2012
Ukufumana kwakhona uMoya weKhrismesi
Disemba 2012


UMyalezo wesiMongameli SokuQala, Disemba 2012

Ukufumana uMoya weKhrismesi

Umfanekiso
UMongameli Thomas S. Monson.

Kwiminyaka edlulileyo ndandiligosa elalisaze ngobuso obutsha elizweni, Ndabizwa kunye nabanye ukuba siye esibhedlele kwisixeko i Salt Lake City ukuze ndinike abantwana ababegula iintsikelelo. Ekungeneni kwam, saqaphela umthi weKhrismesi owawu qhakazile kwaye uqhelekile nezibane zawo kwaye ndabona ngononophelo iipasile ezazisongiwe ngaphantsi kwamalungu angamasebe awo anabileyo. Emva koko saya kwiipaseji apho amakhwenkwe namantombazana—abanye befakwe iplastari zesamente engalweni okanye emlenzeni, abanye begula ngendlela umhlawumbi eyayingenakuphiliswa ngokukhawuleza—basibulisa ngobuso obuncumileyo.

Inkwenkwana, eyayigula kakhulu yandibiza, “Ngubani igama lakho?”

Ndamxelela igama lam, ze wabuza, Uzakundinika intsikelelo?”

Intsikelelo wayinikwa, kwaye ekuguqukeni kwethu simshiya ebhedini, wathi, “Ndiyabulela kakhulu.”

Sahamba umgamana nje omfutshane wenyawo, zendamva ebiza,“Oh Mzalwane Monson, ndikunqwenelela iKhrismesi emyoli.” Emva koko uncumo olukhulu lwavela ebusweni bakhe.

Loo nkwenkwe yayinomoya weKhrismesi. Umoya weKhrismesi yinto endiyithembela ukuba sonke singanayo ezintliziyweni zethu kwaye nasebomini bethu—hayi ngelixesha lamaxesha onyaka qha kodwa ngawo onke amaxesha onyaka.

Xa sinomoya weKhrismesi, siyamkhumbula Yena ukuzalwa kwakhe esikukhumbulayo sikucinge ngelixesha lonyaka: “Ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKrestu iNkos” (Luka 2:11).

Ngemini yethu umoya wokuphana ngezipho udlala indima enkulu nebanzi ekukhumbuleni, nasekucingeni ngexesha leKhrismesi. Ndiye Ndizibuze ukubangaba singafumana ntoni ngokuzibuza thina ukuba, Zeziphi izipho iNkosi engafuna mna ndimphe zona Yena okanye abanye ngelixesha lixabisekileyo lonyaka?

Ingaba Ndinganicebisa ukuba uBawo wethu waseZulwini angafuna ukuba umntu ngamnye kuthi Amphe Yena kwaye noNyana Wakhe isiphiwo sentobelo. Kwaye Ndiva nokuba Angasicela siziphe thina iziqu zethu kwaye singazicingeli thina sodwa okanye sibenentliziyo ende okanye sixabane, njengokuba uNyana Wakhe esicebisa kwiNcwadi ka Mormoni:

“Ngoko ke, Nangoku Ndithi kuni, yena lowo onomoya wokulwa asingowam, kodwa ngokamtyholi, yena … oqumbisa iintliziyo zabantu ukuba balwe ngomsindo, baxabane bodwa.

“Niyabonani, oku akuyo mfundiso yam, ukuqumbisa iintliziyo zabantu ngomsindo, omnye alwe nabanye; kodwa le yimfundiso yam, ukuba izinto ezinjalo masihlukane nazo sizilahle” (3 Nifayi 11:29–30).

Kwesi sizukulu simnandi salamaxesha okuhlanganisela nokuzalekisa, amathuba wethu okuthanda nokunikela ngeziqu zethu awanasiphelo ngokwenene, kodwa nawo ayagqitha aphele. Namhlanje kukho iintliziyo esinokuzonwabisa, amagama amnandi esinikuwathetha, izezonzo esinokuzenza ekufuneka sizenzile, kwaye nemiphefumo emayisindiswe.

Omnye owayeboniswa ngomoya weKhrismesi wabhala:

NdinguMoya weKhrismesi—

Ndingena kwikhaya lentlupheko, Ndidale ukuba abantwana abanobuso obungenagazi bavule amehlo wabo, ngokumangaliseka okwanelesikileyo.

Ndidala isandla soqokelelayo ukuba sikhululeke kwaye kengoko sipeyinte ibala eliqhakazileyo emphefumlweni wakhe.

Ndeza abadala ngeminyaka ukuba benze kakutsha ubutsha babo kwaye bahleke ngendlela endala eyonwabileyo.

Ndigcina ubumnandi noyolo lothando luphila entliziyweni yolutsha olusenobuntwana, kwaye ndiqhakazelise amaphupha ngomlingo othungelweyo.

Ndidala iinyawo ezirhawuzelayo ziqabele iziteps ezimnyama ezinee bhasikiti ezigcweleyo, ndishiya ngasemva iintliziyo ezimangeleyo bubuhle behlabathi.

Ndidala abalahlekileyo ukuba bame okomzuzwana ehlathini lakhe, elinemoshaka kwaye ndithumele kwabanonxunguphalo uthando, iziphiwo ezincinci ezinentsingiselo, nezithulula iinyembezi zovuyo—iinyembezi ezihlamba imigca enzima yeentlungu.

Ndingena iitrongo ezimnyama, ndikhumbuza abasikekileyo abangamadoda indlela ebengeyiyo kwaye ndilathe phambili iintsuku ezintle ezisezakuba khona.

Ndiza ngokuthamba okulula kwabathulileyo, kwikhaya elimhlophe lentlungu, kwaye nakuyo imilebe egcangcazelayo ekuthuleni yabo bangwakaziyo nokuthetha ngenxa yokuba buthathaka, ngokuthula, benombulelo okwaziyo ukuzibika.

Ngeendlela eziliwaka, Ndenza abanxungupheleyo behlabathi ukuba bajonge phezulu ebusweni bukaThixo, kwaye okomzuzwana nje omncinci balibale izinto ezincinci nezonakeleyo.

NdinguMoya weKhrismesi.1

Yanga ngamnye kuthi angafumana kakutsha umoya weKhrismesi—kanye uMoya kaKrestu.

Isikhumbuzo

  1. E. C. Baird, “Christmas Spirit,” in James S. Hewitt, ed., Illustrations Unlimited (1988), 81.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Njengokuba usabelana ngomyalezo kaMongameli Monson kunye nosapho, cingisisa ngokugxininisa umbuzo awawubuzayo ngezipho zeNkosi angafuna ukuba siMphe zona okanye abanye ngelixesha. Khuthaza amalungu osapho ukuba bagcine iingcinga zabo kwaye namanqaku (okanye, abantwana abancinci, bazobe umfanekiso) ngendlela “abangafumana ngayo kakutsha umoya weKhrismesi—kanye Umoya kaKrestu.”