2010–2019
Abakhuseli beSibhengezo soSapho
Tshazimpunzi 2015


Abakhuseli beSibhengezo soSapho

Masincedeni ekwakheni ubukumkani bukaThixo ngokuma ngenkalipho kwaye nangokuba ngabakhuseli bomtshato, bobuzali, kunye nekhaya.

Kwaze kwabaluyolo novuyo ukuba yinxalenye yendibano emangalisayo yamantombazana kunye namanina. Indlela esisikeleleke ngayo njengamanina awahlangene kunye ngolu rhatya ngomanyano nangothando.

Umfanekiso
Umzobo nguMarie Madeleine Cardon

Kutshanje ndiye ndafunda ibali likaMarie Madeleine Cardon, awathi yena, nosapho lwakhe, bafumana umyalezo wevangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu kubafundisi bevangeli bokuqala ababebizelwe ukunceda kwelase-Itali ngo–1850. Yena wayeyintombazana encinane eyayineminyaka eli–17 okanye 18 ubudala xa babebhaptizwa. Ngenye iCawe, xeshikweni usapho lwalubambe inkonzo yonqulo ekhayeni lalo phezulu Ezintabeni zomntla we-Itali, ihlokondiba elalinomsindo lamadoda, liquka nabafundisi basekuhlaleni, laye lahlangana langqunga indlu kwaye laqala ukukhwaza, lingxola, kwaye libizela abafundisi bevangeli ukuba bakhutshelwe ngaphandle. Andicingi ukuba babefuna ukufundiswa ivangeli—babezimisele ukubavisa ubuhlungu. YayinguMarie omncinane owaye waphumela ngaphandle eyokujongana nehlokondiba.

Baye baqhubeka ngengxolo yabo ekhohlakeleyo kunye neemfuno zabo zokuba abafundisi bevangeli bakhutshelwe ngaphandle. UMarie waye waphakamisa iBhayibhile yakhe ngesandla sakhe wabayalela ukuba bahambe. Wabaxelele ukuba abadala bebephantsi kokhuselo lwakhe kwaye abanakonzakalisa nalunye unwele lweentloko zabo. Mamela amazwi akhe: “Bonke bema bothukile. … UThixo wayekunye nam. Yena wafaka loo mazwi emlonyeni wam, okanye ndandingenako ukuwathetha. Bonke babezolile, ngokukhawuleza. Elo qela lamadoda anongcwangu laye lema ngokungenancedo phambi kwentombazana eyayibuthathaka, ingcangcazela, kanti yayingoyiki.” Abafundisi baye bacela ihlokondiba ukuba lihambe, nto leyo lathi layenza ngokuzolileyo ngohlazo, ngoloyiko, kunye nangokuzisola. Umhlanjana waye wagqibezela umhlangano wawo ngoxolo.1

Awungekhe ube nomfanekiso ngqondweni wala ntombazana incinane ekhaliphileyo, eyayilingana noninzi lwenu ngobudala, imelene nehlokondiba kwaye ikhusela iinkolo zayo ezintsha ezazifunyenweyo ngenkalipho nangokuzithemba?

Boodade, bambalwa kuthi abaya kuze bajongane nehlokondiba elinomsindo, kodwa kukhona imfazwe eqhubekayo kweli hlabathi apho uninzi lweemfundiso zethu ezixabisekileyo nezisiseko zingaphantsi kohlaselo. Ndithetha ngokukodwa ngemfundiso yosapho. Ubungcwele bekhaya kunye neenjongo ezibalulekileyo zosapho ziyabuzwa, ziyagxekwa, kwaye ziyahlaselwe macala onke ngaphambili.

Xa uMongameli uGordon B. Hinckley wayefunda okokuqala “Usapho: Isibhengezo kwiHlabathi” kwiminyaka engama-20 eyadlulayo kulo nyaka, sasinombulelo kwaye sasixabisa ingcaciso, nobulula, kunye nenyaniso yolu xwebhu lwesi sityhilelo. Sasingaqondi ukuba sasiza kuzifuna ngamandla kangakanani ezi zibhengezo zisisiseko kwihlabathi lanamhlanje njengomgangatho esasinokugweba ngawo kwanayiphi na imfundiso okanye inkolelo yehlabathi eza kuthi ivela kumaqonga eendaba, ne-Intanethi, nezifundiswa, nomabona–kude, kunye nemiboniso bhanya-bhanya, kwakunye nakubawisi–mthetho. Isibhengezo kusapho siye saba ngumgangatho wethu wokugweba iinkolelo zehlabathi, kwaye ndiyangqina ukuba imigaqo ebekiweyo kule ngxelo iyinyaniso namhlanje njengoko yayiyiyo xa sasiyinikezwa ngumprofeti kaThixo phantse iminyaka engama–20 eyadlulayo.

Ndingayibonisa into ecacileyo? Ubomi bunqabile ukuba buhambe ngokwesicwangciso sakhe wonke umntu, kwaye siyazi kakuhle ukuba ayingawo onke amanina adibana noku kuchazwa sisibhengezo. Kusabalulekile ukuqonda kunye nokufundisa indlela yeNkosi kwaye nokuzamela ukufezekiswa kwaloo ndlela ngokusemandleni ethu.

Ngamnye wethu unendima ayidlalayo kwicebo, kwaye ngamnye wethu unexabiso elilinganayo emehlweni eNkosi. Kumele sikhumbule ukuba uBawo Osezulwini onothando uyayazi iminqweno yethu yobulungisa kwaye uya kuzihlonipha izithembiso zaKhe kwaye akukho nto eya kubanjwa kwabo bagcina iminqophiso yabo ngokuthembeka. UBawo Osezulwini unomsebenzi kunye nesicwangciso ngomntu ngamnye kuthi, kodwa Yena unexesha laKhe. Omnye weyona wemicelimngeni inzima kobu bomi kukuba nokholo kwixesha leNkosi. Kuyingcinga elungileyo ukubanecebo elilelinye engqondweni, ethi isincede ekubeni ngamanina awagcina iminqophiso, awanesisa, kwakunye nawanobulungisa awathi okhe ubukumkani bukaThixo nokuba ubomi bethu buya kweliphi icala. Kufuneka sifundise iintombi zethu zijolise kokufanelekileyo kodwa zicwangcisele iimeko ezinokuqubula.

Ngelixa lesikhumbuzo seminyaka engama–20 sesibhengezo sosapho, bendingathanda ukunika umcelimngeni kuthi thina sonke manina weBandla ukuba sibengabakhuseli “boSapho: ISibhengezo kwiHlabathi.” Ngokufanayo nje noMarie Madeline Cardon owaye wakhusela ngenkalipho abafundisi bevangeli kunye neenkolo zakhe ezintsha, kufuneka sikhusele ngesibindi iimfundiso ezityhiliweyo zeNkosi ezichaza umtshato, iintsapho, iindima zobuthixo zamadoda nezabafazi, kunye nokubaluleka kwamakhaya njengeendawo ezingcwele—nkqu naxa ihlabathi lisingxolela ezindlebeni zethu ukuba le migaqo iphelelwe, isika imida, okanye ayisafanelekanga. Wonke umntu, nokuba ubudlelwane bemeko yomtshato wabo okanye inani labantwana babo liyini na, bangaba ngabakhuseli becebo leNkosi elichazwa kwisibhengezo sosapho. Ukuba licebo leNkosi, kumele ibelicebo lethu nathi!

Kunemigaqo emithathu efundiswa kwisibhengezo endicinga ukuba iyafuneka ngakumbi kubakhuseli abanenzondelelo. Owokuqala ngumtshato phakathi kwendoda nomfazi. Siyafundiswa kwizibhalo ezingcwele, “Kodwa eNkosini indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda.”2 Nakubani na ukuze azuze inzaliseko yeentsikelelo zobubingeleli, kufuneka kubekhona umyeni nomfazi abatywinwa endlwini yeNkosi, besebenza kunye ebulungiseni kunye nasekuhlaleni benyanisekile kwiminqophiso yabo. Eli licebo leNkosi kubantwana baYo, kwaye akukho sixa sangxoxo okanye sasigxeko esiya kuguqula oko iNkosi ikubhengezileyo. Kufuneka siqhubeke ukuba yimizekelo yemitshato elungileyo, sifune loo ntsikelelo ebomini bethu, kwaye sibenokholo ukuba iyacothoza iyeza . Masibe ngabakhuseli bomtshato njengoko iNkosi iwumisele xeshikweni iqhubeka ukubonisa uthando nemfesane kwabo banezimvo ezahlukileyo.

Umgaqo olandelayo obizela amazwi wethu okukhusela ngowokuhlonipha iindima zobuthixo zoomama nezootata. Sifundisa abantwana bethu ngokuzimisela ukuba bajolise phezulu kobu bomi. Sifuna ukuqinisekisa ukuba iintombi zethu ziyazi ukuba zinawo amandla okuphumeza nawokuba yintoni na abanokuyicinga. Siyathemba ukuba ziya kuthanda ukufunda, zifunde, zibeneetalente, kwaye mhlawumbi zibe nguMarie Curie okanye u-Eliza R. Snow olandelayo.

Ingaba siyabafundisa na oonyana bethu kunye neentombi zethu ukuba akusekho zuko, akusekho bhanile ephakanyiswayo, kwaye akusekho ndima ebaluleke ngakumbi kobu bomi eyegqitha leyo kamama okanye katata? Ndiyathemba ukuba njengoko sikhuthaza abantwana bethu bafikelele kowona ndoqo wabo kobu bomi okokuba sikwabafundisa ukuba bahloniphe kwaye baphakamise iindima ezidlalwa ngoomama nootata kwicebo likaBawo Osezulwini.

Intombi yethu encinane, u-Abby, waye wabona ithuba elahlukileyo lokuma njengomkhuseli wendima kamama. Ngenye imini waye wafumana isaziso esiphuma kwisikolo sabantwana bakhe sokuba babeneNkcazo yeMini Yemisebenzi esikolweni. Abazali babemenyiwe ukuba bathumele isicelo ukuba babefuna ukuza esikolweni ukuzokufundisa abantwana ngemisebenzi yabo, kwaye u-Abby waziva echukumisekile ukuba afake isicelo sokuba aze azothetha malunga nokuba ngumama. Zange ave nto ebuya esikolweni, kwaye xa iMini Yemisebenzi yayisondela, ekugqibeleni waye watsalela umnxeba isikolo, ecinga mhlawumbi ukuba basilahlile isicelo sakhe. Abaququzeli baye balinga ukufumana igumbi kwaye bafumana ootitshala ababini abaye bavuma ukuba u-Abby makaze azo thetha neeklasi zabo ekupheleni kweMini Yemisebenzi.

Kwinkcazo-ntetho yakhe eyonwabisayo ebantwaneni, u-Abby waye wabafundisa, phakathi kwezinye izinto, ukuba njengomama yena wayedinga ukuba abeyingcali kwezamayeza, kwezengqondo, kwezenkolo, kwezemfundo, kwezomculo, kwezeencwadi, kwezobugcisa, kwezemali, kwezokuhombisa, kwezokwenza iinwele, ukuqhuba, kwezemidlalo, kwezokupheka, kwakunye nokunye okuninzi. Abantwana bachukumiseka kakhulu. Waye wagqiba ngokuba abantwana bakhumbule oomama babo ngokubabhalela iincwadana zombulelo ezivakalisa umbulelo wezenzo ezininzi zothando lwenkonzo abazifumana yonke imihla. U-Abby weva ukuba abantwana baye babona oomama babo ngendlela entsha kwaye ukuba ngumama okanye utata yayiyinto yexabiso elikhulu. Uye wafaka isicelo sokuba abelane kwakhona kulo nyaka kwiMini Yemisebenzi kwaye uye wamenywa ukuba aze kwiiklasi ezintandathu.

Umfanekiso
umfazi ebambe umfanekiso womntwana

U-Abby wathetha oku ngamava akhe: “Ndiva ngathi kungabalula kulo mhlaba emntwaneni ukuba afumane ingqondo yokuba ngumzali njengomsebenzi wesibini okanye nkqu ngamanye amaxesha inkxamleko eyimfuneko. Ndifuna wonke umntwana ukuba azive ngathi bayinto yokuqala ebalulekileyo kubazali babo, kwaye mhlawumbi babaxelele ukuba kubaluleke kanjani ukuba ngumzali, kum kuya kubanceda baqonde ukuba konke abazali babo ababenzela kona kwaye nokokuba kutheni.”

Umprofeti wethu othandekayo, uMongameli Thomas S. Monson, ungumzekelo omangalisayo wokuhlonipha amanina nobumama, ngakumbi unina wakhe. Ebhekisa koomama bethu basemhlabeni, yena wathi: “Yanga omnye nomnye wethu angaxabisa le nyaniso; akukho mntu ongalibala umama kwaye akhumbule uThixo. Akukho mntu ongakhumbula umama kwaye alibale uThixo. Kutheni? Ngenxa yokuba aba bantu babini bangcwele, uThixo kunye nomama [wethu wasemhlabeni], bayabambisana kwindalo, naseluthandweni, nakwidini, nakwinkonzo, babanye.”3

Umgaqo wokugqibela ekufuneka sime kuwo siwukhusele ngowobungcwele bekhaya. Kufuneka sithathe igama elithi ngamanye amaxesha lithethwe ngentlekisa kwaye siliphakamise. Leli gama lithi umenziwekhaya. Sonke thina—bafazi, madoda, lutsha, kunye nabantwana, sisodwa okanye sitshatile—singasebenza ekubeni ngabenzi bamakhaya. Kumele “senze amakhaya ethu” iindawo zocwangco, zekhusi, zobungcwele, kunye nezokhuseleko. Amakhaya ethu kumele abeziindawo apho uMoya weNkosi uvakala ngobuninzi obutyebileyo kwaye apho izibhalo ezingcwele kunye nevangeli zifundwa khona, zifundiswa khona, kwaye ziphilwa khona. Bekungenza umehluko omkhulu emhlabeni ukuba bonke abantu bebengazibona njengabenzi bamakhaya obulungisa. Masikhuseleni ikhaya njengendawo yesibini emva kwetempile ngobungcwele.

Boodade, ndiyabulela ukuba ngumfazi kule mihla yokugqibela. Sinamathuba kunye nokuninzi oko izizukulwana ezininzi zamanina ezingazange zibenazo. Masincedeni ekwakheni ubukumkani bukaThixo ngokuma ngenkalipho kwaye nangokuba ngabakhuseli bomtshato, bobuzali, kunye nabekhaya. INkosi isifuna singamagorha akhaliphileyo, azinzileyo, kunye nawangagungqiyo awaya kukhusela icebo laYo kunye nokufundisa izizukulwana ezizayo iinyaniso zaYo.

Ndinika ubungqina bokuba uBawo Osezulwini uyaphila kwaye uyasithanda. UNyana waKhe, uYesu Krestu, unguMsindisi wethu kunye noMkhululi wethu. Ndishiya obu bungqina nani egameni likaYesu Krestu, amen.

Izikhumbuzo

  1. Bona Marie Madeline Cardon Guild, “Marie Madeline Cardon Guild: An Autobiography,” cardonfamilies.org/Histories/MarieMadelineCardonGuild.html; bona futhi Marie C. Guild autobiography, malunga 1909, Church History Library, Salt Lake City, Utah.

  2. 1 AbaseKorinte 11:11.

  3. Thomas S. Monson, “Behold Thy Mother,” Ensign, Jan. 1974, 32.