2010–2019
UVuyo lokuPhila uBomi Obugxiliswe kuKrestu
EyeDwarha 2015


UVuyo lokuPhila uBomi Obugxiliswe kuKrestu

Ubomi bethu kumele bugxiliswe ngokuthe ngqo kuKrestu ukuba sinokwazi ukufumana uvuyo lokwenyani noxolo kobu bomi.

Ihlabathi esiphila kulo linyanzelisa ngamandla abantu abalungileyo kuyo yonke indawo ukuba bathobe okanye balahle imigangatho yabo yokuphila ngokobulungisa. Nangona kunjalo, ngaphandle kokungcola nezilingo ezisingqonga mihla le, singakwazi kwaye siya kulufumana uvuyo lokwenyani namhlanje ngokuphila ubomi obugxiliswe kuKrestu.

Ukugxilisa ubomi bethu kuYesu Krestu nakwivangeli yaKhe kuya kuzisa uzinzo nolonwabo kubomi bethu, njengoko lo mzekelo ulandelayo ubonisa.

UMdala Taiichi Aoba weQumrhu labangaMashumi Asixhenxe, ohlala kwilali encinane esentabeni eShikoku, eJapan, wacelwa ukuba afundise iklasi kwinkomfa yolutsha. U–“Yimani eZindaweni eziNgcwele” wakhethwa njengomxholo wenkomfa. Emva kokucingisisa ngomxholo nangokuba afundise ngantoni, uMdala Aoba wagqiba kwelokuba asebenzise umsebenzi wakhe njengesixhobo sokufundisa. Umsebenzi wakhe kukubumba izinto ngodongwe.

Umfanekiso
UMdala Aoba esenza izinto zodongwe nolutsha

UMdala Aoba ubalisa ukuba igumbi lakhe lokufundisa lolutsha lwabanomdla omkhulu xa lwalubona indlela awathi phantse ngokomlingo waguqula ukumila kodongwe ezandleni zakhe kube zipleyiti, izitya, neekomityi. Emva kokubonisa kwakhe, yena wababuza okokuba wayekhona na omnye wabo owayengathanda ukuyizama. Baye bonke baphakamisa izandla zabo.

UMdala Aoba waba nabaliqela bolu lutsha abeza ngaphambili ukuze bazame lo mdla wabo umtsha. Bona babecinga, ukuba emva kokumbukela, oku kwakuza kuba lula noko. Kodwa, akukho namnye kubo owaye waphumelela kwiinzame zakhe zokwenza nkqu esinye nje isitya. Bona babhengeza: “andikwazi ukuyenza le nto!” “Kutheni inzima kangaka le nto?” “Inzima kakhulu le nto.” Ezi ntetho zasisenzeka ngelixa udongwe lwalutakela kwindawo yonke elapho egumbini.

Yena walubuza ulutsha ukuba kutheni lwalunzinyelwa kukwenza izinto ngodongwe. Bona baphendula ngeempendulo ezahlukeneyo: “Mna andinamava,” “Mna andizange ndiqeqeshwe,” okanye “Mna andinatalente.” Ngokweziphumo, konke abakutshoyo kwakuyinyani; kodwa, esona sizathu sibalulekileyo sokungaphumeleli kwabo kwakungenxa yokuba udongwe lwalungekho sembindini wevili. Ulutsha lwalucinga ukuba lwalulubeke udongwe embindini, kodwa ngokwembono yengcali yalo, lona lwalungekho embindini ncam. Yena waye wabaxelela, “Masiyizameni le nto ixesha lokugqibela.”

Umfanekiso
UMdala Aoba esenza izinto zodongwe

Kweli ixesha, uMdala Aoba wabeka udongwe embindini ngqo wevili kwaye waye waqalisa ukulijikelezisa ivili, wenza umngxunya kumbindi wodongwe. Abaliqela bolutsha baye bazama kwakhona. Kweli ixesha bonke baqalisa ukuqhwaba izandla xa babesithi: “Wowu, ayishukumi,” “Ndingakwazi ukuyenza lento,” okanye “Ndiyenzile!” Ngokucacileyo, ukumila kwakungagqibelelanga, kodwa isiphumo sasohluke mpela kumzamo wabo wokuqala. Isizathu sempumelelo yabo yayikukuba udongwe lwalukumbindi wevili ngokugqibeleleyo.

Ihlabathi esiphila kulo liyafana nevili elijikelezayo lombumbi wodongwe, kwaye isantya sela vili siyanda. Njengodongwe kwivili lombumbi, kumele sigxiliswe embindini nathi. Undoqo wethu, umbindi wobomi bethu, kumele ibe nguYesu Krestu nevangeli yaKhe. Ukuphila ubomi obugxiliswe kuKrestu kuthetha ukuba sifunda ngoYesu Krestu nevangeli yaKhe size emva koko silandele umzekelo waKhe kwaye sigcine imiyalelo yaKhe ngokuthe ngqo.

Umprofethi wamandulo uIsaya wathi, “Kaloku, ke Yehova, unguBawo; siludongwe, unguMbumbi wethu; sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela.”1

Ukuba ubomi bethu bugxiliswe kuYesu Krestu, Yena angasibumba ngempumelelo ekubeni ngabantu esidinga ukuba ngabo ukuze sibuyele kubukho baKhe noBawo oseZulwini kubukumkani beselestiyali. Uvuyo esiluvayo kobu bomi luya kungqamana nokuba bugxiliswe kakuhle kangakanani na ubomi bethu kwiimfundiso, umzekelo, nakwidini lecamagushelo likaYesu Krestu.

Bazalwane noodade, mna ndazalelwa kusapho lwezizukulwana ngezizukulwana zaBangcwele beMihla yokuGqibela, ngoko ke iintsikelelo novuyo lokuba nevangeli kaYesu Krestu njengesiseko senkcubeko yosapho lwethu zazithungelwe kubomi bethu bemihla ngemihla. Andizange ndiqaphele igalelo elihle ivangeli epheleleyo kaYesu Krestu eyayinalo kwabo babengazange babenazo iintsikelelo zayo ngaphambili ebomini babo kwade kwaba kusemsebenzini wam wesigxina wobufundisi bevangeli njengomfana omncinane. Lo mqolo ukuMateyu ubonisa indlela abava ngayo abantu abaguqukele kwivangeli kaYesu Krestu: “Ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.”2

Mandabe nani umzekelo osuka kwiNcwadi kaMormoni obonisa into elinye iguquka elalinomdla wokuyihlawula ukuze lifumane uvuyo oluhambelana nokufumana indyebo ekuthethwa ngayo nguYesu kumzekeliso wobutyebi obufihlwe entsimini.

Khumbula kwincwadi kaAlma isahluko 20, uAmon noLamonayi babesingise kwisixeko saseMidonayi ngenjongo yokufumana nokukhulula uAron umntakwabo Amon entolongweni. Kuhambo lwabo bahlangana notata kaLamonayi, owayeyikumkani yamaLeymenayithi kulo lonke ilizwe.

Ikumkani yayicaphuka kakhulu kukuba unyana wayo uLamonayi wayehamba noAmon, umfundisi womNifayithi, owayembona njengotshaba. Yena wayesiva ukuba unyana wakhe kwakumele azimase umsitho omkhulu owayewenzele oonyana bakhe nabantu bakhe. Ikumkani yamaLeymenayithi yayicaphuke kangangokuba yayalela unyana wayo uLamonayi ukuba ambulale uAmon ngekrele lakhe. Wathi wakungavumi uLamonayi, ikumkani yatsala ikrele layo isenzela ukubulala unyana wayo ngenxa yokungamthobeli; kodwa uAmon wangenelela esenzela ukusindisa ubomi bukaLamonayi. Yena waphela eyoyisa ikumkani kwaye wayenokuyibulala.

Oku kwathethwa ngukumkani kuAmon emva kokufumanisa ukuba angaphulukana nobomi bakhe: “Ukuba ungandisindisa ndiya kunika nantoni na oya kuyicela, nokude kube sisiqingatha sobukumkani.”3

Ngoko ke ukumkani wayenomdla wokuhlawula ixabiso elisisiqingatha sobukumkani bakhe ukwenzela ukuba asindise ubomi bakhe. Ukumkani unokuba wayekhwankqisiwe xa uAmon wacela nje ukuba akhulule umntakwabo uAron kunye nabazalwane bakhe entolongweni nokokuba uLamonayi unyana kakumkani abugcine ubukumkani bakhe.

Kamva, ngenxa yesi sehlo, umntakwabo Amon uAron waye wakhululwa kwintolongo yaseMidonayi. Emva kokukhululwa kwakhe waye wachukumiseka ukuba aye apho ukumkani wamaLeymenayithi wayelawula khona lonke ilizwe. UAron waye waziswa kukumkani kwaye wabanenyhweba yokumfundisa ngemigaqo yevangeli kaYesu Krestu, equka icebo elikhulu lenkululeko. Iimfundiso zikaAron zamchukumisa nzulu ukumkani.

Impendulo kakumkani kwiimfundiso zikaAron ifumaneka kumqolo 15 kuAlma isahluko 22: “Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba uAron ezicacisile ezi zinto kuye, ukumkani wathi: Ndingenza ntoni ukuze ndibe nokufumana obu bomi banaphakade othe wathetha ngabo? Ewe, ndingenza ntoni ukuze ndibe nokuzalwa ngokukaThixo, ndibe nokuncothulwa lo moya ukhohlakeleyo uphume esifubeni sam, kwaye ndamkele uMoya wakhe, ukuze ndibe nokuzaliswa luvuyo, ukuze ndingabi nakukhutshelwa ngaphandle ngomhla wokugqibela? Qaphelani, watsho, ndiya kuncama konke endinako, ewe, ndiya kubushiya ubukumkani bam, ukuze ndibe nokufumana olu vuyo lukhulu.

Ngokumangalisayo ngokwaneleyo, ngokwahlukileyo ekuncameni isiqingatha sobukumkani bakhe, ukumkani wamaLeymenayithi wayesele ngoku enomdla wokuncama ubukumkani bakhe bonke ukuze abe nokufumana uvuyo oluvela ekuqondeni, ekwamkeleni, nasekuphileni ivangeli kaYesu Krestu.

Inkosikazi yam, uNancy, nayo iliguquka apha eBandleni. Yena ulukhankanye amaxesha amaninzi kule minyaka uvuyo athe waluva ebomini bakhe oko wathi wafumana, wamkela, kwaye waphila ivangeli kaYesu Krestu. Oku kulandelayo yingcinga esuka kuDade Maynes ngamava wakhe.

“Njengomntu osemtsha opha ekuqaleni kuma–20 eminyaka, ndandifikelele kwinqanaba kubomi bam apho ndandisazi okokuba ndandidinga ukuba nento endiyitshintshayo ukuze ndibe ngumntu owonwabe ngakumbi. Ndandisiva ngathi ndandihamba ndingenanjongo yokwenene nasikhokelo, kwaye ndandingazi ukuba ndiyephi ukuze ndiyifumane. Ndandisoloko ndisazi ukuba uBawo oseZulwini ukhona kwaye ngamanye amaxesha kubomi bam ndenze imithandazo, ndive ngathi Yena umamele.

“Njengoko ndaye ndaqalisa ukukhangela kwam, ndaya kwiinkonzo eziliqela kodwa ndandisoloko ndibuyela kweza mvakalelo zinye nokutyhafa. Ndiva ndisikeleleke kakhulu ngenxa yomthandazo wam wesikhokelo nenjongo ebomini wade waphendulwa, kwaye nevangeli epheleleyo kaYesu Krestu yaziswa ebomini bam. Okokuqala ngqa ndandiziva ngathi ndinenjongo, kwaye necebo lolonwabo lazisa uvuyo lokwenene kubomi bam.”

Amanye amava asuka kwiNcwadi kaMormoni abonakalisa ngokucacileyo ukuba ukuphila ubomi obugxiliswe kuKrestu kungasizalisa njani ngolonwabo olukhulu nkqu naxa singqongwe bubunzima obungummangaliso.

Emva kokuba umprofethi uLihayi kunye nosapho lwakhe bayishiya iYerusalem kwiminyaka engama–600 phambi kokuzalwa kukaYesu, bazulazula malunga neminyaka esibhozo entlango bade ekugqibeleni bafika kwilizwe elalibizwa ngokuba yiNdyebo, elalikufuphi nonxweme. UNifayi uchaza ngobomi babo beembandezelo entlango ngolu hlobo: “Sanyamezela iimbandezelo ezininzi nobunzima obukhulu, … kangangokuba zininzi asinako ukuzibhala zonke.”4

Ngelixa babehlala eNdyebo, uNifayi wanikwa yiNkosi uxanduva lokuba okhe inqanawe eyayiza kubathatha bawele ulwandle ukuze baye kwilizwe lesithembiso. Emva kokuba befikile kwilizwe lesithembiso, iingxabano ezinkulu zaqhubekeka ukunyuka phakathi kwabantu ababegxilise ubomi babo kuKrestu kunye nabo babengakholelwa, ababelandela imizekelo kaLeymeni noLemuweli. Ekugqibeleni, umngcipheko wodlame phakathi kwala maqela mabini wabamkhulu kangangokuba uNifayi kunye nabo babelandela iimfundiso zeNkosi bazohlula kwaye basabela entlango ukuze bakhuseleke. Kweli nqanaba exesheni, iminyaka engangama–30 emva kokuba uLihayi nosapho lwakhe bayishiya iYerusalem, uNifayi wenza ingxelo echazwa kakuhle kwaye inako ukumangalisa, ingakumbi emva kokushicilela kwizibhalo iimbandezelo ezininzi ababejongene nazo ixesha elide. La ngamazwi wakhe: “Kwaye kwenzeka ukuba sihlale ngohlobo lolonwabo.”5 Ngaphandle kobunzima babo, baye bakwazi ukuphila ngohlobo lolonwabo ngenxa yokuba babegxiliswe kuKrestu nevangeli yaKhe.

Bazalwane noodade, njengodongwe kwivili lombumbi, ubomi bethu kumele bugxiliswe ngqo kuKrestu ukuba kumele sifumane uvuyo lokwenene noxolo kobu bomi. Imizekelo kakumkani wamaLeymenayithi; inkosikazi yam, uNancy; kunye nabantu bamaNifayithi yonke iyawuxhasa lo mgaqo uyinyani.

Ndininika ubungqina bam namhlanje bokuba nathi singalufumana olwa xolo, olwa lonwabo, olwa vuyo lokwenyani ukuba sikhetha ukuphila ubomi obugxiliswe kuKrestu, ngegama likaYesu Krestu, amen.