2010–2019
IZitshixo neGunya loBubingeleli
UTshazimpunzi 2014


IZitshixo neGunya loBubingeleli

Umfanekiso
UMdala Dallin H. Oaks

Izitshixo zobubingeleli zikhokela abafazi kunye namadoda ngokunjalo, kwaye imimiselo yobubingeleli negunya lobubingeleli ziphathelele kubafazi kunye namadoda ngokunjalo.

I.

Kule nkomfa siye sabona ukukhululwa kwabanye abazalwane abathembekileyo, kwaye siye saxhasa ubizo lwabanye. Kulo mjikeleziso—odume kangaka eBandleni—thina “asehli” xa sikhululwa, kwaye “asinyukeli” xa sibizwa. Akukho “phantsi okanye phezulu” kwinkonzo yeNkosi. Kukho qha “uphambili okanye umva,” umphambili okanye umva kuphela, kwaye loo mahluko uxhomekeke ekubeni samkela kanjani kunye nasekwenzeni intshukumo ekukhululweni kunye nasekubizweni kwethu. Ndakhe ndongamela elukhululweni lomongameli omncinane wengqokelela yamasebe owayethe wanikela ngenkonzo elungileyo kwiminyaka elithoba kwaye wayevuya ngoku elukhululweni lwakhe kwakunye nakubizo olutsha owathi yena nenkosikazi yakhe babesandʼ ukulufumana. Baye babizwa ukuba babeziinkokheli zabantwana abancinane kwisebe labo. Kulapha kweli Bandla qha apho oku kukhangeleka kuhloniphekile ngokulinganayo.

II.

Xeshikweni wayethetha kwinkomfa yamanina, umongameli jikelele woMbutho waManina uLinda K. Burton wathi, “Siyathemba ukubethelela komnye nomnye wethu umnqweno omkhulu wokuqonda kangcono ububingeleli.”1 Loo mfuno isebenza kuthi sonke, kwaye ndiya kuyilandela ngokuthetha ngezitshixo kunye negunya lobubingeleli. Kuba le mixholo iyinkxalabo elinganayo emadodeni nasebafazini, ndonwatyiswa kukuba ezi nkqubo ziyasasazwa kwaye zipapashwa kumalungu onke eBandla. Amandla obubingeleli asisikelela sonke. Izitshixo zobubingeleli zikhokela abafazi kunye namadoda ngokunjalo, kwaye imimiselo yobubingeleli negunya lobubingeleli ziphathelele kubafazi kunye namadoda ngokunjalo.

III.

UMongameli uJoseph F. Smith wachaza ububingeleli “njengamandla kaThixo awanikwa indoda ekumele yona yenze intshukumo emhlabeni isenzela usindiso losapho loluntu.”2 Ezinye iinkokheli zisifundise ukuba ububingeleli “bungamandla amakhulu kulo mhlaba. Bona bungamandla lo mhlaba owathi wadalwa ngawo.”3 Izibhalo ezingcwele zifundisa ukuba “obu Bubingeleli bufanayo, obabukho ekuqalekeni, buya kubakho esiphelweni sehlabathi kananjalo” (Moses 6:7). Ke, ububingeleli bungamandla esiya kuvuswa ngawo ekufeni size siqhubekele kubomi obungunaphakade.

Ukuqonda esikufunayo kuqala ngokuqonda kwezitshixo zobubingeleli. “Izitshixo zobubingeleli ziligunya uThixo alinike [ababambi] bobubingeleli ukuba bakhokele, kwaye balawule usetyenziso lobubingeleli baKhe emhlabeni.”4 Yonke intshukumo okanye imimiselo eyenziwa eBandleni yenziwa ngaphantsi kogunyaziso oluthe ngqo okanye olungathanga ngqo lwalowo ubamba izitshixo zaloo msebenzi. Njengoko uMdala M. Russell Ballard echazile, “Abo banezitshixo zobubingeleli …ngokwenene benza kwenzeke kubo bonke abo bakhonza ngokunyanisekileyo ngaphantsi kwenkokhelo yokusebenzisa igunya lobubingeleli kunye nasekufikeleleni emandleni obubingeleli.”5

Ekulawuleni kosetyenziso lwegunya lobubingeleli, umsebenzi wezitshixo zobubingeleli uyandisa kwaye uyanciphisa kananjalo. Wona uyandisa ngokwenza kwenzeke kwigunya lobubingeleli neentsikelelo ukuba zifumaneke ebantwaneni bonke bakaThixo. Wona ayanciphisa ngokukhokela ukuba ngubani oya kunikwa igunya lobubingeleli, oya kubamba ii-ofisi zabo, kwakunye nendlela amalungelo kunye namandla abo anikwa ngayo. Ngokomzekelo, umntu obamba ububingeleli akakwazi ukunika i-ofisi yakhe okanye igunya lakhe komnye ngaphandle kokuba ugunyaziswa ngomnye obamba izitshixo. Ngaphandle kogunyaziso, umiselo belungasayi kusebenza. Oku kuchaza ukuba kungani umbambi wobubingeleli—kungakhathalisekanga nge-ofisi—engenakumisela ilungu losapho lwakhe okanye alungiselele umthendeleko ekhayeni lakhe ngaphandle kogunyaziso oluphuma kulowo obamba izitshixo ezifaneleyo.

Ngaphandle nje komsebenzi ongcwele owenziwa ngoodade etempileni ngaphantsi kwezitshixo ezibanjwa ngumongameli wetempile, endiya kuthi ndizichaze emveni koku, ngulowo qha obamba i-ofisi yobubingeleli ongathatha inxaxheba kummiselo wobubingeleli. Kwaye yonke imimiselo egunyaziswayo iyabhalwa kumaxwebhu eBandla.

Ekugqibeleni, zonke izitshixo zobubingeleli zibanjwa yiNkosi uYesu Krestu, obu bubingeleli ibo bakhe. Yena nguye omisela ukuba zitshixo zini ezinikwa abantu basemhlabeni nokokuba zisetyenziswa kanjani. Thina siqhele ukucinga ukuba zonke izitshixo zobubingeleli zanikwa uJoseph Smith kwiTempile yaseKirtland, kodwa izibhalo zona ziyatsho ukuba konke oko wayekunikiwe yayi “zitshixo zeli xesha lokuzihlanganisela” (IMfundiso&neMinqophiso 110:16). Kwinkomfa yajikelele eminyakeni emininzi eyadlulayo, uMongameli uSpencer W. Kimball waye wasikhumbuza ukuba zikhona ezinye izitshixo ezingekanikwa mntu emhlabeni, kuquka nezitshixo zendalo kunye nezovuko.6

Indalo yobuthixo yemida ebekiweyo phezu kosetyenziso lwezitshixo zobubingeleli ichaza umahluko obalulekileyo phakathi kwezigqibo kwimicimbi yolawulo lweBandla kunye nezigqibo ezichaphazela ububingeleli. UBongameli bokuQala kunye neBhunga loBongameli bokuQala neQumrhu lwabaPostile Abalishumi Elinambini, abathi bongamele iBandla, baxhotyiswe ngokwenza izigqibo ezichaphazela imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo zeBandla—imiba efana neendawo zezakhiwo zeBandla kunye neminyaka kwinkonzo yobufundisi bevangeli. Kodwa nangona aba basemagunyeni abongamelayo bebamba kwaye besenzisa zonke izitshixo ezinikwe abantu kweli xesha lokuhlanganisela, abavumelekanga ukuba batshintshe indlela emiselweyo yobuthixo ukuba ngamadoda qha aya kuthi abambe ii-ofisi ebubingelelini.

IV.

Ngoku ndiza kumba wegunya lobubingeleli. Ndiqala ngemigaqo emithathu endithe ndaxoxa ngayo: (1) ububingeleli ngamandla awanikwa amadoda ukuba enze intshukumo esenzela usindiso losapho loluntu,(2) igunya lobubingeleli lilawulwa ngababambi bobubingeleli ababamba izitshixo, kwaye (3) kuba izibhalo zisitsho ukuba “onke amanye amagunya [kunye] nee-ofisi ebandleni zizihlomelo kobu bubingeleli [bukaMelkitsedeke]” (IMfundiso&neMinqophiso 107:5), konke oko kwenziwa ngaphantsi kwesikhokelo sezitshixo zobubingeleli kwenziwa ngegunya lobubingeleli.

Ingaba oku kusebenza njani kubafazi? Kwintetho eyayibhekise kuMbutho WaManina, uMongameli uJoseph Fielding Smith, owayesakuba nguMongameli weQumrhu lwabaPostile Abalishumi Elinambini, watsho oku: “Xeshikweni oodade benganikwa uBubingeleli, abumiselwa phezu kwabo, akuthethi ukuba iNkosi ayibanikanga igunya. … Umntu anganikwa igunya, okanye udade, ukuba enze izinto ezithile eBandleni ezithi zibophelele kwaye ziyimfuneko ngokuqinisekileyo kwintsindiso yethu, ezifana nomsebenzi owenziwa ngoodade bethu eNdlwini yeNkosi. Bona banegunya abalinikwe ukuba benze izinto ezinkulu nezimangalisayo, ezingcwele eNkosini, kwaye nezibophelelayo ngocoselelo ngokufana neentsikelelo ezinikwa ngamadoda awabamba uBubingeleli.”7

Kuloo ntento iphawulekayo, uMongameli Smith waphinda watsho kwakhona ukuba abafazi banikiwe igunya. Ebafazini yena wathi: “Ningathetha ngegunya, kuba iNkosi ibeke igunya phezu kwenu.” Yena watsho kwakhona ukuba umbutho WaManina “[uthe] wanikwa amandla negunya lokwenza izinto ezinkulu ezininzi. Umsebenzi abawenzayo wenziwa ngegunya lobuthixo.” Kwaye, ngokunjalo, umsebenzi weBandla owenziwa ngabafazi okanye ngamadoda, nokuba kusetempileni okanye emasebeni, wenziwa ngaphantsi kwesikhokelo sabo babamba izitshixo zobubingeleli. Ke, ethetha noMbutho WaManina, uMongameli Smith wachaza, “[INkosi] inike lo mbutho umkhulu kangaka igunya lokuba uncedise ngaphantsi kwezikhokelelo zoobhishophu bamasebe … , ugade umdla wabantu bethu ngokwasemoyeni nangasenyameni ngokunjalo.”8

Ke, kuyatshiwo ngokwenene ukuba uMbutho WaManina akuyoklasi nje yabafazi kodwa bona bangabento abafaneleke kuyo—isihlomelo sobuthixo esisekelwe kububingeleli. 9

Thina asiqhelanga ukuthetha kwabafazi abanegunya lobubingeleli kubizo lwabo lwaseBandleni, kodwa ingaba iloluphi uhlobo lwegunya? Xa umfazi—omncinane okanye omdala—ebekelwa bucala ekushumayeleni ivangeli njengomfundisi wevangeli wesigxina, yena unikwa igunya lobubingeleli lokwenza umsebenzi wobubingeleli. Oku kufanayo kuyinyani xa umfazi ebekelwa bucala njengomsebenzi okanye umfundisi-ntsapho ekusebenzeni kumbutho weBandla ngaphantsi kwesikhokelo salowo ubamba izitshixo zobubingeleli. Nabani na osebenza kwi-ofisi okanye kubizo oluvela kulowo obamba izitshixo zobubingeleli usebenzisa igunya lobubingeleli ekwenzeni imisebenzi yakhe ayisikelweyo.

Nabani na osebenzisa igunya lobubingeleli kumele alibale ngamalungelo akhe kwaye aqwalasele kuxanduva lwakhe. Lowo ngumgaqo odingwa lulunto jikelele. Umbhali odumileyo waseRussia uAleksandr Solzhenitsyn ucatshulwa esithi, “Lixesha … lokukhusela hayi kakhulu amalungelo abantu njengezinyanzelo zoluntu.”10 AbaNgcwele beMihla yokuGqibela ngokuqinisekileyo bayaqonda ukuba ukulungela ukuphakanyiswa akungomba wokubethelela amalungelo kodwa ngumba wokuzalisekisa uxanduva.

V.

INkosi iyalele okokuba amadoda kuphela aya kumiselwa kwii-ofisi zobubingeleli. Kodwa, njengoko iinkokheli zeBandla ezahlukeneyo zigxininisile, amadoda awabubo “ububingeleli.”11 Amadoda abamba ububingeleli, ngomsebenzi ongcwele wokubusebenzisela iintsikelelo zabantwana bonke bakaThixo.

Amandla amakhulu uThixo athe wawanika oonyana baKhe awanakusetyenziswa ngaphandle kobudlelwane bomnye weentombi zaKhe, kuba kwiintombi zaKhe kuphela uThixo uye wanika amandla wokuba “ngumdali wemizimba …ukuze uyilo lukaThixo neCebo eliKhulu zibenokwenzeka.”12 Lawo ngamazwi kaMongameli J. Reuben Clark.

Yena waqhubeka: “Le yindawo yamakhosikazi wethu kunye noomama bethu kwiCebo Lanaphakade. Bona ayingababambi boBubingeleli; ababekwanga xanduva lokwenza imisebenzi yoBubingeleli; kwaye abathwaliswanga olu xanduva; bona bangabakhi nabaququzeleli ngaphantsi kwamandla wabo, kunye nabathathi nxaxheba beentsikelelo zabo, bephethe ukukhatshwa kwamandla oBubingeleli kwaye benomsebenzi njengoko bebiziwe ngobuthixo, njengokubaluleka kwanaphakade kwindawo yabo ngokufana noBubingeleli bona buqu.”13

Kuloo mazwi wempembelelo, uMongameli Clark wayethetha ngosapho. Njengoko kukhankanyiwe kwisibhengezo sosapho, utata uyongamela esapheni kwaye yena nomama banoxanduva olwahlukeneyo, kodwa bona “banyanzelekile ukuba bancedane njengabalingane abalinganayo.”14 Kwiminyaka engaphambili kwesibhengezo sosapho, uMongameli Spencer W. Kimball waye wanika le nkcazo iphembelelekileyo: “Xa sithetha ngomtshato njengobuhlakani, masithetheni ngomtshato njengobuhlakani obuzeleyo. Asifuni abafazi bethu base-LDS ukuba babengabalingane abathulileyo okanye abalingane abasikelwe imida kuloo msebenzi wanaphakade. Nceda ubengumlingane onegalelo nozeleyo.”15

Emehlweni kaThixo, nokuba kuseBandleni okanye kusapho, abafazi namadoda bayalingana, kwakunye noxanduva lwabo olwahlukeneyo.

Ndivala ngalenyaniso emalunga neentsikelelo zobubingeleli. Ngokungafaniyo nezitshixo zobubingeleli kunye nomiselo lobubingeleli, iintsikelelo ziyafumaneka kubafazi kunye nakumadoda ngokwemiqathango efanayo. Isipho soMoya oyiNgcwele kunye neentsikelelo zetempile ziyimiboniso eqhelekileyo yale nyaniso.

Kwintetho yakhe enengqiqo eBYU Education Week kwihlobo eligqithileyo, uMdala M. Russell Ballard wanika ezi mfundiso:

“Imfundiso yeBandla lethu ibeka abafazi ngokulingana namadoda kodwa ngokwahlukeneyo emadodeni. UThixo akajongi nasiphi na isini njengesingcono okanye njengesibalulekile ukwegqitha esinye. …

“Xa amadoda nabafazi beya etempileni, bobabini baphiwa amandla afanayo, awangamandla obubingeleli. … Ufikelelo emandleni nakwiintsikelelo zobubingeleli luyafumaneka kubo bonke abantwana bakaThixo.”16

Ndiyangqina ngamandla nangeentsikelelo zobubingeleli bukaThixo, ziyafumaneka koonyana baKhe nakwiintombi zaKhe ngokufanayo. Ndiyangqina ngegunya lobubingeleli, elithi lisebenze kuzo zonke ii-ofisi nakwiintshukumo zeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ndiyangqina ngomsebenzi okhokelwa ngobuthixo wezitshixo zobubingeleli, ezibanjwa kwakunye nezisetyenziswa ngokupheleleyo ngumprofeti/ngumongameli wethu, uThomas S. Monson. Okokugqibela nokubaluleke kakhulu, ndiyangqina ngeNkosi noMsindisi wethu, oyena obu bubingeleli ibobakhe kwaye nathi sizizicaka zakhe, egameni likaYesu Krestu, amen.

Izikhumbuzo

  1. Linda K. Burton, “Priesthood: ‘A Sacred Trust to Be Used for the Benefit of Men, Women, and Children’” (Brigham Young University Women’s Conference address, May 3, 2013), 1;ce.byu.edu/cw/womensconference/transcripts.php.

  2. Joseph F. Smith, Gospel Doctrine, 5th ed. (1939), 139.

  3. Boyd K. Packer, “Priesthood Power in the Home” (worldwide leadership training meeting, Feb. 2012); lds.org/broadcasts; bona futhi James E. Faust, “Power of the Priesthood,” Ensign, Canzibe 1997, 41–43.

  4. Handbook 2: Administering the Church (2010), 2.1.1.

  5. M. Russell Ballard, “Men and Women in the Work of the Lord,” New Era, Apr. 2014, 4; Liahona, Tshazimpuzi 2014, 48; bona futhi Daughters in My Kingdom: The History and Work of Relief Society (2011), 138.

  6. Bona Spencer W. Kimball, “Our Great Potential,” Ensign, Canzibe 1977, 49.

  7. Joseph Fielding Smith, “Relief Society—an Aid to the Priesthood,” Relief Society Magazine, EyoMqungu. 1959, 4.

  8. Joseph Fielding Smith, “Relief Society—an Aid to the Priesthood,” 4, 5; bona futhi Teachings of Presidents of the Church: Joseph Fielding Smith (2013), 302.

  9. Bona Boyd K. Packer, “The Relief Society,” Ensign, Canzibe 1998, 72; bona futhi Daughters in My Kingdom, 138.

  10. Aleksandr Solzhenitsyn, “A World Split Apart” (intetho yokuvula eyayiwiswe eHarvard University, EyeSilimela 8, 1978); bona futhi Patricia T. Holland, “A Woman’s Perspective on the Priesthood,” Ensign, July 1980, 25; Tambuli, EyeSilimela 1982, 23; Dallin H. Oaks, “Rights and Responsibilities,” Mercer Law Review, vol. 36, no. 2 (busika 1985), 427–42.

  11. Bona James E. Faust, “You Are All Heaven Sent,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2002, 113; M. Russell Ballard, “This Is My Work and Glory,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2013, 19; Dallin H. Oaks, “Priesthood Authority in the Family and the Church,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2005, 26. Ngamanye amaxesha sithi uMbutho waManina “ungumlingane wobubingeleli.” Kungafaneleka ngakumbi ukutsho ukuba emsebenzini weNkosi uMbutho waManina kunye nabafazi beBandla “bangabalingane nababambi bobubingeleli.”

  12. J. Reuben Clark Jr., “Our Wives and Our Mothers in the Eternal Plan,” Relief Society Magazine, EyoMnga. 1946, 800.

  13. J. Reuben Clark Jr., “Our Wives and Our Mothers,” 801.

  14. “The Family: A Proclamation to the World,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2010, 129.

  15. Spencer W. Kimball, “Privileges and Responsibilities of Sisters,” Ensign, EyeNkanga. 1978, 106.

  16. M. Russell Ballard, New Era, Apr. 2014, 4; Liahona, Apr. 2014, 48; bona futhi Sheri L. Dew, Women and the Priesthood (2013), ngakumbi isahluko 6, ngengcaciso exabisekileyo yeemfundiso ezikhankanywe apha.