2013
Yizani Kum
Meyi 2013


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Meyi 2011

“Yizani Kum”

Ngamazwi Wakhe nangomzekelo Wakhe, UKhrestu usibonisile ukuba sisondele njani Kuye.

Ndiyabulela kakhulu ukuba ndibekunye nani kule komfa yeCawa kaYesu Krestu YeNtsuku Zokugqibela ZabaNgcwele. Lena YiCawa Yakhe. Sithabathela kuthi igama Lakhe Xa singena kwikumkani Lakhe. UnguThixo, uMdali, kwaye nomgqibeleli ôpheleleyo. Singabantu bomzimba wenyama siyakufa kwaye siyona. Kodwa ethandweni Lakhe analo Lwethu namasapho wethu, Uyasimema ukuba sibekufutshane Naye. Nanga amazwi Wakhe: “Sondelani kum kwaye nam Ndiyakusondela kuni; ndikhangeleni ngenkuthalo kwaye niyakundifumana; celani, kwaye niyakwamkela, nkqonkqoza, kwaye uyakuvulelwa wena.”1

Ngelixesha lalePasika siyakhunjuzwa ngokuba kutheni simthanda Yena kwaye nesithembiso Asenzayo kubalandeli Bakhe ukuba babe ngabahlobo Bakhe abathandwayo. UMsindisi wasenza esa sithembiso kwaye wasixelela ukuba xa sisenkonzweni yethu Kuye, Uyeza kuthi. Omnye umzekelo ukwisityhilelo sika Oliver Cowdery xa wayesebenze iNkosi noMongameli Joseph Smith ekuguquleni iNcwadi Ka Mormoni: “Niyabonani, wena Oliver, kwaye Ndithethile nawe ngenxa yeminqweno yakho; ke ngoko xabisa la mazwi entliziyweni yakho. Yiba nokholo kwaye ukhuthalele ukugcina imithetho KaThixo, kwaye ndiyakungqunga ezingalweni zothando lwam.”2

Ndiye ndanamava oyolo lokusondela kufutshane kuMsindisi kwaye nokusondela koLwakhe kufuphi Kum kaninzi kakhulu ngezenzo ezilula zentobelo yemithetho.

Ube nawo amava anjalo. Kungaba ngokuya ubukhethe ukuya kwintlanganiso yomthendeleko. Kwakunjalo kum ngeCawa ngoku Ndandimncinci. Kwezoo ntsuku sasamkela umthendeleko ngentlanganiso yangenjikalanga. Ndikhumbula ngenye imini ngaphaya kweminyaka eyi65 eyadlulayo, ndagcina umthetho wokudibana nosapho lwam naBangcwele, kusandisondeza kuMsindisi.

Kwakumnyama kwaye kubanda phandle. Ndikhumbula ndiziva khaphu-khaphu ndifudumele ecaweni ngalo njikalanga nabazali bam. Satya umthendeleko, olungiselelwa ngababingeleli baka Aroni, besenza umnqophiso noBawo waseZulwini ukusoloko bemkhumbula uNyana Wakhe kwaye bagcine imithetho Yakhe.

Ekupheleni kwentlanganiso sacula iculo “Hlala Nam; Ngale njikalanga,” namazwi kuyo “O Msindisi, hlala Nam ngobu busuku”3

Ndava uthando lukaMsindisi nokuba kufuphi naye ngaloo njikalanga. Ndava ukuthuthuzelwa nguMoya oyiNgcwele.

Ndandifuna ukuvuselela kwakhona imvakalelo zothando lukaMsindisi nokusondela Kwakhe endakuvayo kwintlanganiso yomthendeleko ndiseselutsheni. Ke ngoko kamva Ndigcine omnye umthetho. Ndikhangele izibhalo ezingcwele. Ngaphakathi kuzo, Bendiyazi ukuba Ndingaphindela kuzo ukukwazi ukuva uMoya oyiNgcwele endivisa okwaviwa ngabafundi Bakhe ababini beNkosi evukileyo ngokuya wamkela isimemo sabo sokuba aye endlwini yabo kwaye ahlale nabo.

Ndafunda ngosuku lwesithathu emva kokubethelelwa nokungcwatywa kwakhe. Abafazi abangamakholwa kwanabanye bafumana ilitye lisusiwe engcwabeni kwaye babona ukuba umzimba wakhe wawungekho phayana. Babezile ngenxa yothando Lwakhe ukuthambisa umzimba Wakhe.

Iingelosi ezimbini zama ecaleni kwaye zabuza ukuba kutheni babesoyika besithi:

“Kutheni nikhangela ophilayo phakathi kwabafileyo?

“Akekho apha, kodwa uvukile: khumbula indlela awa awathetha ngayo nani phambi kokuba aye eGalilee,

“Esithi, uNyana womntu kufuneka akhululwe ezandleni zamadoda anesono, kwaye abethelelwe, ze ngomhla wesithathu avuke kwakhona”4

Ivangeli kaMarko idibanisa inkhokhelo evela kwenye yeengelosi: “Kodwa hamba indlela yakho, xelela abalandeli bakhe noPetrosi ukuba uya phambi kwabo eGalili: apho niyakumbona, njengokuba etshilo kuni.”5

AbaPostile nabalandeli babedibene eJerusalem. Njengokuba sasinokubanjalo, babesoyika kwaye bezibuza kwaye bemangele buza ngoku babezincokolela bodwa ukubangaba ingaba ezi ngxelo nokufa komzimba Wakhe oVukileyo kuthetha ntoni na kubo.

Ababini abalandeli bahamba ngalaa njikalanga eJerusalem besendleleni eya eEmmawusi. Ovukileyo uKrestu wavela endleni kwaye wahamba nabo. Inkosi yayiyile kubo.

Incwadi kaLuka iyasivumela ukuba sihambe kunye nabo:

“Kwaye kwenzeka, ukuba, ngokuya babedibene kunye naye kwaye bacingisisa, uYesu yena ngobuqu wasondela, kwaye wahamba nabo.

“Kodwa amehlo wabo ayebambekile ukuba kangufunekanga bamazi yena.

“Kwaye wathi kubo, Zincoko ezinjani na ezi enibanazio kunye, xa nihamba, kwaye nikhathazekile?

“Kwaye omnye kubo, ogama lakhe lalingu Kleyopasi, waphendula kuye wathi kuye, Inga ungumhambi qha na eJerusalem, kwaye awuzazanga na izinto ezenzekayo phaya kwezi ntsuku?”6

Bamxelela Yena ngokukhathazeka kwabo kuba uYesu wayeswelekile ngoku babemthembile ukuba Uya kuba nguMkhululi kaSirayeli.

Inokuba kwakukho uthando kwilizwi leNkosi evukileyo xa Waye thetha nababalandeli babini ababesiva intlungu kwaye bezilile:

“Ze wathi kubo, O ziyatha, nabentliziyo ecothayo ukukholelwa konke okuthethwe ngabaprofeti:

“Bekungafunekanga na ukuba uKrestu ezi zinto zenzeke kuye, kwaye zingene kuzuko lwakhe?

“Kwaye ukuqala kuMozisi nakubo bonke abaprofeti, wanabisa kubo ebacacisela bona ngazo zonke ezikwizibhalo ezingcwele ezi malunga naye.”7

Ze kengoku kwafika ithuba elifudumeze intliziyo yam ukusukela ngoku ndandiyinkwenkwana:

Kwaye basondela kwilali, apho bahamba: kwaye wenza ingathi ngekhe wawuhamba omnye umgama ophambili.

“Kodwa bambamba, besithi, Hlala nathi: ngokuba sekuzakutshona ilanga, nemini seyiphelile. Ze yena wahamba eyokulinda kunye nabo.”8

Umsindisi wamkela ngobo busuku isimemo sokungena endlwini yabalandeli Bakhe kufutshane nelali yaseEmmawusi.

Wahlala ekutyeni kwenyama kunye nabo. Wathabatha isonka, wasisikelela sona, kwaye wasinika bona. Amehlo abo avuleka ukuze bamazi Yena. Ze wanyamalala phambi kwamehlo abo. ULuka wasibhalela thina iimvakalelo zabo abasikelelweyo abalandeli: Kwaye bathi omye komnyem Intliziyo zethu azitshisanga na phakathi kuthi, ngoku ebethetha nathi endleleni, kwaye nangoku ebesivulela izibhalo ezingcwele?”9

Kwangala yure inye, abalandeli ababini bangxama bebuyela eJerusalem beyokuxelela AbaPostile ngokwenzeke kubo. Ngawo kanye lomzuzu uMsindisi wavela kwakhona.

Wajongisisa kwakhona iziprofeto zobufundisi Bakhe zokungcibela izono zabo bonke abantwana bakaBawo wakhe kwaye nokuqhawula amakhonco okufa.

“Kwaye wathi kubo, Ke ngoko kubhaliwe, kwaye kubekiwe uKrestu asokole, kwaye avuke kwabafileyo kusuku lwesithathu:

“Kwaye ukuguquka nokuhlanjululwa kwezono kufuneka kushumayelwe egameni lakhe phakathi kwazo zonke izizwe ukuqala eJerusalem.

“Kwaye ningamangqina ezi zinto.”10

Amazwi kaMsindisi ayinyaniso eyenzelwe nathi njengokuba ayengawabalandeli Bakhe ngoko. Singamangqina azo ezi zinto. Kwaye onozuko umsebenzi sawamkela ngoku sasibhaptizwa eCaweni YabaNgcwele YeNtsuku ZokuGqibela senzelwa lula ngumprofeti uAlma kwiinkulungwane zeminyaka ezadlulayo emanzini kaMormoni:

“Kwaye kwenzeka ukuba athi kubo: Niyabonani, nanga amanzi kaMormoni (ngokuba ayebizwa ngolohlobo) kwaye ngoku, njengokuba nilangazelela ukuza esikhungweni sikaThixo, kwaye nibizwe abantu bakhe, bavuma ukuthwalisana imiyhwalo yabo, ukuze ibe bukhaphu-khaphu;

“Ewe, kwaye abavumayo ukuzila nabo abo abazilayo; ewe, kwaye bathuthuzele abo abama beswele intuthuzelo, kwaye bame babengamangqina kaThixo ngawo onke amaxesha nakuzo zonke izinto, nakuzo zonke iindawo eniba kuzo, kude kube sekufeni, ze nikhululwe ngoThixo, nibalwe kunye nabo bovuko lokuqala, ukuze nibe nabo ubomi bangonaphakade—

“Ngoku Ndithi kuni, ukuba oku niyakulangazelela ezintliziyweni zenu, nikunqangisa ngantoni na ukubhaptizwa egameni leNkosi, nibengamangqina phambili kwakhe ukuba ningenile emnqophisweni kunye naye, ukuba nimkhonze nigcine imithetho yakhe, ukuba agalelele phezu kwenu uMoya wakhe ngobuninzi phezu kwenu?

“Kwaye ngoku ekuwaveni kwabo lamazwi abantu, baqhwaba izandla zabo ngoyolo, kwaye bakhwaza: Lo ngumnqweno wentliziyo zethu.”11

Singaphantsi komnqophiso wokuphakamisa abo basweleyo kwaye sibe ngamangqina kaMsindisi kangangobude bobomi bethu.

Siyakukwazi ukwenza njalo singawi phantsi xa siva uthando lukaMsindisi nothando Lwakhe lwethu. Xa sikholelwa kwizithembiso esizenzileyo, siyakuva uthando lwethu Kuye. Luyakwanda ngokuba siyakuva amandla Wakhe nawo esondela kuthi Nalo kwinkonzo Yakhe.

Umongameli Thomas S. Monson usikhumbuzile kaninzi ngesithembiso seNkosi kubalandeli Bakhe abathembekileyo: “Kwaye nabani na onamkelayo nina, Nam Ndiyakubalapho, ngokuba Ndiya kufika phambi kobuso benu. Ndiyakuba ngasesandleni sakho sasekunene kunye nasekunxele kwakho, kwaye uMoya wam uyakuba sezintliziyweni zenu, kwaye iingelosi zam ziyakukungqonga, zikuphakamisele phezulu” (Imfundiso neMinqophiso 84:88).12

Kukho enye indlela wena kunye Nam esimve esondele kuthi. Xa sinikela ngomnikelo wokukhonza Kuye, Uyasondela kwabo sibathandayo abasemasatsheni wethu. Ngawo lonke ixesha endiye ndabizwa ngalo kwinkonzo yeNkosi ukuba ndisukume ndihambe okanye ndishiye usapho lwam. Ndide Ndayibona ukuba iNkosi isikelela umfazi nabantwana bam. Ulungiselele abakhonzi abanothando Bakhe namathuba okusondeza usapho lwam kufutshanei Naye.

Niyivile le ntsikelelo ifanayo ebomini benu. Abaninzi benu banabantu ababathandayo abalahlekileyo endleleni eya kubomi banaphakade. Niyazibuza ukuba ngeyiphi enye into engaphaya eninokuyenza ukubabuyisela. Ningaxhomekeka eNkosini ukuba izisondeze kubo njengokuba uyikhonza Yona ngokholo.

Uyakhumbula isithembiso seNkosi kuJoseph Smith no Sidney Rigdon ngoku babekude kumasapho wabo beyokwenza imisebenzi Yakhe: “Abahlobo bam uSidney no Joseph, amasapho wakho aphilile; basezandleni zam, kwaye Ndiyakukwenza kubo oko kubonakala kukuhle kum; ngokuba kum kukho wonke amandla.”13

NjengoAlma neNkosi uMozaya, abanye abazali abanokholo bayikhonzile iNkosi ixesha elide nakakuhle kodwa abantwana balahlekile ngaphaya kweminikelo yabazali babo eNkosini. Benze konke okusemandleni wabo akwalunga nto, nangoncedo lwabahlobo abanothando nokholo.

UAlma naBangcwele bemini zakhe bathandazela unyana wakhe noonyana bakaKumkani Mozaya. Ingelosi yafika. Imithandazo yakho nemithandazo yabo abasebenzisa ukholo bayakuzisa iinceku zeNkosi ukuba zincede amalungu osapho lwakho. Bayakubanceda ukuba bakhethe indlela egodukayo eyakuThixo, kanye naxabehlaselwa nguSathana nabalandeli bakhe, abanenjongo yokutshabalalisa amasapho kobubomi naphakade.

Uyawakhumbula amazwi athethwa yingelosi kuAlma oMncinane nakoonyana bakaMozaya kukungeva kwabo: “Kwaye kwakhona, ingelosi yathi: Niyayibonani, iNkosi iyivile imithandazo yabantu bakhe, kwakunye nemithandazo yenceku wakhe uAlma, onguBawo wenu; ngokuba uthandaze ngokholo oluninzi malunga nani ukuze Nina niziswe kulwazi lwenyaniso; ke ngoko, ngale njongo Ndize ukuzonibonisa âmandla negunya likaThixo, ukuze imithandazo yabakhonzi bakhe iphendulwe ngokokholo lwabo.”14

Isithembiso kuni abathandazayo nabakhonza iNkosi akusuba niyakuba nayo yonke intsikelelo eniyinqwenelela Niziqu zenu nosapho lwenu. Kodwa Ndiyanithembisa ukuba uMsindisi uyakuzisondeza kuni anisikelele nosapho lwenu ngokona kufanelekiyo. Uyakuba nentuthuzelo yothando Lwakhe kwaye uve nempendulo yokusondela Kwakhe njengokuba ufikisa iingalo zakho ngokunikela uncedo kwabanye. Njengokuba ubopha amanxeba abo abaswelayo kwaye unikela ngentlambululo yeNtlawulo Yakhe kwabo abasentlungwini yesono, amandla eNkosi ayakukuxhasa. IIngalo Zakhe zolulwe kunye nezakho ukuphilisa nokusikelela abantwana bakaBawo wethu waseZulwini, kunye nabo bosapho lwakho.

Ugoduswa kwethu okunozuko olulungiselelwe thina. Ke ngoko siyakubona ukuzalekiswa kwesithembiso seNkosi esiyithandileyo. Nguye osamkelayo kubomi banaphakade kunye Naye noBawo wethu waseZulwini. uYesu Krestu wayichaza lento ngoluhlobo:

“Funani ukuzisa phambili nokuseka iZayoni. Gcinani imithetho yam kuzo zonke izinto.

“Kwaye, ukuba nigcina imithetho yam kwaye nibambelele kude kubesekugqibeleni niyakuba nobomi banaphakade, obu sisipho esona sakhe sasikhulu kuzo zonke iziphiwo zikaThixo.”15

“Abo abaphilayo bakufumana ilifa elilihlabathi, kwaye abo ababhubhayo baya kuphumla emisebenzini yabo, kwaye imisebenzi yabo iyakubalandela; kwaye bayakwamkela isitshaba kwizindlu ezinkulu zikaBawo wam, endibalungiselele zona.”16

INdiyangqina ukuba ngomoya singakwazi ukulandela isimemo sikaBawo waseZulwini: “Lo NguNyana wam Endimthandayo. Mmameleni!”17

Ngalamazwi Wakhe nomzekelo Wakhe, uKrestu usibonisile ukuba masisondele njani Kuye. Wonke umntwana kaBawo waseZulwini okhethe ukungena ngeheke yobhaptizo ecaweni Yakhe bayakuba nethuba kobu bomi bafundiswe ivangeli Lakhe kwaye bave ngabakhonzi Bakhe ababiziweyo ngesimemo Sakhe, “Yizani kum.”18

Zonke iisebenzi zeminqophiso Zakhe phakathi kwikumkani lakhe emhlabeni nakwihlabathi lomoya uyakufumana inkokhelo Yakhe ngoMoya xa besikelela bekhonza abanye besenzela Yena. Kwaye bayakuva uthando Lwakhe kwaye bafumane uyolo ngokuba besondele kufutshane Kuye.

Ndilingqina loVuko lweNkosi ngokuba ndiqiqiniseke ingathi Ndandi phaya ngalanjikalanga nabalandeli ababini endlwini esendleleni iEmmawusi. Ndiyayazi ukuba uyaphila Yena ngokuqiniseka kukaJoseph Smith xa wabona uBawo noNyana ekukhanyeni kwe ntsasa yasehlathini lemithi ePalmyra.

Le yiCawa kaYesu Krestu eyinyaniso. Okusezitshixweni zobubingeleli obuphethwe nguMongameli Thomas S. Monson qha, amandla akhona wokuba sitywinwe kunye njengamasapho, sizokuba nobomi banaphakade noBawo wethu waseZulwini neNkosi uYesu Krestu. NgalaMini yoMgwebo siyakuma phambili koMsimndisi, ubuso ngobuso. Iyakuba lixesha loyolo kwabo abasondele kufutshane Naye kwinkonzo Yakhe kobubomi. Kuyakuba luyolo olumnandi ukuva la mazwi: “Wenze kakuhle, wena mkhonzi othembekileyo.”19 Ndiyangqina njalo njengengqina loMsindisi oVukileyo noMkhululi wethu ngegama likaYesu Krestu, ameni.