Izibhalo
Alma 25


Isahluko 25

Uhlaselo lwamaLeymenayithi luyanda—Imbewu yababingeleli bakaNowa ifa ngokokuprofetha kuka-Abhinadayi—AmaLeymenayithi amaninzi ayaguquka aze amanyane nabantu baka-Antayi-Nifayi-Lihayi—Ayakholelwa kuKrestu kwaye awugcine umthetho kaMoses. Malunga 90–77 P.K.

1 Kwaye qaphelani, ngoku kwenzekile okokuba loo maLeymenayithi abanomsindo ngakumbi ngenxa yokuba ebulele abazalwana bawo, ke ngoko bafungela impindezelo phezu kwamaNifayithi; kwaye ababanga baphinde bazame ukubabulala abantu baka-Antayi-Nifayi-Lihayi ngelo lixa.

2 Kodwa bayithabatha imikhosi yabo baza bawelela ngaphaya kwimida yelizwe laseZarahemla, baza bahlasela abantu ababekulo ilizwe laseAmoniha kwaye babatshabalalisa.

3 Baza emva koko, baba namadabi amaninzi kunye namaNifayithi, awathi kuwo aqhutywa kwaye abulawa.

4 Kwaye phakathi kwamaLeymenayithi awayebulewe kwakukho phantse yonke imbewu ka-Amyuloni nabazalwana bakhe, ababengababingeleli bakaNowa, kwaye babebulewe ngezandla zamaNifayithi;

5 Yaza intsalela, ekubeni yasabela kwintlango esempuma, kwaye nasekubeni yayiphange amandla okulawula negunya phezu kwamaLeymenayithi, yabangela ukuba amaLeymenayithi amaninzi afe ngomlilo ngenxa yokholo lwawo—

6 Kuba amaninzi awo, emva kokuva intlungu yokulahlekelwa okukhulu neembandezelo ezininzi kangako, aqalisa ukuvuseleleka ekukhumbuleni amazwi awathi uAron nabazalwana bakhe bawashumayela kuwo elizweni lawo; ke ngoko aqalisa ukungazikholelwa izithethe zooyise, nokukholelwa eNkosini, nokokuba yanika amandla amakhulu kumaNifayithi; kwaye njalo kwabakho amaninzi awo aguqukayo entlango.

7 Kwaye kwenzekile okokuba abo balawuli ababeyintsalela yabantwana baka-Amyuloni bababangela ukuba babulawe, ewe, bonke abo babekholelwa kwezi zinto.

8 Ngoku olu felo-nkolo lwabangela ukuba abaninzi babazalwana babo mabavuseleleke emsindweni; kwaza kwaqalisa imbambano entlango; aza amaLeymenayithi aqalisa ukuyizingela imbewu ka-Amyuloni nabazalwana bakhe baza baqalisa ukuyibulala; yaza yasabela entlango esempumalanga.

9 Kwaye qaphela bayazingelwa nangalo mhla ngamaLeymenayithi. Njalo amazwi ka-Abhinadayi enzeka, awathi wawathetha malunga nembewu yababingeleli abambangela ukuba eve iintlungu zokufa ngomlilo.

10 Kuba wathi kubo: Eniya kuthi nikwenze kum kuya kuba ngumqondiso wezinto ezisezayo.

11 Kwaye ngoku uAbhinadayi wayengowokuqala owathi weva iintlungu zokufa ngomlilo ngenxa yokholo lwakhe kuThixo; ngoku oku kuko awayesingisele kuko, ukuba abaninzi bamele beve iintlungu zokufa ngomlilo, njengokohlobo naye ave iintlungu ngalo.

12 Kwaye wayethe kubabingeleli bakaNowa okokuba imbewu yabo iya kubangela ukuba abaninzi babulawe, ngohlobo olunjengaye, nokokuba bamele ukusasazwa kude kwaye babulawe, kwananjengokuba imvu engenaye umalusi iqhutywa ize ibulawe zizilo zasendle; kwaye ngoku qaphelani, la mazwi aqinisekisiwe, kuba babeqhutywa ngamaLeymenayithi, kwaye babezingelwa, kwaye babebethwa.

13 Kwaye kwenzekile okokuba akuba amaLeymenayithi ebonile okokuba awanakho ukuwongamela amaNifayithi abuyela kwakhona kwelabo ilizwe; baza abaninzi babo bezokuhlala kulo ilizwe likaIshmayeli nelizwe likaNifayi, baza bazimanya nabantu bakaThixo, ababengabantu baka-Antayi-Nifayi-Lihayi.

14 Kwaye nabo kanjalo baye bazingcwaba izikhali zabo zemfazwe, njengokohlobo ababenze ngalo abazalwana babo, kwaye baqalisa ukuba ngabantu abangamalungisa; baye bahamba ngeendlela zeNkosi, kwaye bakuqwalasela ukuyigcina imiyalelo yayo nemimiselo yayo.

15 Ewe, kwaye baye bawugcina umthetho kaMoses; kuba kwakuyimfuneko ukuba bamele bawugcine umthetho kaMoses okwangoku, kuba wawungekazaliseki wonke. Kodwa nangona benomthetho kaMoses, baye bakhangela phambili ekuzeni kukaKrestu, bewuthabatha umthetho kaMoses ngokuba ngumqondiso wokuza kwakhe, kwaye bekholelwa ekubeni kufuneka bezigcinile ezo zenzo zibonakalayo kude kube lixesha lokuba kumele atyhilwe kubo.

16 Ngoku babengacingi ukuba usindiso lweza ngomthetho kaMoses; kodwa umthetho kaMoses waye wasebenza ukulomeleza ukholo lwabo kuKrestu; kwaye njalo baye baligcina ithemba ngokholo, elikhokelela kusindiso lwanaphakade, bekholose ngomoya wesiprofetho, owathetha ngezo zinto ezisezayo.

17 Kwaye ngoku qaphelani, uAmon, noAron, no-Omna, noHimnayi, nabazalwana babo baye bagcoba ngokugqithisileyo, ngenxa yempumelelo ababenayo phakathi kwamaLeymenayithi, bebona okokuba iNkosi ibanike ngokwemithandazo yabo, nokokuba iliqinisekisile kanjalo ilizwi layo kubo kuyo yonke inkcukacha.