Izibhalo
Moses 2


Isahluko 2

(Juni–Oktobha 1830)

UThixo udala amazulu nomhlaba—Zonke iintlobo zobomi zidaliwe—UThixo wenza umntu aze amnike ubukhosi phezu kwento zonke.

1 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathetha noMoses, isithi: Qaphela, ndityhila kuwe ngokunxulumene neli zulu, nalo mhlaba; bhala amazwi endiwathethayo. NdiSisiqalo neSiphelo, uThixo uSomandla; ngowam oKuphela koZelweyo ndadala ezi zinto; ewe, ekuqalekeni ndadala izulu, nomhlaba wena omi phezu kwawo.

2 Kwaye umhlaba wawungenamo, kwaye usenyanyeni; kwaye ndenza ubumnyama buze phezu kobuso benzulu; kwaye uMoya wam wafukama phezu kobuso bamanzi; kuba ndinguThixo.

3 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Makubekho ukukhanya; kwaza kwakho ukukhanya.

4 Kwaye mna, Thixo, ndabona ukukhanya; nokokuba ukukhanya kwakulungile. Kwaye mna, Thixo, ndahlula ukukhanya ebumnyameni.

5 Kwaye mna, Thixo ndathi ukukhanya yiMini; nobumnyama, ndathi buBusuku; kwaye oku ndakwenza ngelizwi lamandla am, kwaye yenzeka njengoko ndathethayo; kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lokuqala.

6 Kwaye kwakhona, mna, Thixo, ndathi: Makubekho isibhakabhaka phakathi kwamanzi kwaye kwaba njalo, nkqu njengoko ndathethayo; kwaye ndathi: Masahlule amanzi emanzini; kwaye kwenzeka;

7 Kwaye mna, Thixo ndenza isibhakabhaka ndahlula amanzi, ewe, amanzi amakhulu phantsi kwesibhakabhaka avela emanzini awayengentla kwesibhakabhaka, kwaye ayenjalo nkqu njengoko ndathethayo.

8 Kwaye mna, Thixo, ndathi isibhakabhaka liZulu; kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesibini.

9 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Makahlanganisane kunye endaweni enye amanzi angaphantsi kwezulu, kwaye kwaba njalo; kwaye mna, Thixo, ndathi: Makubekho umhlaba owomileyo; kwaye kwaba njalo.

10 Kwaye mna, Thixo, ndathi indawo eyomileyo nguMhlaba; kwaye intlanganisela kunye yamanzi, ndathi luLwandle; kwaye mna, Thixo, ndabona ukuba zonke izinto endizenzileyo zazilungile.

11 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo evelisa iziqhamo, ngohlobo lwayo, nemithi evelisa iziqhamo, embewu yayo imele ukuba yona iphezu komhlaba, kwaye kwaba njalo nkqu njengoko ndathatheyo.

12 Kwaye umhlaba waphuma uhlaza, yonke imifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi evelisa iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba zonke izinto endizenzileyo zazilungile;

13 Kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesithathu.

14 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zahlule imini kubusuku, kwaye mazibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha, zibe zezemihla, neminyaka;

15 Kwaye mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise emhlabeni; kwaye kwaba njalo.

16 Kwaye mna, Thixo, ndenza izikhanyiso ezikhulu zazibini; isikhanyiso esikhulu ngakumbi silawule imini, kwaye isikhanyiso esinganeno silawule ubusuku, kwaye isikhanyiso esikhulu ngakumbi saba lilanga, kwaye isikhanyiso esinganeno saba yinyanga; kwaye neenkwenkwezi kanjalo zenziwa nkqu ngokwelizwi lam.

17 Kwaye mna, Thixo ndazibeka esibhakabhakeni samazulu ukuze zikhanyisele umhlaba,

18 Lize ilanga lilawule imini, nenyanga ilawule ebusuku nokwahlula ukukhanya ebumnyameni; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba zonke izinto endizenzileyo zazilungile;

19 Kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesine.

20 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Amanzi makavelise inyakanyaka yendalo enobomi, kwaye neentaka eziphaphazela phezu komhlaba esibhakabhakeni sezulu.

21 Kwaye mna, Thixo, ndadala iminenga emikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, eyanyakazela emanzini, ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba zonke izinto endandizidalile zazilungile.

22 Kwaye, mna, Thixo, ndazisikelela, ndisithi: Qhamani, nande, nize niwazalise amanzi aselwandle; neentaka mazande emhlabeni;

23 Kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesihlanu.

24 Kwaye mna, Thixo, ndathi: Umhlaba mawuvelise imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo, izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, kwaza kwaba njalo;

25 Kwaye mna, Thixo, ndenza izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo; kwaye mna, Thixo, ndabona okokuba ezi zinto zazilungile.

26 Kwaye mna, Thixo, ndathi kowam oKuphela koZelweyo, owaye kunye nam ukususela ekuqalekeni: Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu, ngokufana nathi; kwaye kwaba njalo. Kwaye mna, Thixo, ndathi: Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nakwizinto ezizitho zine, naphezu komhlaba wonke, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni.

27 Kwaye, mna, Thixo, ndadala umntu ngokomfanekiselo ongowam, ngokufana nowam oKuphela koZelweyo ndamdala; ndadala indoda nomfazi.

28 Kwaye mna, Thixo, ndibasikelele kwaye ndathi kubo: Qhamani, nande, nize niwuzalise umhlaba, nize niweyise, nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo.

29 Kwaye mna, Thixo, ndathi ebantwini: Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esebusweni bawo wonke umhlaba, nayo yonke imithi eya kuba neziqhamo evelisa imbewu; ziya kuba kukudla kuni.

30 Kwaye kuzo zonke izinto eziphilileyo zomhlaba, nakuzo zonke iintaka zezulu, nakuzo zonke izinto ezinambuzela emhlabeni, kuzo endinike ubomi, ndiya kuzinika yonke imifuno eluhlaza ibe kukudla kuzo; kwaye kwaba njalo, nkqu njengoko ndathethayo.

31 Kwaye mna, Thixo, ndabona ukuba yonke into endiyenzileyo, kwaye, yabonani, zonke izinto endizenzileyo zazilungile; kwaza ukuhlwa nentsasa zaba lusuku lwesithandathu.