Izibhalo
Moses 3


Isahluko 3

(Juni–Oktobha 1830)

UThixo wadala zonke izinto ngokwasemoyeni phambi kokuba zibe sendalweni phezu komhlaba—Wadala indoda, inyama yokuqala, phezu komhlaba—Umfazi ngumncedi ofanelekileyo wendoda.

1 Njalo agqitywa amazulu nomhlaba, nawo wonke umkhosi wazo.

2 Kwaye ngomhla wesixhenxe mna, Thixo, ndawugqiba umsebenzi wam, nazo zonke izinto endizenzileyo; ndaza ndaphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi, kwaye zonke izinto endizenzileyo ndazigqiba, ndaye mna, Thixo ndabona okokuba zazilungile;

3 Kwaye, mna, Thixo, ndawusikelela umhla wesixhenxe, ndaza ndawungcwalisa; ngenxa yokuba ndaphumla kuwo wonke umsebenzi mna, Thixo, endawudalayo ndaze ndawenza.

4 Kwaye ngoku, qaphela, ndithi kuwe, okokuba ezi zizizukulwana zamazulu nezomhlaba, xa zazidaliwe, kuwo umhla mna, iNkosi uThixo, ndenza amazulu nomhlaba,

5 Kwaye onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli. Kuba mna, iNkosi uThixo, ndadala zonke izinto, ezo ndithethe ngazo, ngokwasemoyeni, phambi kokuba zibe sendalweni phezu kobuso bomhlaba. Kuba mna, iNkosi uThixo, ndenze ukuba imvula ine phezu kobuso bomhlaba. Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndidale bonke abantwana babantu; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba; kuba emazulwini ndabadala; kwaye kungekho nyama phezu komhlaba, nasemanzini nasemazulwini;

6 Kodwa mna, iNkosi uThixo, ndathetha, kwanyuka inkungu iphuma emhlabeni, yaza yabunyakamisa bonke ubuso bomhlaba.

7 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndabumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, kwaye ndaphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; kwaye umntu waba ngumphefumlo ophilileyo, inyama yokuqala phezu komhlaba, kanjalo umntu wokuqala; nangona kunjalo, zonke izinto zazikho phambi kokudalwa; kodwa zazidalwe zaza zenziwa ngokwasemoyeni ngokwelizwi lam.

8 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndatyala umyezo ngasempumalanga e-Eden, kwaye apho ndabeka umntu endimbumbileyo.

9 Kwaye ngaphandle komhlaba mna, iNkosi uThixo, ndenza kuntshule yonke imithi, ngokwasendalweni, enqwenelekayo ngokukhangeleka emntwini; kwaye umntu ebenako ukuyiqaphela. Kwaye yaba yimiphefumlo ephilileyo. Kuba yayisemoyeni emini endayidala ngayo; kuba yasala kwindawo mna, Thixo endiyidale kuyo, ewe, nkqu zonke izinto endazilungiselela ukusetyenziswa ngumntu; kwaye abantu bazibona ukuba zazilungele ukudliwa, Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndatyala umthi wobomi kanjalo esazulwini somyezo, kwaye kanjalo umthi wokwazi okulungileyo nokubi.

10 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndenza umlambo ophuma e-Eden wokunyakamisa umyezo; kwaye wahluka apho, kwaye waba ziimbaxa ezine.

11 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathi igama lowokuqala yiPishon, kwaye ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho mna, iNkosi uThixo ndadala igolide eninzi;

12 Kwaye igolide yelo lizwe yayintle, kwaye kwakukho ibhedolaki nelitye lebherilo.

13 Kwaye igama lowesibini umlambo lalibizwa iGihon; ngokufanayo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi.

14 Kwaye igama lowesithathu umlambo laliyiHidekele; lowo uya ngasempumalanga yase-Asiriya. Kwaye owesine umlambo wawungumEfrati.

15 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathabatha umntu, ndaza ndambeka eMyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, kwaye awugcine.

16 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndamyalela umntu, ndisithi: Yonke imithi yomyezo ungayidla ngokukhululekileyo,

17 Kodwa umthi wokwazi okulungileyo nokubi, uze ungawudli, nangona kunjalo, umele ukuzikhethela, kuba kunikiwe kuwe; kodwa khumbula okokuba ndikwalele, kuba mhla kuwo wadla kuwo ngokuqinisekileyo uya kufa.

18 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndathi kowam oKuphela koZelweyo, okokuba kwakungalunganga okokuba umntu abe yedwa; ngako oko, ndiya kumenzela umncedi onguwabo.

19 Kwaye ngomhlaba mna, iNkosi uThixo, ndabumba izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu; kwaye ndayalela okokuba ziya kuza kuAdam, ukuba zibone ukuba uya kuzibiza njani; kwaye zaziyimiphefumlo ephilileyo kanjalo; kuba mna, Thixo, ndaziphefumlela impefumlelo yobomi, kwaye ndayalela okokuba nanjengokuba uAdam wabiza izidalwa eziphilileyo, iya kuba ligama layo.

20 Kwaye uAdam wanika amagama kuzo zonke izinto ezizitho zine, nasezintakeni zezulu, nakuzo zonke izinto eziphilileyo zasendle; kodwa uAdam, akafunyanelwanga mncedi unguwabo.

21 Kwaye mna, iNkosi uThixo, ndawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam; kwaye walala, kwaye ndathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe ndaye ndavingca ngenyama esikhundleni salo;

22 Kwaye ubambo mna, iNkosi uThixo endiluthabathe endodeni, ndenza umfazi, kwaye ndamzisa endodeni.

23 Kwaye uAdam wathi: Eli ke ngoku ndiyalazi lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; uya kubizwa kuthiwe nguMfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.

24 Ke ngoko indoda iya kumshiya uyise nonina, kwaye iya kunamathela kumkayo; baye baya kuba nyama-nye.

25 Kwaye bobabini bahamba ze, umntu nomkakhe, baye bengenazintloni.