2013
Ndiyakucela uPhilise Intliziyo Yam
Matshi 2013


ulutsha

Ndiyakucela Uphilise Intliziyo Yam

Ngomhla osisikhumbuzo sokubhubha kukamnakwetu, Ndacingisisa ngexesha lam ukusukela kokubhubha kwakhe. Ndakhumbula ngaphaya kwentlungu enzima kakhulu eNdayivayo kodwa Ndakhumbula neentsikelelo uThixo aziphe mna.

Ndandingayiqondi xa abantu babesithi ukubhubha kwesimthandayo kuzisa iintsikelelo. Ndandingayiqondi ukubangaba ndinganoyolo nombulelo njani ngento endivise ubuhlungu obunzulu kangaka. Kwakukho ubusuku obunye, kodwa, oko kwatshintsha indlela yam yokujonga izinto yonke.

Ndaphaphama ngenzulu yobusuku ndinentliziyo esindayo kakhulu kunekhe Ndabanayo. Le ntlungu yayindivithanisele. Ndawa ngamadolo kwaye Ndagxwala umthandazo kuBawo waseZulwini. Ubomi bam bonke Ndandifundiswe NgeNtlawulo kunye namandla angummangaliso okuphilisa kaYesu Krestu. Ngoku ukholo lwam lwaluvavanywa. Ndandikholelwa ngenene? Ndacela uBawo waseZulwini ukuba ancede aphilise intliziyo yam. Le ntlungu yayindongamele ngamandla ukuba mna ndilungisane nayo ndodwa.

Emva koko imvakalelo yoxolo, yentuthuzelo, nothando yagubungela umzimba wam wonke. Ndava ingathi uThixo wayesonge umzimba wam wonke ngeengalo Zakhe kwaye endikhusele kwintlungu eyayinzulu eyayiviwa Ndim. Ndandisamkhumbula umntakwethu, kodwa Ndakwazi ukubona ngamehlo awohlukileyo. Zazininzi izinto mna endandizifunda kula mava.

Ndiyalwayazi uthando lweNkosi noxolo lukhona. Kufuneka qha sithathe inxaxheba.