Izibhalo
Mozaya 18


Isahluko 18

UAlma ushumayela ngasese—Ucacisa ngomnqophiso wobhaptizo kwaye uyabhaptiza kumanzi aseMormoni—Umisela iBandla likaKrestu kwaye umisa ababingeleli—Bayazibonelela kwaye bafundise abantu—UAlma nabantu bakhe bayesaba kuKumkani uNowa bangena entlango. Malunga 147–145 P.K.

1 Kwaye ngoku, kwenzekile okokuba uAlma, owayesabile kuzo izicaka zikakumkani uNowa, waye waguquka ezonweni zakhe nakubo ubugwenxa, kwaye wahamba-hamba fihlakeleyo phakathi kwabantu, waze waqalisa ukufundisa amazwi ka-Abhinadayi—

2 Ewe, ngokunxulumene noko kwakusezayo, kananjalo ngokunxulumene novuko lwabafileyo, nenkululeko yabantu, eyayiza kwenzeka ngamandla, neentlungu, nokufa kukaKrestu, novuko lwakhe nokunyukela kwakhe ezulwini.

3 Kwaye kangangobuninzi babo ababelimamela izwi lakhe waye wabafundisa. Kwaye ebafundisela ngasese, ukuze ingabi nakufikelela kulwazi lukakumkani. Baze abaninzi bawakholelwa amazwi akhe.

4 Kwaye kwenzekile okokuba kangangobuninzi babo abathi bamkholelwa babheka phambili kuyo indawo eyayibizwa ngokuba yiMormoni, ekubeni ilifumene igama layo kukumkani, ikwimida yelizwe ebelizaliswe, ngamathuba athile okanye amaxesha, zizilo zasendle.

5 Ngoku, kwakukho eMormoni umthombo wamanzi acwengileyo, waza uAlma waya apho, apho ke kufuphi namanzi kwakukho udada lwemithana emincinane, apho ke wathi emini wazimela khona ekufuniseni kukakumkani.

6 Kwaye kwenzekile okokuba kangangobuninzi babo abathi bamkholelwa baya apho ukuba beve amazwi akhe.

7 Kwaye kwenzekile emva kweentsuku ezininzi kwabakho inani elincumisayo elahlanganisana kunye endaweni eyiMormoni, ukuza kuva amazwi ka-Alma. Ewe, bonke babehlanganisene kunye abo babekholelwa elizwini lakhe, ukuba bamve. Kwaye wayebafundisa, kwaye wayebashumayeza inguquko nenkululeko, nokholo eNkosini.

8 Kwaye kwenzekile okokuba wathi kubo: Qaphelani, nanga amanzi aseMormoni (kuba ayebizwa njalo) kwaye ngoku, njengoko ninqwenela ukuza kuwo umhlambi kaThixo, ukuze nibizwe njengabantu bakhe, nize nikulungele ukuthwalisana imithwalo yenu, ukuze ibe lula;

9 Ewe, kwaye nikulungele ukulila nabo balilayo; ewe, nize nibathuthuzele abo baswele ukuthuthuzelwa, nibe nokuma njengamangqina kaThixo ngamaxesha onke nakuzo zonke izinto, nakuzo zonke iindawo eninokuthi nibe kuzo, ewe ngokokude kube sekufeni, ukuze nibe nokukhululwa nguThixo, nize nibalwe kunye nabo bangabovuko lokuqala, ukuze nibe nokuba nobomi obungunaphakade

10 Ngoku ndithi kuni, ukuba oku kungumnqweno weentliziyo zenu, yintoni eninayo ngokuchasene nokubhaptizwa egameni leNkosi, njengobungqina phambi kwakhe bokuba ningene kumnqophiso kunye naye, wokuba niya kumsebenzela kwaye niyigcine imiyalelo yakhe, ukuze abe nokuwuthulula uMoya wakhe ngobuninzi phezu kwenu?

11 Kwaye ngoku bakuba bewavile abantu la mazwi, baqhwaba izandla zabo luvuyo, baze badanduluka: Lo ngumnqweno weentliziyo zethu.

12 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba uAlma athabathe uHelam, yena engomnye wabokuqala, kwaye wahamba waza wema phaya emanzini, waza wadanduluka, esithi: Owu Nkosi, thulula uMoya wakho phezu kwesicaka sakho, ukuze ndibe nokuwenza lo msebenzi ngobungcwele bentliziyo.

13 Kwaye akuba ewathethile la mazwi, uMoya weNkosi waba phezu kwakhe, kwaye wathi: Helam, ndiyakubhaptiza, ndinegunya elivela kuThixo onaMandla Onke, njengobungqina bokuba ungene kumnqophiso wokuba umsebenzela ude ufe ngokwasemzimbeni onokufa; kwaye inga uMoya weNkosi ungathululelwa phezu kwakho; kwaye inga ingakunika ubomi obungunaphakade, ngenkululeko kaKrestu, lowo wamlungisayo ukususela kwisiseko sehlabathi.

14 Kwaye emva kokuba uAlma ewathethile la mazwi, bobabini uAlma noHelam bazingcwaba emanzini; baza baphakama baphuma emanzini begcobile, bezaliswe nguMoya.

15 Kwaye kwakhona, uAlma wathabatha omnye, waza wahamba waya phambili okwesibini emanzini, waza wambhaptiza ngokohlobo lokuqala, ngaphandle kokuba yena akazange azingcwabe kwakhona emanzini.

16 Kwaye ngolu hlobo wathi wabhaptiza wonke ubani owathi wahamba waya endaweni yaseMormoni; kwaye inani lalimalunga namakhulu amabini anesine emiphefumlo; ewe, kwaye babhaptizwa kumanzi aseMormoni, kwaye bezaliswe lubabalo lukaThixo.

17 Kwaye babizwa ngokuba balibandla likaThixo, okanye ibandla likaKrestu, ukususela kwelo lixa ukuya phambili. Kwaye kwenzekile okokuba nabani na owabhaptizwayo ngamandla negunya likaThixo wongezelelwa kulo ibandla lakhe.

18 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma, enegunya elivela kuThixo, wamisa ababingeleli; kwanombingeleli omnye kuwo onke amashumi amahlanu enani labo wathi wabamisa ukuba bashumayele kubo, kwaye nokuba babafundise ngokunxulumene nezinto eziphathelele nobukumkani bukaThixo.

19 Kwaye wabayalela ukuba bangafundisi nanye into ngaphandle kokuba kube zezo zinto awathi wazifundisa, kwaye nezazithethwe ngomlomo wabaprofeti abangcwele.

20 Ewe, wade wabayalela ukuba kumele bangashumayeli nto ngaphandle kokuba kube yinguquko nokholo eNkosini, eyabakhululayo abantu bayo.

21 Kwaye wabayalela ukuba akumele kubekho mbambano komnye nomnye, kodwa nje kumele bakhangele phambili ngasonye, benenkolo enye nobhaptizo olunye, beneentliziyo ezithungelene elumanyanweni naseluthandweni omnye komnye.

22 Kwaye njalo wabayalela ukuba bashumayele. Kwaye njalo baba ngabantwana bakaThixo.

23 Kwaye wabayalela ukuba maze bawuqwalasele umhla wesabatha, kwaye bawugcine ungcwele, kananjalo nemihla yonke bamele banike imibulelo kuyo iNkosi uThixo wabo.

24 Kananjalo wabayalela ukuba ababingeleli awathi wabamisa kumele basebenze ngezandla zabo ukuze babe nokuzixhasa.

25 Kwaye kwabakho usuku olunye kuzo zonke iiveki olwalumiselwe ukuze bahlanganisane kunye ukuze bafundise abantu, kwaye banqule iNkosi uThixo wabo, kananjalo, kaninzi kangangoko kwakusemandleni abo, ukuba bahlanganisane kunye.

26 Kwaye ababingeleli kwakungafuneki baxhomekeke ebantwini ngenkxaso yabo; kodwa ngomsebenzi wabo babeza kufumana ubabalo lukaThixo, ukuze babe nokomelela eMoyeni, benolwazi ngoThixo, ukuze babenako ukufundisa ngamandla negunya elivela kuThixo.

27 Kwaye kwakhona uAlma wayalela ukuba abantu bebandla bamele banikele ngezinto zabo, bonke ngokwaloo nto anayo; ukuba unako ngobuninzi kakhulu kumele anikele ngobuninzi kakhulu; kwaye lowo unako okuncinane, makufunwe nje okuncinane kuye; kwaye lowo ungenanto umele anikwe.

28 Kwaye njalo bamele banikele ngezinto zabo ngentando yabo ekhululekileyo neminqweno emihle kuThixo, nakwabo babingeleli basweleyo, ewe, nakubo bonke abasweleyo, abamiphefumlo ize.

29 Kwaye oku wakuthetha kubo, eyalelwe nguThixo; kwaye baye bahamba bethe tye phambi kukaThixo, benikela omnye komye kunye okwasenyameni nokwasemoyeni ngokweentswelo zabo neemfuno zabo.

30 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba konke oku kwenziwa eMormoni, ewe, ngasemanzini aseMormoni, ehlathini elaye likufuphi namanzi aseMormoni; ewe, indawo yaseMormoni, amanzi aseMormoni, ihlathi laseMormoni, hayi ubuhle babo emehlweni abo abathi apho bafumana ulwazi ngoMkhululi wabo; ewe, okunjani ukusikeleleka kwabo, kuba baya kuvuma bembonga ngonaphakade.

31 Kwaye ezi zinto zenzeka emideni yelizwe, ukuze zingafikeleli kulwazi lokumkani.

32 Kodwa qaphelani, kwenzekile okokuba ukumkani, efumanise intshukumo ephakathi kwabantu, wathumela izicaka zakhe ukuba zibajonge. Ke ngoko ngomhla ababehlanganisene kunye ukuphulaphula ilizwi leNkosi bafunyanwa baziswa kukumkani.

33 Kwaye ngoku ukumkani waye wathi uAlma wayexhokonxela abantu ukuba bamvukele, ke ngoko wathumela umkhosi wakhe ukuba ubatshabalalise.

34 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma nabantu beNkosi balunyukiswa ngokuza komkhosi kakumkani; ke ngoko bathabatha iintente zabo neentsapho zabo basinga entlango.

35 Kwaye ngenani babengamakhulu amane anamashumi amahlanu emiphefumlo.