IMbali yeBandla
UJoseph Smith noMtshato weSithembu


“UJoseph Smith noMtshato weSithembu,” Izihloko zeMbali yeBandla

“UJoseph Smith noMtshato weSithembu”

UJoseph Smith noMtshato weSithembu

AbaNgcwele beMihla yokuGqibela bayakholelwa ukuba umtshato neqabane elinye—umtshato wendoda enye nomfazi omnye—nguwo umthetho weNkosi omileyo womtshato.1 Kumaxesha webhayibhile, iNkosi yaye yayalela abanye babantu baYo ukuba balandele umtshato wesithembu—umtshato wendoda enye kubafazi abangaphaya kwesinye.2 Amanye amalungu wakuqala weBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela aye awufumana kwaye awuthobela lo mthetho owawunikwe ngabaprofeti bakaThixo.

Emva kokufumana isityhilelo esimyalela ukuba alandele umtshato wesithembu, uJoseph Smith waye watshata abafazi abaliqela kwaye waye wazisa isenzo eso kumaqabane akhe asondelene naye. Lo mgaqo wawuphakathi kwemiba eyayicel’ umngeni kakhulu yeMbuyiselo—kuJoseph yena buqu nakwamanye amalungu eBandla. Umtshato wesithembu wawuvavanya ukholo kwaye wawuxhokonxa impikiswano kunye nenkcaso. Bambalwa abaNgcwele beMihla yokuGqibela abathi ekuqaleni bamkela ukubuyiselwa kwesenzo sasebhayibhileni esasingaqhelekanga ezinggqondweni zabo. Kodwa uninzi kamva lwangqina ngamava asemoyeni anamandla awathi alunceda ukuba loyise ukuthandabuza kwalo kwaye lwawanika inkalipho yokwamkela esi senzo.

Iinkcukacha ezininzi malunga nesi senzo somtshato wesithembu azaziwa ngenxa yokuba abathathi-nxaxheba baye bacelwa ukuba bagcine izenzo zabo ziyimfihlo. Uxwebhu lwembali yomtshato wesithembu unqinile kakhulu: ambalwa amaxwebhu abonelela ngeenkcukacha, kwaye iinkumbulo zakamva nazo azisoloko zithembakala. AbaNgcwele babalisa amabali abalulekileyo aliqela wesenzo somtshato wesithembu awamalunga noJoseph Smith kunye nabanye abaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ngolwazi oluthe vetshe malunga nomtshato wesithembu, bona “Plural Marriage in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints,” Gospel Topics Essays, topics.lds.org.

Izihloko Ezihambelanayo: Joseph Smith Jr., Emma Hale Smith, Fanny Alger, Nauvoo Expositor