Izibhalo
Alma 41


Isahluko 41

EluVukweni abantu beza ngaphambili kwimo yovuyo olungenasiphelo okanye inkxwaleko engenasiphelo—Inkohlakalo ayizange ibe luvuyo—Abantu abangabenyama abanaye uThixo ehlabathini—Wonke umntu uyafumana kwakhona kuBuyiselo iimpawu nemikhwa abenayo esenyameni. Malunga 74 P.K.

1 Ngoku, nyana wam, kukho nje okuthile okufuneka ndikuthethe malunga nobuyiselo ebekuthethwe ngalo; kuba qaphela, abanye bazigqwethile izibhalo, kwaye bahambe umgama belahleka ngenxa yale nto. Kwaye ndiyaqonda ukuba ingqondo yakho kanjalo ibikhathazekile malunga nale nto. Kodwa qaphela, ndiza kukuchazela.

2 Ndithi kuwe, nyana wam, icebo lobuyiselo liyimfuneko ngokwasebulungiseni bukaThixo; kuba kuyimfuneko ukuba zonke izinto zibuyiselwe ezindaweni zokudalwa. Qaphela, kuyimfuneko kwaye kulungile, ngokwamandla novuko lukaKrestu, ukuba umphefumlo womntu kumele ubuyelane nomzimba wawo, nokuba lonke isuntswana lomzimba kumele libuyele kuwo.

3 Kwaye kuyimfuneko kubulungisa bukaThixo ukuba abantu bamele bagwetywe ngokwemisebenzi yabo; kwaye ukuba imisebenzi yabo ibilungile kobu bomi, kwaye neminqweno yeentliziyo zabo ibilungile, ukuze nabo kanjalo, ngomhla wokugqibela, ibuyiselwe kuloo nto ilungileyo.

4 Kwaye ukuba imisebenzi yabo mibi iya kubuyiselwa kubo ngobubi. Ke ngoko, zonke izinto ziya kubuyiselwa kuhlobo lwazo olufanelekileyo, yonke into kumzimba wayo wendalo—okufayo kuvuselwe kokungafiyo, okonakalayo kokungonakaliyo—zivuselwe kuvuyo olungenasiphelo ukuze zibudle ilifa ubukumkani bukaThixo, okanye kwinkxwaleko engenasiphelo ukuze zibudle ilifa ubukumkani bomtyholi, omnye kwesinye isandla, omnye kwesinye—

5 Omnye avuselwe kuvuyo ngokweminqweno yakhe yovuyo, okanye ukulunga ngokweminqweno yakhe yokulunga; kwaye omnye ebubini ngokweminqweno yakhe yobubi; kuba njengoko ubunqwenela ukwenza ububi ebudeni bonke bemini kwangokunjalo uya kuwufumana umvuzo wakho wobubi xa ubusuku bufika.

6 Kwaye kukwanjalo ke nakwesinye isandla. Ukuba uguqukile ezonweni zakho, waza wanqwenela ubulungisa kude kube sekupheleni kwemihla yakho, ngokunjalo uya kuvuzwa ngobulungisa.

7 Le yileyo yakhululwayo yiNkosi; ewe, le yileyo yakhutshwayo, eyahlangulwa kobo busuku bobumnyama bungenasiphelo; kwaye njalo ke iyema okanye iwe; kuba qaphela, ingabagwebi yeziqu zayo, enokuba kukwenza okulungileyo okanye ukwenza okubi.

8 Ngoku, imithetho kaThixo ayiguquleki; ke ngoko indlela ilungiselelwe ukuze nabani na ofunayo angahamba kuyo aze asindiswe.

9 Kwaye ngoku qaphela, nyana wam, musa ukuzibeka engozini ngokwenza elinye ityala ngokuchasene noThixo wakho kwezo ngongoma zemfundiso, ezo othe kude kube leli lixa wazibeka engozini ngazo ngokwenza isono.

10 Musa ukucinga ukuba, ngenxa yokuba kuthethiwe malunga nobuyiselo, uya kubuyiswa ukusuka esonweni uye eluvuyweni. Qaphela, ndithi kuwe, inkohlakalo ayizange ibe luvuyo.

11 Kwaye ngoku, nyana wam, bonke abantu abakwimo yendalo, okanye ndingathi, kwimo yenyama, bakubukrakra benyongo kwaye nakumakhamandela obugwenxa; abanaye uThixo ehlabathini, kwaye bahambe ngokuchasene nendalo kaThixo; ke ngoko, bakwimo echasene nendalo yovuyo.

12 Kwaye ngoku qaphela, ingaba intsingiselo yegama ubuyiselo ithetha ukuthabatha into ekwimo yendalo ize iyibeko kwimo engeyiyo eyendalo, okanye ukuyibeka kwimo ephikisa indalo yayo?

13 Owu, nyana wam, akunjalo; kodwa intsingiselo yegama ubuyiselo kukubuyisela kwakhona, ububi ngobubi, okanye inyama ngenyama, okanye ubumtyholi ngobumtyholi—okuhle ngoko kuhle; ubulungisa ngoko kunobulungisa; ukulunga ngoko kulungileyo; inceba ngoko kunenceba.

14 Ke ngoko, nyana wam, qiniseka ukuba uba nenceba kubazalwana bakho; yenza ngobulungisa, gweba ngobulungisa, kwaye wenze okulungileyo ngamaxesha onke; kwaye ukuba uyazenza zonke ezi zinto uya kuthi ke uwuzuze umvuzo wakho; ewe, inceba iya kubuyiselwa kuwe kwakhona; ukulunga kuya kubuyiselwa kuwe kwakhona; isigwebo sobulungisa siya kubuyiselwa kuwe kwakhona; kwaye uya kuvuzwa ngokulunga kwakhona.

15 Kuba oko uthi ukuthumele kuya kubuyela kuwe kwakhona, kwaye kubuyiselwe; ke ngoko, igama elithi ubuyiselo limgweba ngokuphelele ngakumbi umoni, kwaye lingamkhululi kwaphela.