Izibhalo
Mormoni 9


Isahluko 9

UMoronayi ubizela abo bangakholelwayo kuKrestu ukuba baguquke—Wazisa uThixo wemimangaliso, onika izityhilelo aze athululele izipho nemiqondiso phezu kwabo banyanisekileyo—Imimangaliso ipheza ngenxa yokungakholelwa—Imiqondiso ilandela abo bakholelwayo—Abantu bayalelwa ukuba balumke baze bayigcine imiyalelo. Malunga E.K. 401–421.

1 Kwaye ngoku, ndithetha kanjalo malunga nabo bangakholelwayo kuKrestu.

2 Qaphelani, ingaba niya kukholelwa na ngomhla wokuvelelwa kwenu—qaphelani, xa sukuba iNkosi iya kuza, ewe, kwanawo loo mhla mkhulu xa sukuba umhlaba uya kusongwa njengencwadi esongwayo, neziqalelo zomhlaba ziya kunyibilika bubushushu obukhulu, ewe, ngaloo mhla mkhulu xa sukuba niya kuziswa ukuba nime phambi kweMvana kaThixo—ngoko niya kutsho na ukuthi akukho Thixo?

3 Ngoko ingaba niya kuba saqhubeka na nimkhanyela uKrestu, okanye ningayibona na iMvana kaThixo? Nicinga okokuba niya kuhlala kunye nayo phantsi kwengqiqo yetyala lenu? Nicinga okokuba ningonwaba ukuhlala kunye nesoo Siqu singcwele, xa imiphefumlo yenu ithuthunjiswa yingqiqo yetyala lenu ngenxa yokokuba benisoloko niyaphula imithetho yaso?

4 Qaphelani, nditsho kuni ukuthi ningangonwabi ngakumbi ukuhlala kunye naye ongcwele nolungileyo uThixo, phantsi kwengqiqo yobunyhuku-nyhuku benu phambi kwakhe, kunokuba beninokuba njalo ukuhlala kunye nemiphefumlo yabagwetyiweyo esihogweni.

5 Kuba qaphelani, xa sukuba niya kuziswa ukuba nibubone ubuze benu phambi koThixo, kananjalo nobuqaqawuli bukaThixo, nobungcwele bukaYesu Krestu, buya kuphemba ilangatye lomlilo ongacimiyo phezu kwenu.

6 Owu ke nina bangakholwayo, guqukelani kuyo iNkosi; khalani ngamandlakazi kuye uBawo egameni likaYesu, ukuze mhlawumbi ninokufunyanwa ningenachaphaza, nimsulwa, ningenasiphako, kwaye nimhlophe, ekubeni nicocwe ngegazi leMvana, ngalowo mkhulu nowokugqibela umhla.

7 Kwaye kwakhona ndibhekisa kuni nina bakhanyela izityhilelo zikaThixo, nize nithi ziphelisiwe, nokokuba akukho zityhilelo, naziprofetho, nazipho, nakuphilisa, nakuthetha ngeelwimi, nakutolikwa kweelwimi;

8 Qaphelani ndithi kuni, lowo uzikhanyelayo ezi zinto akayazi ivangeli kaKrestu; ewe, akazifundanga izibhalo; ukuba kunjalo, akaziqondi.

9 Kuba ingaba asifundi na ukuba uThixo ukwanguye izolo, namhla, nangonaphakade, kwaye kuye akukho kuguqu-guquka nasithunzi sokutshintsha?

10 Kwaye ngoku, ukuba nizicingele ezingqondweni zenu uthixo othi atshintsha-tshintshe, kwaye ekukho kuye isithunzi sokutshintsha, ke nizicingele ezingqondweni zenu uthixo ongenguye uThixo wemimangaliso.

11 Kodwa qaphelani, mna ndiza kunibonisa uThixo wemimangaliso, kwanoThixo ka-Abraham, noThixo kaIsake, noThixo kaYakobi; kwaye ikwa nguye loo Thixo owadala amazulu nomhlaba, nazo zonke izinto ezikuwo.

12 Qaphelani, wadala uAdam, kwaza ngoAdam kwafika ukuwa komntu. Kwaza ngenxa yokuwa komntu kweza uYesu Krestu, okwanguBawo noNyana; kwaye ngenxa kaYesu Krestu kweza inkululeko yomntu.

13 Kwaye ngenxa yenkululeko yomntu, eyeza ngoYesu Krestu, babuyiselwa ebusweni beNkosi; ewe, le yindlela abathi bonke abantu bakhululwa ngayo, ngenxa yokuba ukufa kukaKrestu kwenza kwabakho uvuko, olwenza kwabakho inkululeko kuko ukulala okungenasiphelo, ukulala oko bonke abantu baya kuthi bavuke kuko ngamandla kaThixo xa sukuba ixilongo liya kukhala; kwaye baya kuphuma kunye abancinane nabakhulu, kwaye bonke baya kuma phambi kwenkundla yakhe, bekhululwe kwaye bakhutshiwe kweli khamandela lanaphakade lokufa, ukufa oko kukukufa kwenyama.

14 Kwaye ngoko kuze umgwebo wOngcwele phezu kwabo; kwaye ke kuze ilixa lokokuba lowo unyhuku-nyhuku eya kuba esenyhuku-nyhuku; kwaye lowo ulilungisa uya kuba eselilungisa; lowo wonwabileyo uya kuba esonwabile; kwaye lowo ungonwabanga uya kuba esengonwabanga.

15 Kwaye ngoku, Owu nina nonke abathe bazicingela ezingqondweni zenu uthixo ongenakwenza mimangaliso, ndinga ndingabuza kuni, ingaba zonke ezi zinto zenzekile na, endithethe ngazo? Ingaba isiphelo seside safika? Qaphelani ndithi kuni, Hayi; noThixo akaphezanga ukuba nguThixo wemimangaliso.

16 Qaphelani, ingaba izinto athe uThixo wazenza azimangalisi emehlweni ethu? Ewe, kwaye ngubani na onako ukuyiqiqa imisebenzi emangalisayo kaThixo?

17 Ngubani na oya kutsho ukuthi yayingenguwo na ummangaliso okokuba ngelizwi lakhe amazulu nomhlaba mawabekho; nangamandla elizwi lakhe umntu wadalwa ngothuli lomhlaba; nangamandla elizwi lakhe imimangaliso yenziwa?

18 Kwaye ngubani na oya kutsho ukuthi uYesu Krestu akazange enze mimangaliso mininzi enamandlakazi? Kwaye yayikho imimangaliso emininzi enamandlakazi eyenziwayo ngezandla zabapostile.

19 Kwaye ukuba kwakukho imimangaliso eyenziwayo ngoko, kungani na uThixo ephezile ukuba nguThixo wemimangaliso aze kanti abe usiSiqu esingaguqu-guqukiyo? Kwaye qaphelani, ndithi kuni akatshintshi; ukuba kunjalo angapheza ukuba nguThixo; kwaye akaphezi ukuba nguThixo, kwaye unguThixo wemimangaliso.

20 Kwaye isizathu sokokuba apheze ukwenza imimangaliso phakathi kwabantwana babantu kungenxa yokokuba baya besithelela ekungakholweni, baze bemke endleleni eyiyo, baze bangamazi uThixo lowo bamele bathembele kuye.

21 Qaphelani, nditsho kuni ukuthi nabani na okholelwayo kuKrestu, engathandabuzi nto, nantoni na aya kuyicela kuBawo egameni likaKrestu uya kuyinikwa; kwaye esi sithembiso sikubo bonke, kwanokuya eziphelweni zomhlaba.

22 Kuba qaphelani, watsho njalo uYesu Krestu, uNyana kaThixo, kubo abafundi bakhe ababeya kusala, ewe, kananjalo nakubo bonke abafundi bakhe, sisiva isihlwele: Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nize nishumayele ivangeli kuso sonke isidalwa;

23 Kwaye lowo ukholwayo aze abhaptizwe uya kusindiswa, kodwa lowo ungakholelwayo uya kugwetywa;

24 Kwaye le miqondiso iya kubalandela abo bakholwayo—egameni lam baya kukhuphela ngaphandle oomtyholi; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuphakamisa iinyoka ezinobuhlungu; kwaye ukuba basela nantoni na ebulalayo ayisayi kubenzakalisa; baya kubeka izandla kwabagulayo kwaye baya kuphila;

25 Kwaye nabani na oya kukholelwa egameni lam, engathandabuzi nto, kuye ndiya kuwaqinisekisa onke amazwi am, kwanokuya kuzo iziphelo zomhlaba.

26 Kwaye ngoku, qaphelani, ngubani na onako ukuma ngokuchasene nemisebenzi yeNkosi? Ngubani na onako ukuzikhanyela ezi ntetha? Ngubani na oya kuvukela ngokuchasene namandla onke amandla eNkosi? Ngubani na oya kuyenyelisa imisebenzi yeNkosi? Ngubani na oya kubenyelisa abantwana bakaKrestu? Qaphelani, nonke nina bangabanyelisi bemisebenzi yeNkosi, kuba niya kumangaliswa nize nitshabalale.

27 Owu ke musani ukwenyelisa, kwaye ningamangaliswa, kodwa waphulaphuleni amazwi eNkosi, nize nicele kuBawo egameni likaYesu ezo zinto nazinto zini na eniya kuthi niziswele. Musani ukuthandabuza, kodwa yibani ngabakholelwayo, nize niqalise njengakumaxesha akudala, kwaye nize kuyo iNkosi ngazo zonke iintliziyo zenu, nize nilusebenze olwenu usindiso ngoloyiko nonkwantyo phambi kwakhe.

28 Yibani nobulumko ngemihla yobulingwa benu; zihlubeni kuko konke ukungcola; ningaceli, ukuze nibe nokubugqibela kwiinkanuko zenu, kodwa celani ngenzondelelo engagungqiyo, ukuze ningazinikeli ekuhendweni, kodwa ukuze nikhonze owokwenene nophilayo uThixo.

29 Bonani ukuba anibhaptizwa ningafanelekanga; bonani okokuba anithabathi nitye kuwo umthendeleko kaKrestu ningafanelekanga; kodwa bonani okokuba nizenza zonke izinto ngemfaneleko, kwaye nizenze egameni likaYesu Krestu, uNyana woThixo ophilayo; kwaye ukuba niyakwenza oku, nize ninyamezele kude kube sekupheleni, anisayi kuze nangayiphina indlela nikhutshelwe ngaphandle.

30 Qaphelani, ndibhekisa kuni ngokungathi ndathetha ndiphuma kwelabafileyo; kuba ndiyazi okokuba niya kuba nawo amazwi am.

31 Musani ukundigweba ngenxa yokungafezeki kwam, nobawo ngokunjalo, ngenxa yokungafezeki kwakhe, nabo abo babhalayo ngaphambi kwakhe; kodwa kunoko nikani imibulelo kuye uThixo kuba ekubonakalisile kuni ukungafezeki kwethu, ukuze nibe nokufunda ukulumka ngakumbi kunokuba besinjalo.

32 Kwaye ngoku, qaphelani, siyibhale le mbali ngokolwazi lwethu, ngabalinganiswa ababizwa phakathi kwethu ngokuba sisiYiputa esiguqulweyo, ekubeni sinikezelwe ezantsi saza salungiswa sithi, ngokohlobo lwethu lwentetho.

33 Kwaye ukuba amacwecwe ethu ebemakhulu ngokwaneleyo singe sibhale ngesiHebhere; kodwa isiHebhere sitshintshwe sithi kanjalo; kwaye ukuba besibhale ngesiHebhere, qaphelani, ninge ningafumananga ziphene kuyo imbali yethu.

34 Kodwa iNkosi iyazazi izinto ezo sizibhalileyo, kananjalo nokokuba abakho abanye abantu abalwaziyo ulwimi lwethu, nangenxa yokuba kungekho abanye abantu abalwaziyo ulwimi lwethu, nike ngoko uyilungiselele enye indlela yokutolikwa kwalo.

35 Kwaye ezi zinto zibhalwe ukuze sibe nokususa kwizambatho zethu igazi labazalwana bethu, abaye besithelela ekungakholweni.

36 Kwaye qaphelani, ezi zinto esizinqweneleyo ngokunxulumene nabazalwana bethu, ewe, ngokukodwa ubuyiselo lwabo kulwazi lukaKrestu, zingokwemithandazo yabo bonke abangcwele ababefudula behlala elizweni.

37 Kwaye inga iNkosi uYesu Krestu ingabanika okokuba imithandazo yabo ingaphendulwa ngokokholo lwabo; kwaye wanga uThixo uBawo angawukhumbula umnqophiso awathi wawenza kunye nayo indlu kaSirayeli; kwaye wanga angabasikelela ngonaphakade, ngokholo kulo igama likaYesu Krestu. Amen.