Izibhalo
Yakobi 6


Isahluko 6

INkosi iya kumbuyisela uSirayeli ngemihla yokugqibela—Ihlabathi liya kutshiswa ngomlilo—Abantu kufuneka balandele uKrestu ukuphepha idike lomlilo nesalfure. Malunga 544–421 P.K.

1 Kwaye ngoku, qaphelani, bazalwana bam, njengoko nditshilo kuni okokuba ndiya kuprofetha, qaphelani, esi sisiprofetho sam—esokokuba izinto ezithe zathethwa ngulo mprofeti uZenoshe, ngokunxulumene nendlu kaSirayeli, apho abafanekisa nomthi womnquma olinyiweyo, kufuneka ngokwenene zenzeke.

2 Kwaye umhla aya kuthi aqalise ngawo kwakhona ukubuyisela abantu bakhe okwesibini, ngumhla, ewe, kwanelokugqibela ilixa, eziya kuthi izicaka zayo iNkosi zibheke phambili emandleni ayo, ukuze zondle kwaye zithene isidiliya sayo; kwaye emva koko isiphelo siya kufika kwakamsinya.

3 Kwaye basikeleleke kangakanani abo bathe basebenza ngenkuthalo esidiliyeni sayo; baza baqalekiseka kangakanani abo baya kuthi balahlelwe ngaphandle kweyabo indawo! Kwaye ihlabathi liya kutshiswa ngomlilo.

4 Kwaye ikangakanani inceba kaThixo wethu kuthi, kuba uyayikhumbula indlu kaSirayeli, kunye iingcambu namasebe; kwaye uzolulile izandla zakhe kubo ebudeni bemini yonke; kwaye bangabantu abantamo zilukhuni; nabaphikayo; kodwa njengokuba abaninzi bengayi kuziqaqadekisa iintliziyo zabo baya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo.

5 Ngako oko, bazalwana bam abathandekayo, ndiya nibongoza ngamazwi andilisekileyo okokuba niguquke, kwaye nize ngenjongo egqibeleleyo yentliziyo, kwaye ninamathele kuye uThixo njengoko naye enamathele kuni. Kwaye ngeli lixa ingalo yakhe yenceba yolulekele ngakuni ekukhanyeni kwemini, musani ukuziqaqadekisa iintliziyo zenu.

6 Ewe, ngalo mhla, ukuba niya kuliva ilizwi lakhe, zeningaziqaqadekisi iintliziyo zenu; kuba kungani na niya kufa?

7 Kuba qaphelani, emva kokuba niya kondliwa ngelizwi elilungileyo likaThixo ebudeni bemini yonke, ingaba niya kuvelisa isiqhamo esibi kusini na, ukuze nigawulelwe phantsi kwaye niphoswe emlilweni?

8 Qaphelani, ingaba niya kuwala kusini na la mazwi? Ingaba niya kuwala kusini na amazwi abaprofeti; kwaye ingaba niya kuwala kusini na onke amazwi athethiweyo ngokunxulumene noKrestu, emva kokuba abaninzi kangaka bethethile ngokunxulumene naye; kwaye nilikhanyele ilizwi elilungileyo likaKrestu, namandla kaThixo, nesipho soMoya oyiNgcwele, nize niwucime uMoya oyiNgcwele, nize nilenze intlekisa icebo lenkululeko, elamiselwa nina?

9 Anazi na okokuba ukuba niya kuzenza ezi zinto, ukuze amandla enkululeko novuko, olukuKrestu, aya kunizisa ekubeni nime ngehlazo netyala eloyikekayo phambi kwesihlalo sokugweba sikaThixo?

10 Kwaye ngokwamandla obulungisa, kuba ubulungisa abunakho ukuphikiswa, kufuneka nimke niye edikeni lomlilo nesalfure, elimlilo walo ungacimiyo, nelimsi walo unyukela phezulu ngonaphakade kanaphakade, idike lomlilo nesalfure elo eliyintuthumbo engenasiphelo.

11 Owu ke, bazalwana bam abathandekayo, guqukani, nize ningene ngaphakathi kulo isango elimxinwa, nize niqhubeke endleleni leyo icutheneyo, nide nibe niya kubuzuza ubomi obungunaphakade.

12 Owu yibani nobulumko; ingaba yintoni na endingayithethayo engakumbi?

13 Okokugqibela, ndiyanibulisa nisale kakuhle, ndide ndibonane nani phambi kwesihlalo sokugweba esikholisayo sikaThixo, isihlalo-sokugweba eso esikhwankqisa abakhohlakeleyo ngenkxalabo eyoyikekayo noloyiko. Amen.