Izibhalo
Moses 1


Okukhethiweyo
kwiNcwadi kaMoses

Isicatshulwa esivela kuguqulelo lweBhayibhile njengoko yatyhilwa kuJoseph Smith uMprofeti, Juni 1830–Februwari 1831.

Isahluko 1

(Juni 1830)

UThixo uzityhila ngeNkqu kuMoses—UMoses wenziwa kumila kumbi—Ujongana noSathana—UMoses ubona amazwe amaninzi anabahlali—Amazwe angenakubaleka edalwe nguNyana—Umsebenzi kaThixo nozuko kukwenza kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu.

1 Amazwi kaThixo, awathetha kuMoses ngexesha xa uMoses waxhwilelwa entabeni ephakame ngokugqithisileyo,

2 Kwaye wabona uThixo ubuso ngobuso, kwaye wathetha naye, lwaze uzuko lukaThixo lwaba phezu koMoses; ke ngoko uMoses waba nako ukumelana nobuso bakhe.

3 Kwaye uThixo wathetha kuMoses, esithi: Qaphela, ndiyiNkosi uThixo uSomandla, kwaye uOngenasiphelo ligama lam; kuba andinasiqalo semihla okanye isiphelo seminyaka; kwaye oku asikuko ukungabi nasiphelo?

4 Kwaye, qaphela, ungunyana wam; ngako oko khangela, kwaye ndiya kukubonisa umsebenzi wezandla zam; kodwa ingabi yiyo yonke, kuba imisebenzi yam ayinasiphelo, kananjalo namazwi am, kuba ayipheli.

5 Ngako oko, akukho mntu unako ukukhangela yonke imisebenzi yam, ngaphandle kokuba ukhangela lonke uzuko lwam; kwaye akukho mntu unako ukukhangela lonke uzuko lwam, aze emva koko asale esenyameni emhlabeni.

6 Kwaye ndinomsebenzi wakho, Moses, nyana wam; kwaye wena ukwimfano yowam oKuphela koZelweyo; kwaye owam oKuphela koZelweyo unguye kwaye uya kuba nguMsindisi, kuba uzaliswe ngobabalo nenyaniso; kodwa akukho Thixo ngaphandle kwam, kwaye zonke izinto zikho ngam, kuba ndiyazazi zonke.

7 Kwaye ngoku, qaphela, le nto inye ndiyibonisa kuwe, Moses, nyana wam, kuba wena usehlabathini, kwaye ngoku ndiyibonisa kuwe.

8 Kwaye kwenzekile ukuba uMoses wajonga, waza wabona ihlabathi awayedalwe phezu kwalo; kwaye uMoses wabona ihlabathi neziphelo zalo, nabo bonke abantwana babantu abakhoyo, nababedaliwe; ngokukwanjalo wamangaliswa kwaye wathi nqa.

9 Kwaye ubuso bukaThixo barhoxa kuMoses, kuba uzuko lwakhe lwalungekho phezu koMoses; kwaye uMoses washiyeka enguye. Kwaye njengoko wayeshiyeke enguye, wawela emhlabeni.

10 Kwaye kwenzekile okokuba kwaba sisithuba samaxa amaninzi phambi kokuba uMoses afumane kwakhona ukomelela kwasendalweni okunjengomntu; kwaye wathi esiqwini sakhe: Ngoku, ngenxa yesi sizathu ndiyazi okokuba umntu akayonto, nto leyo endingazange ndiyicingele.

11 Kodwa ngoku amehlo angawam abone uThixo; kodwa ingengawo awasendalweni, kodwa ingamehlo am asemoyeni, kuba amehlo am asendalweni angengambonanga; kuba ngendibunile kwaye ndaze ndafela ebusweni bakhe; kodwa uzuko lwakhe lwaluphezu kwam; ndaye ndabona ubuso bakhe, kuba ndandenziwe kumila kumbi phambi kwakhe.

12 Kwaye kwenzekile okokuba xa uMoses wathi wathetha la mazwi, qaphela uSathana weza emlinga, esithi: Moses, nyana womntu, nqula mna.

13 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses wajonga uSathana kwaye wathi: Ungubani wena? Kuba qaphela, ndingunyana kaThixo, kwimfano yoKuphela koZelweyo wakhe; kwaye luphi uzuko lwakho, ukuze ndibe ndinqula wena?

14 Kuba qaphela, bendingenako ukujonga uThixo, ngaphandle kokuba uzuko lwakhe lube luze phezu kwam, yaye ndenziwe kumila kumbi phambi kwakhe. Kanti ndinako ukujonga wena ndikumntu wemvelo. Akunjalo, ngokuqinisekileyo?

15 Malisikelelwe igama likaThixo wam, kuba uMoya wakhe awuthanga ngokupheleleyo warhoxa kum, okanye luphi uzuko lwakho, kuba bubumnyama kum? Ndaye ndinako ukohlula phakathi kwakho noThixo; kuba uThixo wathi kum: Nqula uThixo, kuba uya kukhonza yena kuphela.

16 Suka umke, Sathana; ungandikhohlisi; kuba uThixo wathi kum:Wena usemva kwemfano yowam oKuphela koZelweyo.

17 Kwaye kanjalo wandinika imiyalelo xa wandibizayo kwityholo elivuthayo, esithi: Biza kuThixo egameni lowam oKuphela koZelweyo, uze unqule mna.

18 Kwaye kwakhona uMoses wathi: Andiyi kuyeka ukubiza kuThixo, ndinezinye izinto emandizibuze kuye: kuba uzuko lwakhe lube phezu kwam, ngako oko ndinako ukugweba phakathi kwakhe nawe. Suka umke, Sathana.

19 Kwaye ngoku, xa uMoses wathi wathetha la mazwi, uSathana wakhala ngelizwi elikhulu, kwaye waxokozela phezu komhlaba, kwaye wayalela, esithi: NdingoKuphela koZelweyo, nqula mna.

20 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses waqalisa ukoyika ngokugqithisileyo; kwaye njengoko waqalisa ukoyika, wabona ubukrakra besihogo. Nangona kunjalo, ebiza kuThixo, wafumana ukomelela, kwaye wayalela, esithi: Suka kum, Sathana, kuba ngulo mnye kuphela uThixo endiya kumnqula, onguThixo wozuko.

21 Kwaye ngoku uSathana waqalisa ukungcangcazela, kwaye umhlaba washukuma; kwaye uMoses wafumana ukomelela, kwaye wabiza kuThixo, esithi:Egameni loKuphela koZelweyo, suka umke, Sathana.

22 Kwaye kwenzekile okokuba uSathana wakhala ngelizwi elikhulu, ngesikhalo nesijwili, nokutshixiza kwamazinyo; kwaye wasuka wemka, nkqu ebusweni bukaMoses, kuba akazange ambone.

23 Kwaye ngoku okwale nto uMoses wenza ubungqina; kodwa ngenxa yenkohlakalo ayizange ibekho phakathi kwabantwana babantu.

24 Kwaye kwenzekile okokuba xa uSathana wathi wemka ebusweni bukaMoses, waza uMoses wawaphakamisela phezulu amehlo akhe ezulwini, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, owanika ubungqina ngoYise noNyana.

25 Kwaye ebiza egameni likaThixo, wabona uzuko lwakhe kwakhona, kuba lwaba phezu kwakhe; kwaye weva ilizwi, lisithi: Usikelelekile wena, Moses, kuba mna, Somandla, ndikukhethile, kwaye wena uya kwenziwa womelele ngakumbi kunamanzi amaninzi; kuba aya kuthobela umyalelo wakho njengokungathi wena unguThixo.

26 Kwaye yabona, ndikunye nawe, nkqu kuye esiphelweni semihla yakho; kuba wena uya kukhulula abantu bam ebukhobokeni, nkqu abam abakhethiweyo uSirayeli.

27 Kwaye kwenzekile, njengoko ilizwi lalisathetha, uMoses waphosa amehlo akhe kwaye wabona umhlaba, ewe, nkqu uwonke; kwaye kwakungekho nesuntswana lawo angalibonanga, ewunakana ngomoya kaThixo.

28 Kwaye wabona kanjalo abemi bawo, kwaza akwabikho mphefumlo angawubonanga; kwaye wayinakana ngoMoya kaThixo; kwaye amanani awo ayemakhulu, nkqu engabaleki njengentlabathi phezu konxweme lolwandle.

29 Kwaye wabona amazwe amaninzi; kwaye ilizwe ngalinye lalibizwa umhlaba, kwaye kwakukho abemi ebusweni bawo.

30 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses wabiza kuThixo, esithi: Ndixelele, ndiyakuthandaza, kutheni ezi zinto zinje, kwaye wena uzenze ngantoni?

31 Kwaye qaphela, uzuko lweNkosi lwaluphezu koMoses, kangangokuba uMoses wema ebusweni bukaThixo, kwaye wathetha naye ubuso ngobuso. Kwaye iNkosi uThixo yathi kuMoses: Ngenxa yesizathu sam ndenze ezi zinto. Nabu ubulumko kwaye busala bukum.

32 Kwaye ngelizwi lamandla am, ndizidalile, elowam oKuphela koZelweyo uNyana, ozaliswe ngobabalo nenyaniso.

33 Kwaye amazwe angenakubaleka ndiwadalile; kananjalo ndawadalela injongo eyiyeyam; nangoNyana ndawadala ongowam oKuphela koZelweyo.

34 Kwaye umntu wokuqala wabo bonke abantu ndimthiye uAdam, othetha uninzi.

35 Kodwa kuphela kwenkcazo yalo mhlaba, nabemi bawo, endiyinika kuwe. Kuba qaphela, kukho amazwe amaninzi adlulileyo ngelizwi lamandla am. Kwaye kukho amaninzi ngoku amileyo, kwaye akanakubaleka emntwini; kodwa zonke izinto zibaliwe kum, kuba zezam ndaye ndiyazazi.

36 Kwaye kwenzekile okokuba uMoses wathetha neNkosi, esithi: Yiba nenceba esicakeni sakho, Owu, Thixo, uze undixelele ngokunxulumene nalo mhlaba, nabemi bawo, kananjalo namazulu, kwaye ngoko isicaka sakho siya koneliseka.

37 Kwaye iNkosi uThixo yathetha kuMoses, isithi: Amazulu maninzi, kwaye akanako ukubaleka emntwini; kodwa ayabaleka kum, kuba ngawam.

38 Kwaye njengokuba umhlaba omnye uya kudlula, namazulu awo nkqu kunjalo omnye uya kuza; kwaye akukho siphelo emisebenzini yam, singekho nasemazwini am.

39 Kuba qaphela, lo ngumsebenzi wam nozuko lwam—ekwenzeni kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu.

40 Kwaye ngoku, Moses, nyana wam, ndiya kuthetha nawe ngokunxulumene nalo mhlaba wena ome phezu kwawo; kwaye wena uya kubhala izinto endiya kuzithetha.

41 Kwaye ngemini xa abantwana babantu baya kuthatha amazwi am njengelize baze bathathe amaninzi awo encwadini oya kuyibhala, qaphela, ndiya kuphakamisa omnye onjengawe; kwaye baya kufunyanwa kwakhona phakathi kwabantwana babantu—phakathi kwabaninzi njengoko beya kukholwa.

42 (La mazwi athethwe kuMoses entabeni, igama layo elingayi kwaziwa phakathi kwabantwana babantu. Kwaye ngoku athethwa kuwe. Ungawabonisi kuye nabanina ngaphandle kwabo bakholwayo. Nkqu kunjalo. Amen.)