Izibhalo
Moronayi 4


Isahluko 4

Indlela abadala nababingeleli abanikela ngayo isonka somthendeleko iyacaciswa. Malunga E.K. 401–421.

1 Uhlobo lwabadala babo nababingeleli benikela umzimba negazi likaKrestu kulo ibandla; kwaye bawunikela ngokwemiyalelo kaKrestu; ngako oko siyalwazi uhlobo ukuba luyinyani; kwaye abadala okanye ababingeleli baye bawunikela—

2 Kwaye baye baguqa phantsi kunye nebandla, baze bathandaze kuye uBawo egameni likaKrestu, besithi:

3 Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise esi sonka kuyo imiphefumlo yabo bonke abathi bathabathe kuso; ukuze babe nokutya benenkumbulo yomzimba woNyana wakho, baze bangqine kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, okokuba bazimisele ukuthabathela kubo igama loNyana wakho, baze besoloko bemkhumbula, baze bayigcine imiyalelo yakhe athe wabanika yona, ukuze babenokusoloko benawo uMoya wakhe ukunye nabo. Amen.