2012
Ubizo lika Thixo kwaye neNkxaso YaBantu
Juni 2012


UMyalezo wesiMongameli Sokuqala, Juni 2012

Ubizo nguThixo kwaye neNkxaso YaBantu

Umfanekiso
NguMongameli Henry B. Eyring

Njenga malungu eCawa, siyamenywa ukuba sisoloko sixhasa abantu ababiziweyo nguThixo ukuba babeluncedo. Kwiminyaka eyadlulayo umfundi oneminyaka eli-18 ubudala wandibonisa ukuba kuthetha ukuthini ukuseka abakhonzi beNkosi. Ndisasikelelekile ngulo mzekelo uthobekilyo.

Wayesand’ ukuqala unyaka wakhe wokuqala eYunivesithi. Wayengakawugqibi unyaka ebhaptiziwe phambi kokuba ashiye ikhaya lakhe ngenxa yoyokuqala isikolo kwiYunivesithi enkulu. Apho Ndandingumkhonzi wakhe ngokuba NdinguBishophu wakhe.

Ukuqala konyaka wesikolo, Ndabano dliwano ndlebe olufutshane kunye naye e ofisini kabishophu. Ndikhumbula okuncinci ngala ncoko yokuqala ukuba wayethetha ngobunzima abanabo kwindawo entsha, kodwa andisoze ndiyilibale incoko yethu yesibini.

Wacela ukundibona e ofisini yam. Ndamangazeka xa wathi, “Singathandaza kunye na, kwaye Ndinga lilizwi na?” Ndandiseza kuthi Mna sendithandazile kwaye ndilindele ukuba naye wayesele enzile njalo. Kodwa ke ndavuma.

Waqala umthandazo wakhe ngobungqina bokuba uyamazi uBishophu ubizwe nguThixo. Wacela uThixo ukuba andixelele ukuba yintoni amakayenze kwiimeko ezinkulu ezibangwa neziziphumo zeemeko zomoya. Loo mfana waxelela uThixo ukuba uqinisekile ukuba uBishophu wayesele ezazi iintswelo zakhe kwaye uyakunikwa ingcebiso asweleyo ukuyiva.

Xa ethetha, iingozi ncam awayeza kujongana nazo zafika engqondweni yam. Ingcebiso yayilula kodwa ndiyinikwa icace gca: thandaza rhoqo, thobela imithetho, kwaye luphele uloyiko.

Loo mfana, emva konyaka omnye ese caweni, wafundisa ngokuba ngumzekelo oko uThixo anokwenza ngenkokheli xa ixhaswa lukholo nayimithandazo yabo ayibize ukuba ibakhokele. Loo mfana wabonakalisa kum amandla ovumelwano lwamangqina aseCaweni (bona Imfundiso Neminqophiso 26:2). Nangona iNkosi ibiza abakhonzi Bayo ngotyhilelo, bakwazi ukusebenza qha xa sebesekiwe ngokubekwa izandla ngabo babiziweyo ukuba babakhonze.

Ngevoti yethu yenxaso, senza izithembiso eziyiminqophiso. Sithembisa ukuthandazela abakhonzi beNkosi kwaye nokuba Uyakubakhokela abomeleze (bona Imfundiso neMinqophiso 93:51). Sithembisa ngomnikelo wokuba siyakukhangela kwaye silindele ukuva impembelelo evela kuThixo kwingcebiso yano kwaye nanini na xa besenza ngoko bizo lwabo (bona Imfundiso neMinqophiso 1:38).

Eso sithembiso kufuneka sihlaziywe zintliziyo yethu rhoqo. UTitshala wakho wangesikolo sangeCawa uyakuzama ukunifundisa ngoMoya, kodwa njengani, umfundisi wenu angazenza iimpazamo phambili kweklasi. Kodwa, Nina’ ningazigqibela ukuba niyammamela kwaye nikhangele imizuzu apho nikwaziyo khona ukuva impembelelo ifika. Exesheni niyakuqwalasela iimpazamo ezimbalwa ze nibone kakhulu nakaninzi ukuba uThixo uyamxhasa loo titshala.

Xa siphakamisa isandla siseka umntu, siyazibophelela ekusebenzeleni injongo yeNkosi noba yintoni na iNkosi embize ukuba makayiphumeze. Xa abantwana bethu babe bancinci, uNkosikazi wam wabizwa ukuba makafundise abantwana abancinci be wadi yethu. Andizange ndiphakamise qha isandla sam nje, kodwa Ndamthandazela emva koko Ndacela imvume yokumnceda Izifundo endizifumeneyo ngokuxabisa okwenziwa ngabafazi kwaye nothando lweNkosi lwabantwana lusasikelela usapho kwaye nobomi bam.

Bendisandul’ ukuthetha nalaa mfana owaseka uBishophu kwiminyaka eyadlulayo. Ndifunde ukuba iNkosi kwaye nabantu bamseka kubizo lwakhe lokuba ngumfundisi weminyaka emibini, xa waba ngumongameli wee wadi zenginqi kwaye naxa waba ngutata. Wathi xa kuphela incoko yethu, “Ndisakuthandazela rhoqo ngemini.”

Singazimisela ukuthandazela umntu obizwe nguThixo ukuba asikhonze rhoqo ngemini. Singabulela umntu osisikeleleyo ngenkonzo yakhe. Singagqiba ukuzinikela phambili sizigqatse xa umntu osekiweyo ecela abantu bamncedise.1

Abo ababambisana baphakamise abakhonzi beNkosi kwiKumkani Lakhe bayakusekwa ngamandla wakhe angalinganisekiyo. Sonke siyayiswela loo ntsikelelo.

Isikhumbuzo

  1. Bona Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph F. Smith (1998), xiv, 21–22.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Emva kokwabelana ngalo myalezo, cingisisa ngokufunda esi sicatshulwa: “INkosi iyakwenza isixhobo ezandleni Zakhe ukuba uthobekile, uthembekile, kwaye ukhuthele. … Uyakufumana amandla awongeziweyo xa usekwa ngovumelwano libandla kwaye usekwe ngokubekwa izandla“ (Teaching, No Greater Call [1999], 20). Cela usapho ukuba luqokelelane lujikeleze into esindayo kwaye ucele umntu omnye ukuba azame ukuyifunqula. Wongeze umntu omnye ngexesha ukuba ancedise, umeme namanye amalungu osapho ukuba aphakamise lonto isindayo. Xoxani ngokuba kuye kwenzeke ntoni xa wonke umntu encedisa. Cingisisa ngokugxininisa ingcebiso kaMongameli Eyring ngeendlela ezilula ukwenziwa esingaxhasa ngazo abanye abantu kubizo lwabo.