ekuqaleni ukuya esiphelweni—Iintsana nabantwana bathetha izinto ezimangalisayo ezingenako ukubhalwa—Abo baseBandleni likaKrestu banezinto zonke ngokufanayo phakathi kwabo. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ezixelile ezi zinto wazicacisa kuso isihlwele, kwaye waye wazicacisa zonke izinto kubo, kunye ezinkulu nezincinane.

2 Waza wathi: Ezi zibhalo, ebeningenazo kuni, uBawo uyalele okokuba mandizinikele kuni; kuba yayibubulumko kuye ukuba mazinikelwe kwizizukulwana zexesha elizayo.

3 Kwaye waye wacacisa zonke izinto, kwanokususela ekuqaleni kude kube lilixa lokuba eya kufika esebuqaqawulini bakhe—ewe, kwanazo zonke izinto eziya kwenzeka phezu kobuso bomhlaba, kwanokude kube zizinto eziziqalelo eziya kunyityilikiswa ngobushushu obutshisayo, kwaye nomhlaba uya kusongwa njengencwadi, kwaye amazulu nomhlaba aya kudlula;

4 Kwanokude kuye kumhla omkhulu nowokugqibela, xa sukuba bonke abantu, nazo zonke izalamane, nazo zonke izizwe neelwimi, ziya kuma ngaphambi koThixo, ukuba zigwetywe ngemisebenzi yabo, nokuba ilungile okanye nokuba mibi—

5 Ukuba ilungile, ukuya kuvuko lobomi obungunaphakade; ize ukuba mibi, ukuya kuvuko lomgwebo; zinxusene, enye ikwesinye isandla kwaye nenye ikwesinye isandla, ngokwenceba, nobulungisa, nobungcwele obukuKrestu, owayekho ngaphambi kokuba ihlabathi liqale.

6 Kwaye kalokunje akunako ukubhalwa kule ncwadi kwanesinye ekhulwini ngezinto athe uYesu ngokwenene wazifundisa kubo abantu;

7 Kodwa qaphelani amacwecwe kaNifayi aqulethe inxalenye engakumbi yezinto awazifundisa abantu.

8 Kwaye ezi zinto ndizibhalile, ezinyinxalenye enganeno yezinto awathi wazifundisa abantu; kwaye ndizibhale ngenjongo yokuba zibe nokuziswa kwakhona kubo aba bantu, zisuka kwabeeNtlanga, ngokwamazwi uYesu awathethileyo.

9 Kwaye xa sukuba beya kuba bekwamkela oku, okuyimfuneko ukuba babenako kuqala, kukuvavanya ukholo lwabo, kwaye ukuba kuya kwenzeka okokuba baya kuzikholelwa ezi zinto ke, ezona zinto zinentsingiselo enkulu ziya kubonakaliswa kubo.

10 Kwaye ukuba kuya kwenzeka ukuba bangabinakuzikholelwa ezi zinto, ke ezona zinto zinentsingiselo enkulu ziya kufihlwa kubo, ukuya ekugwetyweni kwabo.

11 Qaphelani, bendisele ndiza kuzibhala, zonke ezazikrolwe phezu kwamacwecwe kaNifayi, kodwa iNkosi yakwalela, isithi: Ndiya kuluvavanya ukholo lwabantu bam.

12 Ke ngoko mna, Mormoni, ndibhala izinto endiziyalelweyo yiNkosi. Kwaye ngoku mna, Mormoni, ndiyapheza ngeentetha zam, ndize ndiqhubeke ukubhala izinto endiziyalelweyo.

13 Ke ngoko, ndinga ningaqonda okokuba iNkosi ngokwenene yaye yabafundisa abantu, kangangesithuba seentsuku ezintathu; kwaye emva koko waye wazibonakalisa kubo rhoqo, kwaye waye wasiqhekeza isonka rhoqo, waza wasisikelela, waza wasinikela kubo.

14 Kwaye kwenzekile okokuba waye wafundisa kwaye walungiselela kubo abantwana baso isihlwele ebesele kuthethiwe ngaso, kwaye waye wazikhulula iilwimi zabo, baza bathetha kooyise izinto ezinkulu nezimangalisayo, kwanezinkulu ngaphezulu kunezo wayezityhilile kubo abantu; kwaye wawakhulula amalwimi abo kangangokuba babanakho ukuthetha.

15 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba enyukele ezulwini—isihlandlo sesibini sokuba ebezibonakalisile kubo, kwaye ebemkile ukuya kuBawo, emva kokuba ephilise bonke abagulayo babo, neziqhwala zabo, waze wavula namehlo eemfama zabo waza wavula neendlebe zezithulu kwaye ngokwenene enze lonke uhlobo lokunyanga phakathi kwabo, kwaye evuse umntu kwelabafileyo, kwaye ewabonakalisile amandla akhe kubo, kwaye enyukele kuye uBawo—

16 Qaphelani, kwenzekile ngengomso okokuba isihlwele sahlanganisana kunye, kwaye bababona baza babeva aba bantwana; ewe, kwaneentsana zaye zayivula imilomo yazo zaza zathetha izinto ezimangalisayo; kwaye izinto ezaye zizithetha zalelwa ukuba kubekho nawuphina umntu ozibhalayo.

17 Kwaye kwenzekile okokuba abafundi abo uYesu wayebanyulile baqalisa ukususela kwelo lixa ukubheka phambili ukubhaptiza nokufundisa abaninzi kangangokuba baye beza kubo; kwaye kangangobuninzi babo abo babhaptizwayo egameni likaYesu bazaliswa ngoMoya oyiNgcwele.

18 Kwaye abaninzi babo babona baza beva izinto ezingathethekiyo, ekungekho mthethweni ukuba zibhalwe.

19 Baza bafundisa, kwaye baye balungiselela omnye komnye; kwaye babenezinto bonke ngokufanayo phakathi kwabo, wonke umntu esenza ngobulungisa, omnye kunye nomnye.

20 Kwaye kwenzekile okokuba baye benza zonke izinto nanjengokuba uYesu wayebayalele.

21 Kwaye bona abo babebhaptizwe egameni likaYesu babebizwa ngokuba libandla likaKrestu.