Izibhalo
Etere 3


Isahluko 3

Umntakwabo Yerede ubona umnwe weNkosi njengokuba yayichukumisa amatye alishumi elinesithandathu—UKrestu ubonisa umzimba Wakhe ongumoya kumntakwabo Yerede—Abo banolwazi olugqibeleleyo abanako ukuthintelwa ekudluleni ngaphakathi komkhusane—Izitoliki ziya lungiselelwa ukuzisa imbali yamaYeredayithi ekukhanyeni.

1 Kwaye kwenzekile okokuba umntakwabo Yerede, (ngoku inani lezikhephe ebezilungiselelwe zazisibhozo) wabheka phambili ukuya entabeni, ababeyibiza ngokuba yintaba iShelem, ngenxa yokuphakama kwayo okugqithileyo, kwaye waye wanyibilikisa eliweni amatye alishumi elinesithandathu amancinane; kwaye ayemhlophe kwaye ecacile, kwananje ngobukrelekrele beglasi; kwaye waye wawathutha ewathuthela phezu kwentaba ngezandla zakhe, waza wakhala kuyo iNkosi, esithi:

2 Owu Nkosi, uthe kufuneka sirhangqwe zizikhukhula. Ngoku qaphela, Owu Nkosi, kwaye musa ukucatshukiswa sisicaka sakho ngenxa yobuthathaka baso phambi kwakho; kuba siyakwazi ukuba ungcwele kwaye uhlala emazulwini, nokokuba asifanelekanga phambi kwakho; ngenxa yokuwa indalo zethu zisuke zaba nobubi ngalo lonke ixesha; nangona kunjalo, Owu Nkosi, usinike umyalelo wokokuba kufuneka sikubize, ukuze kuwe sibe nokufumana ngokweminqweno yethu.

3 Qaphela, Owu Nkosi, usibethe ngenxa yobugwenxa bethu, waza wasiqhubela kude, kwaye ngale minyaka mininzi besisentlango; nangona kunjalo, ube nenceba kuthi. Owu Nkosi, ndikhangele ngosizi, uze uwubuyise umsindo wakho kwesi isizwe sakho, uze ungasiyekeli ukuba sibheke phambili ngaphaya kwale nzulu igqumayo ebumnyameni; kodwa qaphela ezi zinto ndizinyibilikise ziphuma eliweni.

4 Kwaye ndiyazi, Owu Nkosi okokuba unawo onke amandla, kwaye unako ukwenza nantoni na oyinqwenelayo nokuze kulungelwe abantu; ke ngoko chukumisa la matye, Owu Nkosi, ngomnwe wakho, uze uwalungise ukuze ube nokukhanyisa ebumnyameni, kwaye aya kusikhanyisela ngaphakathi kuzo izikhephe esizilungisileyo, ukuze sifumane ukukhanya ngeli lixa siya kuwela ulwandle.

5 Qaphela, Owu Nkosi, unako ukukwenza oku. Siyazi okokuba unako ukubonisa amandla amakhulu, akhangeleka emancinane kwingqiqo yabantu.

6 Kwaye kwenzekile okokuba akuba umntakwabo Yerede ewathethile la mazwi, qaphelani, iNkosi yasolula isandla sayo yaza yawachukumisa amatye ngamanye ngamanye ngomnwe wayo. Laza ikhuselo lasuswa emehlweni omntakwabo Yerede, waza wawubona umnwe weNkosi; kwaye wawungumnwe womntu, ofana nenyama negazi; waza umntakwabo Yerede wawa phantsi phambi kweNkosi, kuba wonganyelwa luloyiko.

7 Yaza yabona iNkosi okokuba umntakwabo Yerede waye ewele emhlabeni; yaza iNkosi yathi kuye: Phakama, kungani na ukuba uwe?

8 Waza wathi kuyo iNkosi: Ndibone umnwe weNkosi, ndaza ndoyika hleze indibethe; kuba ndandingazi ukuba iNkosi yayinenyama negazi.

9 Yaza iNkosi yathi kuye: Ngenxa yokholo lwakho ubonile okokuba ndiya kuthabathela kum inyama negazi; kwaye akazange umntu eze phambi kwam enokholo olugqithise kangaka njengokuba unalo; kuba ukuba bekungenjalo unge ungawubonanga umnwe wam. Ingaba ubone ngaphezulu kunoku na?

10 Waza wathi: Hayi; Nkosi, zibonakalise kum.

11 Yaza iNkosi yathi kuye: Ingaba uyakholwa na ngamazwi endiza kuwathetha?

12 Waza waphendula: Ewe, Nkosi, ndiyazi okokuba uthetha inyaniso, kuba unguThixo wenyaniso, kwaye akunako ukuxoka.

13 Waza akuba ewathethile la mazwi, qaphelani, iNkosi yazibonakalisa kuye, yaza yathi: Ngenxa yokuba uzibonile ezi zinto ukhululwe ngokuhlawulelwa ekuweni; ke ngoko ubuyiselwe ebusweni bam; ke ngoko ndizibonakalisa kuwe.

14 Qaphela, ndinguye lowo walungiswa ukususela kuso isiseko sehlabathi ukuba ndibakhulule abantu bam. Qaphela ndinguye uYesu Krestu. Ndinguye uBawo noNyana. Kum lonke uluntu luya kuba nobomi, nobo bungunaphakade, kwanabo abo baya kukholelwa kulo igama lam; kwaye baya kuba ngoonyana bam neentombi zam.

15 Kwaye andizange ndazibonakalisa ebantwini endibadalileyo, kuba akazange umntu akholelwe kum njengokuba wenzile. Uyabona na okokuba udalwe ngokomfuziselo wam? Ewe, kwanabo bonke abantu badalwa ekuqalekeni ngokomfuziselo wam.

16 Qaphela, lo mzimba, uwubonayo ngoku nje, ngumzimba womoya wam; kwaye abantu ndibadale ngokomzimba womoya wam; kwaye kwananjengokuba ndibonakala kuwe ndingumoya ndiya kubonakala kubo abantu bam enyameni.

17 Kwaye ngoku, njengokuba mna, Moronayi, ndithe bendingenakho ukwenza ingxelo ezeleyo yezi zinto zibhaliweyo, ke ngoko kundanele ukutsho ukuthi uYesu wazibonakalisa kuyo le ndoda engumoya, kwanangokohlobo nangemfano yakwalo mzimba mnye kwananjengokuba wazibonakalisayo kuwo amaNifayithi.

18 Kwaye wamlungiselela kwananjengokuba wawalungiselelayo amaNifayithi; kwaye konke oku, ukuze le ndoda ibe nokwazi okokuba wayenguThixo, ngenxa yemisebenzi emininzi emikhulu eyathi iNkosi yayibonisa kuyo.

19 Kwaye ngenxa yolwazi enalo le ndoda ayinako ukuthintelwa ekuboneni ngaphakathi kwikhuselo; kwaye yawubona umnwe kaYesu, eyathi, yakuwubona, yawa luloyiko; kuba yayisazi okokuba yayingumnwe weNkosi; yaza ayabe ibe nakholo, kuba yayisazi, ngaphandle kwamathandabuzo.

20 Ngako oko, ekubeni inalo olu lwazi lugqibeleleyo lukaThixo, yayingenako ukuthintelwa ngaphakathi kwekhuselo; ke ngoko yambona uYesu; kwaye waye wayilungiselela.

21 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathi kuye umntakwabo Yerede: Qaphela, akusayi kuziyekela ezi zinto uzibonileyo waza waziva ukuba zibheke phambili kulo ihlabathi, lide ilixa lifike lokokuba ndiya kulizukisa igama lam enyameni; ngako oko, uya kuzigcinela amaxesha ezayo izinto ozibonileyo waza waziva, kwaye ungazibonisi mntu.

22 Kwaye qaphela, xa sukuba uya kuza kum, uya kuzibhala uze uzitywinele phezulu, ukuze kungabikho bani onako ukuzitolika; kuba uya kuzibhala ngolwimi lokokuba zingabinako ukufundwa.

23 Kwaye qaphela, la matye mabini ndiza kuwanikela kuwe, kwaye uya kuwatywinela phezulu kanjalo kunye nezinto ezo oya kuzibhala.

24 Kuba qaphela, ulwimi olo oya kulubhala ndilubhidanisile, ngako oko ndiya kuwabangela ngelam ilixa elifanelekileyo ukuba la matye aya kuzicacisa emehlweni abantu ezi zinto oya kuthi uzibhale.

25 Yaza yakuba iNkosi iwathethile la mazwi, yambonisa umntakwabo Yerede bonke abemi bomhlaba ababekho, kananjalo bonke abaya kubakho; kwaye ayizange izifihle emehlweni akhe, kwanokuzo iziphelo zomhlaba.

26 Kuba yayitshilo kuye kumaxesha angaphambili, ukuthi ukuba angakholelwa kuyo okokuba ingambonisa zonke izinto—zingaboniswa kuye, ke ngoko iNkosi yayingenako ukufihla nantoni na kuye, kuba wayesazi okokuba iNkosi ingambonisa zonke izinto.

27 Yaza iNkosi yathi kuye: Zibhale ezi zinto uze uzitywinele phezulu; kwaye ndiya kuziveza ngelam ilixa elifanelekileyo kubo abantwana babantu.

28 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yamyalela ukuba makawatywinele phezulu amatye amabini awaye ewafumene, aze angawavezi, ide iNkosi ibe iya kuwaveza kubo abantwana babantu.