Izibhalo
Mozaya 3


Isahluko 3

Ukumkani uBhenjamin uyaqhubeka nentetho yakhe—INkosi enaMandla Onke iya kukhonza phakathi kwabantu ikumnquba womdongwe—Igazi liya kuphuma kuzo zonke iintunja njengokuba ehlawulela izono zehlabathi—Yena ukukuphela kwegama elinokuza ngalo usindiso—Abantu banako ukumlahla umntu wemvelo baze babe ngabangcwele ngendlela yeNtlawulelo—Intuthumbo yabakhohlakeleyo iya kuba njengedike lomlilo nesalfure. Malunga 124 P.K.

1 Kwaye kwakhona bazalwana bam, ndinga ndingamema ingqalelo yenu, kuba ndinento nje engakumbi emandiyithethe nani; kuba qaphelani, ndinezinto emandizithethe nani ezinxulumene noko kuzayo.

2 Kwaye izinto ezo endiza kuzithetha kuni zazisiwe kum yingelosi evela kuThixo. Kwaye yathi kum: Vuka; ndaza ndavuka, kwaye ndayibona imi phambi kwam.

3 Kwaye yathi kum: Vuka, uze uve amazwi endiza kukuxelela wona; kuba qaphela, ndize ukuza kuvakalisa kuwe iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu.

4 Kuba iNkosi iyivile imithandazo yakho, kwaye ibugwebile ubulungisa bakho, kwaye indithumele ukuba ndivakalise kuwe ukuze ube nokugcoba; kwaye nokokuba ube nokuvakalisa kubo abantu bakho, ukuze nabo kanjalo bazale luvuyo.

5 Kuba qaphelani, ilixa liyeza, kwaye alimgama mde, kuba ngamandla, iNkosi enaMandla Onke elawulayo, eyayikho, kwaye ekhoyo ukususela kunaphakade wonke ukuya kunaphakade wonke, uya kwehla evela ezulwini eze phakathi kwabantwana babantu, kwaye uya kuhlala kumnquba womdongwe, kwaye uya kuya phambili phakathi kwabantu, esenza imimangaliso emikhulu, enje ngokuphilisa imilwelwe, ukuvusa abafileyo, ukwenza iziqhwala zihambe, abazimfama bafumane ukubona, kwaye nezithulu zive, kwaye enyanga zonke iintlobo zezifo.

6 Kwaye uya kukhupha oomtyholi, okanye oomoya abangcolileyo abahlala ezintliziyweni zabantwana babantu.

7 Kwaye yabonani, uya kunyamezela izihendo, neentlungu zomzimba, nendlala, nokunxanwa, nokudinwa, nangaphezulu kunokuba umntu anganako ukunyamezela, ngaphandle kokufa; kuba qaphelani, igazi liya kuphuma kuzo zonke iintunja, kuya kuba kukhulu ukudandatheka kwakhe ngenxa yenkohlakalo namasikizi abantu bakhe.

8 Kwaye uya kubizwa ngokuba nguYesu Krestu, uNyana kaThixo, uYise wezulu nomhlaba, uMdali wazo zonke izinto ukususela ekuqalekeni; kwaye unina uya kubizwa ngegama elinguMariya.

9 Kwaye yabonani, uza kubo abakhe, ukuze usindiso lufike kubo abantwana babantu kwa nangalo ukholo egameni lakhe; kwaye nasemva kwako konke oku baya kumthatha njengomntu, kwaye baya kuthi unomtyholi, kwaye baya kumtyakatya, kwaye baya kumbethelela emnqamlezweni.

10 Kwaye uya kuvuka ngosuku lwesithathu kwelabafileyo; kwaye qaphelani, umele ukuba aligwebe ihlabathi; kwaye qaphelani, zonke ezi zinto zenzeka ukuze kuwiswe umgwebo wobulungisa phezu kwabantwana babantu.

11 Kuba qaphelani, negazi lakhe kanjalo lihlawulela izono zabo bathi bawa ngokona kuka-Adam, abathi bafa bengenalwazi ngentando kaThixo ngokunxulumene nabo, okanye abonayo ngokungazi.

12 Kodwa yeha, yeha kuye lowo waziyo okokuba uvukela uThixo! Kuba usindiso alufiki nakomnye onjalo ngaphandle kokuba kungenguquko nokholo kuyo iNkosi uYesu Krestu.

13 Kwaye iNkosi uThixo ithumele abaprofeti bayo abangcwele phakathi kwabo bonke abantwana babantu, ukuba bazibhengeze ezi zinto kuso sonke isalamane, isizwe, nolwimi, ukuze ngabo nabanina abaya kukholelwa okokuba uKrestu uya kuza, abo banjalo ke banokufumana ukuxolelwa kwezono zabo, kwaye bagcobe ngovuyo olugqithisileyo, kangangokude kubengathi sele efikile phakathi kwabo.

14 Kanti iNkosi uThixo yabona okokuba aba bantu babengabantu abantamo zilukhuni, yaza yabamisela umthetho, kwanawo umthetho kaMoses.

15 Kwaye yayibonisa kubo imiqondiso emininzi, nemimangaliso, nemizekelo, kwaye nezithunzi yaye yazibonisa kubo, ngokunxulumene nokuza kwakhe; kwaye nabaprofeti abangcwele kanjalo bathetha nabo ngokunxulumene nokuza kwakhe, kanti kunjalo baziqinisa iintliziyo zabo, kwaye abazange baqonde okokuba umthetho kaMoses awubenzeli nto ngaphandle kokuba kube kungentlawulelo yegazi lakhe.

16 Kwaye ukuba bekunokwenzeka ukuba abantwana abancinane babenokwenza isono bebengenako ukuba bangasindiswa; kodwa ndithi kuni basikelelekile; kuba qaphelani, njengakuAdam, okanye ngokwemvelo, bayawa, nokuba kunganjalo igazi likaKrestu liya bahlawulela izono zabo.

17 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni, akusayi kubakho elinye igama elinikiweyo nangayiphina indlela naluhlobo olunokuza ngalo usindiso kubantwana babantu, kuphela kukulo kwaye nangalo igama lika Krestu, iNkosi enaMandla Onke.

18 Kuba qaphelani uyagweba, kwaye isigwebo sakhe sibubulungisa; kwaye usana alutshabalali olufele ebusaneni balo, kodwa abantu baziselela isigwebo emiphefumlweni yabo ngaphandle kokuba bayazithoba kwaye babenjengabantwana abancinane, kwaye bakholelwe okokuba usindiso lwabakho, kwaye lukho, kwaye lusaya kuza, kulo nangalo igazi lentlawulelo likaKrestu, iNkosi enaMandla Onke.

19 Kuba umntu wemvelo ulutshaba kuThixo, kwaye ebelulo ukusuka ekuweni kuka-Adam, kwaye usaya kubalulo, ngonaphakade kanaphakade, ngaphandle kokuba azinikele kwiimpembelelo zoMoya oyiNgcwele, kwaye amkhuphe umntu wemvelo kwaye abe ngongcwele ngentlawulelo kaKrestu iNkosi, kwaye abe njengomntwana, azinikele, abe nobulali, athobeke, abe nomonde, azale luthando, avume ukuzinikela kuzo zonke izinto iNkosi ebona kumlungele ukuba imhlungise ngazo, nanjengokuba umntwana ezithoba kuyise.

20 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni, ilixa liya kufika xa ulwazi ngoMsindisi luya kusasazeka kuso sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu.

21 Kwaye qaphelani, xa elo lixa lifika, akukho namnye oya kufunyanwa engenatyala phambi koThixo, ngaphandle kwabantwana abancinane, kungenguquko kuphela nokholo kulo igama leNkosi uThixo onaMandla Onke.

22 Kwaye nangalo eli xesha, xa uya kuba ubafundisile abantu bakho ezi zinto ethe iNkosi uThixo wakho yakuyalela zona, nangoko abayi kufunyanwa bengenatyala emehlweni kaThixo, kungokwamazwi endiwathethe kuwe kuphela.

23 Kwaye ngoku ndiwathethile amazwi ethe iNkosi uThixo yandiyalela wona.

24 Kwaye itsho njalo iNkosi: Aya kuma njengobungqina obukhazimlayo ngokuchasene nabo aba bantu, ngomhla womgwebo; ngoko ke baya kugwetywa, umntu ngamnye ngokwemisebenzi yakhe, nokokuba ilungile okanye nokuba mibi.

25 Kwaye ukuba mibi banikelwa kumbono owoyikekayo wetyala namasikizi abo athi abenze barhwaqele ukusuka kubo ubuso beNkosi baye kwimo yenkxwaleko nentuthumbo engenasiphelo, apho bangenako ukuphinda babuye; ke ngoko bawusele umgwebo emiphefumlweni yabo.

26 Ke ngoko, basele kwindebe yengqumbo kaThixo, ubulungisa obo obungasakwazi ukubakhanyela kunokuba bunokukhanyela ukuba uAdam kumele awe ngenxa yokuba etyile kuso isiqhamo esalelweyo; ke ngoko, inceba ibingenakho ukuphinda ibe nebango kubo ngonaphakade.

27 Kwaye intuthumbo yabo inje ngedike lomlilo nesalfure, elimalangatye walo angacimiyo, nomsi walo onyukela phezulu ngonaphakade kanaphakade. Indiyalele njalo iNkosi. Amen.