Izibhalo
Mozaya 5


Isahluko 5

AbaNgcwele baba ngoonyana neentombi zikaKrestu ngokholo—Bathi ke babizwe ngegama likaKrestu—UKumkani uBhenjamin ubayalela ukuba bazinze kwaye bangagungqi kuyo imisebenzi emihle. Malunga 124 P.K.

1 Kwaye ngoku, kwenzekile okokuba xa ukumkani uBhenjamin enjenje ukuthetha nabantu bakhe, wathumela phakathi kwabo, enqwenela ukwazi kubantu bakhe ukuba bayakholelwa na kumazwi athe wawathetha kubo.

2 Kwaye badanduluka bonke ngezwi elinye, besithi: Ewe, siyawakholelwa onke amazwi othe wawathetha kuthi; kananjalo, siyazi ngokuqiniseka kwawo nobunyaniso bawo, ngenxa yoMoya weNkosi enaMandla Onke, owenze inguqu enzulu kuthi, okanye ezintliziyweni zethu, kangangokuba asinawo umnqweno wokwenza izenzo ezibi, kodwa ukwenza okulungileyo lonke ixesha.

3 Kwaye thina, ngokwethu, kanjalo, ngokulunga kukaThixo okungenasiphelo, neembonakaliso zoMoya wakhe, sineembono ezinkulu zoko kuya kuza; kwaye ukuba bekuyimfuneko, besingaprofetha ngezinto zonke.

4 Kwaye lukholo esibenalo kwizinto athe ukumkani wethu wazithetha kuthi ezisizise kolu lwazi lukhulu, ngalo ke siyavuya ngolo vuyokazi lukhulu ngokugqithisileyo.

5 Kwaye sizimisele ukungena kumnqophiso noThixo wethu ukuba senze intando yakhe, kwaye nokuba siyithobele imiyalelo yakhe kuzo zonke izinto aya kuthi asiyalele zona, yonke intsalela yemihla yethu, ukuze singaziziseli phezu kwethu intuthumbo engenasiphelo, njengoko bekuthethwe yingelosi, ukuze singaseli kwindebe yengqumbo kaThixo.

6 Kwaye ngoku, la ngamazwi ukumkani uBhenjamin awaye ewanqwenela kubo; waza ke ngoko wathi kubo: Nithethe amazwi ebe ndiwanqwenela, kwaye umnqophiso eniwenzileyo ngumnqophiso olungileyo.

7 Kwaye ngoku, ngenxa yomnqophiso enithe nawenza niya kubizwa ngokuba ningabantwana bakaKrestu, oonyana bakhe, neentombi zakhe; kuba qaphelani, ngawo lo mhla unizele ngokwasemoyeni; kuba nithi iintliziyo zenu ziguqulwe ngokholo egameni lakhe; ke ngoko, nizelwe nguye kwaye nibe ngoonyana bakhe neentombi zakhe.

8 Kwaye ngaphantsi kwale ntloko nikhululwe, kwaye ayikho enye intloko eningakhululwa ngayo. Alikho elinye igama elinikiweyo elinokuza ngalo usindiso; ke ngoko, ndinga ningalithabathela kuni igama likaKrestu, nonke nina bathe bangena kumnqophiso noThixo ukuze nithobele kude kube sekupheleni kobomi benu.

9 Kwaye kuya kwenzeka ukuba nabanina okwenzayo oku uya kufunyanwa esesandleni sasekunene sikaThixo, kuba uya kulazi igama abizwa ngalo; kuba uya kubizwa ngegama likaKrestu.

10 Kwaye ngoku kuya kwenzeka, ukuba nabanina ongayi kulithabathela kuye igama likaKrestu kufuneka abizwe ngelinye igama; ke ngoko, uya kuzifumana engasesandleni sasekhohlo sikaThixo.

11 Kwaye ndinga ningakhumbula kanjalo, okokuba eli lilo igama endathi ndiya kuninika lona elingasokuze licinywe, ngaphandle kokuba kungokona; ke ngoko, nyamekelani ukuba ningoni, ukuze igama lingacinywa ezintliziyweni zenu.

12 Ndithi kuni, ndinga ningakhumbula ukuba lihlale libhaliwe igama ngamaxesha onke ezintliziyweni zenu, ukuze ningafunyanwa ningasesandleni sasekhohlo sikaThixo, kodwa nize nilive kwaye nilazi ilizwi eniya kubizwa ngalo, kananjalo, negama aya kunibiza ngalo.

13 Kuba umntu angayazi njani inkosi engakhange ayisebenzele, kwaye nengaqhelekanga kuye, kwaye ekude neengcinga kwaye nakwiimvakalelo zentliziyo yakhe?

14 Kwaye kwakhona, indoda ingalithabatha iesile elilelommelwane wayo, ize iligcine? Ndithi kuni, Hayi; ayinakho nokulivumela ukuba lidle phakathi kwemihlambi yayo, kodwa iya kuliqhubela kude, kwaye iligxothele ngaphandle. Ndithi kuni, nakuni kuya kuba njalo phakathi kwenu ukuba anilazi igama enibizwa ngalo.

15 Ke ngoko, ndinga ningazinza kwaye ningagungqi, nisoloko nizele yimisebenzi elungileyo, ukuze uKrestu, iNkosi uThixo onaMandla Onke, abe nokunitywinela kuye, ukuze niziswe ezulwini, ukuze nibe nokufumana usindiso lwanaphakade nobomi obungunaphakade, ngobulumko, namandla, nobulungisa, nenceba yakhe lowo wadala zonke izinto, ezulwini nasemhlabeni, onguThixo phezu konke. Amen.