2013
Isipho esinguJen
Okthoba 2013


ulutsha

Isipho esinguJen

Umbhali ohlala eYutha, eUSA.

Ndathatha izinqumo ezimbi ngonyaka wami wokuqala esikolweni samabanga aphezulu. Ezozigqibo zazisa imiphumela kanye nokungonwabi, kwaye ndathatha isigqibo sokuba ndizakusebenzisa ukuvalwa kwesikolo ehlobo ukuqala ukwenza ushintsho. Xa isikole siqala kwakhona, ndandidla ukudla kwasemini kwam endlini yangasese okanye ephasitshini enganabantu ukubalekela ubungani obubi obabundilindele ukungamkela kwakhona.

Andisoze ndizive ndindodwa kangaka.

Ngoko ke uThixo wandithumela isipho: wandithumela uJen akazange andicingele kakubi ngempazamo zam kodwa wandikhuthaza ukuba ndihambe ndijonge ebulungiseni. Ukwazi ukuba wayekho esikolweni kwandinceda ukuba ndiqhubekeke ukufunda imibhalo engcwele kwaye ndomeleze ubunqina bam. Ngoko ixesha lokugreda lisiza, ndandibonile ukuba mna ndandinqwenele ukuba ndiguquke.

Ndithanda ukuzibuza ukuba uJen akazange andolulele isandla sakhe ingabe ndikuphi namhlanje. Bendinokwazi ukuhlala kwimigaqo yam ngaphandle kwakhe? Ngenhlanhla, Andisoze ndazi ngoba ubekhona ngentliziyo yakhe yonke, elindile kwaye efuna ukundinceda mna.