Izibhalo
Alma 45


Ingxelo yabantu bakaNifayi, neemfazwe neempikiswano zabo, ngemihla kaHilamani, ngokwembali kaHilamani, awathi wayigcina ngemihla yakhe.

Iquka izahluko 45 ukuya ku 62.

Isahluko 45

UHilamani uyawakholelwa amazwi ka-Alma—UAlma uprofetha intshabalalo yamaNifayithi—Uyalisikelela aze aliqalekise ilizwe—UAlma usenokuba wathatyathelwa phezulu nguMoya, kwanje ngoMoses—Impikiswano iyakhula eBandleni. Malunga 73 P.K.

1 Qaphelani, ngoku kwenzekile okokuba abantu bakaNifayi babegcobe ngokugqithisileyo, ngenxa yokuba iNkosi kwakhona ibahlangule baphuma ezandleni zeentshaba zabo; ke ngoko banika imibulelo kuyo iNkosi uThixo wabo; ewe, kwaye baye bazila ukutya ngakumbi kwaye bathandaza ngakumbi, kwaye baye bamkhonza uThixo ngovuyo olukhulu ngokugqithisileyo.

2 Kwaye kwenzekile koweshumi elinesithoba unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi, okokuba uAlma weza kunyana wakhe uHilamani waza wathi kuye: Uyawakholelwa na amazwi endawathetha kuwe malunga nezo mbali ebezigciniwe?

3 Waza uHilamani wathi kuye: Ewe, ndiyakholelwa.

4 Waza uAlma wathi kwakhona: Uyakholelwa na kuYesu Krestu, oya kuza?

5 Waza wathi: Ewe, ndiyawakholelwa onke amazwi owathethileyo.

6 Waza uAlma wathi kuye kwakhona: Ingaba uya kuyigcina na imiyalelo yam?

7 Waza wathi: Ewe, ndiya kuyigcina imiyalelo yakho ngentliziyo yam yonke.

8 Ngoko wathi uAlma kuye: Usikelelekile wena; kwaye iNkosi iya kukuchumisa kulo eli lizwe.

9 Kodwa qaphela, ndinokuthile nje endifuna ukukuprofetha kuwe; kodwa endiza kukuprofetha kuwe akusayi kukwazisa; ewe, oko ndiza kukuprofetha kuwe akusayi kwaziswa, nokokude kube kuzalisekile; ke ngoko wabhale amazwi lawo endiza kuwathetha.

10 Kwaye la ngawo amazwi: Qaphela, ndiyabona okokuba kanye aba bantu, amaNifayithi, ngokomoya wesityhilelo okum, kwiminyaka emakhulu mane ukususela kwilixa lokokuba uYesu Krestu eya kuzibonakalisa kubo, baya kuya bephelela ekungakholweni.

11 Ewe, kwaye ke baya kubona iimfazwe noobhubhane, ewe, iindlala nempalalogazi, ewe nokude kube abantu bakaNifayi baya kuba ngabangasekhoyo

12 Ewe, kwaye oku kungenxa yokuba kuya bephelela ekungakholweni kwaye bawele kwimisebenzi yobumnyama, noburheletya, nalo lonke uhlobo lobugwenxa; ewe, ndithi kuwe, kungenxa yokokuba beya kona ngokuchasene nokukhanya okubaluleke kakhulu kangaka nolwazi, ewe, ndithi kuwe, ukususela kuloo mhla, naso isizukulwana sesine asisayi kudlula sonke ngaphambi kokuba obu bugwenxa bukhulu bufike.

13 Kwaye xa loo mhla mkhulu ufika, qaphela, ilixa kwakamsinya kakhulu liyeza lokokuba abo bakhoyo ngoku, okanye imbewu yabo ngoku babalelwa phakathi kwabantu bakaNifayi, abasayi kube baphinde babalelwe phakathi kwabantu bakaNifayi.

14 Kodwa nabanina oseleyo, kwaye engatshatyalaliswanga ngaloo mini nkulu neyoyikekayo, uya kubalelwa phakathi kwamaLeymenayithi, kwaye baya kuba njengabo bonke, ngaphandle kokuba ibe ngabambalwa abaya kubizwa ngokuba bangabafundi beNkosi; kwaye wona amaLeymenayithi aya kubazingela ewe nokude babe baya kuba ngabangasekhoyo. Kwaye ngoku, ngenxa yobugwenxa, esi siprofetho siya kuzaliseka.

15 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba uAlma ezithethile ezi zinto kuHilamani, wamsikelela, kananjalo nabanye oonyana bakhe; waza kanjalo wasikelela nomhlaba ngenxa yabo bangamalungisa.

16 Kwaye wathi: Itsho njalo iNkosi uThixo—Liya kuqalekiswa ilizwe, ewe, eli lizwe, kuso sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu, kuye entshabalalweni, kwabo benza ngenkohlakalo, bakuba bevuthwe ngokupheleleyo; kwaye njengokuba senditshilo kuya kuba njalo; kuba esi sisiqalekiso nentsikelelo kaThixo phezu kwelizwe, kuba iNkosi ayinako ukusikhangela isono nangelona lincinane iqondo lolwamkelo.

17 Kwaye ngoku, akuba uAlma ewathethile la mazwi walisikelela ibandla, ewe, bonke abo baya kuma bathi nkqo elukholweni ukususela kwelo lixa ukubheka phambili.

18 Kwaye akuba uAlma ekwenzile oku wemka waphuma elizweni laseZarahemla, ngokungathi ungena kwilizwe laseMeleki. Kwaye kwenzekile okokuba akuzange kuphinde kuviwe ngaye; malunga nokufa kwakhe okanye ukungcwatywa kwakhe asazinto ngoko.

19 Qaphelani, oku siyakwazi, okokuba wayeyindoda elilungisa; kwaye intetha yahamba-hamba ebandleni yokokuba wathatyathelwa phezulu nguMoya, okanye wangcwatywa ngesandla seNkosi, kwananje ngoMoses. Kodwa qaphelani, izibhalo zithi iNkosi yamthabathela kuyo uMoses; kwaye siyacinga okokuba noAlma kanjalo imamkelele kuyo ngomoya, ke ngoko kungesi sizathu singazi nto malunga nokufa kwakhe nokungcwatywa kwakhe.

20 Kwaye ngoku kwenzekile ekuqalekeni koweshumi elinesithoba unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi, okokuba uHilamani wabheka phambili phakathi kwabantu ukuya kuvakalisa ilizwi kubo.

21 Kuba qaphelani, ngenxa yeemfazwe zabo kunye namaLeymenayithi neempikiswano zabo ezincinane ezininzi neziphazamiso ebezikho phakathi kwabantu, kwaye kwayimfuneko okokuba ilizwi likaThixo kufanele livakaliswe phakathi kwabo, ewe, nokokuba ummiselo kufanele wenziwe kulo lonke ibandla.

22 Ke ngoko, uHilamani nabazalwana bakhe babheka phambili ukuya kumisela ibandla kwakhona kulo lonke ilizwe, ewe, kuzo zonke izixeko kulo lonke ilizwe elalimiwe ngabantu bakaNifayi. Kwaye kwenzekile okokuba baye bamisela ababingeleli neetitshala kulo lonke ilizwe, phezu kwawo onke amabandla.

23 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba uHilamani nabazalwana bakhe bemisele ababingeleli neetitshala phezu kwamabandla kwathi kwavuka impikiswano phakathi kwabo, kwaye abazange bafune kunika nyameko kumazwi kaHilamani nabazalwana bakhe;

24 Kodwa bakhulelwa likratshi, bephakamile ezintliziyweni zabo, ngenxa yobutyebi babo obugqithisileyo; ke ngoko bakhulelwa kukutyeba emehlweni abo, baza abafuna ukunikela inyameko kumazwi abo, ukuze bahambe bethe tye phambi koThixo.